Izilwanyana Zizukisa UYehova
IZILWANYANA zibonisa ubungangamsha bukaYehova. Uzinyamekela kanye ngendlela abanyamekela ngayo abantu. (INdumiso 145:16) Besiya kuba asichananga xa besinokumhlab’ amadlala uMdali wezilwanyana nabantu! Nangona uYobhi wayeyindoda ethe tye, wathi “umphefumlo wakhe ulilungisa endaweni kaThixo.” Ngoko uYobhi kwakusafuneka efundile!—Yobhi 32:2; 33:8-12; 34:5.
Ukujonga izilwanyana kwambonisa ukuba akukho mntu unokuzithandabuza iindlela zikaThixo. Oku kucaca ngakumbi xa siqwalasela indlela uYehova awathetha ngayo nomkhonzi wakhe uYobhi!
Azijonganga Ncedo Lwamntu
Zacima izibane kuYobhi xa uThixo wayembuza ngobomi bezilwanyana. (Yobhi 38:39-41) Kucacile ukuba uYehova akafuni ncedo lwamntu ukuze ondle ingonyama nehlungulu. Nangona amahlungulu ebhabha kuyo yonke indawo ekhangela ukutya, uThixo uyawondla.—Luka 12:24.
Laphinda lamom’ emqaleni uYobhi xa uThixo wayembuza ngezilwanyana zasendle. (Yobhi 39:1-8) Akukho mntu unokukhusela iibhokhwe zasezintabeni namaxhamakazi. Kaloku, kunzima nkqu nokusondela oku kwibhokhwe yasezintabeni! (INdumiso 104:18) Ngenxa yethuku elilinikwe nguThixo, ixhamakazi lizifunela indawo ekhethekileyo xa liza kuzala. Lilinyamekela kakuhle itakane lalo, lize lithi ‘lakomelela, limke lingabuyi.’ Emva koko, liyazibonela.
Iqwarhashe liyazidakasela, yaye lona iesile lasendle lizihlalela enkqantosini. UYobhi wayengenakubopha umthwalo awubeke emhlana we-esile lasendle. Lifuna “zonke iintlobo zezityalo eziluhlaza,” likhangela iintaba lifuna idlelo lalo. Esi silwanyana asinakuze simke endle kuba sisithi ukutya kufumaneka lula ezidolophini. ‘Ingxolo yalowo usichwechwelayo asiyiva,’ kuba sikhawuleza siphel’ emehlweni xa kusiza umntu.
Emva koko uThixo uthetha ngenqu. (Yobhi 39:9-12) Umembi wezinto zakudala oliNgesi, uAusten Layard wabhala wenjenje: “Kwimifanekiso inqu iboniswa njengesilwanyana esoyikekayo nesizingelwa njengengonyama. Ukumkani wezilwanyana usoloko ebonwa esukuzana nayo, yaye abaphumi-mkhosi bayisukela ngamahashe nangeenyawo.” (Nineveh and Its Remains, 1849, Umqulu 2, iphepha 326) Sekunjalo, ayikho indoda, nokuba sisilumko esivela phi na, enokuzama ukubamba esi silwanyana singalawulekiyo ize isifake umkhala.—INdumiso 22:21.
Izidalwa Ezinamaphiko Zimenza Mkhulu UYehova
Akugqiba uThixo ubuza uYobhi ngezidalwa ezinamaphiko. (Yobhi 39:13-18) Ingwamza ibhabhela phezulu ngaloo maphiko ayo omeleleyo. (Yeremiya 8:7) Nangona inciniba inokuwaphaphazelisa amaphiko ayo, kodwa ayikwazi ukubhabha. Ngokwahlukileyo kwingwamza, inciniba ayiwazaleli kwindlu yentaka eyakhiwe emthini amaqanda ayo. (INdumiso 104:17) Imba umngxuma entlabathini ize iwazalele apho. Sekunjalo, le ntaka ayize iwashiye amaqanda ayo. Iwagquma ngentlabathi, afumane ubushushu obufanelekileyo yaye anyanyekelwa ngunina noyise.
Inciniba isenokubonakala ngathi ‘ibulibele ubulumko’ xa ibaleka utshaba. IAn Encyclopedia of Bible Animals ithi: “Le yindlela eluphazamisa ngayo utshaba: [iinciniba] ziphaphazelisa amaphiko ukuze eso silwanyana okanye loo mntu ufuna ukuthabatha amaqanda azo azibone aze abaleke.”
