Xelisa Ukholo Lwabo
‘Waqhubeka Ekhulela KuYehova’
USAMUWELI wabajonga ebusweni abantu. Le ndoda eyayikhonze njengomprofeti nomgwebi kangangamashumi eminyaka yayihlanganise uhlanga kwidolophu yaseGiligali. Kufanele ukuba kwakungoMeyi okanye ngoJuni ngokwekhalenda yanamhlanje yaye kwakulixesha lonyaka elomileyo. Amasimi engqolowa ayesel’ elungele ukuvunwa. Isihlwele sathula cwaka. USamuweli wayeza kukwazi njani ukusifikelela iintliziyo?
Abantu babengabuqondi ubunzulu bemeko ababekuyo. Babecele ukulawulwa ngukumkani ongumntu. Babengaqondi ukuba babemdelele uThixo wabo uYehova kunye nomprofeti wakhe. Enyanisweni bebengasafuni ukuba uYehova abe nguKumkani wabo. USamuweli wayeza kubanceda njani ukuze baguquke?
Ingwevu uSamuweli yathi kwisihlwele: “Mna ke, ndimdala yaye ndiyingwevu.” Emva koko yathi: “Ndihambe phambi kwenu ukususela ebutsheni bam kwada kwayile mini.” (1 Samuweli 11:14, 15; 12:2) Nangona wayemdala, uSamuweli wayengabulibalanga ubutsha bakhe. Wayesayikhumbula kakuhle imihla yobutsha bakhe. Izigqibo awazenza xa wayeseyinkwenkwana zamenza wanokholo waza wazinikela kuThixo wakhe uYehova.
USamuweli kwafuneka aqhubeke enokholo olomeleleyo nangona wayephila phakathi kwabantu abangenalukholo nabanganyanisekanga. Nanamhlanje kunzima ukuba nokholo kuba siphila phakathi kwabantu abangenalukholo nabonakeleyo. Makhe sibone ukuba yintoni esinokuyifunda kumzekelo kaSamuweli, ukususela ebuntwaneni bakhe.
“Ukulungiselela Phambi KukaYehova, Eseyinkwenkwe”
USamuweli wakhula ngendlela engaqhelekanga. Emva kokulunyulwa kwakhe, mhlawumbi xa wayeneminyaka emine ubudala, waqalisa ukukhonza kwintente yokuhlangana kaYehova eShilo eyayikumgama weekhilomitha ezingama-30 ukusuka kowabo eRama. Abazali bakhe uElikana noHana banikela ngaye ukuze abe ngumNaziri kaYehova.a Ngaba loo nto ithetha ukuba abazali bakaSamuweli babemlahlile?
USamuweli wayengalahlwanga. Abazali bakhe babesazi ukuba wayeza kunyanyekelwa eShilo. Sinokuqiniseka ukuba wayephantsi kweliso loMbingeleli Omkhulu uEli kuba uSamuweli wayesebenza naye. Kwakukho nabanye abafazi ababesebenza kwintente yokuhlangana.—Exodus 38:8.
Ngaphezu koko, uHana noElikana abazange balilibale izibulo labo ababelicele kuYehova. UHana wayecele unyana kuThixo waza wathembisa ukuba wayeza kunikela ngaye ukuze amkhonze ubomi bakhe bonke. Xa wayemtyelela unyaka nonyaka, wayemphathela ingubo entsha engenamikhono awayeza kusebenza ngayo kwintente yokuhlangana. Sinokuqiniseka ukuba le nkwenkwe yayisonwaba xa ityelelwe. Ngokuqinisekileyo kumele ukuba kwayomeleza ukukhuthazwa nokuqeqeshwa ngabazali bayo njengoko babeyifundisa ukuxabisa ilungelo lokukhonza uYehova kuloo ndawo ikhethekileyo.
Ininzi into enokufundwa ngabazali kuHana noElikana. Kuyinto eqhelekileyo ngabazali ukubenzela yonke into abayifunayo abantwana babo kodwa bangabafundisi ngoThixo. Kodwa ke abazali bakaSamuweli bamfundisa ngoThixo ibe loo nto yamnceda naxa sele ekhulile.—IMizekeliso 22:6.
Sinokuba nomfanekiso ngqondweni kaSamuweli ekhula yaye emane ehamba hamba kwezo nduli zaseShilo. Njengoko wayekhangele ezantsi edolophini nasentlanjeni kwelinye icala umele ukuba wayevuya xa ebona intente yokuhlangana kaYehova. Loo ntente yayiyindawo engcwele.b Le ntente eyayakhiwe ngaphantsi kolwalathiso lukaMoses malunga neminyaka engama-400 ngaphambili, yayikuphela kwesazulu sonqulo olunyulu lukaYehova emhlabeni wonke.
