Imbono YeBhayibhile
Ngaba IBhayibhile Iyabuvumela Ubukhoboka?
UKUTHANDA ummelwane yenye yeemfundiso zeBhayibhile eziphambili. Noko ke, uthando luchasene ngokupheleleyo nengcinezelo yobukhoboka. Ngenxa yoko, abanye abantu bayabhideka xa iBhayibhile ithetha ngobukhoboka.
Mandulo, uThixo wavumela abantu bakhe ukuba babe namakhoboka. (Genesis 14:14, 15) Nangamaxesha abapostile, amanye amaKristu ayenamakhoboka ngoxa amanye ayengamakhoboka. (Filemon 15, 16) Ngaba loo nto ithetha ukuba iBhayibhile ikhuthaza ubukhoboka?
Iindlela Zabantu Zazichasene Nemigaqo YeBhayibhile
Xa kwakuqalisa ukubhalwa kweBhayibhile abantu babesele benenkqubo yezentlalo neyezoqoqosho eyayichasene nemigaqo yobuthixo. Nangona ezinye zeendlela zabo zazigatywa nguMthetho wakhe, uThixo wakhetha ukuzinyamezela ezinye, njengobukhoboka.
Ngokuphathelele ubomi boSirayeli wamandulo, iThe International Standard Bible Encyclopedia ithi: “Babefanele baphilisane njengabazalwana nto leyo eyayiza kwenza ukuba kungabikho mahlwempu baze bangaxhatshazwa abahlolokazi, abantu abangenamakhaya neenkedama.” Ngenxa yoko, kunokuba uvumele inkqubo yezentlalo neyezoqoqosho eyayisele ikho, uMthetho kaThixo wawusithi xa ethe abakho, amakhoboka afanele aphathwe kakuhle nangothando.
Ubukhoboka Kwimbali YeBhayibhile
Makhe sithethe ngale migaqo ilandelayo neyayikho kuMthetho owanikwa uMoses:
● Umntu owayexhwila omnye aze amthengise wayebulawa. (Eksodus 21:16) Noko ke, ukuba umSirayeli wayengena ematyaleni aze angakwazi ukuwahlawula phezu kwawo nje amalungiselelo okuthintela ubuhlwempu, mhlawumbi ngenxa yokusafaza imali yakhe, wayenokuzithengisa njengekhoboka. Ngamanye amaxesha wayede akwazi nokwenza imali eyaneleyo ukuze azikhulule.—Levitikus 25:47-52.
● Amakhoboka ayengacinezelwa njengokuba kuye kwanjalo ngamakhoboka amazwe amaninzi ukutyhubela imbali. ILevitikus 25:39, 40 ithi: “Xa athe umzalwana wakho wahlwempuzeka ekunye nawe waza wazithengisa kuwe, uze ungamsebenzisi njengekhobokha. Woba njengomqeshwa, njengomfiki kuwe.” Eli yayililungiselelo lothando lokunyamekela amahlwempu.
● Umntu owayefunyanwa enetyala lobusela aze angakwazi ukulihlawula, wayethengiswa njengekhoboka ukuze ahlawule ityala lakhe. (Eksodus 22:3) Wayesithi akulihlawula akhululwe.
● UMthetho awanikwa amaSirayeli nguThixo wawukwalela ukuphathwa ngenkohlakalo nokuxhatshazwa kwamakhoboka. Nangona abanini bamakhoboka babevumelekile ukuwohlwaya, babengafanele bawohlwaye ngokugqithiseleyo. Ikhoboka elibulewe nguminilo lalifanele liphindezelwe. (Eksodus 21:20) Xa liye lenzakaliswa laza laphunyelwa lizinyo okanye liliso, lalifanele likhululwe.—Eksodus 21:26, 27.
● UmSirayeli wayengafanele abe likhoboka ngaphezu kweminyaka emithandathu. (Eksodus 21:2) Amakhoboka angamaHebhere ayekhululwa kunyaka wesixhenxe. UMthetho wawusithi rhoqo ngonyaka wama-50 onke amaSirayeli angamakhoboka afanele akhululwe, kungakhathaliseki ukuba aneminyaka emingaphi engamakhoboka.—Levitikus 25:40, 41.
● Xa ikhoboka likhululwa, inkosi yalo yayifanele ilenzele ububele. IDuteronomi 15:13, 14 ithi: “Xa uthe wamndulula engokhululekileyo, uze ungamndululi elambatha. Ufanele umxhobise ngokuthile okuvela emhlambini wakho weegusha nasesandeni sakho nasesixovulelweni sakho seoli nesewayini.”
Kamva, ngemihla kaYesu nabapostile bakhe, ubukhoboka babuxhaphakile kuBukhosi baseRoma. Njengoko ubuKristu babusanda, yayilindelekile into yokuba nabantu ababengamakhoboka okanye benamakhoboka beve iindaba ezilungileyo baze babe ngamaKristu. UYesu Kristu nabapostile bakhe abazange bashumayele ngenkululeko eyayiza kutshintsha loo nkqubo. Kunoko, amakhoboka neenkosi zawo zayalelwa ukuba zithandane njengabazalwana.—Kolose 4:1; 1 Timoti 6:2.
Isiphelo Sobukhoboka
Njengazo zonke ezinye iimfundiso zeBhayibhile, kufanele kuqondwe umongo woko ikuthethayo ngobukhoboka. Xa uziphicotha iZibhalo, uya kufumanisa ukuba uThixo ukuthiyile ukuxhatshazwa kwabantu.
Kwakhona, xa ufunda iBhayibhile uya kufumanisa ukuba uhlobo lobukhoboka olwalukho phakathi kwabantu bakaThixo asilulo olu lunenkohlakalo noluxhaphaza abantu njengoko icinga inkoliso yabantu namhlanje. IBhayibhile ithi kungekudala uThixo uza kusikhulula kulo lonke uhlobo lobukhoboka. Ngoko bonke abantu baya kukhululeka.—Isaya 65:21, 22.
NGABA WAKHA WAZIBUZA?
● Ngaba iBhayibhile iya kuvumela ukuxhatshazwa kwamakhoboka?—Levitikus 25:39, 40.
● AmaKristu ayefanele awaphathe njani amakhoboka?—Kolose 4:1.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 29]
UThixo ukuthiyile ukuxhatshazwa kwabantu
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 29]
© G.M.B. Akash/Panos Pictures