ILizwi LikaYehova Liphilile
Iimbalasane Zencwadi Ye-Eksodus
ELI libali lokwenyaniso lokukhululwa kwabo ‘babekhotyokisiwe nguzwilakhe.’ (Eksodus 1:13) Kwakhona yingxelo ebangel’ umdla yokuzalwa kohlanga. Ikwathetha ngemimangaliso emikhulu, ummiselo obalulekileyo, nokwakhiwa komnquba. Eneneni, yiloo nto iqulethwe yincwadi yeBhayibhile iEksodus.
Ibhalwe ngumprofeti ongumHebhere uMoses, iEksodus ibalisa ngoko kwenzeka kumaSirayeli ebudeni beminyaka eli-145—ukususela ekufeni kukaYosefu ngowe-1657 B.C.E. ukusa ekugqityweni komnquba ngowe-1512 B.C.E. Sekunjalo, le ngxelo asiyombali nje kuphela. Iyinxalenye yelizwi likaThixo, okanye isigidimi asithumela ebantwini. Ngenxa yoko, ‘iphilile yaye inamandla.’ (Hebhere 4:12) Ngoko ke, iEksodus inentsingiselo yokwenene kuthi.
“UTHIXO WAKUVA UKUGCUMA KWABO”
Inzala kaYakobi ehlala eYiputa iyanda ngokukhawuleza kangokuba umlawuli uyalela ukuba itsaliswe nzima isenziwa amakhoboka. UFaro ude ayalele ukuba zonke iintsana ezingamakhwenkwe amaSirayeli zibulawe. UMoses, oneenyanga ezintathu ubudala uyasinda kweso sihelegu aze abe ngumntwana wentombi kaFaro. Nangona ekhuliswe ebukhosini, xa wayeneminyaka engama-40 ubudala, uMoses walwela abantu bakowabo waza wabulala umYiputa. (IZenzo 7:23, 24) Enyanzelekile ukuba asabe, uya kwaMidiyan. Apho ufika atshate aze abe ngumalusi. Ngakwityholo elalisitsha ngommangaliso, uYehova uyalela uMoses ukuba abuyele eYiputa ukuze akhulule amaSirayeli kubukhoboka. Umntakwabo, uAron, umiselwa njengesithethi sakhe.
Iimpendulo Kwimibuzo YeZibhalo:
3:1—UYitro wayengumbingeleli onjani? Ngamaxesha oosolusapho intloko-ntsapho yayingumbingeleli entsatsheni yayo. Kuyabonakala ukuba uYitro wayengusolusapho wesizwe sakwaMidiyan. Ekubeni amaMidiyan ayeyinzala ka-Abraham ngoKetura, mhlawumbi ayelwazi unqulo lukaYehova.—Genesis 25:1, 2.
4:11—UYehova ‘usenza njani isimumu, isithulu nemfama’? Nangona uYehova ngamaxesha athile wabangela ukuba umntu abe yimfama okanye abe sisimumu, akabekek’ ityala ngabantu abayimilwelwe. (Genesis 19:11; Luka 1:20-22, 62-64) Oku kubangelwa sisono esisizuze ilifa. (Yobhi 14:4; Roma 5:12) Noko ke, ekubeni uThixo evumele ukuba oku kwenzeka, usenokuthi nguye ‘owenze’ isimumu, isithulu nemfama.
4:16—UMoses wayeza kuba “nguThixo” njani kuAron? UMoses wayengummeli kaThixo. Ngenxa yoko, uMoses waba “nguThixo” kuAron, owayethethela uMoses.
Oko Sikufundayo:
1:7, 14. UYehova wayebaxhasa abantu bakhe xa babecinezelwa eYiputa. Ngokufanayo uyawomeleza amaNgqina akhe kule mihla, kwanaxa ejamelene nentshutshiso eqatha.
1:17-21. UYehova usikhumbula ngoko “kulungileyo” sikwenzayo.—Nehemiya 13:31.
3:7-10. UYehova uyabaphendula abantu bakhe xa bekhala kuye.
3:14. UYehova akasileli ekuzalisekiseni iinjongo zakhe. Ngoko ke sinokuba nethemba lokuba uza kuzizalisekisa izinto esizithenjiswa eBhayibhileni.
