Ukwazi Iindlela ZikaYehova
‘Ndazise iindlela zakho, ukuze ndikwazi.’—EKSODUS 33:13.
1, 2. (a) Kwakutheni ukuze uMoses asabele ngendlela awenza ngayo akubona umYiputa ephatha kakubi umHebhere? (b) Ukuze afanelekele ukusetyenziswa nguYehova, yintoni ekwafuneka uMoses ayifunde?
UMOSES wakhulela endlwini kaFaro ibe wafundiswa bonke ubulumko obuphambili kubukhosi baseYiputa. Sekunjalo, uMoses waqonda ukuba akanguye umYiputa. Abazali bakhe babengamaHebhere. Xa wayeneminyaka engama-40 ubudala, waphuma esiya kuvelela abazalwana bakhe, oonyana bakaSirayeli. UMoses wathi akubona umYiputa ephatha kakubi umHebhere othile, akakwazi ukuyinyamezela loo nto. Wamxabela wafa loo mYiputa. UMoses wakhetha ukuma ngakwicala labantu bakaYehova ekholelwa ukuba usetyenziswa nguThixo ukuze akhulule abazalwana bakhe. (IZenzo 7:21-25; Hebhere 11:24, 25) Zathi zakuva oku, izikhakhamela zaseYiputa zagqiba ekubeni uMoses ngumvukeli, ibe kwafuneka asabe nobomi bakhe. (Eksodus 2:11-15) Ukuba uMoses wayeza kusetyenziswa nguThixo, kwakuza kufuneka azazi kakuhle iindlela zakhe. Ngaba bethu wayeza kuvuma ukufundiswa?—INdumiso 25:9.
2 Iminyaka engama-40 emva kweso siganeko, uMoses wayigqiba eselubhacweni ephila njengomalusi. Kunokuba adandathekiswe kukungajongelwa ntweni ngabazalwana bakhe abangamaHebhere, uMoses wamkela loo meko ivunyelwe nguThixo. Nakuba kwaqengqeleka iminyaka kungacaci nto, uMoses wavumela uYehova ukuba amxonxe. Engazigwagwisi, kodwa ephenjelelwa ngumoya oyingcwele kaThixo, kamva wabhala wathi: “Indoda leyo inguMoses yayiyeyona ilulamileyo kubantu bonke ababephezu komhlaba.” (Numeri 12:3) UYehova wasebenzisa uMoses ngeendlela ezibalaseleyo. Ukuba nathi sifuna ukululama, uYehova uya kusisikelela.—Zefaniya 2:3.
Wathunywa
3, 4. (a) UYehova wamthuma ukwenza ntoni uMoses? (b) Luluphi uncedo awalunikwayo uMoses?
3 Ngenye imini ingelosi eyayimela uYehova yathetha noMoses kufuphi neNtaba iHorebhe kuSingasiqithi weSinayi. Yathi kuMoses: “Ngokungathandabuzekiyo ndiyibonile inkxwaleko yabantu bam abaseYiputa, yaye ndisivile isikhalo sabo ngenxa yabo babaqweqwedisayo emsebenzini; kuba ndiyazi kakuhle intlungu yabo. Ndihlile ke ukuze ndibahlangule esandleni samaYiputa ndize ndibanyuse baphume kwelo lizwe, baye ezweni elilungileyo neliphangaleleyo, ezweni eliqukuqela ubisi nobusi.” (Eksodus 3:2, 7, 8) UThixo wayenomsebenzi afuna uMoses awenze, kodwa wayefuna awenze ngendlela yakhe yena Yehova.
4 Le ngelosi kaYehova yahlabela mgama: “Yiza ke ndikuthumele kuFaro, ubakhuphe eYiputa abantu bam, oonyana bakaSirayeli.” UMoses waba madolw’ anzima. Waziva engafaneleki ukwenza oko ibe wayengazithembi kwayena. Kodwa uYehova wamqinisekisa wathi: “Ndiya kuba nawe.” (Eksodus 3:10-12) UYehova womeleza uMoses wenza imimangaliso eyayiza kungqina ukuba uthunywe nguThixo ngokwenene. Umntakwabo uAron, wayeza kumpheleka abe sisithethi sakhe. UYehova wayeza kubafundisa oko bamele bakuthethe noko bamele bakwenze. (Eksodus 4:1-17) Ngaba uMoses wayeza kusiphumeza ngokuthembeka eso sabelo?
