Numeri
17 UYehova wathi kuMoses: 2 “Thetha namaSirayeli uze uthathe intonga ibe nye kwinkosi yesizwe ngasinye,+ iintonga eziyi-12 xa ziphelele, uze ubhale igama lenkosi nganye kwintonga nganye. 3 Kwintonga yakwaLevi bhala igama lika-Aron, kuba inye intonga yentloko yesizwe ngasinye. 4 Uze uzibeke ententeni yokuhlangana phambi kwetyeya yoBungqina,+ apho ndidla ngokubonakala khona kuwe.+ 5 Intonga yendoda endiyikhethileyo+ iza kudubula iintyatyambo, ndiwenze ayeke ukukhalazela mna+ kunye nani+ amaSirayeli.”
6 Ngoko uMoses wathetha namaSirayeli zaza iinkosi zamnika iintonga zazo eziyi-12, inkosi yesizwe ngasinye yamnika intonga, nentonga ka-Aron yayilapho. 7 Emva koko uMoses wazibeka phambi koYehova ententeni yoBungqina ezo ntonga.
8 Ngosuku olulandelayo xa uMoses wayengena ententeni yoBungqina, tyhini! nantso intonga ka-Aron wendlu yabaLevi idubule inazo neeamangile ezivuthiweyo. 9 Emva koko uMoses wazithatha ezo ntonga phambi koYehova, waya nazo kumaSirayeli. Azijonga, emva koko mntu ngamnye wathatha intonga yakhe.
10 Emva koko uYehova wathi kuMoses: “Buyisela intonga ka-Aron+ phambi kwetyeya yoBungqina, igcinwe ibe sisilumkiso+ kwabo bangathobeliyo,+ baze bayeke ukundikhalazela, ukuze bangafi.” 11 UMoses zange alibazise, wenza kanye ngendlela uYehova awayemyalele ngayo. Wenza kanye loo nto.
12 Emva koko amaSirayeli athi kuMoses: “Ngoku siza kufa, siza kutshabalala, siza kutshabalala sonke! 13 Wonke umntu osondelayo kwintente engcwele kaYehova uza kufa!+ Ngaba siza kufa ngaloo ndlela na?”+