‘Musani Ukumbombozela’
“Hlalani nisenza zonke izinto ngaphandle kokumbombozela.”—FILIPI 2:14.
1, 2. Umpostile uPawulos wawaluleka wathini amaKristu aseFilipi nawaseKorinte, yaye kwakutheni?
KWINCWADI yakhe ephefumlelweyo eyayisiya kwibandla lamaKristu enkulungwane yokuqala eFilipi, umpostile uPawulos walincoma kakhulu elo bandla. Wawancoma loo maKristu ngobubele bawo nokuzimisela kwawo, kwanangemisebenzi yawo emihle. Sekunjalo, uPawulos wawakhumbuza ukuba ‘ahlale esenza zonke izinto ngaphandle kokumbombozela.’ (Filipi 2:14) Kwakutheni ukuze awabongoze ngolo hlobo?
2 UPawulos wayeyazi imiphumo yokumbombozela. Kwiminyaka engaphambilana wayekhumbuze ibandla laseKorinte ngobungozi bokumbombozela. Wakhankanya ukuba ngoxa amaSirayeli ayesentlango, amqumbisa kaninzi uYehova. Njani? Ngokuthi anqwenele izinto ezimbi, aqhelisele unqulo-zithixo, ahenyuze, amvavanye uYehova, nangokuthi ambombozele. UPawulos wawakhuthaza loo maKristu aseKorinte ukuba afunde isifundo koku. Wabhala wathi: “Masingabi ngabambombozeli, kanye njengoko abathile kubo bambombozelayo, suke batshabalala ngumtshabalalisi.”—1 Korinte 10:6-11.
3. Kutheni sinomdla nje ekwazini indlela esinokukuphepha ngayo ukumbombozela?
3 Ekubeni nathi singabakhonzi bakaYehova, sibonisa isimo sengqondo esifanayo neso sebandla laseFilipi. Siyikhuthalele imisebenzi emihle, yaye siyathandana. (Yohane 13:34, 35) Kodwa ekubeni ukumbombozela kwabazisela ingozi enkulu abantu bakaThixo ngaphambili, kuhle ukuba sinikel’ ingqalelo kwisiluleko esithi: “Hlalani nisenza zonke izinto ngaphandle kokumbombozela.” Masiqale ngokuhlolisisa imizekelo ekhankanywe eZibhalweni yabo babembombozela. Emva koko siza kuxubusha ngezinto esinokuzenza ukuze siphephe imiphumo eyingozi yokumbombozela.
Abantu Abangendawo Bambombozelela UYehova
4. Ambombozela athini amaSirayeli entlango?
4 IBhayibhile isebenzise igama lesiHebhere elithetha ‘ukumbombozela, ukukhalaza, okanye ukuvungama’ xa ibhekisela kwiziganeko ezenzeka ngexesha amaSirayeli ayesentlango kangangeminyaka engama-40. Maxa wambi amaSirayeli ayenganeliseki yimeko yawo aze ambombozele. Ngokomzekelo, kwiiveki nje ezimbalwa emva kokukhululwa kwawo ebukhobokeni eYiputa, “yammbombozelela uMoses noAron yonke indibano yoonyana bakaSirayeli.” AmaSirayeli akhalazela ukutya, esithi: “Akwaba besife sisandla sikaYehova ezweni laseYiputa xa sasihleli ngasezimbizeni zenyama, sisidla isonka sanele, ngokuba nisikhuphele kule ntlango ukuze nilibulale eli bandla liphela ngendlala.”—Eksodus 16:1-3.
5. Xa amaSirayeli ayekhalaza, enyanisweni ayekhalazela bani?
5 Enyanisweni, uYehova wazinyamekela iintswelo zamaSirayeli ngoxa ayesentlango, wawanika ukutya namanzi. Ayengekho sesichengeni sokufa yindlala apho entlango. Kodwa akazange aneliseke, aza aqalisa ukugxeka nokumbombozela. Nangona ayekhalazela uMoses noAron, uYehova wazigqala izikhalazo zawo njengezibhekiswa kuye. UMoses wathi kuloo maSirayeli: “UYehova ukuvile ukumbombozela kwenu enimmbombozelele ngako. Singoobani na ke thina? Asisithi, kodwa nguYehova enimmbombozeleleyo.”—Eksodus 16:4-8.
