Ukucela Uxolo—Undoqo Wokudala Uxolo
“UKUCELA uxolo kubalulekile. Kuphelisa iingxabano kungakhange kuphakanyiswe izigalo, kuphelisa umsantsa phakathi kweentlanga, kuncede oorhulumente bakubone ukubandezeleka kwabantu kumazwe abo, kuzinzise iimbambano phakathi kwabantu.” Wabhala watsho uDeborah Tannen, umbhali weencwadi ezithengwa kakhulu nesazi ngeelwimi eGeorgetown University eWashington, D.C.
IBhayibhile iqinisekisa ukuba ukucela uxolo ngokunyanisekileyo kudla ngokuba yeyona ndlela iphumelelayo yokuxolelanisa abantu abangasavaniyo. Ngokomzekelo, kumzekeliso kaYesu wonyana wolahleko, xa lo nyana wagoduka waza wacela uxolo ngokunyaniseka, uyise wayekulungele ukumamkela. (Luka 15:17-24) Ewe, ubani akafanele abe nekratshi kangangokuba angakwazi ukucela uxolo. Kakade ke, kubantu abathobeke ngokwenene, kulula ukucela uxolo.
Ukubaluleka Kokucela Uxolo
UAbhigali, umfazi olumkileyo wamandulo kwaSirayeli, ungumzekelo wendlela ekubaluleke ngayo ukucela uxolo, nangona wacela uxolo ngempazamo eyenziwe yindoda yakhe. Ngoxa wayehlala entlango, uDavide, owathi kamva waba ngukumkani kwaSirayeli, yena namanye amadoda bakhusela umhlambi wendoda ka-Abhigali, uNabhali. Sekunjalo, xa uDavide wathuma abafana ukuya kucela isonka namanzi, uNabhali wabagxotha ebakhapha ngezithuko. Ecaphukile, uDavide wahlanganisa amadoda anokuba ngama-400 ukuba aye kuhlasela uNabhali nendlu yakhe. Akuba evile ngale nto, uAbhigali waya kuDavide. Akumbona, waqubuda kuye. Wandula ke wathi: “Masibe kum, Owu nkosi yam, esi siphoso; yaye, khawuncede, ulivumele ikhobokazana lakho lithethe ezindlebeni zakho, uze uwaphulaphule amazwi ekhobokazana lakho.” Wandula ke uAbhigali wachaza imeko waza wanika uDavide isipho sokutya namanzi. Ngoko ke, wathi: “Nyuka ngoxolo uye endlwini yakho. Yabona, ndiliphulaphule ilizwi lakho ukuze ndinikele ingqalelo kuwe.”—1 Samuweli 25:2-35.
Ukuthobeka kuka-Abhigali kwakunye nokucela uxolo ngenxa yokuba krwada kwendoda yakhe kwayisindisa indlu yakhe. UDavide wambulela ngokungamngenisi etyaleni legazi. Nangona yayingengoAbhigali owaphatha kakubi uDavide namanye amadoda, walwamkela ityala lentsapho yakhe waza wadala uxolo noDavide.
Omnye umzekelo womntu owayelazi ixesha lokucela uxolo ngumpostile uPawulos. Ngenye imini, kwafuneka azithethelele kwiSanhedrin, kwinkundla ephakamileyo yamaYuda. Elugcwabevu ngumsindo ngenxa yamazwi anyanisekileyo kaPawulos, umbingeleli omkhulu uAnaniyas wayalela abo babeme ngakuPawulos ukuba bambethe emlonyeni. Ngoko ke, uPawulos wathi kuye: “UThixo uza kukubetha, ludongandini luqatywe mhlophe. Ngaba wena kwangaxeshanye uhlalele ukundigweba ngokuvumelana noMthetho uze, unxaxha kuwo uMthetho, uyalele ukuba ndibethwe?” Xa abo babebukele bammangalela uPawulos ngokugculela umbingeleli omkhulu, ngokukhawuleza lo mpostile wayivuma impazamo yakhe, esithi: “Bazalwana, bendingazi ukuba ngumbingeleli omkhulu. Kuba kubhaliwe kwathiwa, ‘Uze ungathethi kakubi ngomlawuli wabantu bakowenu.’”—IZenzo 23:1-5.
Oko kwakuthethwe nguPawulos—esithi lowo umiselwe njengomgwebi akafanele abe nogonyamelo—kwakuchanile. Sekunjalo, wacela uxolo ngokuthetha nombingeleli omkhulu engazi ngendlela enokugqalwa njengokungahloneli.a Ukucela uxolo kukaPawulos kwabangela iSanhedrin iphulaphule oko wayeza kukuthetha. Ekubeni uPawulos wayeyazi imbambano eyayikho phakathi kwamalungu enkundla yamatyala, wawaxelela ukuba wayemangalelwa ngenxa yokukholelwa kuvuko. Ngenxa yoko, kwaphakama imbambano enkulu, abaFarisi bengqinelana noPawulos.—IZenzo 23:6-10.
