ILizwi LikaYehova Liphilile
Iimbalasane Zencwadi Yesibini KaSamuweli
NGABA ulongamo lukaYehova kufuneka siluthobele ngokugqibeleleyo ukuze sibe siyalugqala? Ngaba umntu ogcina ingqibelelo usoloko esenza izinto ezilungileyo emehlweni kaThixo? Luhlobo olunjani lomntu ‘oluvunyiweyo yintliziyo’ kaThixo oyinyaniso? (1 Samuweli 13:14) Incwadi Yesibini kaSamuweli iyiphendula kakuhle le mibuzo.
Incwadi Yesibini kaSamuweli yabhalwa nguGadi noNatan abaprofeti ababini ababesondele kuKumkani uDavide wakwaSirayeli wamandulo.a Ekubeni, yagqitywa malunga nowe-1040 B.C.E., ngasekupheleni kobukumkani bukaDavide beminyaka engama-40, ubukhulu becala le ncwadi ithetha ngolwalamano lukaDavide noYehova. Le ngxelo ichulumancisayo isibalisela ngendlela isizwe esasizintlaba zahlukane esakhula somelela ngayo sikhokelwa ngukumkani okhaliphileyo. Le ngxelo ichukumisayo izaliswe ziimvakalelo ezinzulu zomntu.
UDAVIDE UYA “ESIBA MKHULU NGOKUBA MKHULU”
Indlela asabela ngayo uDavide akuva ngokufa kukaSawule noYonatan ityhila indlela avakalelwa ngayo ngabo nangoYehova. EHebron, uDavide uyathanjiswa ukuze abe ngukumkani wesizwe sakwaYuda. Unyana kaSawule uIshe-bhosheti uba ngukumkani wezinye izizwe zakwaSirayeli. UDavide uya “esiba mkhulu ngokuba mkhulu,” yaye emva kweminyaka esixhenxe enesiqingatha wenziwa ukumkani wawo onke amaSirayeli.—2 Samuweli 5:10.
UDavide uthimba iYerusalem kumaYebhusi aze ayenze ikomkhulu lobukumkani bakhe. Ilinge lakhe lokuqala lokufudusela ityeya yomnqophiso eYerusalem liza nentlekele. Noko ke, kwelesibini uyaphumelela, aze uDavide angqungqe ngenxa yovuyo. UYehova wenza umnqophiso wobukumkani noDavide. UDavide woyisa iintshaba zakhe kuba uThixo uyamxhasa.
Iimpendulo Kwimibuzo YeZibhalo:
2:18—Kwakutheni ukuze uYowabhi nabantakwabo ababini babizwe ngokuba ngoonyana bakaTseruya? KwiZibhalo zesiHebhere, ngokuqhelekileyo imilibo yayisekelwe kootata. Mhlawumbi umyeni kaTseruya wakhawuleza wafa, okanye mhlawumbi wayengakufanelekeli ukuqukwa kwiNgxelo Engcwele. Kunokwenzeka ukuba uTseruya waqukwa kuba wayengudadeboDavide. (1 Kronike 2:15, 16) Ekuphela kwesihlandlo elikhankanywa ngalo igama likayise wabo kuxa kuthethwa ngendawo yokungcwaba eseBhetelehem.—2 Samuweli 2:32.
3:29—Lithetha ntoni ibinzana elithi “umntu osimelela ngentonga yokusonta”? Ngokuqhelekileyo ngamabhinqa aluka impahla. Mhlawumbi, eli binzana lisenokuba libhekisela kumadoda awayebuthathaka ukuba angalwa emfazweni ngenxa yoko enyanzelekile ukuba enze imisebenzi ngokuqhelekileyo eyayisenziwa ngabafazi.
5:1, 2—Kwakusemva kwexesha elingakanani ebulewe uIshe-bhosheti xa uDavide waba ngukumkani wamaSirayeli? Kusengqiqweni ukugqiba kwelokuba ekubeni uIshe-bhosheti waqalisa ubukumkani bakhe beminyaka emibini emva nje kokufa kukaSawule, kwangaxeshanye uDavide waqalisa ukuba ngukumkani eHebron. UDavide walawula uYuda eseHebron iminyaka esixhenxe enesiqingatha. Ngokukhawuleza emva kokuba enziwe ukumkani phezu kwamaSirayeli onke, wafudusela ikomkhulu lakhe eYerusalem. Ngenxa yoko, kwadlula iminyaka emihlanu emva kokufa kukaIshe-bhosheti ngaphambi kokuba uDavide abe ngukumkani phezu kwamaSirayeli.—2 Samuweli 2:3, 4, 8-11; 5:4, 5.
