Amazwe Oosolusapho
USTEFANO waqalisa intetho yakhe edumileyo ngokuthi gqaba gqaba ngemimandla ethile, esithi: “[UYehova] wabonakala kukhokho wethu uAbraham ngoxa wayeseMesopotamiya, ngaphambi kokuba ahlale kwaHaran, yaye wathi kuye, ‘Phuma . . . uze kwilizwe endiya kukubonisa lona.’” (IZe 7:1-4) Lo myalelo wakhokelela ekuphunyezweni kweziganeko ezibalulekileyo kwiLizwe Lesithembiso, ezibandakanya uAbraham, uIsake, noYakobi, ziganeko ezo ezinokuthanani nenjongo kaThixo yokusikelela uluntu.—Gen 12:1-3; Yos 24:3.
UThixo wambiza uAbraham (okanye, uAbram) ukuba aphume kwiUre yamaKhaledi, eyayisisixeko esichumileyo esasingakunxweme olusempuma loMlambo umEfrate. Yiyiphi indlela awahamba ngayo uAbraham? Ukusuka kuloo mmandla wamaKhaledi, owawukwabizwa ngokuba yiSumere okanye iShinare, kwakunokubonakala kulula ukuya ngasentshona. Kwakutheni ke ukuze aye kwaHaran?
IUre yayingasekupheleni kwencam esempuma yoMmandla Ochumileyo, osusela ePalestina ukuya kuma ngentlambo ephakathi komlambo iTigrisi nomEfrate. Kusenokwenzeka ukuba ngaphambili amaqondo obushushu kulo mmandla ayephantsi gqitha. Ngezantsi kwawo kukho iNtlango iSyro-Arabia, eneenduli ezinekalika namathafa anentlabathi. IThe Encyclopædia Britannica ithi “kwakunzima gqitha ukungena kuloo mmandla” owawuphakathi koNxweme lweMeditera neMesopotamiya. Abanye abakhenkethi abahamba ngeenkamela babenqumla kumlambo umEfrate bawelele kwintlango iTademore baze baye eDamasko, kodwa yena uAbraham, intsapho kwakunye nemfuyo yakhe abazange banqumle kuloo ntlango.
UAbraham wakhetha ukugudla intlambo yoMlambo umEfrate waya kwaHaran. Ukusuka apho, ukuba wayethanda ngewayehambe ngendlela yabarhwebi engena kwizibuko laseKarkemishe, ize ifike yehlele eDamasko iye kuqhina kuLwandle olwalubizwa ngokuba lolwaseGalili. Loo “Ndlela igugutha uLwandle” yayidlula eMegido, iye kutsho eYiputa. Kunokuba ahambe ngayo, uAbraham wanqumla kwiintaba zaseSamariya, waya kugxumeka iintente kwaShekem. Ethubeni, waphinda waqhubeka naloo ndlela igugutha ezintabeni. Yithi chu naye njengoko ufunda iGenesis 12:8–13:4. Phawula nezi ndawo zilandelayo awanyathela nakuzo: KwaDan, eDamasko, eHobha, eMamre, eSodom, eGerare, eBher-shebha, naseMoriya (eYerusalem).—Gen 14:14-16; 18:1-16; 20:1-18; 21:25-34; 22:1-19.
Ukwazi ngakumbi ngezinye zezi ndawo kwenza siziqonde ngokucacileyo iziganeko ezenzeka kubomi bukaIsake noYakobi. Ngokomzekelo, ngoxa uAbraham wayeseBher-shebha, wamthuma phi umkhonzi wakhe ukuya kufunela uIsake umfazi? Wamthuma emantla eMesopotamiya (oko kukuthi, “Ilizwe Eliphakathi Kwemilambo”) kummandla wasePadan-aram. Ngoko khawucinge nje ngolo hambo lunzima lukaRebheka ekhwele enkameleni esiya kuIsake eNegebhi, ekusenokwenzeka ukuba yayikufutshane neKadeshe.—Gen 24:10, 62-64.