6, 7. Njengokuba kuboniswe kuNumeri 14:1-3, satshintsha njani isimo sengqondo samaSirayeli?
6 Kungabanga thuba lide emva koko, amaSirayeli aphinda ambombozela kwakhona. Ngesi sihlandlo uMoses wayethumele amadoda ali-12 ukuya kuhlola iLizwe Lesithembiso. Alishumi kuwo abuya nengxelo embi. Waba yintoni umphumo woko? “Bonke oonyana bakaSirayeli bambombozela kuMoses noAron, yathi kubo yonke indibano: ‘Akwaba besifele ezweni laseYiputa, okanye akwaba besifele kule ntlango! Yini na ukuba uYehova asizise kweli lizwe [laseKanan] ukuze siwe likrele? Abafazi nabantwana bethu baza kuphangwa. Akusilungele na kanye ukuba sibuyele eYiputa?’”—Numeri 14:1-3.
7 Hayi indlela esasitshintshe ngayo isimo sengqondo samaSirayeli! Ngangendlela ayenombulelo ngayo ngokukhululwa kwawo eYiputa nokuwezwa kwawo kuLwandle Olubomvu, acula ingoma yokudumisa uYehova. (Eksodus 15:1-21) Kodwa ngenxa yobunzima basentlango nokoyika kwabo abemi baseKanan, basuka ngoku abantu bakaThixo ababekade benombulelo bangenwa ngumoya wokukhalaza. Kunokuba bambulele uThixo ngokubakhulula kwakhe, bamgxeka besithi ubabandeza ubumnandi. Ngoko ukumbombozela kwabo kwakubonisa ukungakuxabisi kwabo oko uYehova wayebenzela kona. Kungako nje wathi: “Kuya kude kube nini na indimbombozelela le ndibano ingendawo?”—Numeri 14:27; 21:5.
Ukumbombozela Ngenkulungwane Yokuqala
8, 9. Khankanya imizekelo ekwiZibhalo zamaKristu zesiGrike yabantu abambombozelayo.
8 Le mizekelo sisandul’ ukuxubusha ngayo yeyabantu ababembombozela ngokuphandle, bevakalisa esidlangalaleni ukunganeliseki kwabo. Noko ke, xa uYesu Kristu wayeseYerusalem kuMthendeleko Weminquba ngowama-32 C.E., “kwakukho intetho yokudumzela eninzi ngaye phakathi kwezihlwele.” (Yohane 7:12, 13, 32) Babesebeza, abanye besithi uyindoda elungileyo, abanye besithi akunjalo.
9 Ngesinye isihlandlo, uYesu nabafundi bakhe babendwendwele endlwini yomqokeleli werhafu, ekunokwenzeka ukuba yayinguLevi okanye uMateyu. “AbaFarisi nababhali babo bambombozela kubafundi bakhe, besithi: ‘Kutheni na nisidla nize nisele nabaqokeleli berhafu naboni?’” (Luka 5:27-30) Kwakhona emva kwethuba elithile, ngoxa uYesu wayeseGalili, “amaYuda ambombozela ngenxa yokuba ethe: ‘Ndim isonka esehla sivela ezulwini.’” Kwanabanye babalandeli bakaYesu bakhutyekiswa koko wakuthethayo baza baqalisa ukumbombozela.—Yohane 6:41, 60, 61.
10, 11. Kwakutheni ukuze amaYuda athetha isiGrike ambombozele, yaye abadala abangamaKristu banokufunda ntoni kwindlela esasingathwa ngayo eso sikhalazo?
