UYehova—“UMsindisi” Ngamaxesha Okubhalwa KweBhayibhile
“Owu Thixo, ndikhawulezisele. Uluncedo lwam noMsindisi wam.”—INDU. 70:5.
1, 2. (a) Abanquli bakaThixo balucela nini uncedo kuye? (b) Yiyiphi imibuzo ephakamayo, ibe singayifumana phi impendulo?
NGOXA bekwikhefu, abazali bebhinqa elitshatileyo elineminyaka engama-23 ubudala beva iindaba zokuba intombi yabo inyamalele. Kurhanelwa ukuba ibulewe. Kwangoko bayapakisha bagoduke, ngoxa bethandaza becela uncedo lukaYehova yonke loo ndlela. Kufunyaniswa ukuba iNgqina elineminyaka engama-20 ubudala linesifo esiza kugqibela ngokulikhubaza. Kwangoko lithandaza kuYehova. Umama ongenaqabane lomtshato nekunzima ukufumana umsebenzi, akanamali yaneleyo yokuthenga ukutya kwabo nentombi yakhe eneminyaka eli-12 ubudala. Uphalaza imbilini yakhe kuYehova. Ewe, yinto yemvelo ukuba abanquli bakaThixo bacele kuye uncedo xa bejamelene nezilingo okanye ubunzima obugqithiseleyo. Ngaba wena wakha wathandaza kuYehova ngexesha lobunzima?
2 Nanku umbuzo obalulekileyo: Ngaba simele silindele ukuba uYehova aphendule imithandazo yethu yokucela uncedo? Impendulo eyomeleza ukholo ifumaneka kwiNdumiso 70. Le ndumiso ichukumisayo yabhalwa nguDavide, umnquli onyanisekileyo kaYehova owajamelana nezilingo neemvavanyo ezininzi kubomi bakhe. Lo mdumisi uphefumlelweyo wathi ngoYehova: “Owu Thixo, . . . uluncedo lwam noMsindisi wam.” (INdu. 70:5) Ukuhlolisisa iNdumiso 70 kuya kusinceda sibone isizathu sokuba nathi sinokusondela kuYehova kumaxesha anzima nesokuba sithembele kuye ngokupheleleyo ukuba uya kuba ‘nguMsindisi wethu.’
‘UnguMsindisi Wam’
3. (a) Sisiphi isicelo esingxamisekileyo soncedo esikwiNdumiso 70? (b) Yiyiphi intembelo evakaliswa nguDavide kwiNdumiso 70?
3 INdumiso 70 iqala ize iphele ngesicelo esingxamisekileyo soncedo esenziwa kuThixo. (Funda INdumiso 70:1-5.) UDavide ucela uYehova ukuba ‘akhawuleze’ nokuba ‘amkhawulezisele’ ukumhlangula. Kwindinyana 2-4, uDavide wenza izibongozo aze asebenzise igama elithi “ngamana” evakalisa umnqweno wakhe. Izibongozo zokuqala ezithathu ziphathelele abo bazama ukumbulala. UDavide ucela uYehova ukuba oyise ezi ntshaba aze azihlazise ngobungendawo bazo. Ezibini ezilandelayo kwindinyana 4, ziphathelele abantu bakaThixo. UDavide uthandazela ukuba abo bafuna uYehova babe nemihlali baze bamzukise. Xa equkumbela le ndumiso, uDavide uthi kuYehova: “Uluncedo lwam noMsindisi wam.” Apha uDavide akathi, “Ngamana ungaba luncedo,” ngokungathi wenza esinye isicelo. Kodwa uthi, “Uluncedo,” evakalisa ingqiniseko anayo. UDavide uqinisekile ukuba uza kuncedwa nguThixo.
4, 5. Yintoni esiyifunda ngoDavide kwiNdumiso 70, ibe yiyiphi intembelo esinokuba nayo?
4 Yintoni eboniswa yiNdumiso 70 ngoDavide? Xa wayejongene neentshaba ezazifuna ukumbulala, uDavide wakhetha ukungawuthabatheli kuye loo mbandela. Wathembela ekubeni uYehova wayeza kuhlangabezana nazo iintshaba zakhe ngexesha lakhe nangendlela yakhe. (1 Sam. 26:10) UDavide waqhubeka eyisekile ukuba uYehova uyabanceda aze abahlangule abo bamfunayo. (Heb. 11:6) Wayekholelwa ukuba abanquli bokwenyaniso bafanele babe nemihlali baze bazukise uYehova ngokuxelela abanye ngobukhulu bakhe.—INdu. 5:11; 35:27.
