Ungakoyisa Njani Ukudimazeka?
NGABA ukhe uzive udimazekile? Phofu ngaba ukho umntu ongakhe adimazeke? Namhlanje abantu bathwaxwa zezoqoqosho, ugonyamelo nokungabikho kokusesikweni. Akumangalisi ke ngoko ukuba abantu abaninzi namhlanje bazive bedandathekile, benomvandedwa yaye bengento yanto.
Ukucinga ngolo hlobo kuyingozi. Kunokukwenza ungazithembi, ungakwazi kucinga uze ungonwabi. IBhayibhile ithi: “Ngaba uzibonakalise udimazekile ngomhla wokubandezeleka? Uya kuphelelwa ngamandla.” (IMizekeliso 24:10) Kufuneka sibe namandla ukuze sinyamezele kweli hlabathi linameva. Ngoko ke kubalulekile ukuba singasoloko sicinga ngezinto ezisidimazayo.a
IBhayibhile iyasinceda silwe nokudimazeka. UYehova uThixo onguMdali nomlondolozi wobomi akafuni udakumbe ngenxa yokungabi nathemba. (INdumiso 36:9) Ngoko makhe sihlole iindlela ezintathu elinokusinceda ngazo iLizwi lakhe ukuba silwe nokuziva singento yanto.
Yazi Ukuba UThixo Unomdla Kuwe
Abanye abantu bacinga ukuba uThixo uxakeke zizinto ezininzi kangangokuba akanamdla kwindlela abavakalelwa ngayo. Ngaba nawe uziva ngaloo ndlela? Eneneni iBhayibhile isiqinisekisa ukuba uMdali wethu unomdla kuthi. Umdumisi wathi: “UYehova usondele kwabo baphuke intliziyo; yaye abo bamoya utyumkileyo uyabasindisa.” (INdumiso 34:18) Kuthuthuzela ngokwenene ukwazi ukuba uMongami usondele kuthi xa sibandezelekile.
UThixo akaphakamanga. IBhayibhile ithi, “uThixo luthando.” (1 Yohane 4:8) Uyabathanda abantu yaye uyavelana nabantu abasentlungwini. Ngokomzekelo, xa amaSirayeli ayengamakhoboka eYiputa malunga neminyaka engama-3 500 eyadlulayo wathi: “Ngokungathandabuzekiyo ndiyibonile inkxwaleko yabantu bam abaseYiputa, yaye ndisivile isikhalo sabo ngenxa yabo babaqweqwedisayo emsebenzini; kuba ndiyazi kakuhle intlungu yabo. Ndihlile ke ukuze ndibahlangule.”—Eksodus 3:7, 8.
UThixo uzazi kakuhle iimvakalelo zethu. Kaloku “nguye owasenzayo, asisithi.” (INdumiso 100:3) Ngoko ke masiqiniseke ukuba uyayiqonda imeko yethu naxa abanye abantu besenokungayiqondi. ILizwi likaThixo lithi: “Indlela abona ngayo umntu asiyondlela abona ngayo uThixo, ngenxa yokuba umntu nje ubona okubonakalayo emehlweni; kodwa uYehova yena, ubona oko ikuko intliziyo.” (1 Samuweli 16:7) Ayikho into esiyicingayo angayiboniyo uThixo.
Siyavuma, uYehova uyazibona neempazamo zethu. Kodwa ke simele simbulele uMenzi wethu ngenxa yokuba esixolela. Umbhali weBhayibhile uDavide wathi: “Njengoyise obenzela inceba oonyana bakhe, uYehova ubenzele inceba abo bamoyikayo. Kuba yena uyakwazi ukuyilwa kwethu, ekhumbula ukuba siluthuli.” (INdumiso 103:13, 14) UThixo ubona nezinto ezintle ngathi naxa thina sisenokungaziboni. Ubona izinto ezintle kuthi aze azibethe ngoyaba izono zethu xa siguquka.—INdumiso 139:1-3, 23, 24.
Ngenxa yoko, xa siziva singento yanto sifanele silwe neemvakalelo ezinjalo size siqhubeke nobomi. Sifanele sikhumbule indlela asijonga ngayo uThixo.—1 Yohane 3:20.
Yakha Ubuhlobo NoThixo
Sizuza ntoni xa sizijonga ngendlela asijonga ngayo uThixo? Kuba lula ukwakha ubuhlobo noThixo nto leyo esinceda silwe nokudimazeka. Ngaba sinokukwazi ukuba nobuhlobo noThixo?
UBawo onothando uYehova uThixo ukulungele ukusinceda ukuze sibe nobuhlobo obusenyongweni naye. IBhayibhile ithi: “Sondelani kuThixo, naye uya kusondela kuni.” (Yakobi 4:8) Khawuve le nyaniso imangalisayo: Sinako ukuba nobuhlobo obusenyongweni noMongami wendalo yonke nangona sibuthathaka yaye sinesono.