10 Ukumbombozela kwabathile emva nje kwePentekoste yowama-33 C.E. kwaba nemiphumo emihle. Abafundi abaninzi abatsha ababengengomaYuda bamkelwa ngobubele ngabafundi abangamaYuda, kodwa kwakukho ingxaki ekwabiweni kwezinto ukuze kuncedwe abasweleyo. Ingxelo ithi: “Kwavela ukumbombozela kuwo amaYuda athetha isiGrike nxamnye namaYuda athetha isiHebhere, ngenxa yokuba abahlolokazi bawo babengananzwa kulwabiwo lwamihla le.”—IZenzo 6:1.
11 La maYuda athetha isiGrike ayengambombozeli ngendlela enza ngayo amaSirayeli entlango. Akazange agxeke evakalisa ukunganeliseki kwawo. Ayetsalela nje ingqalelo kuncedo ekwakufuneka lunikelwe kubahlolokazi abathile. Yaye abo babembombozela abazange badale inkathazo, bagxeke uYehova esidlangalaleni. Bakhalaza kubapostile, baza bona bakhawuleza bayilungisa loo meko, kuba isikhalazo eso sasifanelekile. Onjani wona ukuba mhle umzekelo abapostile abawumisela abadala abangamaKristu namhlanje! Njengabalusi bokomoya nabo bakulumkele ukuba ‘bangazivingci iindlebe zabo kwisikhalazo sesisweli.’—IMizekeliso 21:13; IZenzo 6:2-6.
Bulumkele Ubungozi Bokumbombozela
12, 13. (a) Nika umzekelo obonisa ubungozi bokumbombozela. (b) Yintoni enokubangela ukuba umntu ambombozele?
12 Inkoliso yemizekelo eseZibhalweni esiye sayihlolisisa ibonisa ukuba ukumbombozela kuye kwaba yingozi kubantu bakaThixo bamandulo. Ngoko kuhle ukuba sicinge nzulu ngobungozi bako nakuthi namhlanje. Oku singakuzekelisa ngomhlwa oba sentsimbini. Ukuba awukhawulezi ususwe usaqala nje ukuvela, loo ntsimbi isenokonakala ide ingakwazi ukusetyenziswa. Iimoto ezininzi ziyalahlwa, hayi kuba kukho umonakalo enjinini, kodwa ngenxa yokubola kwazo ngumhlwa zide zingabi nakusetyenziswa. Kufana njani oku nokumbombozela?
13 Kanye njengokuba iintsimbi zithanda ukuba nomhlwa, nabantu abangafezekanga bathanda ukukhalaza. Sifanele siwuphaphele lo moya. Kanye njengokuba ukufuma kunye netyuwa ziwenza unwenwe ngokukhawuleza umhlwa, nobunzima esihlangabezana nabo busenza sityekele ngakumbi ekumbombozeleni. Ukubandezeleka kunokubangela ukuba ukucaphuka nje okungephi kube sisikhalazo esikhulu. Njengoko iimeko zisiba mbi ngakumbi kule mihla yokugqibela, ziya kwanda ngakumbi izizathu zokukhalaza. (2 Timoti 3:1-5) Ngoko umkhonzi kaYehova usenokuqalisa ukumbombozelela omnye. Unobangela woko usenokuba yinto nje enganamsebenzi, njengokucatshukiswa bubuthathaka bomnye, okanye ukumonela ubuchule namalungelo akhe enkonzo.
14, 15. Kutheni singafanele siwuyeke uqhubeke umoya wokukhalaza?
14 Nokuba siyintoni na isizathu sokunganeliseki kwethu, ukuba sivumela umoya wokukhalaza uqhubeke, unokude uphumele kumkhwa wokumbombozela. Ewe ukumbombozela kuyingozi ngokwenene. Ukumbombozela kwamaSirayeli entlango, kwaphumela ekubeni ade agxeke uYehova. (Eksodus 16:8) Makungaze kwenzeke oko kuthi!