4:10, 13. UMoses wayengazithembi ngenxa yokuba elithintitha kangangokuba naxa uThixo wamqinisekisa ukuba uza kumxhasa, wacela uThixo ukuba athumele omnye umntu ukuba athethe noFaro. Sekunjalo, uYehova wasebenzisa uMoses waza wamnika ubulumko namandla awayewafuna ukuze asifeze isabelo sakhe. Kunokuba sinikele ingqalelo kwiintsilelo zethu, ngamana singathembela kuYehova size siwufeze ngokuthembeka umyalelo wokushumayela nokufundisa.—Mateyu 24:14; 28:19, 20.
IMIMANGALISO EBALASELEYO IKHULULA ABANTU
UMoses noAron bama phambi kukaFaro, becela ukuba amaSirayeli avunyelwe ukuya kwenzela uYehova umthendeleko entlango. Umphathi ongumYiputa uyala ngendelelo. UYehova usebenzisa uMoses ukuba azise isibetho emva kwesinye. Kuphela kusemva kwesibetho seshumi apho uFaro akhulula amaSirayeli ukuba ahambe. Noko ke, kungekudala yena nomkhosi wakhe bayawasukela loo maSirayeli. Kodwa uYehova uvula indlela kuLwandle Olubomvu aze abasindise abantu bakhe. AmaYiputa awayewalandela ayarhaxwa njengoko ulwandle luvaleka.
Iimpendulo Kwimibuzo YeZibhalo:
6:3—Igama likaThixo liye alaziwa njani nguAbraham, nguIsake noYakobi? Aba solusapho basebenzisa igama likaThixo baza bafumana izithembiso zikaYehova. Sekunjalo, babengazi ukuba nguYehova oye wafezekisa ezi zithembiso.—Genesis 12:1, 2; 15:7, 13-16; 26:24; 28:10-15.
7:1—UMoses wenziwa njani “uThixo kuFaro”? UThixo wamnika uMoses amandla negunya phezu kukaFaro. Ngoko ke, kwakungekho mfuneko yokumoyika loo kumkani.
7:22—Ababingeleli abangamaYiputa babewafumene phi amanzi angajikanga aba ligazi? Kusenokwenzeka ukuba babesebenzise amanzi awayevela kuMlambo umNayile ngaphambi kwesi sibetho. Kuyabonakala ukuba amanzi acocekileyo ayesenokufunyanwa ngokomba amaqula kumhlaba omanzi okufuphi noMlambo umNayile.—Eksodus 7:24.
8:26, 27—Kwakutheni ukuze uMoses athi imibingelelo yamaSirayeli yinto “ecekisekayo kumaYiputa”? Izilwanyana ezininzi ezahlukahlukeneyo zazinqulwa eYiputa. Ngoko ke ukukhankanywa kwemibingelelo kwaba sisizathu esibambekayo sokuba uMoses agxininise kwelokuba amaSirayeli avunyelwe aye kwenzela uYehova idini.
12:29—Ngoobani ababegqalwa njengamazibulo? Amazibulo ayequka kuphela amadoda. (Numeri 3:40-51) UFaro, owayelizibulo, akazange abulawe. Wayenentsapho yakhe. Akuzange kufe intloko-ntsapho kodwa kwafa izibulo entsatsheni ngenxa yesibetho seshumi.
12:40—AmaSirayeli ahlala ixesha elingakanani kwilizwe laseYiputa? Iminyaka engama-430 ekhankanywe apha iquka ixesha elachithwa ngoonyana bakaSirayeli “kwilizwe laseYiputa nakwilizwe laseKanan.” (Umbhalo osemazantsi weNW eneembekiselo) UAbraham eneminyaka engama-75 ubudala wawela uMlambo umEfrata ngowe-1943 B.C.E. xa wayesinge eKanan. (Genesis 12:4) Ukususela ngoko de uYakobi oneminyaka eli-130 ubudala wafika eYiputa yayiyiminyaka engama-215. (Genesis 21:5; 25:26; 47:9) Oku kuthetha ukuba emva koko amaSirayeli achitha ixesha elilinganayo leminyaka engama-215 eYiputa.