8:2—Mangaphi amaMowabhi awabulawayo emva kwemfazwe yawo namaSirayeli? Mhlawumbi inani lawo labalwa ngokulinganisa kunokuba libalwe. Kubonakala ukuba uDavide wawalalisa phantsi enza umngcelele. Emva, koko walinganisa lo mngcelele ngentsontela. Kucacile ukuba kwabulawa imigca emibini, okanye isibini esithathwini samaMowabhi, kwaze kwasinda umgca omnye okanye isinye esithathwini.
Oko Sikufundayo:
2:1; 5: 19, 23. UDavide waqala wabuzisa kuYehova ngaphambi kokuba aye kuhlala eHebron nangaphambi kokuba aye kulwa neentshaba zakhe. Nathi simele sifune ukhokelo lukaYehova ngaphambi kokuba senze izigqibo ezichaphazela ubumoya bethu.
3:26-30. Ukuziphindezelela kunemiphumo ebuhlungu.—Roma 12:17-19.
3:31-34; 4:9-12. Ukungaziphindezeleli kukaDavide nokungabinenqala kungumzekelo omhle kuthi.
5:12. Singaze silibale ukuba uYehova usifundise iindlela zakhe waze wasenza sakwazi ukuba nolwalamano oluhle naye.
6:1-7. Nangona uDavide wayeneenjongo ezintle, ukuthwala iTyeya ngenqwelo kwakungqubana nomthetho kaThixo kwaza kwaphumela kwenkulu intlekele. (Eksodus 25:13, 14; Numeri 4:15, 19; 7:7-9) Ukubamba kukaUza iTyeya aze afe kubonisa ukuba iinjongo ezintle aziguquli nto koko kufunwa nguThixo.
6:8, 9. Kulo meko ivavanyayo, uDavide waqala ngokuba nomsindo waza emva koko woyika—mhlawumbi wade walibeka kuYehova ityala ngale ntlekele. Simele sikulumkele ukugxeka uYehova ngeengxaki ezibangelwa kukungayinanzi kwethu imithetho yakhe.
7:18, 22, 23, 26. Ukuthobeka kukaDavide, ukuzinikela kwakhe kuYehova nomdla wakhe wokuphakamisa igama likaThixo ziimpawu esimele sizixelise.
8:2. Isiprofeto esachazwa ngaphambi kweminyaka engama-400 siyazaliseka. (Numeri 24:17) Ilizwi likaYehova lisoloko liyinyaniso.
9:1, 6, 7. UDavide wasigcina isithembiso sakhe. Nathi simele sizame ukubambelela elizwini lethu.
UYEHOVA UVELISA INTLEKELE NXAMNYE NOMTHANJISWA WAKHE
UYehova uthi kuDavide: “Yabona, ndikuvelisela intlekele endlwini yakho; yaye ndiza kubathabatha abafazi bakho emehlweni akho ndize ndibanike idlelane lakho, yaye lona ngokuqinisekileyo liya kulala nabafazi bakho phambi kwelanga eli.” (2 Samuweli 12:11) Yintoni ebangela ukuba athethe la mazwi? Sisono sikaDavide noBhatshebha. Nangona uDavide oguqukileyo eye waxolelwa, kodwa akakhuselwa kwimiphumo yesono sakhe.
Okokuqala umntwana ozalwa nguBhatshebha uyafa. Emva koko intombi enyulu kaDavide uTamare udlwengulwa nguAmnon umntakwabo ngoyise. UAbhisalom umnakwaboTamare uphindezela ngokubulala uAmnon. UAbhisalom uvukela uyise aze azenze ukumkani eHebron. Engenandlela-mbini, uDavide uyasaba eYerusalem. UAbhisalom ulala namashweshwe kayise alishumi ashiywe ukuze anyamekele umzi. UDavide uphinda abe ngukumkani emva kokubulawa kuka-Abhisalom. Kufa uShebha wesizwe sakwaBhenjamin ngenxa yemvukelo.