5 NjengoDavide, sinokuba nentembelo epheleleyo yokuba uYehova unguMncedi “noMsindisi” wethu. Ngoko, xa sijamelene nezilingo ezinzima okanye sifuna uncedo, sifanele sicele uncedo olukhawulezayo kuYehova. (INdu. 71:12) Yiyiphi indlela uYehova anokuyiphendula ngayo imithandazo yethu? Ngaphambi kokuxubusha oko, makhe siqwalasele iindlela ezintathu awasindisa ngazo uDavide, emnceda kumaxesha anzima.
Ukuhlangulwa Kwiintshaba
6. Yintoni eyanceda uDavide wazi ukuba uYehova uyawasindisa amalungisa?
6 Ngokusuka kwingxelo yeBhayibhile eyayikho ngoko, uDavide wayesazi ukuba ilungisa linokuthembela kuncedo lukaYehova. Xa uYehova wazisa uMkhukula kwihlabathi elingahloneli Thixo, walondoloza uNowa nentsapho yakhe emoyikayo uThixo. (Gen. 7:23) Xa uYehova wanisa umlilo nesalfure kubemi abangendawo baseSodom naseGomora, wanceda uLote olilungisa neentombi zakhe basinda. (Gen. 19:12-26) Xa watshabalalisa uFaro onekratshi nomkhosi wakhe kuLwandle Olubomvu, wagcina abantu bakhe bekhuselekile, ebasindisa kwintlekele embi. (Eks. 14:19-28) Yiloo nto ingamangalisi nje into yokuba kwenye indumiso uDavide adumise uYehova ngokuthi “unguThixo wezenzo zokusindisa.”—INdu. 68:20.
7-9. (a) Sisiphi isizathu esenza uDavide athembele ekusindisweni nguThixo? (b) Ngubani owazukiswa nguDavide ngokuhlangulwa kwakhe?
7 UDavide wayenesizathu sokuba athembe ngokupheleleyo ukuba uYehova wayeya kumsindisa. UDavide wayeyazi kuye into yokuba “iingalo zexesha elingenammiselo” zikaYehova zinokubahlangula abo bamkhonzayo. (Dut. 33:27) UYehova wayesele emhlangule kaninzi uDavide ‘kwiintshaba ezinomsindo.’ (INdu. 18:17-19, 48) Cinga ngalo mzekelo.
8 Xa abafazi bakwaSirayeli bavuma ingoma bedumisa uDavide ngoloyiso lwakhe lwasemkhosini, uKumkani uSawule waba nomona kangangokuba izihlandlo ezibini wamphosa ngomkhonto uDavide. (1 Sam. 18:6-9) Zozibini ezo zihlandlo uDavide wawuphepha loo mkhonto. Ngaba wasindiswa bubuchule nokukwazi kwakhe ukuphepha? Akunjalo. IBhayibhile ithi “uYehova wayenaye.” (Funda eyoku-1 kaSamuweli 18:11-14.) Kamva, xa kwaphanza iqhinga likaSawule lokuba uDavide abulawe ngamaFilisti, “uSawule wabona waza wazi ukuba uYehova unoDavide.”—1 Sam. 18:17-28.
9 UDavide wazukisa bani ngaloo ntlangulo? Umbhalo osemantla weNdumiso 18 uthi uDavide “wathetha amazwi ale ngoma kuYehova ngomhla uYehova awamhlangula ngawo . . . esandleni sikaSawule.” UDavide wakhupha imbilini yakhe kule ngoma esithi: “UYehova yingxondorha yam negwiba lam noMsindisi wam. UThixo wam liliwa lam. Ndiya kusabela kuye.” (INdu. 18:2) Ngaba akomelezi kholo ukwazi ukuba uYehova uyabahlangula abantu bakhe?—INdu. 35:10.
Ukomelezwa Emandlalweni Wokugula
10, 11. Yintoni esinceda siqonde ixesha lokugula kukaDavide okuchazwa kwiNdumiso 41?
10 Kukho ixesha elichazwa kwiNdumiso 41, lokugula gqitha kukaKumkani uDavide. Elele kumandlalo wokugula, uDavide wagula kangangokuba ezinye iintshaba zakhe zabona ngathi wayengasayi “kusukuma kwakhona.” (Indinyana 7, 8) Kunini apho uDavide wagula khona ngolo hlobo? Ngokweemeko ezichazwa kule ndumiso oku kusenokuba kwenzeka ngexesha elalinzima kuDavide, xa unyana wakhe uAbhisalom wayezama ukumbhukuqa.—2 Sam. 15:6, 13, 14.
