Ummandla Okhethekileyo Weeplanethi—Indlela Owabakho Ngayo
ZININZI izinto ezenza umhlaba esiphila kuwo ube ngokhethekileyo kwindalo iphela. Ummandla wethu wendalo uphakathi kweenkwenkwezi zeMilky Way ezijikeleze okweengalo yaye kummandla ezikuwo kukho iinkwenkwezi ezimbalwa. Phantse zonke iinkwenkwezi esizibona ebusuku, ndlela le zikude ngayo, zikhangeleka zingamachaphaza nje amancinane okukhanya nkqu naxa zijongwe ngetheleskophu enkulu. Ngaba le yeyona ndawo efanelekileyo omele umnyele wethu ube kuyo?
Ukuba ummandla wethu wendalo ubukufuphi nombindi weMilky Way, besiya kuba phakathi kweenkwenkwezi ezininzi yaye oko kuyingozi. Ngokomzekelo, ukujikeleza koMhlaba, bekuya kuphazamiseka kuze oko kuphazamise ubomi babantu. Kwindawo omi kuyo ngoku, ummandla wethu wendalo ukwindawo efanelekileyo kumnyele ukuze zingabikho ezi ngxaki nezinye iingozi ezifana nobushushu obugqithiseleyo xa ummandla wethu wendalo udibana nezinye iigesi. Kwakhona ubungenakukhuseleka kwezinye iintlaselo zemitha yobushushu.
Ilanga yinkwenkwezi eyanelisa iimfuno zethu. Lisoloko lishushu, kudala likho, alikho likhulu ngokugqithiseleyo okanye litshise ngendlela engekho ngqiqweni. Uninzi lweenkwenkwezi ezikumnyele wethu zincinane kunelanga yaye azikwazi ukuthumela ukukhanya okanye ubushushu obaneleyo ukuze buqhubeke ubomi emhlabeni. Ukongezelela koko, iinkwenkwezi ezininzi zibanjwe ngumxhuzulane wenkwenkwezi enye okanye ezingaphezulu yaye enye ixhomekeke kwenye. Ngokwahlukileyo koko ilanga lizimele geqe. Umnyele wethu ubungenako ukuzinza ukuba besinelanga lesibini okanye angakumbi.
Enye into eyenza ukuba umnyele wethu wahluke kangaka kukuba kukho ezinye iiplanethi ezinkulu kodwa ezingenawo umxhuzulane.a Kunoko, ezi planethi zikhusela iplanethi yethu kwizinto ezinokuba yingozi kuyo. Isazinzulu uPeter D. Ward nogxa wakhe uDonald Brownle, kwincwadi yabo ethi Rare Earth—Why Complex Life Is Uncommon in the Universe, bathi: “Zimbalwa iintshakatsholo ezifika zibethe kwiplanethi yethu, ngenxa yokuba kukho iiplanethi ezineegesi ezininzi ezifana noJupiter ezisikhuselayo.” Kukho eminye imimandla yeeplanethi eye yafunyanwa. Kodwa uninzi lwezi planethi zinkulu, zijikeleza ngendlela ebiya kubeka esichengeni iiplanethi ezincinane ezifana nomhlaba.
Indima Yenyanga
Ukususela kumaxesha amandulo, inyanga ishiya abantu bebambe ongezantsi. Iye yashukumisa iimbongi neemvumi ukuba zenze izinto ezidume ngazo. Ngokomzekelo, enye imbongi yamandulo yomHebhere yachaza inyanga ngokuthi ‘imiselwe ngokuqinileyo kangangexesha elingenammiselo.’—INdumiso 89:37.
Enye indlela inyanga ebuchaphazela ngayo ubomi emhlabeni ngumxhuzulane oyaluzisa amaza olwandle. Kucingelwa ukuba ukuyaluzela kwamaza olwandle kubalulekile kulwandle nakwimozulu yethu.
Enye injongo ebalulekileyo yenyanga ngamandla omxhuzulane omeleza iasi yomhlaba xa ujikeleza ilanga. Ngokutsho kolindixesha wenzululwazi, iNature, ngaphandle kwenyanga, umhlaba ngewungathambekanga ngendlela oyiyo. Khawufan’ ucinge nje ukuba umhlaba ubungenakuthambeka! Amaxesha onyaka ebengayi kutshintsha yaye besiya kuthi shu yimbalela. Kwakhona ukuthambeka komhlaba kwenza kubekho utshintsho kwiqondo lobushushu ukuze siphile. Isazi ngeenkwenkwezi uJacques Laskar uthi: “Ukuzinza kwemozulu yethu kuxhomekeke kubukho bento enye: ubukho beNyanga.” Ukuze iphumeze indima yayo, inyanga inkulu—inkulu ngaphezu kwazo zonke ezinye iinyanga zeeplanethi ezinkulu.