Inciniba ‘ilihleka ngayiphi indlela ihashe nomkhweli walo’? IThe World Book Encyclopedia ithi: “Inciniba ayikwazi ukubhabha, kodwa ibaleka ngesantya esikhulu. Ngamanqina ayo amade ibaleka imitsi eziimitha ezisisi-4,6 ngesantya esiziikhilomitha ezingama-64 ngeyure.”
UThixo Ulenze Lanamandla Ihashe
Wandula ke uThixo abuze uYobhi ngehashe. (Yobhi 39:19-25) Kumaxesha amandulo, abaphumi-mkhosi babesilwa ngamahashe, yaye ayerhuqa iinqwelo zokulwa kuqabele umqhubi mhlawumbi namajoni amabini. Litshisekel’ imfazwe, eli hashe liyakhala lize lingqishe emhlabeni ngeempuphu zalo. Alinkwantyi yaye alibuyi mva ngenxa yekrele. Sithi sakukhala isigodlo, ihashe lomkhosi libe ngathi lithi, “Heke!” Liya phambili, ‘liginye umhlaba.’ Sekunjalo, liyamthobela umkhweli walo.
Umembi wezinto zakudala uLayard, ukuzekelisa oku ngemazi yehashe yakwa-Arabhu esithi: “Nangona imazi yehashe yakwa-Arabhu izole njengemvu yaye ilawuleka lula ngokufakwa umkhala, ithi yakuva ikhwelo lemfazwe, ibone nomkhweli wayo evonyavonya umkhonto wakhe, asuke amehlo ayo atshawuzele njengomlilo, ubone ngayo seyibeth’ ithatha, igobe kuhle loo ntamo yayo, iphakamise umsila nesingci sayo.”—Discoveries Among the Ruins of Nineveh and Babylon, 1853, iphepha 330.
Khawuqwalasele Ukhetshe Nokhozi
Ngoku uYehova unikel’ ingqalelo kwezinye iintaka. (Yobhi 39:26-30) Ukhetshe ‘ubhabha aye phezulu, amaphiko akhe ewaneke emoyeni.’ Ithetha ngokhetshe njengeyona ntaka inesantya, iThe Guinness Book of Records ithi “isantya sakhe saphul’ izikeyi xa edlala esuka kwiindawo eziphakamileyo okanye xa eza kurhiwula ixhoba emoyeni.” Le ntaka ibhabha ngesantya esiziikhilomitha ezingama-349 ngeyure xa isehlela ezantsi!
Ukhozi lubhabha ngesantya esingaphezu kweekhilomitha ezili-130 ngeyure. UYobhi uthelekisa indlela obudlula ngokukhawuleza ngayo ubomi nesantya sokhozi xa lizingela ixhoba. (Yobhi 9:25, 26) UThixo usipha amandla okunyamezela, ngokungathi sihamba ngamaphiko angadinwayo okhozi olundandayo. (Isaya 40:31) Xa ukhozi lubhabha, lusebenzisa umsinga womoya obheka phezulu. Le ntaka ijikeleza kulo msinga womoya othi uyintingisele phezulu. Xa ifikelele phezulu ngokwaneleyo, intingela komnye umsinga yaye inokuhlala ibhabha kangangeeyure ingasebenzisi mandla angako.
Ukhozi ‘lwakha indlwane yalo phezulu’ kwindawo engenakufikeleleka kuba lifuna ukukhusela amantshontsho alo. UYehova ulinike ithuku lokwenza oku. Ulenze ‘lanamehlo aqhubeka ekhangele mgama.’ Ubuchule elinabo bokuyitshintsha ngokukhawuleza indawo eliwatsolise kuyo amehlo alo, bubangela ukuba likwazi ukutsibela ixhoba okanye isilwanyana esifileyo likude. Ukhozi lutya izilwanyana ezifileyo, ngoko “apho bakhoyo ababuleweyo, loba lapho.” Le ntaka ibambela amantshontsho ayo izilwanyana ezincinane.
UYehova Ululeka UYobhi
Ngaphambi kokuba uThixo aqhubeke nemibuzo, ululeka uYobhi. Wasabela njani uYobhi? Wazithoba waza walungela isiluleko esingakumbi.—Yobhi 40:1-14.
Kula mava kaYobhi, sinokufumana esi sifundo sibalulekileyo: Akukho mntu unokumsola uSomandla. Sifanele sithethe size senze izinto ezimkholisayo uBawo wethu wasezulwini. Ngaphezu koko, eyona nto sifanele sizixhalabise ngakumbi ngayo kukungcwaliswa kwegama likaYehova elingcwele nokuthethelelwa kolongamo lwakhe.
