Yobhi
34 UElihu waqhubeka ephendula esithi:
2 “Ndimameleni nina zilumko;
Nindive nina banolwazi.
3 Kaloku ukutya kungcamlwa lulwimi,
Namazwi ke avavanywa yindlebe.
4 Masizibonele ngokwethu eyona nto ilungileyo;
Masizigqibele ngokwethu ukuba yintoni elungileyo.
6 Bendiza kuxokelani ngomgwebo ondifaneleyo?
Ndinenxeba elinganyangekiyo, nangona ndingenzanga nto.’+
7 Ikhona na indoda efana noYobhi,
Ehlala inyamezele ukugezelwa?
10 Ngoko ke, ndimameleni nina madoda anengqondo:
13 Ngubani omenze umlawuli womhlaba?
Ngubani ombeke esihlalweni sokulawula umhlaba wonke?
16 Ngoko ukuba usisilumko, ndimamele;
Yimamele kakuhle le nto ndiyithethayo.
18 Ungatsho na kukumkani ukuba, ‘Ungungantweni,’
Okanye uthi kwizikhulu, ‘Nikhohlakele’?+
19 Yena ke uThixo akakhethi iinkosana kunabanye abantu,
Ibe akazithandi ngakumbi izityebi kunamahlwempu,*+
Kuba bonke bangumsebenzi wezandla zakhe.+
20 Bonke bayafa ngesiquphe+ ezinzulwini zobusuku;+
Bayaxhuzula baze bafe,
Nezikhulu ziyafa, kungengazandla zamntu.+
23 UThixo akambekeli xesha umntu,
Akambekeli xesha lokugwetywa.
25 Kuba uyazazi izinto ezizenzayo;+
Ngoko ke uzisusa esihlalweni ezinzulwini zobusuku, zize zitshabalale.+
26 Uzibethela izinto ezimbi ezizenzayo,
Ezibetha phambi kwabantu,+
27 Kuba ziyekile ukumlandela,+
Azazihoya neendlela zakhe,+
28 Zibangela ukuba amahlwempu akhalele kuThixo,
Zibangela ukuba eve isikhalo sabangenamncedi.+
29 Ngubani onokumgxeka uThixo xa ethule?
Ngubani onokumbona xa ezifihlile?
Nokuba uzifihle kuhlanga okanye ebantwini, kuyafana,
30 Ukuze umntu ongamthandiyo uThixo angalawuli,*+
Okanye abekele abantu imigibe.
31 Ukhona na umntu onokuthi kuThixo,
‘Ndohlwayiwe, kodwa andenzanga nto;+
32 Ndibonise le nto ndingayiboniyo;
Ukuba kukho into embi endiyenzileyo, andizukuphinda ndiyenze’?
33 Kufuneka akuvuze ngendlela efunwa nguwe na, kuba ungavumelani nesigwebo sakhe?
Kaloku nguwe ekufuneka akhethe, ayindim.
Ndixelele ke le nto uyaziyo.
Akathethi njengesilumko.’