11 Ngokomzekelo, uDavide uthetha ngokungcatshwa kwakhe ngumhlobo abemthembile nobesidla naye isonka etafileni. (Indinyana 9) Oku kusikhumbuza ngesiganeko esithile esehlela uDavide. Xa wayevukelwa nguAbhisalom, umcebisi owayethenjiwe nguDavide uAhitofele wamjikela wamngcatsha esima noAbhisalom. (2 Sam. 15:31; 16:15) Yiba nombono nje wokumkani otyhafileyo ethe tywaa kumandlalo wokugula, engenamandla akuphakama, ngoxa esazi ukuba ungqongwe ngabangcatshi abafuna afe ukuze baqhubeke namacebo abo angendawo.—Indinyana 5.
12, 13. (a) Yintoni awathi wayeqiniseke ngayo uDavide? (b) UThixo umele ukuba wamomeleza njani uDavide?
12 UDavide akazange agungqe kwintembelo awayenayo ‘kuMsindisi’ wakhe. Ethetha ngomkhonzi kaYehova othembekileyo nogulayo, uDavide wathi: “Ngomhla wentlekele uYehova uya kumsindisa. UYehova uya kumxhasa emandlalweni wokugula; wonke umandlalo wakhe uya kuwutshintsha ngokuqinisekileyo ebudeni bokugula kwakhe.” (INdu. 41:1, 3) Nalapha, phawula intembelo anayo uDavide njengoko iboniswa ngamazwi athi “uYehova uya.” Wayeqinisekile ukuba uYehova wayeya kumsindisa. Njani?
13 UDavide wayengalindelanga ukuba uYehova amphilise ngendlela engummangaliso. Kunoko, wayeqinisekile ukuba uYehova wayeza “kumxhasa”—into ethetha ukuba wayeza kumomeleza ngoxa ekumandlalo wokugula. UDavide wayelufuna nakanjani na olo ncedo. Ukongezelela koko kugula kwakumtheza amandla, wayengqongwe naziintshaba ezazithetha izinto ezimbi ngaye. (Indinyana 5, 6) UYehova usenokuba womeleza uDavide ngokumenza akhumbule iingcamango ezithile ezithuthuzelayo. Ibangela umdla into yokuba uDavide abe wathi: “Undiphakamisile ngenxa yengqibelelo yam.” (Indinyana 12) UDavide usenokuba womelezwa nakukwazi ukuba phezu kwako nje ukuba buthathaka kwakhe nezinto ezimbi ezazithethwa zezo ntshaba ngaye, uYehova wayemgqala njengendoda egcina ingqibelelo. UDavide wada waphila koko kugula kwakhe. Ngaba akukhuthazi ukwazi ukuba uYehova uyabaxhasa abo bagulayo?—2 Kor. 1:3.
Ukufumana Inkxaso
14, 15. Kunini apho uDavide namadoda akhe bazifumana sele beswele izinto zokutya, ibe bancedwa yintoni ukuze bakufumane?
14 Xa waba ngukumkani wakwaSirayeli, uDavide wayefumana ukutya neziselo zodidi de ameme nabanye beze kungqendeva naye etafileni. (2 Sam. 9:10) Sekunjalo, uDavide wayekwazi kakuhle ukuba kunjani ukuswela. Xa unyana wakhe uAbhisalom wayezama ukumvukela ukuze athabathele kuye ulawulo, uDavide nabo babethembekile kuye bayishiya iYerusalem. Babalekela kwilizwe laseGiliyadi, elikwimpuma yoMlambo iYordan. (2 Sam. 17:22, 24) Ebaleka abo babefuna ukumbulala, uDavide namadoda akhe bazibona sebengenakutya, iziselo nendawo yokuphumla. Babeza kuzifumana njani ke ezo zinto entlango?
15 Yena namadoda akhe bade bagaleleka kwisixeko saseMahanayim. Apho badibana namadoda amathathu anenkalipho—uShobhi, uMakire noBharzilayi. Akulungela ukubeka ubomi bawo esichengeni enceda lo kumkani umiselwe nguThixo, kuba xa uAbhisalom wayekwazile ukuba ngukumkani, wayeya kumohlwaya qatha nabani na oye wanceda uDavide. Eyiqonda intlungu akuyo uDavide namadoda akhe, la madoda mathathu athembekileyo abaphathela ezo zinto babeziswele, kuquka iimandlalo, ingqolowa, irhasi, iinkozo ezigcadiweyo, iimbotyi ezinkulu, iintlumayo, ubusi, ibhotolo nezimvu. (Funda eyesi-2 kaSamuweli 17:27-29.) Oku kuthembeka kungaka nobubele bala madoda mathathu kumele ukuba kwamchukumisa gqitha uDavide. Wayenokukulibala njani oko uDavide?