USamuweli oselula wayeyithanda intente yokuhlangana. Kwibali awalibhala kamva wathi: “USamuweli wayelungiselela phambi koYehova, eyinkwenkwe, ebhinqe iefodi yelinen.” (1 Samuweli 2:18) Kuyabonakala ukuba ingubo yakhe engenamikhono yayiluphawu lokuba wayencedisa ababingeleli kwintente yokuhlangana. Nangona wayengengombingeleli, umsebenzi kaSamuweli wawuquka ukuvula iingcango zentendelezo nokunceda uEli owayesele ekhulile. Nangona wayewuthanda umsebenzi wakhe kodwa kwakukho into eyayimkhathaza. Izinto zazingahambi kakuhle endlwini kaYehova.
Wahlala Emsulwa Nangona Wayekwindawo Eyonakeleyo
USamuweli wabona kwasebutsheni ubungendawo obugqith’ emgceni. UEli wayenoonyana ababini, uHofeni noFinehasi. Ibali likaSamuweli lithi: “Oonyana bakaEli babengamadoda angamatshivela; babengamqondi uYehova.” (1 Samuweli 2:12) Kule vesi kubethelelwa into enye. UHofeni noFinehasi ‘babengamatshivela’ okanye “oongantweni” kuba babengamnanzanga uYehova. Babengayikhathalelanga imilinganiselo yakhe yobulungisa. Loo nto yaba ngunobangela wazo zonke izono zabo.
UMthetho kaThixo wawuyichaza kakuhle imisebenzi yababingeleli nendlela ababefanele bawenze ngayo amadini. Lo mthetho wawubekwe ngenxa yesizathu esivakalayo. Loo madini ayemela ukukulungela kukaThixo ukuxolela izono zabantu ukuze bacoceke emehlweni akhe nokuze abasikelele aze abakhokele. Kodwa ke uHofeni noFinehasi babangela ukuba nabanye ababingeleli bayidelele imibingelelo.c
Yiba nomfanekiso kaSamuweli oselula ebukele yonke loo nto yaye kungekho mntu unqandayo. Umele ukuba wabona abantu abaninzi kuquka abangathath’ intweni, abathobekileyo nabacinezelekileyo besiza kwintente yokuhlangana ngethemba lokuba baza kwakhiwa elukholweni baze bahlaziyeke, kodwa bebuyela emva bephoxekile, beneentliziyo ezibuhlungu yaye bethotywe isidima. Ufanele ukuba wathini esakufumanisa ukuba uHofeni noFinehasi babelala nabanye babafazi ababesebenza kwintente yokuhlangana? (1 Samuweli 2:22) Mhalwumbi wayecinga ukuba uEli uza kubakhalimela.
NguEli umntu owayenokukwazi ukuyilungisa le ngxaki. Ekubeni wayengumbingeleli omkhulu, wayejongene nayo yonke into eyayisenzeka ententeni. Njengotata wayefanele abaluleke oonyana bakhe. Ngaphezu koko babezenzakalisa bona kunye nabanye abantu. Kodwa ke uEli wasilela kokubini njengombingeleli nanjengotata. Akazange abakhalimele kabukhali oonyana bakhe. (1 Samuweli 2:23-25) Kodwa ke aba bafana bakhe babefanelwe sisohlwayo esiqatha. Babesenza izono ezazifanelwe sisohlwayo sokufa.
Le meko yaba mbi kangangokuba uYehova wathumela “umntu kaThixo,” umprofeti ongachazwanga ngagama, ukuba aye kuxelela indlu kaEli umgwebo oqatha. UYehova wathi kuEli: “Ubeka oonyana bakho ngaphezu kwam.” UThixo waprofeta ukuba bobabini oonyana bakaEli abangendawo babeza kufa ngemini enye nokuthi ububingeleli babuza kuhluthwa kwintsapho yakhe. Ngaba esi silumkiso sayitshintsha le ntsapho? Ibali leBhayibhile alitsho.—1 Samuweli 2:27–3:1.
Bamchaphazela njani obu bungendawo uSamuweli oselula? Eli bali limana lisithela tshuphe ngeendaba ezimnandi zokukhula nenkqubela kaSamuweli. Khumbula ukuba kweyoku-1 kaSamuweli 2:18 sifunda ukuba uSamuweli “wayelungiselela phambi koYehova eyinkwenkwe” ethembekileyo. Kwanangoko uSamuweli wayephilela ukukhonza uThixo. Kwivesi 21 yesi sahluko sifunda ngento echulumancisayo: “Yona inkwenkwe uSamuweli yaqhubeka ikhulela kuYehova.” Njengoko wayesiya ekhula waya esondela ngakumbi kuYise wasezulwini. Ukusondela ngolo hlobo kuYehova kuyasikhusela kuko konke ukonakala.