15:8—Ngaba amanzi oLwandle Olubomvu ‘ajiyayo’ yayingamanzi angumkhenkce? Igama lesiHebhere eliguqulelwe ngokuthi “jiya” lithetha ukuqina. KuYobhi 10:10, eli binzana libhekisela kubisi olungqumbululu. Ngoko ke, amanzi ajiyileyo akathethi amanzi angumkhenkce. Ukuba ‘umoya onamandla wasempuma’ okhankanywe kwiEksodus 14:21 wawubanda ngokwaneleyo ukuze amanzi abe ngumkhenkce, alithandabuzeki elokuba ngeyikho ingxelo ethetha ngokubanda okungako. Ekubeni kwakungekho nto ibonakalayo eyayibambe loo manzi, ayebonakala ngathi ajiyile okanye angqumbululu.
Oko Sikufundayo:
7:14–12:30. Izibetho Ezilishumi asinto eyazenzekelayo. Zaxelwa kwangaphambili yaye zenzeka kanye njengoko zazixeliwe. Oku kubonisa indlela uMdali akwazi ngayo ukulawula amanzi, ilanga, izinambuzane, izilwanyana nabantu! Kwakhona ezi zibetho zibonisa kuba uThixo unokukhetha ukuzisa iintlekele kwiintshaba zakhe ngoxa ebakhusela abanquli bakhe.
11:2; 12:36. UYehova uyabasikelela abantu bakhe. Kuyabonakala ukuba waqiniseka ukuba amaSirayeli ayahlawulwa ngomsebenzi wawo eYiputa. Ayengene kwelo lizwe engabantu abakhululekileyo, kungekhona abathinjwa bemfazwe ukuze abe ngamakhoboka.
14:30. Sinokuqiniseka ukuba uYehova uya kubahlangula abanquli bakhe ‘kwimbandezelo enkulu’ ezayo.—Mateyu 24:20-22; ISityhilelo 7:9, 14.
UYEHOVA ULUNGISELELA UHLANGA AZA KULULAWULA
Kwinyanga yesithathu emva kokukhululwa kwawo eYiputa, amaSirayeli ahlanganisana emazantsi eNtaba iSinayi. Apho afumana iMithetho Elishumi neminye imithetho, aba kumnqophiso noYehova aza aba luhlanga olulawulwa nguye. UMoses uchitha iminyaka engama-40 entabeni, efumana imiyalelo ngokuphathelele unqulo lokwenyaniso nokwakhiwa komnquba kaYehova, itempile enokuphathwa. Okwangoku, amaSirayeli enza ithole legolide aze alinqule. Esihla entabeni, uMoses uyakubona oku aze acaphuke kakhulu kangangokuba waphula amacwecwe amabini amatye awayewanikwe nguThixo. Emva kokuba abenzi bobubi begwetyiwe, kwakhona unyukela entabeni aze afumane amanye amacwecwe. Xa uMoses ebuya, kuqaliswa ukwakhiwa umnquba. Ekupheleni konyaka wokuqala amaSirayeli ekhululiwe, yagqitywa le ntente intle nempahla yayo yangaphakathi. Wandula ke uYehova ayizalise ngozuko lwakhe.
Iimpendulo Kwimibuzo YeZibhalo:
20:5—Kutheni uYehova ‘esohlwaya’ izizukulwana ezizayo “ngesiphoso sooyise”? Emva kokuba ekhule ngokwaneleyo, mntu ngamnye ugwetywa ngenxa yehambo nesimo sakhe sengqondo. Kodwa xa uhlanga lwakwaSirayeli lwabandakanyeka kunqulo zithixo, oko kwaba nemiphumo emibi kwizizukulwana emva koko. KwanamaSirayeli athembekileyo ayiva imiphumo yoko kuba ukukreqa kohlanga ngokonqulo kwakusenza kube nzima ukuba agcine ingqibelelo.