16. Ngubani kanye owabangela ukuba uDavide namadoda akhe bafumane izinto zokutya?
16 Noko ke, ngubani kanye owabangela ukuba uDavide namadoda akhe bafumane ezo zinto babeziswele? UDavide wayeqinisekile ukuba nguYehova onyamekela abantu abakhe. UYehova unokuqinisekisa ukuba abakhonzi bakhe benza okuthile ukunceda abanye xa beswele. Xa ecinga ngoko kwenzeka kwilizwe laseGiliyadi, akuthandabuzeki ukuba uDavide wabubona ububele baloo madoda mathathu njengembonakaliso yenyameko yothando kaYehova. Xa wayesele eza kufa, uDavide wathi: “Ndakha ndangumfana, kungokunje ndimdala, kodwa andikaboni nabani na olilungisa eshiywe ngokupheleleyo, nenzala yakhe ifuna isonka.” (INdu. 37:25) Ngaba akuthuthuzeli ukwazi ukuba uYehova uya kubalungiselela izinto abazisweleyo abakhonzi bakhe?—IMize. 10:3.
“UYehova Uyakwazi Ukubahlangula Abantu”
17. Yintoni uYehova aye wayibonisa ngokufuthi?
17 UDavide ngomnye kubanquli abaninzi uYehova aye waba ngumsindisi wabo kumaxesha okubhalwa kweBhayibhile. Ukususela ngomhla kaDavide, uThixo uye wakubonisa ngokufuthi ukuba yinyaniso kwamazwi ompostile uPetros athi: “UYehova uyakwazi ukubahlangula esilingweni abantu abanozinikelo lobuthixo.” (2 Pet. 2:9) Qwalasela le mizekelo mibini.
18. UYehova wabahlangula njani abantu bakhe ngomhla kaHezekiya?
18 Xa umkhosi onamandla waseAsiriya wahlasela elakwaYuda usongela iYerusalem ngenkulungwane yeshumi elinesibhozo ngaphambi kweXesha Eliqhelekileyo, uKumkani uHezekiya wathandaza wathi: “Yehova Thixo wethu, sisindise . . . ukuze zonke izikumkani zomhlaba zazi ukuba wena, Yehova, nguwe wedwa uThixo.” (Isa. 37:20) Eyona nto wayeyixhalabele uHezekiya ligama likaThixo. UYehova wawuphendula loo mthandazo unyanisekileyo. Ngobusuku nje obunye, ingelosi enye jwii yaxabela yabulala amajoni ali-185 000 kumkhosi waseAsiriya, ihlangula abakhonzi bakaYehova abathembekileyo.—Isa. 37:32, 36.
19. Kukuthobela siphi isilumkiso okwasindisa amaKristu enkulungwane yokuqala?
19 Kwiintsukwana nje ngaphambi kokufa kwakhe, uYesu wadlulisela isilumkiso esibuprofeti ukuze ancede abafundi bakhe kwelo lakwaYuda. (Funda uLuka 21:20-22.) Kwadlula amashumi eminyaka, suka ngenxa yemvukelo yamaYuda, yowama-66 C.E., imikhosi yamaRoma yeza kurhangqa iYerusalem. Imikhosi kaCestius Gallus yayisele iyisingele phantsi inxalenye ethile yodonga lwetempile; suke ngequbuliso yarhoxa, yemka. Eqonda ukuba eli lithuba lokusinda kwintshabalalo eyayixelwe nguYesu, amaKristu athembekileyo asabela ezintabeni. Imikhosi yamaRoma yabuya ngowama-70 C.E. Kwesi isihlandlo ayizange irhoxe de yabe iyitshabalalise ngokupheleleyo iYerusalem. AmaKristu awathobela eso silumkiso sikaYesu asinda kuloo ntlekele.—Luka 19:41-44.
20. Kutheni sinentembelo yokuba uYehova “unguMsindisi” wethu?
20 Komeleza ukholo gqitha ukucinga ngobungqina bokuba uYehova uyabanceda abantu bakhe. Izinto aye wazenza kwixa elidluleyo zisenza sibe nentembelo. Enoba ziziphi na iingxaki esijamelana nazo ngoku okanye kwixa elizayo, sinentembelo yokuba uYehova “unguMsindisi” wethu. Kodwa, yiyiphi indlela anokusisindisa ngayo uYehova? Kuthekani ngabantu ekuthethwe ngabo ekuqaleni kweli nqaku? Yaba njani imiphumo kwiimeko zabo? Makhe sive kwinqaku elilandelayo.
Ngaba Uyakhumbula?
• INdumiso 70 isiqinisekisa ngantoni?
• UDavide womelezwa njani xa wayegula?
• Yiyiphi imizekelo ebonisa ukuba uYehova unokubahlangula abantu bakhe kwiintshaba zabo?
[Umfanekiso okwiphepha 6]
UYehova wawuphendula umthandazo kaHezekiya