Kamva unyana wabo uYakobi (uSirayeli) naye wahamba umgama omde ngokufanayo esiya kutshata nomkhonzi kaYehova. Noko ke, ekubuyeleni kwakhe kwilizwe lakowabo, uYakobi wahamba ngendlela eyahlukileyo. Emva kokuba ewele iYabhoki ekufutshane nePenuweli, uYakobi wajijisana nengelosi. (Gen 31:21-25; 32:2, 22-30) Apho wadibana noEsawu, baza emva koko baya kuhlala kwimimandla eyahlukeneyo.—Gen 33:1, 15-20.
Emva kokuba intombi kaYakobi uDina yadlwengulwayo kwaShekem, uYakobi wafudukela eBheteli. Noko ke, ngaba unokuwuthelekelela umgama abawuhambayo oonyana bakaYakobi ukuya kwalusa umhlambi wakhe, nalapho wabafumana khona uYosefu ekugqibeleni? Le maphu (naleyo ikwiphepha 18-19) inokukunceda ubone umgama ophakathi kweHebron neDotan. (Gen 35:1-8; 37:12-17) Abantakwabo Yosefu bamthengisa kubarhwebi ababesinge eYiputa. Ucinga ukuba basebenzisa yiphi indlela ukuya eYiputa, ndlela leyo eyaphinda yahanjwa ngamaSirayeli ngethuba leMfuduko?—Gen 37:25-28.
[Iimaphu ezikwiphepha 7]
(Ukuba ufuna inkcazelo ehlahlelwe kakuhle, yiya kwimpapasho)
Uhambo Luka-Abraham (yiya kwimpapasho)
Uhambo LukaIsake (yiya kwimpapasho)
Uhambo LukaYakobi (yiya kwimpapasho)
Iindlela Ezinkulu (yiya kwimpapasho)
Oosolusapho (amabal’ engwe)
A4 IGOSHEN
A5 IYIPUTA
B4 ISHURE
B5 IPARAN
C3 IDamasko
C3 KwaDan (ILayishe)
C4 KwaShekem
C4 IBheteli
C4 IHebron (IKiriyati-arbha)
C4 IGerare
C4 IBher-shebha
C4 ISEHIRE
C4 IKadeshe
C5 KWAEDOM
D1 IKarkemishe
D2 ITademore
D3 IHobha
E1 IPADAN-ARAM
E1 IHaran
F2 IMESOPOTAMIYA
G1 INineve
G2 UMMANDLA OCHUMILEYO
G3 IBhabhiloni
H4 IKHALEDI
H4 IUre
[Iintaba]
C4 IMoriya
[Amanzi]
B3 Ulwandle LweMeditera (Ulwandle Olukhulu)
[Imilambo]
E2 UmEfrate
G2 ITigris
Oosolusapho (kwiLizwe Lesithembiso)
IKANANA
IMegido
IGILIYADI
IDotan
KwaShekem
ISukoti
IMahanayim
IPenuweli
IBheteli (ILuzi)
IAyi
IYerusalem (ISalem)
IBhetelehem (IEfrata)
IMamre
IHebron (IMakaphela)
IGerare
IBher-shebha
ISodom?
INEGEBHI
IRehobhoti?
IBhere-lahayi-royi
IKadeshe
Iindlela Ezinkulu
Indlela Egugutha Ulwandle
Indlela Kakumkani
[Iintaba]
IMoriya
[Amanzi]
Ulwandle LweTyuwa
[Imilambo nemijelo]
IYabhoki
IYordan
[Umfanekiso okwiphepha 6]
UMlambo umEfrate okufutshane neBhabhiloni
[Umfanekiso okwiphepha 6]
UAbraham wayehlala eBher-shebha waza walusa imihlambi kufutshane nalapho
[Umfanekiso okwiphepha 6]
Intlambo yeYabhoki