23:19; 34:26—Wawuthetha ukuthini umyalelo othi ungalipheki itakane ngobisi lukanina? Kuthiwa ukupheka itakane (lebhokhwe okanye lesinye isilwanyana) ngobisi lukanina yayisisithethe sobuhedeni yaye abantu babecinga ukuba kuzisa imvula. Ngaphezu koko, ekubeni ubisi lukanina lusondla umntwana, ukupheka inzala yakhe kulo bekuya kuba sisenzo senkohlakalo. Lo mthetho wawunceda ukubonisa ukuba abantu bakaThixo bafanele babe nemfesane.
23:20-23—Ngubani le ngelosi ikhankanywe apha, yaye kwenzeka njani ukuba igama likaYehova libe “kuyo”? Kusenokwenzeka ukuba, le ngelosi yayinguYesu ngaphambi kokuba abe ngumntu. Wayesetyenziswa ukukhokela amaSirayeli xa ayesinge kwiLizwe Lesithembiso. (1 Korinte 10:1-4) Igama likaYehova “likuyo” kuba uYesu ngoyena uphambili ekuxhaseni nasekungcwaliseni igama likaYise.
32:1-8, 25-35—Kwakutheni ukuze uAron angohlwaywa ngenxa yokwenza ithole legolide? UAron wayengavumelani ngentliziyo yonke ukuba kwenziwe unqulo zithixo. Kamva, kuyabonakala ukuba wama ngakwicala labaLevi lokumela uThixo nxamnye nabo babemchasile uMoses. Emva kokuba abo banetyala bebulewe, uMoses wakhumbuza abantu ukuba babonile ngeyona ndlela, ebonisa ukuba abanye ngaphandle kuka-Aron nabo bafumana inceba kaYehova.
33:11, 20—UThixo wathetha njani noMoses “ubuso ngobuso”? Eli binzana libonisa incoko yabantu ababini abasenyongweni. UMoses wathetha nommeli kaThixo yaye lo mmeli wamxelela umyalelo kaYehova. Kodwa uMoses akazange ambone uYehova, ekubeni ‘engekho umntu onokubona uThixo aze aphile.’ Enyanisweni, uYehova akazange athethe ngenkqu noMoses. EyabaseGalati 3:19 ithi uMthetho “wadluliselwa ngeengelosi ngesandla somlamli.”
Oko Sikufundayo:
15:25; 16:12. UYehova uyabanyamekela abantu bakhe.
18:21. Amadoda akhethelwe izikhundla zembopheleleko kwibandla lamaKristu amele afaneleke, amoyike uThixo, athembeke aze angazingci.
20:1–23:33. UYehova ungoyena Mniki-mthetho uphakamileyo. Xa ithotyelwa, imithetho yakhe yayibangela amaSirayeli amnqule ngocwangco nangovuyo. Namhlanje uYehova unentlangano yakhe. Ukusebenzisana nayo kukhokelela kulonwabo nonqabiseko.
Intsingiselo Yokwenene Kuthi
Incwadi ye-Eksodus ityhila ntoni ngoYehova? Imbonisa njengoMlungiseleli onothando, uMhlanguli ongenakuthelekiswa namntu, noMzalisekisi weenjongo zakhe. UnguThixo wentlangano yakhe.
Njengoko usenza ufundo lweBhayibhile lweveki ngeeveki xa ulungiselela iSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo, alithandabuzeki elokuba uya kuchukumiseka ngokwenene koko ukufunda kwiEksodus. Xa uqwalasela oko kubhalwe kwicandelo elithi “Iimpendulo Kwimibuzo YeZibhalo,” uya kuziqonda ngakumbi iindinyana ezithile zeZibhalo. Amagqabaza akwinxalenye ethi “Oko Sikufundayo” aya kukubonisa indlela onokuzuza ngayo kufundo lweBhayibhile lwaloo veki.
[Umfanekiso okwiphepha 24, 25]
UYehova wathuma indoda elulamileyo uMoses ukuba ikhokele amaSirayeli awakhuphe ebukhobokeni
[Umfanekiso okwiphepha 25]
Izibetho Ezilishumi zabonisa ukuba uMdali uyakwazi ukulawula amanzi, ilanga, izinambuzane, izilwanyana nabantu
[Umfanekiso okwiphepha 26, 27]
Esebenzisa uMoses, uYehova walungelelanisa amaSirayeli ukuba abe luhlanga olulawulwa nguye