5. Kwakutheni ukuze isimo sengqondo samaSirayeli sibe yingxaki kuMoses?
5 Ekuqaleni amadoda amakhulu akwaSirayeli amkholelwa uMoses noAron. (Eksodus 4:29-31) Kodwa, akuzange kube kudala “amagosa oonyana bakaSirayeli” ababek’ ityala uMoses nomntakwabo esithi bawenze “alivumba elibi” kuFaro nakubakhonzi bakhe. (Eksodus 5:19-21; 6:9) Xa amaSirayeli ayephuma eYiputa, athi akubona kusiza iinqwelo zokulwa zamaYiputa atyhwatyhwa luloyiko. Ekubeni ayevalelwe luLwandle Olubomvu ngaphambili kwabe kusiza iinqwelo zokulwa ngasemva, amaSirayeli aziva engenandlela yakuphuncula aza agxeka uMoses. Wawuya kuthini wena? Nakuba amaSirayeli ayengenazikhephe, esalathiswa nguYehova uMoses wabongoza abantu ukuba bachithe intente. Emva koko uThixo wawabuyisela umva amanzi oLwandle Olubomvu, kwavela umhlaba owomileyo aza amaSirayeli anqumla kuwo.—Eksodus 14:1-22.
Oyena Ndoqo Ngaphezu Kokuhlangulwa
6. Yintoni eyagxininiswa nguYehova xa wayethuma uMoses?
6 Xa wayethuma uMoses, uYehova wagxininisa ukubaluleka kwegama lakhe. Oyena ndoqo yayikukuhlonela elo gama noMnikazi walo. Xa wabuzwa igama lakhe, uYehova wathi kuMoses: “Ndinguye lowo ndiya kuzingqina Ndinguye.” Ngaphezu koko, uMoses wayemele athi koonyana bakaSirayeli: “UYehova uThixo wookhokho benu, uThixo ka-Abraham, uThixo kaIsake noThixo kaYakobi, undithumile kuni.” Ehlabela mgama uYehova wathi: “Lilo elo igama lam kuse kwixesha elingenammiselo, yaye sisikhumbuzo sam eso kwizizukulwana ngezizukulwana.” (Eksodus 3:13-15) UYehova iseligama aziwa ngalo uThixo ngabakhonzi bakhe ehlabathini lonke.—Isaya 12:4, 5; 43:10-12.
7. UThixo wambongoza ukuba enze ntoni uMoses phezu kwako nje ukuba nekratshi kukaFaro?
7 Phambi koFaro, uMoses noAron badlulisela isigidimi sabo egameni likaYehova. Kodwa ngekratshi uFaro wathi: “Ngubani na uYehova, ukuba ndingade ndithobele ilizwi lakhe lokuba ndimndulule uSirayeli? Andimazi konke konke uYehova yaye, ngaphezu koko, andiyi kumndulula uSirayeli.” (Eksodus 5:1, 2) UFaro wabonakala enentliziyo elukhuni yaye ekhohlisa, kodwa uYehova wabongoza uMoses ukuba abuyelele esisa isigidimi sakhe. (Eksodus 7:14-16, 20-23; 8:1, 2, 20) UMoses wayebona ukuba uFaro uyajwaqeka ngumsindo. Ngaba kwakuza kunceda ukuya kuye kwakhona? USirayeli wayelangazelela ukukhululwa. UFaro wayebetha ngenqindi phantsi esala. Ngewawenze ntoni wena?