Kwakunokuba lula ngoSamuweli ukucinga ukuba xa umbingeleli omkhulu noonyana bakhe besona, naye kubhetele azeke mzekweni. Kodwa asifanele sone kuba sibona ukonakala kwabanye kuquka nabo bakwizikhundla zembopheleleko. Namhlanje ulutsha oluninzi lwamaKristu luxelisa uSamuweli luze luqhubeke ‘lukhulela kuYehova’ naxa abanye bengamiseli umzekelo omhle.
Ukunyaniseka kukaSamuweli kwamnceda ngantoni? Kuthiwa: “Lonke elo xesha inkwenkwe uSamuweli yayikhula ngokukhula yaye ithandeka ngakumbi kokubini kuYehova nakubantu.” (1 Samuweli 2:26) Ngoko ke uSamuweli wayethandwa ngabantu abanyanisekileyo. NoYehova wayeyithanda le nkwenkwe ngenxa yokunyaniseka kwayo. Ngokuqinisekileyo noSamuweli wayesazi ukuba uThixo wayeza kubulungisa bonke ubungendawo obabusenzeka eShilo, kodwa ke mhlawumbi wayezibuza ukuba nini.
“Thetha, Ngokuba Uphulaphule Umkhonzi Wakho”
Ngobunye ubusuku yaphendulwa loo mibuzo. Kwakuxa kusithi qheke ukusa yaye nesibane esasikhanyisa intente ebusuku sasingekacinywa. USamuweli weva ilizwi limbiza. Wayecinga ukuba nguEli, ngelo xesha owayesele aluphele namehlo akhe enorhatyazo. USamuweli wavuka waza waya kwelo xhego “ebaleka.” Ngaba unawo umfanekiso ngqondweni wale nkwenkwe ebetha ngezikaTshiwo ibaleka isiya kuEli? Kuyavuyisa ukubona ukuba uSamuweli wayemhlonela uEli. UEli wayesengumbingeleli omkhulu kaYehova nangona wayenze izono ezininzi.—1 Samuweli 3:2-5.
USamuweli wavusa uEli waza wathi: “Ndim lo, ngokuba undibizile.” Kodwa ke uEli wamxelela ukuba wayengambizanga yaye wathi makaphinde aye kulala. Kodwa ke loo nto yaphinda yenzeka izihlandlo eziliqela. Ekugqibeleni uEli wayiqonda into eyayisenzeka. Ngaloo mihla uYehova wayengafane athumele umbono okanye isiprofeto kubantu bakhe yaye siyaqondakala isizathu. Kodwa ke uEli wazi ukuba yayinguYehova owayethetha ngoSamuweli. Waxelela uSamuweli ukuba aye kulala waza wamxelela nento amakayithethe xa ebizwa kwakhona. USamuweli wathobela. Kungekudala weva ilizwi lisithi: “Samuweli, Samuweli!” Waphendula wathi: “Thetha, ngokuba uphulaphule umkhonzi wakho.”—1 Samuweli 3:1, 5-10.
Ekugqibeleni uYehova wayenomkhonzi owayemphulaphula eShilo. USamuweli waphulaphula uYehova ubomi bakhe bonke. Ngaba nawe uyaphulaphula? Akuyomfuneko ukuba side sive ilizwi elivela ezulwini lithetha nathi ebusuku. Ilizwi likaThixo lisoloko livakala yaye lifumaneka kwiLizwi lakhe elipheleleyo iBhayibhile. Ukholo lwethu luyakhula xa siphulaphula uThixo size simthobele. Kwenzeka loo nto nakuSamuweli.
Isiganeko esenzeka eShilo ngobo busuku sabutshintsha ubomi bukaSamuweli kuba watsho wamazi kakuhle uYehova kuba waba ngumprofeti nesithethi sikaThixo. Ekuqaleni le nkwenkwe yoyika ukuxelela uEli oko kwakuthethwe nguYehova, kuba lalifikile ixesha lokuba isiprofeto esasixelwe nxamnye nendlu yakhe sizaliseke. Kodwa ke uSamuweli waqweba isibindi yaye noEli wasamkela isigwebo sikaThixo. Kungekudala yenzeka yonke into awayeyithethile uYehova. USirayeli walwa imfazwe namaFilisti yaye uHofeni noFinehasi bafa ngamini nye. NakuEli lahlanz’ iselwa esakuva ukuba ityeya kaYehova engcwele ithinjiwe.—1 Samuweli 3:10-18; 4:1-18.
