Sondela KuThixo
UBawo Wamakhwenkwe AngenaYise
“UYISE wamakhwenkwe angenayise . . . nguThixo endaweni yakhe yokuhlala engcwele.” (INdumiso 68:5) Lo mazwi aphefumlelweyo asifundisa isifundo esichukumisayo ngoYehova uThixo—sokuba uzikhathalele iintswelo zabantu abangathathi ntweni. Ukubaxhalabela kwakhe iinkedama kwakubonakala kakuhle kuMthetho awawunika amaSirayeli. Makhe sihlole indinyana yokuqala yeBhayibhile ethetha “ngenkwenkwe engenayise,”a kwiEksodus 22:22-24.
UThixo ulumkisa esithi: ‘Nize ningayixhwalekisi. . . inkwenkwe engenayise.’ (Indinyana 22) Esi yayingesosicelo nje sokuba kuxhaswe abantwana abahluphekayo kuba befelwe ngabazali kodwa yayingumyalelo ovela kuThixo. Umntwana oye wabhujelwa nguyise—obemkhusela yaye emxhasa—wayenokuba sisisulu. Akakho umntu owayefanele “amxhwalekise” lo mntwana nangayiphi na indlela. Kwezinye inguqulelo zeBhayibhile, igama elithi “ukuxhwalekisa” liguqulelwa ngokuthi “ukuxhaphaza,” “ukuphatha kakubi, “nokumkhohlakalela.” Ukuphatha kakubi umntwana ongenayise yayiyinto enzulu emehlweni kaThixo. Kwakunzulu kangakanani kuThixo ukuxhaphaza umntwana?
UMthetho uhlabela mgama: “Ukuba uthe wayixhwalekisa nangayiphi na indlela, yadanduluka kum, ndosiva ngenene isikhalo sayo.” (Indinyana 23) Le ngxelo iyayeka ukusebenzisa “u-ni” okwisininzi ize isebenzise igama “u-u” kwindinyana 23. Abantu ngabanye nohlanga luphela kwakufuneka bathobele lo mthetho. UYehova wayejongile; indlebe yakhe yayiyiphulaphula inkwenkwe engenayise, ehlala ekulungele ukuyinceda xa ikhala kuye.—INdumiso 10:14; IMizekeliso 23:10, 11.
Yintoni, eyayiza kwenzeka kumntu owona inkwenkwe engenayise, ize yona ikhale kuThixo? UYehova uthi: “Uvuthe umsindo wam, ndinibulale ngokuqinisekileyo ngekrele.” (Indinyana 24) Enye imbekiselo yeBhayibhile ithi eli gama ngokoqobo lithetha ukuba “lugcwabevu ngumsindo.” Phawula kuba uYehova akazange awuyekele kubagwebi abangabantu ukuthotyelwa kwalo mthetho. UThixo wayeza kumgweba ngokwakhe nabani na oxhaphaza inkwenkwe engenakuzikhusela.—Duteronomi 10:17, 18.
UYehova akatshintshanga. (Malaki 3:6) Usenovelwano ngabantwana abangenabazali. (Yakobi 1:27) Ungaphazami—uBawo wabantwana abangenayise uyavutha ngumsindo wobulungisa xa abantwana abangenabani bexhatshazwa. Abo bafuna ukuxhaphaza abantwana abangenakuzikhusela abanakubhungca “kumsindo kaYehova ovuthayo.” (Zefaniya 2:2) Abantu abangendawo ngolo hlobo baya kufunda ukuba “kuyinto eyoyikekayo ukuwela ezandleni zoThixo ophilayo.”—Hebhere 10:31.
[Umbhalo osemazantsi]
a Ibinzana elithi “inkwenkwe engenayise” livela izihlandlo ezingama-40 eBhayibhileni. Nangona igama lesiHebhere elisetyenziswe apha lithetha ngabantwana abangamakhwenkwe, asifanele sicinge ukuba amantombazana wona awaqukwanga. UMthetho kaMoses wawuwathethelela namantombazana angenayise.—Numeri 27:1-8.