Abantu Abaselula Bayabuza
Yintoni Endifanele Ndiyazi Ngeewebhusayithi Zokuncokola?—Inxalenye 1
“Ndinabahlobo abakwamanye amazwe yaye eyona ndlela yokuncokola nabo kukusebenzisa iwebhusayithi yokuncokola. Ndiyathanda ukuncokola nabo nangona bekude.”—USue, oneminyaka eli-17 ubudala .a
“Iwebhusayithi yokuncokola yinkcitha xesha, kuyo uchith’ ixesha uncokola nabantu ongababoniyo. Ukuncokola nabantu ubuso ngobuso yeyona ndlela yokwakha ubuhlobo.”—UGregory, oneminyaka eli-19 ubudala.
ZIZIPHI kwezi zinto zithethwe ngasentla ezibonisa indlela ocinga ngayo? Nokuba yeyiphi, nantsi into esiqiniseke ngayo: IiWebhusayithi ekuncokolwa kuzo ziyathandwa.b Phawula oku: Kuthathe iminyaka engama-38 ukuze abantu abazizigidi ezingama-50 babe nonomathotholo, iminyaka eli-13 ngabantu abalinani elifanayo ukuba babe nomabonwakude neminyaka emine ukuze babe ne-Internet. Iwebhusayithi yokuncokola ekuthiwa yiFacebook iye yasetyenziswa ngabantu abazizigidi ezingama-200 kwiinyanga nje ezili-12.
Phendula le mibuzo ingezantsi ngokuthi yinyaniso okanye ubuxoki:
Ulutsha olukwishumi elivisayo lolona lusebenzisa ezi webhusayithi zokuncokola. ․․․․․ Yinyaniso ․․․․․ Bubuxoki
Impendulo: Bubuxoki. Inkoliso yabantu abasebenzisa ezi webhusayithi zokuncokola ineminyaka engama-25 ubudala nangaphezulu. Ngowama-2009 elona nani likhulu labantu abasebenzisa ezi webhusayithi ngabantu abangaphezu kweminyaka engama-55 ubudala!
Sekunjalo, izigidi zolutsha zisebenzisa iiwebhusayithi zokuncokola yaye uninzi luyazisebenzisa ukuze luncokole nabanye abantu. UJessica okwishumi elivisayo uthi: “Ndakha ndayeka ukusebenzisa iwebhusayithi yokuncokola kodwa ndaphinda ndayisebenzisa kuba kwakungekho mntu wayendifowunela efowunini yam. Kubonakala ngathi abantu bayakulibala ukuba awusebenzisi iwebhusayithi yokuncokola!”
Kutheni abantu bezithanda kangaka nje iiwebhusayithi zokuncokola? Impendulo ilula: Abantu banomdla wemvelo wokufuna ukunxulumana nabanye. Yaye benza kanye loo nto kwiiwebhusayithi zokuncokola. Makhe sithethe ngezizathu zokuba abanye bafune ukujoyina enye yezi webhusayithi.
1. Kulula ukuzisebenzisa.
“Ukuqhagamshelana nabahlobo bakho kunzima, kodwa xa bonke bekwiwebhusayithi enye ngexesha elinye kuba lula!”—ULeah, 20.
“Xa ndibhala umyalezo omnye kuba ngathi ndiye ndathumela i-email kubo bonke abahlobo bam ngexesha elinye.”—UKristine, 20.
2. Ingcinezelo yoontanga.
“Ndisoloko ndifumana izicelo zokuba ndijoyine iqela elithe labahlobo kodwa andikwazi kuba andiyisebenzisi le webhusayithi.”—UNatalie, 22.
“Xa ndichazela abantu ukuba andizisebenzisi ezi webhusayithi baye bacinge ukuba andibhadlanga.”—UEve, 18.
3. Ukuphenjelelwa ngamajelo eendaba.
“Amajelo eendaba athi ukuba awusebenzisi izinto ze-elektroniki ukuze unxibelelane nabantu akuyi kuba nabahlobo. Yaye ukungabi nabahlobo kufana nokungabi nabomi. Ngoko ukuba awuzisebenzisi iiwebhusayithi zokuncokola awunto yanto.”.—UKatrina, 18.
4. Esikolweni.
“Utitshala wam usebenzisa iwebhusayithi yokuncokola. Abanye ootitshala basebenzisa iiwebhusayithi zokuncokola ukuze basichazele xa siza kuba neemviwo. Ngokomzekelo, xa ndinengxaki kwezezibalo, ndiyakwazi ukubhalela utitshala wam ndimchazele ingxaki endinayo yaye uyakwazi ukundincedisa.”—UMarina, 17.