15 Umhlwa osentsimbini unokuncitshiswa ngokukhawuleza ngokusebenzisa ipeyinti yokuthintela umhlwa nangemichiza ethile. Kuyafana ke nangomoya wokukhalaza; unokupheliswa ngokuthi sikhawuleze siwuthandazele size sithabathe amanyathelo okuwuphelisa. Njani?
Zijonge Izinto Ngokwembono KaYehova
16. Sinokuwoyisa njani umoya wokukhalaza?
16 Ukumbombozela kwenza ukuba sinikel’ ingqalelo kuthi siqu nakwiingxaki zethu, size silibale ngeentsikelelo esizinandiphayo njengamaNgqina kaYehova. Ukuze soyise umoya wokukhalaza, sifanele sihlale sicinga ngezi ntsikelelo. Ngokomzekelo, ngamnye wethu unelungelo elimangalisayo lokuthwala igama likaYehova. (Isaya 43:10) Sinokuhlakulela ulwalamano olunzulu kunye naye, yaye siyakwazi ukuthetha ‘noMphulaphuli wemithandazo’ nangaliphi na ixesha. (INdumiso 65:2; Yakobi 4:8) Ubomi bethu bunentsingiselo yokwenene kuba siyayiqonda imbambano yolongamo lwendalo iphela, yaye siyaqonda ukuba sinelungelo lokumela uThixo kuloo mbambano ngokuthi sigcine ingqibelelo yethu kuye. (IMizekeliso 27:11) Sinokuba nesabelo rhoqo ekushumayeleni iindaba ezilungileyo zoBukumkani. (Mateyu 24:14) Ukubonisa ukholo kwidini lentlawulelo likaYesu Kristu kusenza sibe nesazela esicocekileyo. (Yohane 3:16) Ziintsikelelo esizinandiphayo ezo bungakhathaliseki ubunzima esijamelana nabo.
17. Kutheni sifanele sizame ukuzijonga izinto ngokwembono kaYehova, kwanokuba sinesizathu esivakalayo sokukhalaza?
17 Masizame ukuzijonga izinto kungekuphela nje ngokwembono yethu, kodwa nangokwembono kaYehova. Umdumisi uDavide wathi: “Ndazise iindlela zakho, Yehova; ndifundise iindlela zakho.” (INdumiso 25:4) Ukuba sinesizathu esivakalayo sokukhalaza, uYehova uyakuphawula oko. Unokuyilungisa ngoko nangoko loo meko ikhalazisayo. Kodwa kutheni maxa wambi evumela ukuba sibandezeleke ithuba elide? Kusenokuba ngenjongo yokusinceda sihlakulele iimpawu ezintle, njengomonde, unyamezelo, ukholo nokuzeka kade umsindo.—Yakobi 1:2-4.
18, 19. Zekelisa imiphumo emihle yokunyamezela ngaphandle kokukhalaza xa izinto zingahambi kakuhle.
18 Ukunyamezela kwethu ngaphandle kokukhalaza xa izinto zingahambi kakuhle, akuncedi nje thina kuphela ukuba siphucule ubuntu bethu, kodwa kusenokubachukumisa abo basibukeleyo. Ngokomzekelo, ngowama-2003 iqela lamaNgqina kaYehova lalihamba ngebhasi lisuka eJamani lisiya endibanweni eHungary. Umqhubi webhasi wayengeloNgqina, yaye wayengayithandi into yokuba eza kuba kunye namaNgqina kangangeentsuku ezilishumi. Noko ke, ekupheleni kohambo sasitshintshe ngokupheleleyo isimo sakhe sengqondo. Ngoba?
19 Ebudeni bolo hambo, kwabakho amagingxigingxi amaninzi. Kodwa loo maNgqina akazange akhalaze. Lo mqhubi uthi eli qela lalinentsebenziswano ngaphezu kwabo bonke abantu awakhe wabaqhubela! Kangangokuba wathembisa ukuba xa amaNgqina etyelela ekhayeni lakhe kwakhona, uya kuwangenisa aze awaphulaphule ngenyameko. Oko kube ngenxa yokuba loo maNgqina ‘enza zonke izinto ngaphandle kokumbombozela.’
