Sondela KuThixo
Umgwebi Ongagungqiyo Kwinto Elungileyo
ABAGWEBI abangabantu banokuwisa izigwebo ezingafanelekanga kodwa ke akunjalo ngoYehova uThixo—“umthandi wokusesikweni.” (INdumiso 37:28) Nangona enomonde, akamvumeli uvula zibhuqe. Uyimela ngokuqinileyo into elungileyo. Khawuqwalasele indlela awayilungisa ngayo imbambano nemvukelo, ekuthethwa ngayo kwiNumeri isahluko 20.
Ngasekupheleni kohambo lwawo lwasentlango amaSirayeli aba nengxaki yokunqaba kwamanzi.a Abantu baqalisa ukuxabana noMoses noAron, besithi: “Yini na ukuba nilingenise ibandla likaYehova kule ntlango ukuze sifele kuyo thina namaqegu ethu?” (Ivesi 4) Abantu bakhalaza besithi intlango ‘yindawo embi, eyayingenawo namanzi la okusela, amakhiwane, izidiliya neerharnati’—ziqhamo ezo ezazibuye nazo iintlola kwiLizwe Lesithembiso kwiminyaka engaphambili. (Ivesi 5; Numeri 13:23) Enyanisweni babegxeka uMoses noAron kuba intlango yayingafani nelizwe elityebileyo esingazange sifune ukungena kulo isizukulwana esingaphambi.
UYehova akazange abakhalale. Kunoko, wayalela uMoses ukuba enze izinto ezintathu: athabathe intonga yakhe, ahlanganise abantu, ‘athethe engxondorheni phambi kwabo ukuba inike amanzi ayo.’ (Ivesi 8) UMoses wayithobela imiyalelo emibini yokuqala, kodwa wasilela kulo wesithathu. Kunokuba abe nokholo aze athethe nelitye uMoses wathetha nabantu enomsindo esithi: “Khanive, nina, bavukeli! Sinikhuphele amanzi kule ngxondorha na?” (Ivesi 10; INdumiso 106:32, 33) Emva koko uMoses wabetha ilitye kabini kwaza “kwaphuma amanzi amaninzi.”—Ivesi 11.
UMoses noAron benza isono esinzulu. UThixo wathi kubo ‘nawuvukela umyalelo wam.’ (Numeri 20:24) Ukungawuthobeli kwabo umyalelo kaThixo kwesi sihlandlo kwenza uMoses noAron baba ngabavukeli—nto leyo ababetyhola abantu ngayo. Isigwebo sikaThixo sasicacile: UMoses noAron babengazukuwakhokela amaSirayeli xa engena kwiLizwe Lesithembiso. Ngaba esi sigwebo sasiqatha? Nakanye, ngenxa yezizathu eziliqela.
Okokuqala, uThixo wayengamthumanga uMoses ukuba aye kuthetha nabantu, singasathethi ke ngokubagweba athi bangabavukeli. Okwesibini, uMoses noAron abazange bamzukise uThixo. UThixo wathi: ‘Anindingcwalisanga.’ (Ivesi 12) Xa wathi ‘siza kunikhuphela amanzi’ wathetha ngokungathi yayingengoThixo kodwa yayinguye noAron ababeza kukhupha loo manzi. Okwesithathu eso sigwebo sasivisisana nendlela uThixo awayebagwebe ngayo abanye abantu ngaphambili. UThixo wayesalele isizukulwana esingaphambili sabavukeli ukuba singene kwaKanan, ibe wabagweba ngendlela efanayo uMoses noAron. (Numeri 14:22, 23) Okwesine uMoses noAron babeziinkokeli zakwaSirayeli. UThixo ulindele okungakumbi kubantu abaneembopheleleko ezinkulu.—Luka 12:48.
UYehova uyimela ngokuqinileyo into elungileyo. Ekubeni ekuthanda okusesikweni akanakuze awise izigwebo ezingekho sikweni. Kucacile ukuba sifanele simthembe yaye simhlonele umgwebi onjalo.
[Umbhalo osemazantsi]
a AmaSirayeli ayefanele ukuba angene eKanan, ilizwe uThixo awayelithembise uAbraham, emva kokuba ephume eYiputa. Kodwa ke xa iintlola ezilishumi zabuya nengxelo embi abantu bakhalazela uMoses. Ngenxa yoko uYehova wathi babeza kuhlala entlango iminyaka engama-40—ukuze sife eso sizukulwana sinemvukelo.