KwabaseRoma
5 Ngoko ke, ekubeni kuye kwathiwa singamalungisa ngenxa yokholo,+ masihlale siseluxolweni noThixo ngeNkosi yethu uYesu Kristu,+ 2 esithe ngenxa yokuba nokholo kuye sakwazi ukufumana obu bubele bukaThixo* sibufumeneyo ngoku;+ yaye masivuye* ngenxa yethemba lokuba uThixo uza kusinika uzuko. 3 Masingavuyeli loo nto kuphela, kodwa masivuye naxa sisebunzimeni,+ kuba sisazi ukuba ubunzima businceda sikwazi ukunyamezela;+ 4 ukunyamezela kwenza sithandwe nguThixo;+ ibe loo nto isenza sibe nethemba,+ 5 kwaye elo themba alidanisi;+ kuba uThixo usebenzisa umoya wakhe oyingcwele asinika wona ukuze asibonise ukuba uyasithanda.+
6 Nyhani ke, ngoxa sasingenamandla,+ uKristu wafela abantu abanesono ngexesha elibekiweyo. 7 Kuba kunganzima ukuba umntu afele ilungisa, kodwa mhlawumbi angakhona umntu onokuvuma ukufela umntu olungileyo. 8 Kodwa uThixo ubonise ukuba uyasithanda ngokuthi uKristu asifele+ ngoxa sasisengaboni. 9 Ngoko ekubeni kuthiwe singamalungisa ngenxa yegazi lakhe,+ siza kusindiswa ngenxa yakhe kumsindo kaThixo.+ 10 Ukuba sathi siziintshaba, saxolelaniswa noThixo ngokufa koNyana wakhe,+ simele ke ngoku siqiniseke kakhulu ukuba siza kusinda kuba ephila, ekubeni sele sixolelanisiwe noThixo. 11 Akuphelelanga apho, kodwa sivuyiswa nakukuba sinobuhlobo noThixo ngenxa yeNkosi yethu uYesu Kristu, osincede saxolelaniswa noThixo.+
12 Isono sangena ngomntu omnye ehlabathini, nokufa kwangena ngenxa yesono,+ kwaza ukufa kwasasazeka kubo bonke abantu ngenxa yokuba bonke babenesono+— 13 Kuba isono besikho ehlabathini ngaphambi kokuba kubekho uMthetho, kodwa akukho mntu umangalelwa ngesono xa ungekho umthetho.+ 14 Sekunjalo, ukufa kwalawula njengokumkani ukususela kuAdam ukuya kutsho kuMoses, nakubantu abangonanga ngendlela efana neka-Adam, onezinto afana ngazo nalowo wayeza kuza.+
15 Kodwa sona isipho asilingani nesono. Kuba ukona komntu omnye kwabangela abaninzi bafa, ngoko ke ngendlela efanayo, ngenxa yobubele* bomntu omnye,+ uYesu Kristu, abantu abaninzi+ baye bafumana ububele* nesipho esivela kuThixo. 16 Kwakhona imiphumo yesipho nemiphumo yesono esenziwa ngulaa mntu mnye ayifani.+ Kuba umgwebo wesa sono sinye yaba kukubekwa ityala kwabantu,+ kodwa sona isipho esafunyanwa emva kokuba abantu abaninzi bonile, sabangela ukuba kuthiwe abantu ngamalungisa.+ 17 Ukona kwalaa mntu mnye kwabangela ukufa kwalawula njengokumkani,+ ngoko abantu abafumene ububele bukaThixo* ngokuphuphumayo nesipho sokuba babizwe ngokuba ngamalungisa,+ baza kuphila, babe ngookumkani+ ngenxa yomntu omnye, uYesu Kristu!+
18 Ngoko ke, kanye njengokuba isono esinye sabangela ukuba abantu bazo zonke iintlobo babekwe ityala,+ ngendlela efanayo, ngesenzo nje esinye sobulungisa, abantu bazo zonke iintlobo+ bayakwazi ukubizwa ngokuba bangamalungisa baze bafumane ubomi.+ 19 Kanye njengokuba abantu abaninzi benziwa aboni ngenxa yokungathobeli komntu omnye,+ ngokufanayo, abantu abaninzi baza kwenziwa amalungisa ngenxa yokuthobela komntu omnye.+ 20 Ngoko uMthetho wafika ukuze sande isono.*+ Kodwa sithe sakwanda isono, ububele bukaThixo* baphuphuma kakhulu. 21 Ukuze kuthini? Ukuze njengokuba isono nokufa zalawula njengokumkani,+ nobubele bukaThixo* bulawule njengokumkani ngobulungisa obukhokelela kubomi obungunaphakade ngenxa kaYesu Kristu iNkosi yethu.+