Bungaze Bubekhona Ubulungisa Emhlabeni?
Kubonakala ingathi ukungabikho kobulungisa kuxhaphake elizweni lonke. Jonga le mizekelo mibini yabantu abaye babanjwa bengenzanga nto:
NgoJanuwari 2018, ijaji eUnited States yavumela ukuba kukhululwe indoda eyayibanjwe kangangeminyaka eyi-38. Yakhululwa kuba ubungqina beDNA babonisa ukuba ayiyenzanga lo nto.
NgoSeptemba 1994, amadoda amathathu aseAfrika abanjwa kuba izazela zawo zazingawavumeli ukuba asebenze emkhosini. NgoSeptemba 2020, ayeneminyaka eyi-26 evalelwe ibe ityala lawo lalingekaze lixoxwe, phofu lingekaze lichazwe ngokucacileyo.
Ukuba nawe awenzelwa bulungisa, usenokuziva njengoYobhi ekuthethwa ngaye eBhayibhileni owathi: “Ndiba ngakhalela uncedo, kodwa ndingathethelelwa.” (Yobhi 19:7) Nakubeni kubonakala ngathi ubulungisa yinto engasoze ibekhona, iBhayibhile isithembisa ngexesha apho wonke umntu eya kwenzelwa khona ubulungisa. Okwangoku, bubulumko bayo obunokukunceda ukwazi ukumelana nokungabikho kobulungisa.
Yintoni eyenza kungabikho bulungisa?
Ukungabikho kobulungisa kubangelwa ngabantu abangawuthobeliyo umthetho kaThixo. IBhayibhile ibonisa ukuba ubulungisa bokwenene buvela kuThixo. (Isaya 51:4) EBhayibhileni ukwenza okulungileyo nokubacingela abanye abantu kuthetha into enye. (INdumiso 33:5) Abantu abenza izinto uThixo athi zilungile babaphatha kakuhle abanye. Isono sibangela ukuba kungabikho bulungisa, kuba abantu abayithobeli imithetho kaThixo. Jonga le mizekelo ilandelayo:
Ukuzicingela wedwa. Ukuzicingela nokwenza isono kuyadibana. (Yakobi 1:14, 15) Ukuze bafumane into abayifunayo, abantu abaninzi baye babaphathe kakubi abanye. Kodwa yena uThixo ufuna sibacingele abanye abantu.—1 Korinte 10:24.
Ukungakhathali. Abanye abantu bakuphatha kakubi bengaqondanga, kodwa loo nto isisono kuThixo. (Roma 10:3) UYesu Kristu wabulawa ngenxa yokungakhathali kwabantu.—IZenzo 3:15, 17.
Ukohluleka kwemibutho yabantu. Ezepolitiki, ezoshishino, nezonqulo zithi zifuna wonke umntu aphathwe kakuhle ibe kubekho ubulungisa. Enyanisweni yile mibutho edla ngokubangela iimpazamo, urhwaphilizo, ucalucalulo, ukubawa, ukungalingani kwabantu ngokwemali, nokunganyamezelani—zonke ezi zinto zibangela kungabikho bulungisa. Eminye yale mibutho ixhaswa ngabantu abanenjongo ezintle nyhani. Kodwa abantu abangawuthobeliyo umthetho kaThixo abasoze baphumelele.—INtshumayeli 8:9; Yeremiya 10:23.
Uziva njani uThixo ngokungabikho kobulungisa?
Uyakucaphukela, ibe ucaphukela nezenzo ezibangela kungabikho bulungisa. (IMizekeliso 6:16-18) Waphefumlela umprofeti uIsaya wathi: “Mna Yehovaa ndiyakuthanda okusesikweni; ndiyakucaphukela ukuqhathwa kwabantu nokungabikho kobulungisa.”—Isaya 61:8.
Umthetho uThixo awawunika amaSirayeli ubonisa ukuba wayefuna abantu benze izinto ezilungileyo. Wayalela abagwebi ukuba bangasamkeli isinyobo nezinye izinto ezaziza kubabangela bangagwebi ngobulungisa. (Duteronomi 16:18-20) Wawangxolisa amaSirayeli awayengafuni ukumthobela nawayebaphatha kakubi abantu abangamahlwempu, ibe wawalahla kuba ayengafuni ukuphila ngemithetho yakhe.—Isaya 10:1-3.
Ngaba uThixo uza kukuphelisa ukungabikho kobulungisa?
Ewe. Esebenzisa uYesu Kristu, uThixo uza kusisusa isono esisesona sibangela kungabikho bulungisa, ibe abantu baza kufezeka kanye njengokuba uThixo wayefuna njalo. (Yohane 1:29; Roma 6:23) Ulungiselele noBukumkani obuza kuzisa ubulungisa kumntu wonke. (Isaya 32:1; 2 Petros 3:13) Ukuze ufunde okungakumbi ngobukumkani, bukela ividiyo ethi Yintoni UBukumkani BukaThixo?
Kuza kuba njani ubomi kwihlabathi elitsha elinobulungisa?
Xa kusenziwa izinto ezilungileyo emhlabeni wonke, umntu uza kuba seluxolweni aze akhuseleke. (Isaya 32:16-18) UThixo ubathanda bonke abantu ngokufanayo, ngoko wonke umntu uza kuphathwa kakuhle. Ukukhathazeka, ukukhala, nentlungu ezibangelwa kukungabikho kobulungisa ziza kuphela ngonaphakade, ibe ngelo xesha asizokukhumbula izinto ezibuhlungu ezenzeke kwixesha elidlulileyo. (Isaya 65:17; ISityhilelo 21:3, 4) Ukuze ufunde nezinye izinto, jonga inqaku elithi “Buza Kwenza Ntoni UBukumkani BukaThixo?”
Ngaba ungasithemba isithembiso sikaThixo sehlabathi elinobulungisa?
Ewe. IBhayibhile ineziprofeto ezinokuthenjwa ezingqinwa yimbali nayisayensi, neziprofeto zayo ziyangqinelana. Zonke ezi zinto zibonisa ukuba izinto ezithethwa yiBhayibhile sinokuzithemba. Kula manqaku alandelayo uza kufunda nezinye izinto:
Singamelana njani nokungabikho kobulungisa ngoku?
Ngexesha lokubhalwa kweBhayibhile, abantu abalungileyo babesenza nantoni na ukuze bakuphephe ukuphathwa ngokungenabulungisa. Ngokomzekelo, xa umpostile uPawulos wabanjwa laza ityala lakhe lagwetywa ngokungenabulungisa, ibe befuna nokumbulala, endaweni yokuba asamkele eso sigwebo, wasebenzisa ilungelo awayenalo ukuze abhenele kuKhesare.—IZenzo 25:8-12.
Sekunjalo, imizamo yabantu yokwenza kubekho ubulungisa apha emhlabeni soze iphumelele. (INtshumayeli 1:15) Abantu abaninzi baye babona ukuba ukuqinisa ukholo lwabo kwizithembiso zikaThixo, kubanceda baziqonde izinto ezenzekayo baze babe noxolo lwengqondo nakubeni bephathwa ngokungenabulungisa.
a UYehova ligama likaThixo.—INdumiso 83:18.