Sinokufunda ntoni kule mizekelo mibini yeBhayibhile? Kuzo zombini ezi meko, ukuzibonakalisa ukuba uyazisola ngokunyanisekileyo kwenza ukuba kubekho unxibelelwano. Ngoko ke ukucela uxolo kunokusinceda ekudaleni uxolo. Ewe, ukuvuma iimpazamo zethu nokucela uxolo ngenxa yomonakalo esiwenzileyo kusenokuvula amathuba eengxubusho ezakhayo.
‘Kodwa Andenzanga Nto Imbi’
Xa sifumanisa ukuba umntu othile ukhathazwe yinto esiyithethileyo okanye esiyenzileyo, sinokuvakalelwa kukuba lo mntu akanalwazelelelo okanye ukhathazeka msinya. Sekunjalo, uYesu Kristu wacebisa abafundi bakhe esithi: “Ukuba, ngoko, uzisa isipho sakho esibingelelweni, uthi ulapho ukhumbule ukuba umzalwana wakho unento ngakuwe, sishiye isipho sakho apho phambi kwesibingelelo, uze uhambe uye kuxolelana nomzalwana wakho kuqala, wandule ke, wakubuya, unikele isipho sakho.”—Mateyu 5:23, 24.
Ngokomzekelo, umzalwana othile usenokuvakalelwa kukuba umonile. Kwimeko enjalo, uYesu uthi ufanele uhambe “uye kuxolelana nomzalwana wakho,” enoba uvakalelwa kukuba umonile okanye akunjalo. Ngokutsho kombhalo wesiGrike, igama uYesu alisebenzise apha ‘lithetha ukuvisisana emva kwengxwabangxwaba.’ (Vine’s Expository Dictionary of Old and New Testament Words) Eneneni, xa abantu ababini bengavisisani, kusenokwenzeka ukuba bobabini banetyala ngandlel’ ithile, ekubeni bobabini bengafezekanga yaye betyekele ekwenzeni isiphoso. Ngokuqhelekileyo oku kufuna ukuba amacala omabini avume impazamo.
Imbambano asikukuba ngubani owonileyo okanye owoniweyo, kodwa ngubani oya kuthabatha inyathelo lokuqala lokudala uxolo. Xa umpostile uPawulos waphawula ukuba amaKristu aseKorinte ayemangalela abanye abakhonzi bakaThixo kwiinkundla zamatyala ngenxa yeengxabano zobuqu ezinjengokungavisisani kwimibandela yemali, wabakhalimela esithi: “Kutheni kunoko ningaziyekeli nenziwe ububi? Kutheni kunoko ningaziyekeli niqhathwe?” (1 Korinte 6:7) Nangona uPawulos wathetha la mazwi kuba enqanda amanye amaKristu ukuba ayeke ukumangalelana kwiinkundla zamatyala ngenxa yokungavisisani, umgaqo uzicacele: Uxolo phakathi kwabazalwana yeyona nto ibalulekileyo kunokukhangela ukuba ngubani owonileyo nowoniweyo. Ukusoloko siwukhumbula lo mgaqo kwenza kube lula ukucela uxolo xa othile esithi simonile.
Kufuneka Ukunyaniseka
Noko ke, abanye abantu, balisebenzisa ngendlela ebaxiweyo ibinzana lokucela uxolo. Ngokomzekelo eJapan, igama elithi sumimasen, eliqhele ukusetyenziswa xa ubani ecela uxolo, liviwa umhla nezolo. Lisenokusetyenziswa ukubulela, ukubonisa intlungu yokungakwazi ukubuyisela into entle oyenzelweyo. Ngenxa yokusetyenziswa kakhulu kwalo, bambi basenokuvakalelwa kukuba eli gama lisetyenziswa ngokugqithiseleyo yaye basenokuzibuza enoba abo balisebenzisayo balisebenzisa ngokunyanisekileyo kusini na. Iindlela zokucela uxolo zisenokusetyenziswa ngendlela ebaxiweyo nakwezinye iindawo.
Nakuluphi na ulwimi, kubalulekile ukunyaniseka xa ucela uxolo. Indlela owathetha ngayo la mazwi nelizwi lakho zifanele zibonise ukuba ubuhlungu ngokwenene. UYesu Kristu wafundisa abafundi bakhe kwiNtshumayelo yaseNtabeni esithi: “Ke uEwe makabe nguEwe, uHayi wenu, abe nguHayi; kuba okugqithe koko kuvela kongendawo.” (Mateyu 5:37) Ukuba ucela uxolo, lucele unyanisekile! Ngokomzekelo: Indoda eyayimi emgceni kwisikhululo senqwelo-moya yacela uxolo xa iimpahla zayo zangquba elinye inenekazi nalo elalime emgceni. Kwimizuzu embalwa kamva, xa abantu ababeme emgceni behamba, kwakhona eli bhinqa langqutywa yisutikheyisi. Kwakhona, ngentlonelo le ndoda yacela uxolo. Xa kwaphinda kwenzeka into efanayo, umntu owayehamba neli bhinqa wathi kule ndoda ukuba ibicela uxolo inyanisile, ibiya kuqiniseka ukuba eli bhinqa alingqutywa yiloo sutikheyisi kwakhona. Ewe, ukucela uxolo ngokunyaniseka kufanele kuhambisane nokuzimisela ukuba ungayiphindi loo mpazamo.