5. Emsebenzini.
“Abantu abafuna umsebenzi basebenzisa iiwebhusayithi zokuncokola ukuze baqhagamshelane nabanye abantu. Ngamanye amaxesha oku kuye kubancede bafumane umsebenzi.”—UAmy, 20.
“Ndisebenzisa iwebhusayithi yokuncokola ukuze ndenze umsebenzi wam. Abantu baye bakwazi ukubona umsebenzi endiwenzayo ngelo xesha.”—UDavid, 21.
Ingaba nawe ufanele usebenzise iwebhusayithi yokuncokola? Ukuba usahlala kowenu eso sigqibo ufanele usenzelwe ngabazali bakho.c (IMizekeliso 6:20) Ukuba abazali bakho abafuni ukuba usebenzise iwebhusayithi yokuncokola ufanele ubathobele.—Efese 6:1.
Kwelinye icala, abanye abazali bayabavumela abantwana babo abaqolileyo ukuba basebenzise iwebhusayithi yokuncokola yaye baye bababek’ esweni. Ukuba nabakho abazali benjenjalo, ngaba loo nto ithetha ukuba bazifaka kwimicimbi yakho? Akunjalo! Iwebhusayithi yokuncokola sisixhobo esiyingenelo kodwa sikwayingozi yaye abazali bakho bafanele bayixhalabele indlela oyisebenzisa ngayo. Eneneni, iwebhusayithi yokuncokola iingozi zayo njengokuba kunjalo nange-Internet. Ukuba abazali bakho bayakuvumela ukuba ube nayo iwebhusayithi yokuncokola, unokuziphepha njani iingozi?
Phala Kuhle
Ukusebenzisa i-Internet kunokufaniswa nokuqhub’ imoto. Mhlawumbi nawe ukhe waphawula ukuba abanye abantu abaneencwadi zokuqhuba bangamagangxa. Eneneni, abantu abaninzi baye basezingozini ezimanyumnyezi ngenxa yokungakhathali.
Kwenzeka into efanayo nakubantu abasebenzisa i-Internet. Abanye abantu “baqhuba” kakuhle; abanye abakhathali. Ukuba abazali bakho bayakuvumela ukuba usebenzise iwebhusayithi yokuncokola, bayakuthemba ukuba uza kukwazi ukuphepha iingozi. Ngoko ke, ungumqhubi onjani? Ngaba uye wabonisa ukuba ‘ulondoloza ubulumko bobuqili namandla okucinga?’—IMizekeliso 3:21.
Kweli nqaku siza kuthetha ngemiba emibini ofanele uyilumkele ngokuphathelele iiwebhusayithi zokuncokola—ukhuseleko nexesha lakho. Inqaku elithi “Abantu Abaselula Bayabuza” elikuVukani! olandelayo liza kuxubusha indlela owaziwa ngayo kunye nabahlobo bakho.
UKHUSELEKO LWAKHO
Usenokungayicingi into yokuba umele uyikhusele inkcazelo ephathelele wena xa usebenzisa iiwebhusayithi zokuncokola. Kakade ke, eyona njongo iphambili yokusebenzisa ezi webhusayithi kukuncokola nabantu. Noko ke, ukungazikhuseli kunokukufaka engozini.
Ngokomzekelo, masithi ubunemali eninzi. Ngaba ubuya kuyibonisa bonke abantu njengoko uhamba nabahlobo bakho kwisitrato esinabantu abaninzi? Ibiya kuba bubudenge obo—ubuya kuba uzinqikel’ ilitye elineembovane. Ukuba usisilumko, uya kuyifihla imali yakho.
Inkcazelo ephathelele wena yifanise nemali. Ucinga ngoku, hlola olu luhlu lulandelayo uze ukhethe izinto obungayi kuthanda ukuba zaziwe ngumntu ongamaziyo.
․․․․․ idilesi yam
․․․․․ iadresi ye-e-mail yam
․․․․․ apho ndifunda khona
․․․․․ ixesha endiba sekhaya ngalo
․․․․․ amaxesha ekungekho bantu ngawo ekhaya
․․․․․ iifoto zam
․․․․․ iimbono zam
․․․․․ izinto endizithandayo nendinomdla kuzo
Kungakhathaliseki ukuba ukuthanda kangakanani na ukuncokola nabantu, ngokuqinisekileyo uyavuma ukuba zikho izinto kolu luhlu ezingafanele zaziwe nanguthathatha. Kodwa ulutsha oluninzi—kuquka nabantu abadala—baye bathi bengaqondanga badiza inkcazelo enjalo kubantu abangabaziyo. Unokuyiphepha njani loo nto?