Iimpendulo Kwimibuzo YeZibhalo:
14:7—Lifuzisela ntoni ibinzana elithi “umlilo wamalahle am eenkuni”? Ukuvutha komlilo kufuzisela inzala ephilayo.
19:29—Kwakutheni ukuze uDavide asabele ngendlela awasabela ngayo kwinkcazelo kaMefiboshete? Emva kokuba ephulaphule uMefiboshete, uDavide umele ukuba waqonda ukuba wenze impazamo ngokukholelwa amazwi kaTsibha. (2 Samuweli 16:1-4; 19:24-28) Kucacile ukuba, oku kwamcaphukisa kakhulu uDavide, kwaye wayengasafuni kuphinda eve ngalo mbandela kwakhona.
Oko Sikufundayo:
11:2-15. Ingxelo ethetha phandle ngeentsilelo zikaDavide ingqina isibakala sokuba iBhayibhile liLizwi likaThixo eliphefumlelweyo.
11:16-27. Xa siye senza isono esinzulu njengoDavide asimele sizame ukusifihla. Kunoko, simele sisichazele uYehova isono sethu size sifune uncedo kubadala bebandla.—IMizekeliso 28:13; Yakobi 5:13-16.
12:1-14. UNatan wabamisela umzekelo omhle gqitha abadala abamiselweyo ebandleni. Bamele bancede abo bawela esonweni balungise iindlela zabo. Abadala bafanele bawenze ngobuchule lo msebenzi.
12:15-23. Ukukuqonda kakuhle oko kwakwenzekile kuye, kwamnceda uDavide wasabela ngendlela efanelekileyo.
15:12; 16:15, 21, 23. Xa kwacaca ukuba uAbhisalom uza kuba ngukumkani, ikratshi namabhongo zabangela ukuba uAhitofele umcebisi okrelekrele angcatshe ukumkani. Xa ubani ekrelekrele kodwa abe engathobekanga yaye enganyaniseka oko kunokuba ngumgibe.
19:24, 30. UMefiboshete wayebuxabisa ngokwenene ububele bothando bukaDavide. Wasithobela isigqibo sikakumkani esiphathelele uTsibha. Ukuxabisa uYehova nentlangano yakhe kufanele kusishukumisele ukuba sithobeke.
20:21, 22. Ubulumko bomntu omnye bunokusindisa abantu abaninzi.—INtshumayeli 9:14, 15.
MASIWELE “ESANDLENI SIKAYEHOVA”
Kubakho indlala iminyaka emithathu ngenxa yetyala legazi likaSawule lokubulala amaGibheyon. (Yoshuwa 9:15) Ukuze aziphindezelele amaGibheyon acela ukunikwa oonyana abasixhenxe bakaSawule ukuze ababulale. UDavide ubanikela kumaGibheyon, ibe itsho iphele imbalela ngokuna kwemvula. Iingxilimbela ezine zamaFilisti ‘zawela esandleni sikaDavide nasesandleni sabakhonzi bakhe.’—2 Samuweli 21:22.
UDavide wenza isono esinzulu ngokugunyazisa ukubalwa kwabantu okungekho mthethweni. Uyaguquka aze akhethe ukuwela “esandleni sikaYehova.” (2 Samuweli 24:14) Ngenxa yeso senzo abantu abangama-70 000 babulawa yindyikitya yokufa. UDavide uthobela umyalelo kaYehova, ibe siyaphela nesibetho.
Iimpendulo Kwimibuzo YeZibhalo:
21:8—Kwenzeka njani ukuba uMikali intombi kaSawule kuthiwe yayinoonyana abahlanu, ngoxa eyesi-2 kaSamuweli 6:23 isithi wafa engenabantwana? Ingcaciso eyamkelwa ngokubanzi yeyokuba aba yayingoonyana bodade wabo uMerabhi, owayetshate noAdriyeli. Kunokwenzeka ukuba uMerabhi wafa eselula waze uMikali wabakhulisa.