8. Sizuza ntoni kwindlela uYehova awamphatha ngayo uFaro, ibe zimele zisichaphazele njani ezo ziganeko?
8 UMoses waphinda wasa esinye isigidimi, esithi: “Utsho uYehova uThixo wamaHebhere ukuthi, ‘Bandulule abantu bam baye kundikhonza’”. UThixo walek’ umsundulu wathi: “Kuba nangoku bendingasolula isandla sam ndize ndikubethe wena nabantu bakho ngendyikitya yokufa, nitshayelwe ningabikho emhlabeni. Kodwa, enyanisweni, ndikuyekile nje, kungenxa yokuze ndikubonise amandla am nokuze livakaliswe igama lam emhlabeni wonke.” (Eksodus 9:13-16) Ngenxa yoko kwakuza kwenziwa kuFaro onentliziyo yelitye, uYehova wayenenjongo yokubonakalisa amandla akhe ngendlela eza kuba sisilumkiso kubo bonke abo bamdelelayo. Oku kwakuza kuquka noSathana uMtyholi, lowo kamva uYesu Kristu wambiza ngokuba ‘ngumlawuli wehlabathi.’ (Yohane 14:30; Roma 9:17-24) Njengokuba kwaxelwayo, igama likaYehova lavakaliswa emhlabeni wonke. Ukuzeka kade umsindo kwakhe kwanceda amaSirayeli asindiswa kunye neqela elikhulu elingumxube elawathelelayo ekumnquleni. (Eksodus 9:20, 21; 12:37, 38) Ukususela ngoko, ukuvakaliswa kwegama likaYehova kuncede izigidi ezingakumbi zafumana unqulo lokwenyaniso.
Ukuqhubana Nabantu Abalukhuni
9. Abantu bohlanga lukaMoses bakubonisa njani ukungamhloneli uYehova?
9 AmaHebhere ayelazi igama likaThixo. UMoses wasebenzisa elo gama xa ethetha nawo, kodwa lonk’ ixesha ayengabonisi kumhlonela uMninilo. Kungekudala uYehova ekhulule amaSirayeli ngendlela engummangaliso eYiputa, yintoni awayenzayo akungafumani manzi okusela ngokukhawuleza? Ambombozelela uMoses. Emva koko akhalazela ukutya. UMoses wawalumkisa ngelithi akambombozeleli yena noAron nje kuphela kodwa noYehova. (Eksodus 15:22-24; 16:2-12) KwiNtaba yeSinayi, uYehova wanika amaSirayeli uMthetho, ibe xa wayesenza oko wasebenzisa nemimangaliso yamandla angaphaya kwawemvelo. Sekunjalo, abantu abazange bamthobele benza ithole legolide balinqula besithi “ngumthendeleko kuYehova.”—Eksodus 32:1-9.
10. Kutheni isicelo sikaMoses esikwiEksodus 33:13 sibangel’ umdla okhethekileyo kubaveleli abangamaKristu namhlanje?
10 UMoses wayeza kuqhubana njani nabantu kwanoYehova abachaza njengabantamo zilukhuni? UMoses wacela uYehova wathi: “Ukuba ndikholekile emehlweni akho, nceda undazise iindlela zakho, ukuze ndikwazi, nokuze ndikholeke emehlweni akho.” (Eksodus 33:13) Xa benyamekela amaNgqina kaYehova anamhlanje, abaveleli abangamaKristu balusa umhlambi wabantu abathobeke ngakumbi kunamaSirayeli. Ukanti, nabo bathandaza besithi: “Ndazise iindlela zakho, Yehova; ndifundise iindlela zakho.” (INdumiso 25:4) Ukwazi iindlela zikaYehova kunceda abaveleli bahlangabezane neemeko ngokuvisisana neLizwi likaThixo yaye oko kuvumelana nobuntu bakhe.
