Imbono YeBhayibhile
Ngaba Umtshato Ufanele Ube Lumanyano Lobomi Bonke?
KUTHENI ubuzwa kwaukubuzwa umbuzo ololo hlobo? Xa sicaphula izifungo zomtshato zaseNtshona, ngaba umtshato awenzelwanga ukuba “uhlale ebumnandini nasebubini, de nahlulwe kukufa”? Ewe, izifungo zomtshato zidla ngokubonisa ukuba umyeni nomtshakazi bazibophelela ubomi babo bonke. Kodwa abaninzi abasazigqali bebotshelelwe zezo zithembiso zibalulekileyo. Izibini ezitshatileyo ngobuninzi bazo ziqhawula imitshato—ezinye zikwenza oko emva kweenyanga nje ezimbalwa, ezinye ke emva kwamashumi eminyaka. Kutheni ungasahlonelwa nje umtshato? IBhayibhile iyaphendula.
Nceda uhlolisise eyesi-2 kuTimoti 3:1-3, uze uyithelekise noko ukubonayo ehlabathini namhlanje. Ngokuyinxenye, ezi ndinyana zithi: “Ngemihla yokugqibela kuya kufika amaxesha amanqam ekunzima ukujamelana nawo. Kuba abantu baya kuba ngabazithandayo, abathandi bemali, . . . abangenambulelo, abanganyanisekanga, abangenawo umsa wemvelo, abangayifuni kwaphela imvisiswano, . . . abangenakuzeyisa.” Eso siprofeto sichane ngendlela emangalisayo. Ezi zimo zengqondo ziye zonakalisa zaza zenza ndyengelele ulwalamano lomtshato ehlabathini lonke, nto leyo ebonakala kumlinganiselo ophakamileyo woqhawulo-mtshato.
Ngokucacileyo, abantu abaninzi baye baphelelwa yintlonelo ngomtshato. Ngenxa yoku, sisenokubuza sithi: Ngaba umtshato ufanele uthatyathwe nzulu? Ngaba ikho into ekuthiwa bubungcwele bomtshato? AmaKristu afanele alijonge njani iqhina lomtshato? IBhayibhile inikela luphi uncedo kwizibini ezitshatileyo namhlanje?
Ngaba Imbono KaThixo Itshintshile?
Ekuqaleni, uThixo akazange athethe ngeqhina lomtshato njengento yokwexeshana. Ukumanyanisa kwakhe indoda nomfazi kuyachazwa kwiGenesis 2:21-24, yaye apho akuthethwa nto ngokuqhawula umtshato okanye ukwahlukana. Kunoko, indinyana 24 ithi: “Indoda iya kumshiya uyise nonina, inamathele emfazini wayo baze babe nyama-nye.” Sithetha ukuthini esi sibhalo?
Khawucinge nje ngomzimba womntu, indlela izicwili zawo ezahlukeneyo ezidityaniswe ngayo ngaphandle kwemithungo nendlela amathambo adityaniswa ngayo ngamalungu awomeleleyo ngaphandle kokukhuhlana. Olunjani lona umanyano! Okunjani ukomelela! Kodwa enjani yona intlungu xa la malungu angenakuthelekiswa nanto esenzakala ngendlela engathethekiyo! Kungeso sizathu, kwiGenesis 2:24, ibinzana elithi “babe nyama-nye” libethelela ulwalamano olusenyongweni nokuba sisigxina komanyano lomtshato. Kwakhona linikela isilumkiso esicacileyo sentlungu engathethekiyo ebakho xa olu lwalamano luphela.
Nangona ukuguquguquka kwezinto kwiinkulungwane ezidluleyo kuye kwaxonxa iimbono zabantu, uThixo usawujonga umtshato njengeqhina lobomi bonke. Malunga neminyaka engama-2 400 edluleyo, amanye amadoda angamaYuda abashiya abafazi bawo bokuqala aza atshata amabhinqa aselula. UThixo wakugxeka oko akwenzayo, esithi ngomprofeti wakhe uMalaki: “Nimele nizilinde ngokuphathelele umoya wenu, ungaqhubani ngobuqhophololo nomfazi wobutsha bakho. Kuba uluthiyile uqhawulo-mtshato,” utsho uYehova uThixo kaSirayeli.”—Malaki 2:15, 16.
