Isahluko 25
Imfesane Koneqhenqa
NJENGOKO uYesu nabafundi bakhe abane betyelela imizi yelaseGalili, iindaba ezingezinto ezingummangaliso azenzayo zisasazeka kuso sonke esi sithili. Izenzo zakhe zivakala komnye umzi apho kukho indoda enesifo seqhenqa. Ugqirha uLuka uyichaza le ndoda ‘njengezele liqhenqa.’ Esi sifo soyikekayo, xa sele sithabath’ unyawo, ngokuthe ngcembe sonakalisa amalungu awahlukahlukeneyo omzimba. Ngoko lo uneqhenqa ukwimeko elusizi.
Xa uYesu efika kulo mzi, lo uneqhenqa usondela kuye. NgokoMthetho kaThixo, oneqhenqa umele adanduluke elumkisa, “Ndiyinqambi, ndiyinqambi!” ukukhusela abanye ekusondeleni kakhulu baze babe sengozini yokwasulelwa. Ngoku oneqhenqa uwa ngobuso bakhe yaye ukhunga uYesu athi: “Nkosi, ukuba uyathanda, unako ukundihlambulula.”
Olunjani ukholo le ndoda enalo kuYesu! Kanti, hayi indlela isifo sayo esiyenza ibonakale ilusizi ngayo! Uza kwenza ntoni uYesu? Ubuya kwenza ntoni wena? Eqhutywa yimfesane, uYesu wolula isandla sakhe ayichukumise le ndoda, esithi: “Ndiyathanda, hlambuluka.” Ngokukhawuleza iqhenqa lithi shwaka kuyo.
Ubungamthanda na ukuba ubani onovelwano ngolu hlobo abe ngukumkani wakho? Indlela uYesu aphatha ngayo lo uneqhenqa isinika intembelo yokuba ebudeni bolawulo Lwakhe loBukumkani kuya kuzaliseka esi siprofeto seBhayibhile: “Abenzele inceba abasweleyo nabangamahlwempu.” Ewe, ngelo xesha uYesu uya kuwuphumeza umnqweno wentliziyo yakhe wokunceda bonke abanobulwelwe.
Kwanangaphambi kokuphilisa oneqhenqa, ubulungiseleli bukaYesu bebubangela umdla omkhulu phakathi kwabantu. Ekuzalisekiseni isiprofeto sikaIsaya, uYesu ngoku uyalela indoda ephilisiweyo: “Lumka ungaxeleli bani nento le.” Wandula amyalele athi: “Hamba uye kuzibonisa kumbingeleli, usondeze ngenxa yokuhlanjululwa kwakho ezo zinto wamisa zona uMoses, zibe bubungqina kubo.”
Kodwa le ndoda yonwabe kangangokuba ayinako ukuwugcina kuyo lo mmangaliso. Iyahamba ize iqalise ukusasaza ezi ndaba kuyo yonke indawo, kubonakala ukuba ibangela umdla nokufuna ukwazi kubantu ngokokude angabi saba nako uYesu ukungena emzini ekuhleni. Ngaloo ndlela, uYesu uhlala ezindaweni ezingenabantu, yaye abantu abaphuma kulo lonke beza apho ukuza kumphulaphula nokuphiliswa nguye kubulwelwe babo. Luka 5:12-16; Marko 1:40-45; Mateyu 8:2-4; Levitikus 13:45; 14:10-13; INdumiso 72:13; Isaya 42:1, 2.
▪ Iqhenqa linokuba nawuphi umphumo, yaye sasiyintoni isilumkiso esasimele kukunikelwa ngoneqhenqa?
▪ Oneqhenqa umbongoza njani uYesu, yaye sinokufunda ntoni kwindlela uYesu asabela ngayo?
▪ Isilela njani indoda ephilisiweyo ukuthobela uYesu, ibe iba yintoni imiphumo?