Enye injongo yenyanga ichazwe kwincwadi yeBhayibhile yamandulo iGenesis, le yokuba inyanga ikhanyisa ebusuku.—Genesis 1:16.
Ngenjongo Okanye Ngamabona-ndenzile?
Yiyiphi indlela esinokuchaza ngayo ukulandelelana kwezinto ezenza sikwazi ukuphila yaye sikunandiphe? Zimbini kuphela iindlela esinokukhetha kuzo. Eyokuqala, yeyokuba ubomi bavela ngamabona-ndenzile. Eyesibini, yeyokuba kwakungenxa yenjongo yomntu okrelekrele.
Kwiinkulungwane ezadlulayo, iZibhalo Ezingcwele zabonisa ukuba ummandla wendalo wayilwa waza wenziwa nguMdali—uThixo uSomandla. Ukuba oko kuyinyaniso, umnyele wethu awuzange ubekho ngamabona-ndenzile, kodwa wenziwa ngenjongo. Ngamany’ amazwi, uMdali wasishiya nengxelo echaza amanyathelo enza kubekho ubomi emhlabeni. Kusenokuba ngumnqa ukwazi ukuba le ngxelo, nakuba ineminyaka engama-3 500 yabhalwayo, ingqinelana noku kuthethwa zizazinzulu ngomhlaba. Le ngxelo ikwincwadi yeBhayibhile yeGenesis. Khawuqwalasele oko ikuthethayo.
Ingxelo YeGenesis Ngendalo
“Ekuqaleni uThixo wadala amazulu nomhlaba.” (Genesis 1:1) Le ntshayelelo yeBhayibhile ibhekisela kummandla weeplanethi, umhlaba kunye nenkitha yeenkwenkwezi ezikwiminyele emininzi eziyila ummandla wendalo. Ngokutsho kweBhayibhile, kwakukho ixesha emhlabeni xa “kwakusenyanyeni kusenkangala.” Kwakungekho mazwekazi okanye umhlaba ukuze kulinywe. Njengoko ityatyadula le ndinyana, ithetha ngeny’ into, ezithi izazinzulu yeyona ibalulekileyo ukuze kubekho ubomi emhlabeni—amanzi amaninzi. Umoya kaThixo ‘wawuzula-zula phezu kwamanzi lawo.’—Genesis 1:2.
Ukuze amanzi ahlale elulwelo, kufuneka iplanethi ime kumgama ofanelekileyo elangeni. Inzululwazi yeeplanethi uAndrew Ingersoll, uyichaza ngolu hlobo le nto: “UMars ubanda kakhulu, uVenus utshisa kakhulu, uhlaba uphole kamnandi.” Ngokufanayo ukuze kukhule uhlaza kufuneka kubekho ukukhanya okwaneleyo. Kuphawuleka ukuba, iBhayibhile ithi, ebudeni belo xesha lokwenziwa komhlaba, uThixo wenza ilanga lakhanya ukuwela ngaphaya kweengqimba zamafu ezigqume ulwandle ngokungathi ‘sisambatho’ sosana.—Yobhi 38:4, 9; Genesis 1:3-5.
Kwindinyana elandelayo yeGenesis, sifunda ukuba uMdali wadala oko iBhayibhile ikubiza ngokuthi “sisibhakabhaka.” (Genesis 1:6-8) Esi sibhakabhaka sineegesi ezenza ummandla wendalo womhlaba.
IBhayibhile isixelela ukuba uThixo watshintsha loo mhlaba wawuyinkangala ukuze ube ngumhlaba owomileyo. (Genesis 1:9, 10) Wenza ukuba uqweqwe lomhlaba lukwazi ukushukuma uze ushenxe. Kusenokwenzeka ukuba umphumo waba kukuvela kweefolo nokuze kuvele amazwekazi phakathi kolwandle.—INdumiso 104:6-8.
Kwiminyaka emininzi eyadlulayo, uThixo wadala ubulembu obungabonakaliyo elwandle. Esebenzisa amandla asuka elangeni, obu bulembu buye batshintsha ikharbon diokside benza ukutya njengoko buvelisa ioksijini emoyeni. Le nkqubo imangalisayo yakhawuleziswa ebudeni benxalenye yesithathu yokudalwa kohlaza olwagubungela ihlabathi lonke. Ngoko ke, umlinganiselo weoksijini kwimeko-bume uyanda, oko kwenza izilwanyana nabantu baqhubeke bephila ngokuphefumla.—Genesis 1:11, 12.
Ukuze umhlaba ube nemveliso, uMdali wenza ukuba kubekho izinto ezincinane eziphila ngaphantsi komhlaba. (Yeremiya 51:15) Ezi zidalwa zincinane zicalucalula izinto ezifileyo zize zisetyenziswe zizityalo ukuze zikhule. Kukho iintsholongwane ezikhethekileyo ezitsala initrojeni esuka emoyeni ukuze ikhulise izityalo. Okubangel’ umdla kukuba, umhlaba ochumileyo osesandleni somntu unokuba nezinto ezincinane eziphilayo ezinokuba ngaphezu kwamawaka ezigidi ezintandathu.