Kwiinkulungwane ezine kamva, uYesu waphinda wayiqinisekisa imbono kaThixo yantlandlolo ngomtshato xa wacaphula iGenesis 2:24 waza wayalela ngelithi: “Oko uThixo akubophelele ngedyokhwe ndawonye makungahlukaniswa mntu.” (Mateyu 19:5, 6) Kwiminyaka kamva umpostile uPawulos wayalela ngelithi “umfazi ufanele angemki endodeni yakhe” waza wathi “indoda ayifanele imshiye umfazi wayo.” (1 Korinte 7:10, 11) Ezi zibhalo ngokuchanileyo zichaza imbono kaThixo ngomtshato.
Ngaba iBhayibhile ikhe ivumele ukuba uqhawulwe umtshato? Ewe, umtshato uyaphela xa elinye iqabane lisifa. (1 Korinte 7:39) Ukrexezo lunokuwuphelisa umtshato xa iqabane elimsulwa ligqibe ukwenjenjalo. (Mateyu 19:9) Ngapha koko, iBhayibhile ikhuthaza izibini ukuba zihlale kunye.
Indlela Yokwenza Umtshato Uhlale Uhleli
UThixo ufuna ukuba umtshato uhlale uhleli, ungabi namanzithinzithi, kodwa ube luhambo olumnandi. Ufuna indoda nomfazi bacombulule iingxaki zabo baze bakunandiphe ngokwenene ukuba kunye. ILizwi lakhe linokhokelo lomtshato owonwabileyo nohlala uhleli. Nceda uphawule ezi zibhalo zilandelayo.
Efese 4:26: “Malingatshoni ilanga nicaphukile.”a Enye indoda eyonwabileyo emtshatweni wayo ikholelwa ekubeni esi sibhalo sinceda yona nomfazi wayo bacombulule ukungevani kakuhle. Ithi: “Ukuba akukwazi kulala emva kokungavumelani, ikho le nto ingalunganga. Akunakuvumela le ngxaki iqhubeke.” Maxa wambi yona nomfazi wayo baye baxubusha iingxaki de kwasebusuku. Kodwa oko kuyasebenza. Yongezelela ngelithi: “Ukusebenzisa imigaqo yeBhayibhile kunemiphumo emangalisayo.” Ngokwenza oku, le ndoda nomfazi wayo baye banandipha umtshato owonwabileyo kangangeminyaka engama-42.
Kolose 3:13: “Qhubekani ninyamezelana yaye nixolelana ngesisa.” Enye indoda ichaza indlela yona nomfazi wayo abaye bakwenza ngayo oku: “Amalungu omtshato asenokucaphukisana ngaphandle kokuba kube kukho nto iphosakeleyo ayenzileyo, ekubeni wonke umntu enobuthathaka nemikhwa ekhathaza abanye abantu. Siyanyamezelana ngokungazivumeli ezi zinto zisahlule.” Alithandabuzeki elokuba oku kuye kwasinceda esi sibini kwiminyaka engama-54 sitshatile!
Indlela esetyenziswa ngayo le migaqo yeZibhalo yomeleza iqhina elibophelela amadoda nabafazi. Ngenxa yoko, imitshato yabo inokuba yeyolisayo, eyanelisayo nehlala ixesha elide.
Ukuba ungayivuyela inkcazelo engakumbi okanye ungathanda ukuba uthile eze ekhayeni lakho ukuze akuqhubele isifundo seBhayibhile sesisa, nceda ubhalele kwiWatch Tower, Private Bag X2067, Krugersdorp, 1740, South Africa, okanye kwidilesi efanelekileyo kwezidweliswe kwiphepha 5.
[Umbhalo osemazantsi]
a Ngokogcino-xesha lwakuMbindi Mpuma, imini iphela ekutshoneni kwelanga. Ngenxa yoko, uPawulos wayekhuthaza abafundi ukuba babe seluxolweni nabanye ngaphambi kokuphela kwemini nganye.