Oko UYehova Akulindeleyo Kubantu Bakhe
11. Yiyiphi imigaqo uYehova awayinika uMoses, ibe kutheni sinomdla nje kuyo?
11 Oko uYehova wayekulindele kubantu bakhe kwachazwa ngomlomo kwiNtaba yeSinayi. Kamva uMoses wafumana amacwecwe amabini abhalwe iMithetho Elishumi. Xa wayesihla entabeni, wabona amaSirayeli enqula umfanekiso wethole waza enomsindo wawalahla phantsi aphuka loo macwecwe. UYehova waphinda wabhala iMithetho Elishumi, kumacwecwe elitye awayenziwe nguMoses. (Eksodus 32:19; 34:1) Loo mithetho yayifana naleyo wayinikwa kuqala. UMoses wayemele athobele yona. Kwakhona uThixo wabonisa phandle uhlobo lomntu aNguye kuMoses, embonisa indlela amele aziphathe ngayo njengommeli kaYehova. AmaKristu akakho phantsi koMthetho kaMoses, kodwa oko uYehova wakuxelela uMoses kuqulethe intaphane yemigaqo esisiseko engekaguquki nesasebenzayo kubo bonke abanquli bakaYehova. (Roma 6:14; 13:8-10) Makhe siqwalasele embalwa kuyo.
12. Ukufuna kukaYehova uzinikelo olupheleleyo kwakumele kuwachaphazela njani amaSirayeli?
12 Ukuzinikela ngokupheleleyo kuYehova. Sasikho isizwe sikaSirayeli xa uYehova wayesithi ufuna uzinikelo olupheleleyo. (Eksodus 20:2-5) AmaSirayeli abona ubungqina obuninzi bokuba uYehova unguThixo oyinyaniso. (Duteronomi 4:33-35) UYehova wenza kwacaca ukuba, phezu kwazo nje izinto ezazisenziwa zezinye iintlanga wayengayi kunyamezela naluphi na uhlobo lonqulo-zithixo okanye ukusebenzelana nemimoya kwabantu bakhe. Ukuzinikela kwabo kuye, kwakungayi kuba yinkwalambisa nje. Bonke babemele bamthande uYehova ngentliziyo yabo yonke, ngomphefumlo wabo wonke nangamandla abo onke. (Duteronomi 6:5, 6) Oku kwakuquka intetho yabo, indlela abaziphatha ngayo—eneneni, zonke iinkalo zobomi babo. (Levitikus 20:27; 24:15, 16; 26:1) NoYesu Kristu wabonisa phandle ukuba uYehova ufuna uzinikelo olupheleleyo.—Marko 12:28-30; Luka 4:8.
13. Kwakutheni ukuze amaSirayeli kufuneke amthobele ngokupheleleyo uThixo, yaye simele sishukunyiswe yintoni ukuze thina simthobele? (INtshumayeli 12:13)
13 Ukuyithobela ngokupheleleyo imithetho kaYehova. AmaSirayeli kwafuneka akhunjuzwe ukuba xa ayesenza isivumelwano sobuhlobo noYehova, ayesenza isifungo sokumthobela ngokupheleleyo. Ayenenkululeko eninzi, kodwa kwimibandela uYehova awanike imithetho kuyo, kwakufuneka ayithobele ngokupheleleyo. Ukwenjenjalo kwakuza kubonisa ukuba ayamthanda uThixo yaye kwakuza kunceda wona nenzala yawo kuba yonke imithetho kaYehova yayilungiselwe ukunceda wona.—Eksodus 19:5-8; Duteronomi 5:27-33; 11:22, 23.
14. UThixo wakubethelela njani ukubaluleka kokubeka izinto zokomoya kwindawo yokuqala kumaSirayeli?
14 Ukubeka izinto zokomoya kwindawo yokuqala. Isizwe sakwaSirayeli sasingavumelekanga ukuba sinyamekele izinto zokwenyama ngaphezu kwezokomoya. AmaSirayeli ayengamele aphilele izilangazelelo zehlabathi. UYehova walungiselela ukuba veki nganye kubekelwe bucala ixesha lezinto ezingcwele, ixesha elalisetyenziswa ngokupheleleyo ekunquleni uThixo oyinyaniso. (Eksodus 35:1-3; Numeri 15:32-36) Nyaka ngamnye, kwakubekwa bucala ixesha elingakumbi leendibano ezithile ezingcwele. (Levitikus 23:4-44) Ezi ndibano zazinceda amaSirayeli afumane amathuba okuxubusha ngemisebenzi yamandla kaYehova, akhunjuzwe iindlela zakhe aze abonakalise umbulelo kuye ngako konke ukulunga kwakhe. Njengoko ayevakalisa ukuzinikela kwawo kuYehova, ayeza kumoyika aze amthande ngakumbi uThixo futhi ancedwe ahambe ezindleleni zakhe. (Duteronomi 10:12, 13) Nanamhlanje, imigaqo eyakhayo efunyanwa kuloo miyalelo iyabanceda abakhonzi bakaYehova.—Hebhere 10:24, 25.
