Ngaba Ubusazi?
Kwakutheni ukuze amaYuda achithakale ngexesha likaYesu?
Xa uYesu waxelela abantu ababemphulaphule ukuba apho wayesiya khona babengenakukwazi ukumlandela, amaYuda azibuza oku: “Lo mntu uzimisele ukuya phi . . . ? Akazimiselanga kuya kulaa maYuda asasazeke phakathi kwamaGrike . . . Akunjalo?” (Yohane 7:32-36) Kungekudala emva koko abavangeli abangamaKristu bashumayela iindaba ezilungileyo kumaYuda awayechithakele kwimimandla yoLwandle lweMeditera.—IZenzo 2:5-11; 9:2; 13:5, 13, 14; 14:1; 16:1-3; 17:1; 18:12, 19; 28:16, 17.
Le nkcithakalo yabangelwa kukuba amaYuda oyiswa kwilizwe lawo aze athinjwa zezinye iintlanga—okokuqala ngama-Asiriya ngowama-740 B.C.E., kwaza kwalandela amaBhabhiloni ngowama-607 B.C.E. Yaba yintsalela yaloo maYuda ayethinjiwe eyabuyela kwaSirayeli. (Isaya 10:21, 22) Amanye awazange abuye.
Ngenxa yoko, ngenkulungwane yesihlanu ngaphambi kweXesha Eliqhelekileyo, amaYuda ayehlala kumaphondo ali-127 oBukhosi bamaPersi. (Estere 1:1; 3:8) Ekugqibeleni imigudu yamaYuda yokuguqulela abantu ebuYudeni, yabangela ukuba inkitha yabantu imazi uYehova noMthetho awayewunike amaYuda. (Mateyu 23:15) AmaYuda asuka kumazwe amaninzi ayekho eYerusalem ngePentekoste yowama-33 C.E., apho aziva khona iindaba ezilungileyo ezingoYesu. Ngoko ukuchithakala kwamaYuda kuBukhosi baseRoma kwaba negalelo ekusasazekeni kobuKristu.
Yayingakanani igolide awayenayo uKumkani uSolomon?
IZibhalo zithi uHiram ukumkani waseTire wathumela iitoni ezine zegolide kuSolomon, ukumkanikazi waseShebha wamnika isixa esifanayo, neenqanawa zikaSolomon zeza neetoni ezingaphezu kwe-15 zegolide esuka eOfire. Ingxelo ithi: “Ubunzima begolide eyeza kuSolomon ngonyaka omnye baba ngamakhulu amathandathu anamashumi mathandathu anesithandathu eetalente zegolide,” okanye ngaphezu kweetoni ezingama-25. (1 Kumkani 9:14, 28; 10:10, 14) Ngaba oku kusengqiqweni? Yayininzi kangakanani igolide ngaloo maxesha?
Umbhalo wamandulo, abathi abaphengululi uchanile, uthi uPharaoh Thutmose III waseYiputa (owayephila kwiwaka lesibini ngaphambi kweXesha Eliqhelekileyo) wanikela ngeetoni zegolide ezili-13,5 kwitempile ka-Amun-Ra eKarnak. Ngenkulungwane yesibhozo ngaphambi kweXesha Eliqhelekileyo, uKumkani uTiglath-pileser III waseAsiriya waphiwa iitoni ezine zegolide eTire, noSargon II wanikela ngesipho esilinganayo segolide koothixo baseBhabhiloni. Kuthiwa uKumkani uPhilip II waseMakedoniya (owayelawula ngowama-359-336 B.C.E.) wayesemba iitoni zegolide ezingaphezu kwama-28 ngonyaka kwimigodi yasePangaeum eThrace.
Xa unyana kaPhilip uAleksandire Omkhulu (owayelawula ngowama-336-323 B.C.E.) wathimba isixeko sasePersi iSusa, kuthiwa wathabatha iitoni ezili-1 180 zegolide kwaneetoni eziphantse zibe ngama-7 000 kuyo yonke iPersi. Ngoko ke, xa ithelekiswa nezi ngxelo, indlela eyichaza ngayo iBhayibhile igolide kaKumkani uSolomon ayibaxwanga.