Ukuba abazali bakho bayakuvumela ukuba usebenzise iwebhusayithi yokuncokola, ufanele uyazi imigaqo yayo yokuzikhusela uze uyisebenzise. Musa ukuyekela kuloo webhusayithi ukuba ikukhusele. Eneneni, le webhusayithi isenokuvumela abantu abangakumbi ukuba babone imiyalezo yakho baze bakuthumelele eyabo. Kungenxa yoko le nto intombazana ekuthiwa nguAllison yenza ukuba imiyalezo yayo ibonwe kuphela ngabahlobo bayo abasondeleyo. Uthi: “Abanye babahlobo bam babenabahlobo endingabaziyo yaye ndandingafuni abo bantu bafunde izinto ngam.”
Enoba uncokola nabahlobo abasondeleyo kuphela, ufanele ulumke. UCorrine oneminyaka engama-21 ubudala uthi: “Usenokuba linxila lewebhusayithi, ufune ukusoloko usiva iimbono zabahlobo bakho ngawe uze ubhale inkcazelo engakumbi kunaleyo iyimfuneko.”
Ungaze ulibale ukuba i-Internet ayikhuselekanga ngokupheleleyo. Ngoba? Kwincwadi yakhe ethi CyberSafe, uGwenn Schurgin O’Keeffe wathi: “Iiwebhusayithi ezinkulu ziye zenze iikopi zenkcazelo, ngoko izinto esizithetha kwi-Internet zihlala zikho. Ngoko sifanele sazi ukuba kusoloko kukho ikopi ehlala ikho.”
IXESHA LAKHO
Nexesha lakho linokuthelekiswa nemali eninzi. Ngoko ke, umele ulisebenzise kakuhle ixesha lakho. (INtshumayeli 3:1) Iba lapha ke ingxaki xa umntu esebenzisa i-Internet, kuquka neewebhusayithi zokuncokola.d
“Ndisoloko ndisithi, ‘Ndiza kuyisebenzisa nje umzuzwana.’ Kuze emva koko kudlule iyure ndisekwiwebhusayithi yokuncokola.”—UAmanda, oneminyaka eli-18 ubudala.
“Ndandingasakwazi ukwahlukana nayo! Qho xa ndibuy’ esikolweni, ndandichitha ixesh’ elininzi ndifunda imiyalezo evela kwabanye abantu.—UCara, oneminyaka eli-16 ubudala.
“Ndandikwazi ukusebenzisa iwebhusayithi yokuncokola efowunini yam, ngenxa yoko ndandiyisebenzisa xa ndisiya esikolweni, xa ndisesikolweni naxa ndibuya esikolweni. Emva kokuba ndifikile ekhaya, ndandisebenzisa ikhompyutha. Ndandisazi ukuba ndilikhoboka kodwa ndandingafuni kuyeka!”—URianne, oneminyaka eli-17 ubudala.
Ukuba abazali bakho bayakuvumela ukuba usebenzise iwebhusayithi yokuncokola, cinga ngexesha elisengqiqweni onokulichitha suku ngalunye. Emva koko, lijonge ixesha olichithayo. Kangangenyanga, bala ixesha olichitha usebenzisa iwebhusayithi yokuncokola uze ubone ukuba uyisebenzisa ngexesha obulibekile kusini na. Khumbula ukuba ixesha liyafana nemali yakho. Ngoko, musa ukuvumela iwebhusayithi yokuncokola ikutyel’ ixesha. Phofu kukho izinto ezibaluleke nangakumbi ebomini!—Efese 5:15, 16; Filipi 1:10.
Olunye ulutsha luye lwaqinisekisa ukuba lulisebenzisa kakuhle ixesha lalo. Ngokomzekelo, makhe sihlole oku kulandelayo:
“Emva kokuba ndiyivalile iwebhusayithi yam yokuncokola ndaba nexesha elininzi. Ndaziva ndikhululekile. Kutshanje, ndiphinde ndayisebenzisa le webhusayithi kodwa ngoku ndiyakwazi ukuyilawula. Ndikhe ndingayi kuyo kangangeentsuku ezithile. Ngamanye amaxesha ndiye ndiyilibale. Ukuba ukuncokola kule webhusayithi kuphinda kube yingxaki, ndiza kuyivala ngokupheleleyo.”—UAllison, oneminyaka eli-19 ubudala.