Noko ke, uSamuweli yena waba ngumprofeti ohlonelwayo. IBhayibhile ithi, “noYehova waba naye” kwaye iphinda ithi uYehova wazizalisekisa zonke iziprofeto zikaSamuweli.—1 Samuweli 3:19.
“USamuweli Wabiza KuYehova”
Ngaba namaSirayeli axelisa uSamuweli ngokunyaniseka kuThixo? Akunjalo. Ekuhambeni kwexesha abantu bathi abafuni ukugwetywa ngumprofeti. Babefuna ukulawulwa ngukumkani njengezinye iintlanga. USamuweli wathobela umyalelo kaYehova waza wabavumela ukuba babe nokumkani. Kodwa ke kwafuneka axelele amaSirayeli indlela ayemone ngayo uYehova. Ayengagatyi mntu kodwa ayegatya uYehova ngokwakhe. Ngoko wabizela abantu eGiligali.
Makhe sive ukuba wathini kumaSirayeli awayehlanganisene eGiligali. Apho uSamuweli wakhumbuza onke amaSirayeli ngokuthembeka kwakhe kuThixo. Emva koko kuthiwa: “USamuweli wabiza kuYehova.” Wacela uYehova ukuba ezise iindudumo.—1 Samuweli 12:17, 18.
Zaziza kubakho njani iindudumo kungekho mvula? Kaloku loo nto yayingazange ibonwe ngaphambili. Nakuphi na ukuthandabuza nokuhlekisa ekusenokuba kwakukho kwathi shwaka aza amazinyo ajika aziinyanda. Isibhakabhaka sakhawuleza sagutyungelwa ngamafu kwaza kwavuthuza nemimoya. Emva koko kwatshawuz’ imibane kwaza kwalandel’ izantyalantyala zemvula. Bathini abantu xa bebona yonke le nto? “Abantu bamoyika kakhulu uYehova noSamuweli.” Ekugqibeleni batsho babubona ubunzulu besono sabo.—1 Samuweli 12:18, 19.
AsingoSamuweli kodwa nguThixo wakhe uYehova owafikelela iintliziyo zabo bavukeli. USamuweli wayenokholo kuThixo wakhe ukususela ebutsheni bakhe de wayingwevu. NoYehova wamvuza. UYehova akatshintshanga. Usabaxhasa abantu abaxelisa ukholo lukaSamuweli.
[Imibhalo esemazantsi]
a AmaNaziri ayesenza isifungo esasiquka ukungaseli tywala nokungazichebi iinwele. Inkoliso yawo yayisiba ngamaNaziri okwexeshana kodwa ke amanye njengoSamson, uSamuweli noYohane uMbhaptizi baba ngamaNaziri ubomi babo bonke.
b Le ntente enkulu yokuhlangana yayakhiwe ngathi luxande, phezu kwesiseko sezibonda. Noko ke, yayenziwe ngezinto ezikumgangatho ophezulu—njengesikhumba sentini, amalaphu ahonjiswe kakuhle kunye namaplanga exabiso alekwe ngesilivere negolide. Umnquba wawugxunyekwe kwintendelezo eyayinesibingelelo. Ekuhambeni kwexesha kwakhiwa ezinye iintendelezo ecaleni kwentente yokuhlangana ukuze zisetyenziswe ngabanye ababingeleli. Kubonakala ngathi uSamuweli wayelala kwelinye laloo magumbi.
c Kweli bali kukho imizekelo emibini yokungabi nantlonelo. Okokuqala, uMthetho wawuyichaza ngokucacileyo inyama eyayisisabelo sababingeleli. (Duteronomi 18:3) Kodwa kwintente yokuhlangana ababingeleli abangendawo babeqalise umkhwa ombi. Babedla ngokuyalela umpheki ukuba abanyulele nayiphi na inyama ekufutshane. Okwesibini, xa abantu besizisa amadini abo ukuze atshiswe esibingelelweni, aba babingeleli babeyalela izicaka zabo ukuba zithathe loo nyama ngenkani ngaphambi kokuba kubingelelwe ngamanqatha kuYehova.—Levitikus 3:3-5; 1 Samuweli 2:13-17.
[Umfanekiso okwiphepha 17]
Nangona wayesoyika, uSamuweli wawuchaza umgwebo kaYehova kuEli
[Umfanekiso okwiphepha 18]
USamuweli wathandaza enokholo yaye uYehova wamphendula ngendudumo