IGenesis 1:14-19, ithetha ngelanga, inyanga neenkwenkwezi njengenxalenye yesine ekudalweni. Oku kunokuvakala ngathi kuyaphikisana noko kuchazwe ziZibhalo. Khumbula kaloku ukuba, uMoses umbhali wale ncwadi yeGenesis, wayibhala le ngxelo yendalo ngokwembono yomntu wasemhlabeni ngokungathi kwakukho abantu basemhlabeni ababukeleyo. Kanti ke, ilanga, inyanga neenkwenkwezi zazisele zibonakala ngelo xesha kummandla womhlaba wendalo.
Ngoko ke, ingxelo yeGenesis ichaza ulwandle njengento yesihlanu ukudalwa yaye izidalwa ezingabantu nezilwanyana zezesithandathu.—Genesis 1:20-31.
Umhlaba Wenzelwa Ukuba Kube Mnandi Ukuphila Kuwo
Ngaba uvakalelwa kukuba ubomi obusemhlabeni, njengokuba kuchaziwe kwincwadi yeGenesis wawenzelwe ukuba abantu bakunandiphe ukuhlala kuwo? Ngaba akuzange ngenye imini uvuke ilanga sele lihlab’ umhlaba, kukho impepho epholileyo yaye ukuvuyela ukuphila? Kusenokwenzeka ukuba ukhe uhambahambe egadini uze ubukele iintyatyambo ezintle uve nevumba lazo elimyoli. Mhlawumbi uhamba phakathi kwemithi yeziqhamo uze uvune esele zivuthiwe. Bekungenakwenzeka oku ukuba ezi zinto zine bezingekho: (1) ubuninzi bamanzi emhlabeni, (2) iqondo elihle lobushushu nokukhanya okuvela elangeni, (3) imeko-bume yethu enomxube weegesi ezifanelekileyo, (4) nomhlaba ochumileyo.
Zonke ezi zinto azikho kuMars, uVenus nezinye iiplanethi ezisingqongileyo yaye azikhange zibekho ngamabona-ndenzile. Zenziwa, ukuze ubomi emhlabeni bube myoli. Njengokuba inqaku elilandelayo liza kubonisa, iBhayibhile ithi uMdali wayila umhlaba ukuze sihlale kuwo ngonaphakade.
[Umbhalo osemazantsi]
a Iiplanethi ezine ezikumnyele wethu—uMercury, uVenus, uMhlaba, noMars—zinamatye. Ezinye iiplanethi ezingaphandle—uJupiter, uSaturn, u-Uranus noNeptune—ubukhulu becala ziyilwe yigesi.
[Ibhokisi ekwiphepha 6]
“Ukuba mna njengesazinzulu ngokwakhiwa komhlaba bendinokucelwa ukuba ndikhe ndithi gqaba-gqaba ngeengcamango zale mihla ngemvelaphi yomhlaba nokuvela kobomi babantu nje abaqhelekileyo basemaphandleni, abanjengezizwe eyayibhalelwe zona iNcwadi yeGenesis, bendingenakwenza ngakumbi kunokulandela ngokusondeleyo indlela esibhalwe ngayo isahluko sokuqala seGenesis.”—Isazi ngeenkwenkwezi uWallace Pratt.
[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 7]
UMI KANYE KWINDAWO ENTLE UKUZE KUFUNDWE NGAWO
Ukuba ilanga belikwenye indawo kumnyele wethu, besingenako ukuzibona kakuhle iinkwenkwezi. Incwadi ethi The Privileged Planet, icacisa isithi: “Ummandla wethu weeplanethi, umi kude kunendawo engcoliswe kukukhanya okukhulu, oku kusenza sizibone zonke iinkwenkwezi ezikufuphi nezikude ezikummandla wendalo.”
Ngaphezu koko, ubukhulu benyanga nomgama ukusuka emhlabeni, ezo zinto zilungelelene ukuze inyanga ikwazi ukudlula kwilanga. Ezi zihlandlo zibangel’ umdla zivulela ithuba ukuba izazi ngeenkwenkwezi zikwazi ukufunda ngelanga. Ezo zifundo ziye zazinceda izazinzulu ekwazini izinto ezininzi ezimalunga nendlela iinkwenkwezi ezikhanya ngayo.
[Umfanekiso okwiphepha 5]
Inyanga inzima ngokwaneleyo ukuba izinzise umhlaba othambekileyo
[Imifanekiso ekwiphepha 7]
Yintoni eyenza kubekho ubomi emhlabeni? Bubuninzi bamanzi, umlinganiselo omhle wokukhanya nobushushu, umhlaba ochumileyo kunye nemeko-bume
[Inkcazelo]
Globe: Based on NASA Photo; wheat: Pictorial Archive (Near Eastern History) Est.