Ukuba sinyanisekile, xa sicela uxolo siya kuvuma ukuba sonile, yaye sicela uxolo, yaye siya kwenza umgudu wokuwulungisa loo monakalo kangangoko iimeko zisivumela. Naye lowo woniweyo, ufanele akulungele ukumxolela umoni oguqukayo. (Mateyu 18:21, 22; Marko 11:25; Efese 4:32; Kolose 3:13) Ekubeni bengafezekanga bobabini, kusenokungabi lula ngamaxesha onke ukudala uxolo. Sekunjalo, ukucela uxolo kubalulekile ekudaleni uxolo.
Xa Ukucela Uxolo Kungafanelekanga
Ekubeni amazwi okuzisola nokuba buhlungu ethuthuzela yaye ekhuthaza uxolo, umntu olumkileyo uyakuphepha ukusebenzisa amazwi anjalo xa kungeyomfuneko. Ngokomzekelo, masithi umbandela ubandakanya ukugcina ingqibelelo kuThixo. Xa uYesu Kristu wayesemhlabeni, “wazithoba kwada kwasa ekufeni, ewe, ukufa kwisibonda sentuthumbo.” (Filipi 2:8) Noko ke, akazange acele uxolo ngenxa yeenkolelo zakhe ukuze aphephe ukuphathwa kakubi. Yaye uYesu akazange acele uxolo xa umbingeleli omkhulu wamtyityimbisela umnwe esithi: “Ndikufungisa ngoThixo ophilayo ukuba usixelele enoba unguye na uKristu uNyana kaThixo!” Kunokuba abe manyonywana ecela uxolo, ngenkalipho uYesu waphendula: “Nawe utsho. Kodwa ndithi kuni, ukususela ngoku niya kumbona uNyana womntu ehleli ngakwisandla sasekunene samandla, esiza ngamafu ezulu.” (Mateyu 26:63, 64) Akuzange kuthi qatha nokuthi qatha kuYesu ukungayigcini ingqibelelo yakhe kuYise, uYehova uThixo, kuba nje efuna ukulondoloza uxolo nombingeleli omkhulu.
AmaKristu abonakalisa intlonelo nembeko kubantu abasegunyeni. Sekunjalo, akuyomfuneko ukuba acele uxolo ngokuthobela uThixo nangothando analo ngabazalwana.—Mateyu 28:19, 20; Roma 13:5-7.
Akukho Nto Ethintela Uxolo
Namhlanje, senza iimpazamo ezininzi kuba sizuze ilifa lokungafezeki nesono kukhokho wethu uAdam. (Roma 5:12; 1 Yohane 1:10) UAdam waba nesono ngenxa yokuvukela kwakhe uMdali. Noko ke, ekuqaleni uAdam noEva babefezekile yaye bengenasono, yaye uThixo uthembisa ukuba uya kuphinda abenze abantu bafezeke. Uya kusishenxisa isono nako konke okubangelwa siso.—1 Korinte 15:56, 57.
Khawucinge ngento eya kuthethwa koku! Kwisiluleko sakhe sokusebenzisa ulwimi, umntakwaboYesu uYakobi wathi: “Ukuba kukho nabani na ongakhubeki zwini, lowo uyindoda egqibeleleyo, ekwaziyo ukuwubamba ngomkhala kwanomzimba wayo uphela.” (Yakobi 3:2) Umntu ogqibeleleyo unako ukululawula ulwimi lwakhe ukuze kungabikho mfuneko yakucela uxolo ngokulusebenzisa kakubi. Uyakwazi ‘ukuwubamba ngomkhala kwanomzimba wakhe uphela.’ Hayi indlela ekuya kuba mnandi ngayo xa sifezekile! Kuya kwandula ke, kungabikho miqobo kuxolo oluphakathi kwabantu. Noko ke, okwangoku ukucela uxolo ngokunyaniseka nangokufanelekileyo ngempazamo esiyenzileyo kuya kuba luncedo kakhulu ekudaleni uxolo.
[Umbhalo osemazantsi]
a Kusenokwenzeka ukuba ukungaboni kakuhle kukaPawulos kwambangela ukuba angamboni lo mbingeleli omkhulu.
[Umfanekiso okwiphepha 5]
Sinokufunda ntoni kumzekelo kaPawulos?
[Umfanekiso okwiphepha 7]
Xa wonke ubani efezekile, akusayi kubakho nto ethintela uxolo