UThixo uzityhile eBhayibhileni ukuze simazi. Xa sifunda iBhayibhile rhoqo sinokufunda ngeempawu zikaThixo ezithandekayo.b Ukucamngca ngolo lwazi kusisondeza nangakumbi kuYehova. Siya kutsho simbone kakuhle ukuba unguBawo onothando nemfesane.
Ukucingisisa ngezinto esizifunda eBhayibhileni kusinceda nangenye indlela. Ukufaka iingcamango zikaBawo wethu wasezulwini ezingqondweni nasezintliziyweni zethu size sizivumele zisilungise, zisithuthuzele yaye zisikhokele kusisondeza nangakumbi kuye. Kubalulekile ukuba senze njalo xa siphazamisekile emphefumlweni. Umdumisi wathi: “Xa ndandisindwa ngamaxhala, wandithuthuzela waza wandenza ndaziva ndikhuselekile.” (INdumiso 94:19 Contemporary English Version) ILizwi likaThixo liyathuthuzela. Ukuba siyayamkela inyaniso eseBhayibhileni siya kufumanisa ukuba izinto ezisikhathazayo ziyancipha size sibe noxolo lukaThixo oluthuthuzelayo. Ngaloo ndlela uYehova uyasithuthuzela kanye njengokuba umzali emthuthuzela umntwana wakhe owenzakeleyo.
Enye into efunekayo ukuze ube ngumhlobo kaThixo kukuthetha naye rhoqo. IBhayibhile iyasiqinisekisa ukuba “kungakhathaliseki ukuba yintoni na esiyicelayo ngokuvumelana nokuthanda kwakhe, [uThixo] uyasiva.” (1 Yohane 5:14) Sinokuthandaza kuThixo ukuze asincede kuyo nantoni na esiyoyikayo okanye esikhathazayo. Siba seluxolweni xa siphalaza imbilini yethu kuThixo. Umpostile uPawulos wathi: “Ezintweni zonke zaziseni izibongozo zenu kuThixo ngomthandazo nesikhungo nombulelo yaye uxolo lukaThixo olungaphaya kokuqonda luya kuzilinda iintliziyo zenu namandla enu engqondo ngoKristu Yesu.”—Filipi 4:6, 7.
Njengoko ufunda iBhayibhile, ucamngca yaye uthandaza uya kuba nobuhlobo obusondeleyo noyihlo osezulwini. Obo buhlobo bunokukunceda ulwe nokudimazeka. Yintoni enye enokukunceda?
Cinga Ngekamva
Sinako ukucinga ngezinto ezintle naxa siphantsi kwezona meko zinzima. Njani? UThixo usiqinisekisa ngekamva eliqaqambileyo. Umpostile uPetros walichaza kanje eli themba: “Thina ke silindele amazulu amatsha nomhlaba omtsha, ngokwesithembiso sakhe [uThixo], apho kumi ubulungisa.” (2 Petros 3:13) Ithetha ukuthini loo nto?
Ibinzana elithi “amazulu amatsha” libhekisela kurhulumente obuBukumkani bukaThixo obulawulwa nguYesu Kristu. “Umhlaba omtsha” ubhekisela kubantu bakaThixo abaza kuphila emhlabeni. Xa kulawula “amazulu amatsha” abantu bomhlaba omtsha baza kukhululeka kuyo yonke into ebenza baxhwaleke emoyeni. IBhayibhile iqinisekisa abantu abaza kuphila ngelo xesha ukuba uThixo “uya kuzisula zonke iinyembezi emehlweni abo, kungabi sabakho kufa, kungabi sabakho kuzila nakukhala nantlungu kwakhona.”—ISityhilelo 21:4.
Ngokuqinisekileyo uyavuma ukuba ziyakhuthaza izinto ekuthethwe ngazo apha. Seso sizathu esenza ukuba iBhayibhile ithi ‘lilithemba elonwabisayo’ ikamva alilungiselele amaKristu uThixo. (Tito 2:13) Ukudimazeka kuyadamba xa sihlala sicinga ngezinto asithembisa zona uThixo ngekamva nangezizathu zokuba sinokuqiniseka ngezo zithembiso.—Filipi 4:8.
IBhayibhile ifanisa ithemba lethu losindiso nesigcina ntloko. (1 Tesalonika 5:8) Ijoni lamandulo lalingakucingi nokukucinga ukuya emfazweni linganxibanga isigcina ntloko. Lalisazi ukuba sasilikhusela kwiintolo. Isigcina ntloko sikhusela intloko njengokuba nethemba likhusela ingqondo. Ukuhlala sicinga ngezinto ezisenza sibe nethemba kunokusenza singacingi ngezinto ezisikhathazayo.