IBhehemote Izukisa UThixo
Kwakhona uThixo uphethulela ingqalelo yakhe kwizilwanyana, ubuza uYobhi ngeBhehemote, eyaziwa ngokuba yimvubu. (Yobhi 40:15-24) Imvubu ekhule ngokupheleleyo inobude obunokuba ziimitha ezi-4 ukusa kwezi-5 yaye inokuba nobunzima obuziikhilogram ezingama-3 600. ‘Amandla eBhehemote asesinqeni sayo’—kwizihlunu ezingasemva. IBhehemote inamanqina amafutshane nesisu esomeleleyo esiyenza ikwazi ukurhuqa ngomzimba ematyeni asemlanjeni. Akakho umntu onokulinganiswa nesi silwanyana sitsho ngomzimba nomlomo omkhulu onemihlathi eyomeleleyo.
IBhehemote iyaphuma emanzini iye kutya “ingca eluhlaza.” Iyaneliseka luhlaza olusezintabeni! Itya utyani obuziikhilogram ezingama-90 ukusa kwezili-180 ngosuku. Yakuhlutha iyahamba iye kuthi tywa phantsi komthi womthole okanye kumthunzi womngcunube. Xa umlambo uphuphuma, imvubu ikhupha intloko yayo ngaphandle kwamanzi, ize iye ngakwicala ovela kulo umsinga. Ukuba uYobhi wayenokudibana neBhehemote enaloo mlomo mkhulu namabamba awoyikekayo, wayengenakuba naso isibindi sokuyifaka igwegwe empumlweni.
ILeviyatan Idumisa UThixo
Ngoku uYobhi uxelelwa ngeLeviyatan. (Yobhi 41:1-34) NgesiHebhere eli gama lithetha “isilwanyana esinamaxolo”—mhlawumbi ingwenya. Ngaba uYobhi wayenokuyenza into yokudlala abantwana iLeviyatan? Unotshe! Abo sebekhe bathana mandla nesi silwanyana bathi siyingozi. Ukuba umntu ebenokuzama ukulwa naso, inene bekuya kuqhawuk’ unobathana!
Ithi iLeviyatan yakukhupha intloko emanzini ukuphuma kwelanga, amehlo ayo ‘abe njengokuqaqamba kwesifingo.’ Amaxolo ayo asondelelene yaye isikhumba sayo sinamathambo aqinileyo, nto leyo ebangela ukuba kungangeni neembumbulu kweso sikhumba, akusathethwa ke ngamakrele nemikhonto. Xa ihamba kudonga lomlambo, ishiya umzila ngokungathi bekubhulwa ‘ngesixhobo sokubhula.’ Xa icaphukile amanzi aba lugwebu. Ngenxa yobukhulu bayo, umlomo wayo owoyikekayo namandla ayo asemsileni, akukho nto iyoyikayo.
UYobhi Uyazisola
UYobhi wavuma ukuba ‘uthethe engaziqondi izinto ezimangalisa gqitha kuye.’ (Yobhi 42:1-3) Wavuma ukuba uThixo amlungise, wazisola waza waguquka. Amaqabane akhe akhalinyelwa waza yena wasikelelwa ngokuyintabalala.—Yobhi 42:4-17.
Hayi indlela ekububulumko ngayo ukugcina amava kaYobhi enkenteza ezingqondweni zethu! Asinakuyiphendula yonke imibuzo awayibuzwa nguThixo. Sekunjalo, sinokuyixabisa imimangaliso yendalo eyahlukahlukeneyo emenza mkhulu uYehova.
[Umfanekiso okwiphepha 13]
Ibhokhwe yasezintabeni
[Umfanekiso okwiphepha 13]
Ihlungulu
[Umfanekiso okwiphepha 13]
Imazi yengonyama
[Umfanekiso okwiphepha 14]
Iqwarhashe
[Umfanekiso okwiphepha 14]
Inciniba ikhe imke kumaqanda ayo, kodwa ayiwashiyi ngokupheleleyo
[Umfanekiso okwiphepha 14]
Amaqanda enciniba
[Umfanekiso okwiphepha 14, 15]
Ukhetshe
[Inkcazelo]
Falcon: © Joe McDonald/Visuals Unlimited
[Umfanekiso okwiphepha 15]
Imazi yehashe yakwa-Arabhu
[Umfanekiso okwiphepha 15]
Ukhozi olukhulu
[Umfanekiso okwiphepha 16]
IBhehemote yaziwa ngokuba yimvubu
[Umfanekiso okwiphepha 16]
Kucingelwa ukuba iLeviyatan yingwenya eyomeleleyo