Ukuqonda Nokuxabisa Iimpawu ZikaYehova
15. (a) Kwakutheni ukuze ukuqonda iimpawu zikaYehova kumncede uMoses? (b) Yiyiphi imibuzo enokusinceda sicingisise nzulu ngophawu ngalunye lukaYehova?
15 Ukuqonda iimpawu zikaYehova kwakuza kunceda uMoses akwazi ukuqhubana nabantu. IEksodus 34:5-7 isichazela ukuba uThixo wadlula phambi kobuso bukaMoses wathi: “UYehova, uYehova, uThixo onenceba nobabalo, ozeka kade umsindo, onobubele bothando obuninzi nenyaniso, ogcinela amawaka ububele bothando, oxolela isiphoso nokunxaxha nesono, ongakhe amenze msulwa ofanelwe sisohlwayo, osivelelayo isiphoso sooyise koonyana nakubazukulwana, kwesesithathu isizukulwana nakwesesine isizukulwana.” Ziphe ixesha ucingisise ngaloo mazwi. Zibuze oku: ‘Yintoni ethethwa luphawu ngalunye? UYehova walubonakalisa njani? Abaveleli abangamaKristu banokulubonisa njani olu phawu? Olo phawu lumele lukuphembelele njani oko kwenziwa nguye ngamnye wethu?’ Khawucinge nje ngale mizekelo imbalwa.
16. Sinokwenza njani ukuze siyiqonde ngakumbi inceba kaThixo, ibe kutheni kubalulekile nje oko?
16 UYehova ‘nguThixo onenceba nobabalo.’ Ukuba unayo intyilalwazi ethi Insight on the Scriptures, kutheni ungafundi oko ikutshoyo nje ngegama elithi “Mercy” (“Inceba”)? Okanye uphande ngalo kwiWatch Tower Publications Index okanye kwikhompyutha usebenzisa iWatchtower Library (CD-ROM).a Sebenzisa iconcordance ukuze ufumane izibhalo ezibhekisela kwinceba. Uya kuphawula ukuba ukongezelela ekunciphiseni kwakhe isohlwayo maxa wambi, inceba kaYehova iquka uvelwano. Ibangela uThixo enze okuthile ukuze abantu bakhe bafumane isiqabu. Ubungqina boku, uThixo wanyamekela amaSirayeli ngokwenyama nangokomoya ebudeni bohambo lwawo esiya kwiLizwe Lesithembiso. (Duteronomi 1:30-33; 8:4) Ngenceba uYehova wayewaxolela xa enze iimpazamo. Wabenzela inceba abantu bakhe bamandulo. Kubeka phi ke kubakhonzi bakhe banamhlanje indlela abamele babe novelwano ngayo omnye komnye!—Mateyu 9:13; 18:21-35.
17. Ukuqonda kwethu ubabalo lukaYehova kunokuba negalelo elihle njani kunqulo lokwenyaniso?
17 Inceba kaYehova ihambisana nobabalo. Ukuba unaso isichazi-magama, funda oko sikutshoyo ngegama “ubabalo.” Lithelekise nezibhalo ezichaza uYehova njengonobabalo. IBhayibhile ibonisa ukuba, ukuba nobabalo kukaYehova kuquka ukuxhalabela abo baxhwalekileyo kubantu bakhe. (Eksodus 22:26, 27) Nakweliphi na ilizwe, abaphambukeli nabanye banokuzifumana sele bekwimeko emaxongo. Xa wayefundisa abantu bakhe ukuba bangakhethi buso nokuba babenzele ububele abantu abanjalo, uYehova wabakhumbuza ukuba nabo babengabaphambukeli eYiputa. (Duteronomi 24:17-22) Kuthekani ngathi bantu bakaThixo namhlanje? Ukuba nobabalo kwethu kusinceda simanyane kuze kutsalele abanye ekunquleni uYehova.—IZenzo 10:34, 35; ISityhilelo 7:9, 10.