Ngoko ke sinako ukukoyisa ukudimazeka. Nawe unako. Camngca ngendlela akubona ngayo uThixo, sondela kuye uze ucinge ngekamva. Ukuba wenza loo nto uya kuphila de ubone xa yonke into ekhathazayo ingasekho.—INdumiso 37:29.
[Imibhalo esemazantsi]
a Abantu abadandathekileyo kusenokufuneka babonane nogqirha.—Mateyu 9:12.
b IMboniselo ka-Agasti 1, 2009 inocwangciso oluhle lokufunda iBhayibhile.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 19]
“Ndiyazi kakuhle intlungu yabo.”—EKSODUS 3:7, 8
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 20]
“Xa ndandisindwa ngamaxhala, wandithuthuzela waza wandenza ndaziva ndikhuselekile.”—INDUMISO 94:19, CONTEMPORARY ENGLISH VERSION
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 21]
“Uxolo lukaThixo olungaphaya kokuqonda luya kuzilinda iintliziyo zenu namandla enu engqondo.—FILIPI 4:7
[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 20, 21]
IZibhalo Ezithuthuzelayo Ezithetha NgoYehova UThixo
“UYehova, uThixo onenceba nobabalo, ozeka kade umsindo, onobubele bothando obuninzi nenyaniso.”—EKSODUS 34:6.
“Amehlo akhe asingasinga emhlabeni wonke ukuba ababonise amandla abo bantliziyo ziphelele kuye.”—2 KRONIKE 16:9.
“UYehova usondele kwabo baphuke intliziyo; yaye abo bamoya utyumkileyo uyabasindisa.”—INDUMISO 34:18.
“Wena, Yehova, ulungile yaye ukulungele ukuxolela.”—INDUMISO 86:5.
“UYehova ulungile kubo bonke, neenceba zakhe zikuyo yonke imisebenzi yakhe.”—INDUMISO 145:9.
“Mna, Yehova uThixo wakho, ndibamba isandla sakho sasekunene, ndithi kuwe, ‘Musa ukoyika. Mna ngokwam ndiza kukunceda.’”—ISAYA 41:13.
“Makabongwe . . . uYise onenceba noThixo wentuthuzelo yonke.”—2 KORINTE 1:3.
“Siya kuziqinisekisa iintliziyo zethu phambi kwakhe ngokubhekisele kuko nakuphi na oko iintliziyo zethu ezisenokusigwebela isohlwayo kuko, ngenxa yokuba uThixo mkhulu kuneentliziyo zethu yaye uyazazi zonke izinto.”—1 YOHANE 3:19, 20.
[Ibhokisi/Imifanekiso ekwiphepha 22]
Bayakwazi Ukuxhathisa Ukudimazeka
“Utata linxila kwaye uye wandiphatha kabuhlungu. Bendisoloko ndiziva ndingento yanto. Kodwa emva kokuba ndifunde iBhayibhile namaNgqina kaYehova, ndafumanisa ukuba abantu baza kuphila emhlabeni ngonaphakade. Eli themba landenza ndavuya. Ndaqalisa ukufunda iBhayibhile yonke imihla. Andahlukani neBhayibhile yaye xa kukho into endiphazamisayo ndifunda izibhalo ezithuthuzelayo. Ukufunda ngeempawu ezintle zikaThixo kundenza ndiqiniseke ukuba uyandixabisa.”—UKátia ibhinqa elineminyaka engama-33 ubudala.c
“Ndandilinxila yaye ndanditshaya intsangu nezinye iziyobisi. Ndaphulukana nayo yonke into endandinayo ndaza ndangqiba. Ubomi bam batshintsha mhla ndavuma ukufundiswa iBhayibhile ngamaNgqina kaYehova. Ndatsho ndamazi kakuhle uThixo. Nangona ndikhe ndizive ndinetyala yaye ndingento yanto ndiye ndafunda ukuthembela kwinceba nobubele bothando bukaThixo. Ndiqinisekile ukuba uThixo uya kusoloko endinika amandla okulwa nokudimazeka. Ulwazi lweBhayibhile yeyona nto ixabisekileyo ndakha ndanayo.”—URenato, indoda eneminyaka engama-37 ubudala.
“Bendisoloko ndizithelekisa nomntakwethu ukususela ebuntwaneni. Bendisoloko ndicinga ukuba andinakuze ndibe njengaye. Nangoku andikazithembi. Kodwa ndizimisele ukuphumelela kweli dabi. Ndiye ndathandaza rhoqo kuYehova yaye uye wandinceda ndakoyisa ukuziva ndingungantweni. Kuyakhuthaza ukwazi ukuba uThixo uyandithanda yaye undikhathalele.”—URoberta ibhinqa elineminyaka engama-45 ubudala.
[Umbhalo osemazantsi]
c Amanye amagama atshintshiwe.