Ukuxolela Kudala Umanyano
20. Kutheni sifanele sixolelane?
20 Kuthekani ukuba sinesikhalazo ngomnye esikhonza naye? Ukuba ngumbandela onzulu, sifanele sisebenzise umgaqo owakhankanywa nguYesu kuMateyu 18:15-17. Noko ke, akusoloko kuyimfuneko ukusebenzisa lo mgaqo, ekubeni izikhalazo ezininzi izizikhalazo nje ezincinane. Kutheni ungayigqali loo meko njengethuba lokuhlakulela umoya wokuxolela? UPawulos wabhala wathi: “Qhubekani ninyamezelana yaye nixolelana ngesisa ukuba nabani na unesizathu sokukhalazela omnye. Kanye njengoko uYehova wanixolela ngesisa, yenzani njalo nani. Ke, phezu kwazo zonke ezi zinto, yambathani uthando, kuba lungumxokelelwane ogqibeleleyo womanyano.” (Kolose 3:13, 14) Ngaba sikulungele ukuxolela? UYehova unesizathu sokusikhalazela, akunjalo? Kodwa uqhubeka ebonisa imfesane kuthi yaye esixolela.
21. Abantu abasiva simbombozela basenokuvakalelwa njani?
21 Nokuba yintoni na esikhathazayo, ukumbombozela akuyi kuyicombulula ingxaki. Igama lesiHebhere elithetha “ukumbombozela” likwathetha “ukuvungama.” Ngokuqinisekileyo akuziva ukhululekile xa ukunye nomntu osoloko embombozela, yaye uye uzame ukumphepha. Ukuba nathi siyambombozela, okanye siyavungama, abo basiphulaphuleyo basenokuvakalelwa ngendlela efanayo. Basenokuziva bengakhululekanga baze bazame ukusiphepha! Ukuvungama kusenokuyitsala ingqalelo yabathile, kodwa ngokuqinisekileyo akuyi kubenza batsaleleke kuthi.
22. Yathini enye intombazana ngamaNgqina kaYehova?
22 Ukuxolela kudala umanyano—nto leyo exatyiswayo ngabantu bakaYehova. (INdumiso 133:1-3) Kwelinye ilizwe laseYurophu intombazana ene-17 leminyaka nengumKatolika yabhalela iofisi yesebe lamaNgqina kaYehova ivakalisa indlela ewaxabisa ngayo amaNgqina kaYehova. Yathi: “Yile ntlangano yenu kuphela endiyaziyo enamalungu angahlukaniswanga yintiyo, ukubawa, iingxabano, ukuzingca nokungavisisani.”
23. Yintoni esiza kuthetha ngayo kwinqaku elilandelayo?
23 Ukuzixabisa kwethu zonke iintsikelelo zokomoya esizifumanayo njengabanquli boThixo wenyaniso, uYehova, kuya kusinceda sihlakulele umanyano size siphephe ukumbombozelela abanye. Inqaku elilandelayo liza kusibonisa indlela iimpawu zobuthixo eziya kusinceda ngayo siphephe ukubandakanyeka kuhlobo oluyingozi ngakumbi lokumbombozela—ukumbombozelela inxalenye esemhlabeni yentlangano kaYehova.
Uyakhumbula Na?
• Yintoni ebandakanyekileyo ekumbombozeleni?
• Unokuyizekelisa njani imiphumo yokumbombozela?
• Yintoni enokusinceda siphephe ukumbombozela?
• Ukuhlakulela ukuxolela kunokusinceda njani siphephe ukumbombozela?
[Umfanekiso okwiphepha 14]
Enyanisweni amaSirayeli ayembombozelela uYehova!
[Umfanekiso okwiphepha 17]
Ngaba uzijonga izinto ngendlela uYehova azijonga ngayo?
[Imifanekiso ekwiphepha 18]
Ukuxolela kudala umanyano lobuKristu