“Ndiye ndithathe ikhefu, ndiyivale iwebhusayithi yokuncokola kangangeenyanga ezimbalwa ndize ndiyivule emva kwexesh’ elithile. Loo nto ndiyenza xa ndibona ukuba ndichitha ixesha elininzi kuyo. Ngoku andiselokhoboka njengokuba kwakunjalo ngaphambili. Ndenza nje loo nto ndifuna ukuyenza.”—UAnne, oneminyaka engama-22 ubudala.
Eyona Nto Ibalulekileyo
Kukho enye into ofanele ucingisise ngayo ngeewebhusayithi zokuncokola. Ukuze ukuqonde kakuhle oku beka olu phawu ✔ ecaleni kweyona mpendulo ucinga ukuba yiyo.
Iwebhusayithi yokuncokola yenzelwe . . .
(A) ․․․․․ lishishini.
(B) ․․․․․ ukuncokola nabahlobo.
(C) ․․․․․ ukuzonwabisa.
Yiyiphi impendulo echanileyo? Impendulo ngu-A. Okokuqala, iwebhusayithi yokuncokola lishishini. Injongo yayo ephambili kukwenza ingeniso ngokwenza izibhengezo zentengiso. Abantu abenza izibhengezo zentengiso bafumana intywenka yemali xa ezi webhusayithi zisetyenziswa ngabantu abaninzi. Eneneni, okukhona uchitha ixesha elininzi usebenzisa le webhusayithi kokukhona oosomashishini besenza izibhengezo zentengiso ezingakumbi.
Ngoko ke, ukwazi oko kuya kukunceda wazi ukuba abenzi bezibhengezo zentengiso bayangenelwa xa uncokola nabantu abaninzi okanye uchitha ixesha elininzi kwi-Internet. Ngoko ke, ukuba usebenzisa iwebhusayithi yokuncokola, khusela inkcazelo ephathelele wena uze ungachithi ixesha elininzi uyisebenzisa.
KWINQAKU ELILANDELAYO ELITHI “ABANTU ABASELULA BAYABUZA” . . .
Funda ukuba indlela oyisebenzisa ngayo iwebhusayithi yokuncokola inokuyichaphazela njani indlela owaziwa ngayo nabahlobo bakho.
Amanye amanqaku athi “Abantu Abaselula Bayabuza” afumaneka kwiWebhusayithi ethi www.watchtower.org/ype
[Imibhalo esemazantsi]
a Amagama kweli nqaku atshintshiwe.
b Ezi Webhusayithi zokuncokola zikwenza uncokole neqela elithile labahlobo.
c UVukani! akakhuthazi yaye akagxeki nenye kwiiwebhusayithi zokuncokola. AmaKristu afanele aqiniseke ukuba indlela ayisebenzisa ngayo i-Internet ayingqubani nemigaqo yeBhayibhile.—1 Timoti 1:5, 19.
d Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi sicela ufunde umxholo othi “Abantu Abaselula Bayabuza . . . Ngaba Ndilikhoboka Lezinto Ze-elektroniki?” kuVukani! kaJanuwari 2011. Sicela ufunde ngokukhethekileyo ibhokisi ekwiphepha 26 enomxholo othi, “Ndandilikhoboka Lezinto Ze-elektroniki.”
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 25]
Kuthathe iminyaka engama-38 ukuze abantu abazizigidi ezingama-50 babe nonomathotholo
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 25]
Iwebhusayithi ekuncokolwa kuyo ekuthiwa yiFacebook iye yasetyenziswa ngabantu abangaphezu kwezigidi ezingama-200 kunyaka nje omnye
[Ibhokisi ekwiphepha 27]
BUZA ABAZALI BAKHO
Ncokola nabazali bakho ngezinto eziyimfihlo zeInternet. Ziziphi izinto ezifanele zigcinwe ziyimfihlo yaye ngoba? Yiyiphi inkcazelo enokuba yingozi ukuba ingabhalwa kwi-Internet? Kwakhona, cela amacebiso kubazali bakho ngendlela onokuyisebenzisa ngayo ikhamera yekhompyutha. Luluphi utshintsho abacinga ukuba unokulwenza?
[Umfanekiso okwiphepha 26]
Izinto ozenza kwiwebhusayithi yokuncokola aziyomfihlo njengokuba ucinga
[Umfanekiso okwiphepha 27]
Ixesha lifana nemali. Ukuba uyisebenzisa yonke ngexesha elinye awuzi kuba nayo xa uyidinga