Eyokuqala YooKumkani
9 Kwathi nje emva kokuba uSolomon egqibile ukuyakha indlu kaYehova, indlu kakumkani+ nayo yonke into awayefuna ukuyenza,+ 2 uYehova wabonakala okwesibini kuSolomon, kanye njengokuba wayebonakele kuye eGibheyon.+ 3 UYehova wathi kuye: “Ndiwuvile umthandazo wakho nesicelo senceba osenzileyo phambi kwam. Ndiyenze ngcwele le ndlu uyakhileyo ngokubeka igama lam kuyo ngonaphakade,+ ibe amehlo am nentliziyo yam ziza kusoloko zilapho.+ 4 Ukuba wena uza kuhamba phambi kwam, kanye njengokuba uDavide utata wakho wahambayo,+ ngentliziyo egqibeleleyo+ nengagungqiyo,+ wenze yonke into endikuyalele yona,+ uyithobele imithetho yam nezigwebo zam,+ 5 ndiza kuyimisela ngonaphakade itrone yobukumkani bakho kwaSirayeli, kanye njengokuba ndamthembisayo uDavide utata wakho, ndisithi, ‘Kuza kuhlala kukho indoda ephuma kumnombo wakho ehleli etroneni kaSirayeli.’+ 6 Kodwa ukuba nina noonyana benu niyayeka ukundilandela nize ningayithobeli imiyalelo yam nemithetho yam endininike yona, nikhonze abanye oothixo nize niqubude kubo,+ 7 ndiza kumnqumla uSirayeli phezu komhlaba endimnike wona,+ nendlu endiyenze ngcwele ngenxa yegama lam ndiza kuyilahla isuke phambi kwam,+ yaye uSirayeli uza kuba yinto yokuthukwa* nento yokugezelwa zizo zonke izizwana.+ 8 Le ndlu yona iza kuba ngamabhodlo.+ Wonke umntu odlula ngakuyo uza kuyijonga emangalisiwe aze abethe umlozi esithi, ‘Kwakutheni ukuze uYehova enze le nto kweli lizwe nakule ndlu?’+ 9 Emva koko baza kuthi, ‘Kungenxa yokuba bamshiya uYehova uThixo wabo, owakhupha ookhokho babo kwilizwe laseYiputa, bamkela abanye oothixo, baqubuda kubo baza babakhonza. Yiyo le nto uYehova eye wabazisela yonke le ntlekele.’”+
10 Ekupheleni kweminyaka eyi-20 uSolomon awakha ngayo izindlu ezimbini, ekaYehova nekakumkani,+ 11 uHiram+ ukumkani waseTire wayesele enike uSolomon amaplanga omsedare nawejunipha nayo yonke igolide awayeyifuna,+ yaye uKumkani uSolomon wanika uHiram izixeko eziyi-20 kwilizwe laseGalili. 12 UHiram waphuma eTire waya kubona ezi zixeko uSolomon wayemnike zona, kodwa wayenganelisekanga zizo.* 13 Wathi: “Yile mfeketho kanti ezi zixeko undinike zona mntakwethu?” Ngoko zabizwa ngokuba liLizwe LaseKabhuli* de kube namhlanje. 14 UHiram wathumela kukumkani iitalente* zegolide eziyi-120.+
15 Le yingxelo yabo babhaliswa nguKumkani uSolomon ukuba basebenze ngenkani,+ ukuze bakhe indlu kaYehova,+ indlu yakhe,* iNduli,*+ udonga lwaseYerusalem, iHatsore,+ iMegido+ neGezere.+ 16 (UFaro ukumkani waseYiputa wayenyukile waza wayithimba iGezere, wayitshisa, wabulala namaKanan+ awayehlala kweso sixeko. Ngoko wasinika intombi yakhe,+ umfazi kaSolomon, saba sisipho somtshato.*) 17 USolomon wakha* iGezere, iBhete-horon Esezantsi,+ 18 iBhahalati+ neTamare esentlango kwelo lizwe, 19 nazo zonke izixeko zikaSolomon ezingoovimba, izixeko zeenqwelo,+ izixeko zabakhweli-mahashe, nayo nantoni na uSolomon awayefuna ukuyakha eYerusalem, eLebhanon nakuwo wonke umhlaba owawuphantsi kolawulo lwakhe. 20 Bonke abantu ababeshiyeke kuma-Amori, amaHiti, amaPerizi, amaHivi namaYebhusi,+ bantu abo babengengawo amaSirayeli,+ 21 inzala yabo eyayishiyeke elizweni, leyo ingazange itshatyalaliswe ngamaSirayeli, yabhaliswa nguSolomon ukuba isebenze ngokunyanzelwa, ibe ngamakhoboka de kube namhlanje.+ 22 Kodwa akukho namnye kumaSirayeli owenziwa ikhoboka nguSolomon,+ kuba ayengamagorha akhe, abasebenzi, iinkosana, abaphathi-mkhosi neentloko zabaqhubi beenqwelo nezabakhweli-mahashe bakhe. 23 Zaziyi-550 iinkosi zamasekela awayejongene nomsebenzi kaSolomon, amadoda awayegade abasebenzi.+
24 Intombi kaFaro+ yaphuma kwisiXeko SikaDavide+ yaya kweyayo indlu awayeyakhele yona; emva koko wakha iNduli.*+
25 Kathathu ngonyaka+ uSolomon wayesenza imibingelelo etshiswayo nemibingelelo yobuhlobo esibingelelweni awayesakhele uYehova,+ kuqhunyiswa nombingelelo esibingelelweni esasiphambi koYehova, watsho wayigqiba indlu.+
26 UKumkani uSolomon wakha neenqanawa e-Etsiyon-gebhere,+ engase-Eloti, kunxweme loLwandle Olubomvu kwilizwe lakwaEdom.+ 27 UHiram wathumela izicaka zakhe ngeenqanawa,+ iingcali zolwandle, ukuze ziyokusebenza nezicaka zikaSolomon. 28 Zaya eOfire+ zathatha iitalente zegolide eziyi-420 zazizisa kuKumkani uSolomon.