21:9, 10—Wazilinda ixesha elingakanani uRitspa izidumbu zoonyana bakhe ababini nabazukulwana abahlanu bakaSawule ababebulewe ngamaGibheyon? Esi sixhenxe saxhonywa “ngeemini zokuqala zesivuno”—malunga noMatshi okanye uAprili. Izidumbu zabo zashiywa entabeni. URitspa wazilinda imini nobusuku wade wetha umsindo kaYehova ngokuna kwemvula. Kwakungenakuna mvula inkulu ngaphambi kokuba kudlule ixesha lokuvuna ngo-Oktobha. Ngaloo ndlela, kunokwenzeka ukuba uRitspa walinda malunga neenyanga ezintlanu okanye ezintandathu. Emva koko, uDavide wawangcwaba amathambo abo.
24:1—Kwakutheni ukuze uDavide enze isono esinzulu ngokubala abantu? Ukubalwa kwabantu kwakungalelwa nguMthetho. (Numeri 1:1-3; 26:1-4) IBhayibhile ayisichazi isizathu esabangela ukuba uDavide abale abantu. Kodwa, eyoku-1 yeziKronike 21:1 ibonisa ukuba waphenjelelwa nguSathana. Kuyabonakala ukuba, umphathi-mkhosi wakhe uYowabhi wayesazi ukuba uDavide uneentshukumisa ezimbi ngokubala abantu, kwaye wazama ukumnqanda.
Oko Sikufundayo:
22:2-51. Indlela uDavide amchaza kakuhle ngayo uYehova, njengoThixo wokwenyaniso, yenza akufanelekele ukuba sithembele kuye ngokupheleleyo!
23:15-17. UDavide wayewuhlonela ngokunzulu umthetho kaThixo ophathelele ubomi negazi kangangokuba kwesi sihlandlo akazange enze nento eyayinokwaphula lo mthetho. Simele sihlakulele eso simo sengqondo kuyo yonke imithetho kaThixo.
24:10. Isazela sikaDavide samenza waguquka. Ngaba izazela zethu zingakwazi ukusabela ngendlela efanayo?
24:14. UDavide wayesazi kakuhle ukuba uYehova unenceba ngakumbi kunabantu. Ngaba sivakalelwa njalo nathi?
24:17. UDavide waba buhlungu kakhulu ngentlungu eyaziswa sisono sakhe ebantwini. Umoni oguqukayo ufanele abe buhlungu ngenxa yogculelo asenokuba uye waluzisa ebandleni.
Sinako ‘Ukuvunywa Yintliziyo KaThixo’
Ukumkani wesibini wakwaSirayeli waba yindoda ‘evunyiweyo yintliziyo kaYehova.’ (1 Samuweli 13:14) UDavide akazange ayithandabuze imilinganiselo kaYehova yobulungisa, kwaye akazange azame ukuzimela geqe kuThixo. Sihlandlo ngasinye uDavide esona, wayesivuma isono sakhe, elwamkela uqeqesho aze ulungise iindlela zakhe. UDavide wayengumgcini wengqibelelo. Sakuba senza ngobulumko xa simxelisa, ngokukodwa xa siye sona.
Ubomi bukaDavide benza kucace ukuba ukugqala ulongamo lukaYehova kuthetha ukwamkela imilinganiselo Yakhe yokulungileyo nokubi size sizame ukubambelela kuyo njengabagcini bengqibelelo. Sinako ukukwenza oku. Hayi indlela esimele sibe nombulelo ngayo ngezifundo esizifunda kwincwadi Yesibini kaSamuweli! Isigidimi esiphefumlelweyo esikule ncwadi yeBhayibhile siphilile ngokwenene, kwaye sinamandla.—Hebhere 4:12.
[Umbhalo osemazantsi]
a Nangona uSamuweli engazange abenenxaxheba ekubhalweni kwayo ithiywe ngaye kuba kwizibhalo zesiHebhere ezi ncwadi zimbini zikaSamuweli zazingumqulu omnye. USamuweli wabhala inxalenye enkulu yencwadi Yokuqala kaSamuweli.
[Umfanekiso okwiphepha 16]
Ukukhumbula ukuba wayemiselwe ngubani ukuze abe ngukumkani kwamnceda uDavide wahlala ethobekile
[Imifanekiso ekwiphepha 18]
“Ndikuvelisela intlekele endlwini yakho”
UBhatshebha
UTamare
UAmnon