18. Yintoni esiyifundayo koko uYehova wakufundisa amaSirayeli ngokuphathelele iindlela zabantu bezinye iintlanga?
18 Noko ke, ukuba novelwano ngabantu bezinye iintlanga kwakungamele kugqumelele isibakala sokuba amaSirayeli emele athande uYehova nemilinganiselo yakhe yokuziphatha. Ngoko, amaSirayeli afundiswa ukuba angalandeli iindlela zeentlanga eziwangqongileyo, angalandeli amasiko onqulo neendlela zokuziphatha zazo. (Eksodus 34:11-16; Duteronomi 7:1-4) Oko kusenjalo nakuthi namhlanje. Simele sibe ngcwele, njengoThixo wethu, uYehova ongcwele.—1 Petros 1:15, 16.
19. Ukuqonda indlela uYehova azijonga ngayo izenzo zobubi kunokubakhusela njani abantu bakhe?
19 Ukuze uMoses azazi iindlela Zakhe, uYehova wenza kwacaca ukuba nakuba ekwalela ukwenziwa kwesono, kodwa uzeka kade umsindo. Abantu bakhe ubapha ixesha ukuze bafunde imilinganiselo yakhe baze benze ngokuvisisana nayo. Xa beguquka, uYehova uyazixolela izono zabo, kodwa akabakhuseli kwisohlwayo esibafaneleyo sokwenza iziphoso ezinzulu. Walumkisa uMoses ngokuba izizukulwana ezilandelayo zinokufumana impembelelo entle okanye embi, koko kwakusenziwa ngamaSirayeli. Ukuziqonda nokuzixabisa iindlela zikaYehova kunokubakhusela abantu bakaThixo bangambek’ ityala ngemeko abazifake kuyo okanye bagqibe ngelithi uyacotha.
20. Yintoni enokusinceda sikwazi ukusebenzisana nabo sikholwa nabo kunye nabo sidibana nabo kubulungiseleli bethu? (INdumiso 86:11)
20 Ukuba unqwenela ukwandisa ulwazi lwakho ngoYehova, neendlela zakhe, qhubeka uphanda uze ucamngce xa ufunda iBhayibhile. Ziphonononge ngenyameko iinkalo ezahlukeneyo ezibangel’ umdla ngobuntu bukaYehova. Xa uthandaza cinga ngendlela onokumxelisa ngayo uThixo uze uvisisanise ubomi bakho ngakumbi nenjongo yakhe. Oku kuya kukunceda uphephe imigibe, ukwazi ukusebenzisana nabo ukholwa nabo, uze uncede abanye abantu bamazi baze bamthande uThixo wethu ozukileyo.
[Umbhalo osemazantsi]
a Zonke zipapashwe ngamaNgqina kaYehova.
Ufunde Ntoni?
• Kutheni kwakubalulekile nje ukululama kuMoses, ibe kubaluleke ngantoni kuthi?
• Yintoni entle eyafezwa nguMoses ngokubuyelela esisa kuFaro ilizwi likaYehova?
• Yiyiphi eminye yemigaqo ebalaseleyo eyafundiswa uMoses ebalulekileyo nakuthi?
• Singenza njani ukuze siziqonde ngakumbi iimpawu zikaYehova?
[Umfanekiso okwiphepha 21]
Ngokuthembeka uMoses waya kuxelela uFaro ilizwi likaYehova
[Umfanekiso okwiphepha 23]
UYehova waxelela uMoses imilinganiselo yakhe
[Umfanekiso okwiphepha 24, 25]
Camngca ngeempawu zikaYehova