Uvuko—Ngaba Luyinto Yokwenene Kuwe?
“Kuza kubakho uvuko.”—IZENZO 24:15.
1. Kutheni sinokuqiniseka ukuba abantu baza kufa?
“UKUBA kukho izinto abaqinisekileyo ngazo abantu kweli hlabathi, ezo zinto kukufa nokuhlawula irhafu.” La mazwi, naye amkelwa njengayinyaniso ngabanye abhalwa ngowe-1789 ligosa lorhulumente waseMerika uBenjamin Franklin. Noko ke, maninzi amaqothaqikili akuphephayo ukuhlawula irhafu. Kona ukufa kubonakala kungenakuphetshwa, ibe akukho namnye kuthi onokuhlala ebhungca kuko. Igongqongqo, iShiyol—ingcwaba eliqhelekileyo—liyabaqongqoloza abo sibathandayo. (IMizekeliso 27:20) Nakuba kunjalo, ikho into ethuthuzelayo esimele sicinge ngayo.
2, 3. (a) Kwenzeka njani ukuba kubekho abangayi kufa nakuba abaninzi bengakuqondi oko? (b) Yintoni eza kuxutyushwa kweli nqaku?
2 ILizwi likaYehova lisiqinisekisa ngovuko, ukuvuselwa ebomini kwakhona. Eli asilophupha nje, ibe akukho namnye umqobo okanye nantoni na enokuxaba, ithintele uYehova ekuvuseni abantu. Noko ke, bambalwa abayiqondayo into yokuba kukho abantu abangayi kufa. Kutheni sisitsho nje? Kaloku kukho “isihlwele esikhulu” esingenakubalwa esiza kusinda “kwimbandezelo enkulu” esemnyango. (ISityhilelo 7:9, 10, 14) Emva kwayo baya kuqhubeka bephila, benethemba lobomi obungunaphakade. Oku kuthetha ukuba basenokungaze bafe, kuba ‘ukufa kuya kutshitshiswa.’—1 Korinte 15:26.
3 Kufuneka siqiniseke ngovuko kanye njengompostile uPawulos, owathi: “Kuza kubakho uvuko lwamalungisa nabangengomalungisa.” (IZenzo 24:15) Makhe siqwalasele imibuzo emithathu ephathelele uvuko. Owokuqala ngulo, yintoni esenza siqiniseke kangaka ngeli themba? Owesibini uthi, linokukuthuthuzela njani ithemba lovuko? Owesithathu wona uthi, eli themba linokuyichaphazela njani indlela ophila ngayo ngoku?
Uvuko—Luqinisekisiwe
4. Yintoni eyenza uvuko lube ngundoqo kwinjongo kaYehova?
4 Ziliqela izinto ezisenza siqiniseke ngovuko. Eyona iphambili, lungundoqo kwinjongo kaYehova. Khumbula ukuba, uSathana wabangela abantu banesono, nto leyo eyeza nemiphumo engaphephekiyo yokufa. Ethetha ngoSathana uYesu wathi: “Yena wayesisibulala-mntu kwasekuqaleni.” (Yohane 8:44) Kodwa uYehova wathembisa ukuba ‘umfazi,’ okanye intlangano yakhe ebumfazi ezulwini, yayiza kuvelisa ‘imbewu’ eza kutyumza “inyoka yantlandlolo” entloko, imtshabalalise angaze abekho uSathana. (Genesis 3:1-6, 15; ISityhilelo 12:9, 10; 20:10) Njengoko uYehova wayethe ngcembe etyhila injongo yakhe ngeMbewu enguMesiya, kwaye kwacaca ukuba le Mbewu ayizukuphelela nje ekutshabalaliseni uSathana. ILizwi likaThixo lithi: “Wabonakaliselwa le njongo uNyana kaThixo, yokuba ayichithe imisebenzi kaMtyholi.” (1 Yohane 3:8) Ukufa okweza nesono esasizuza kuAdam ngomnye weyona misebenzi iphambili kaSathana uYehova anenjongo yokuyiphelisa, ngoYesu Kristu. Kule nkalo, idini lentlawulelo likaYesu novuko zibaluleke gqitha.—IZenzo 2:22-24; Roma 6:23.
5. Kutheni uvuko luza kuzukisa igama likaYehova?
5 UYehova ufuna ukuzukisa igama lakhe elingcwele. USathana uye walinyelisa igama likaThixo wakhuthaza ubuxoki. Exoka wathi uAdam noEva ‘babengasayi kufa’ xa bedle isiqhamo esalelweyo nguThixo. (Genesis 2:16, 17; 3:4) Ukususela ngoko, uSathana ebekhuthaza ubuxoki obufanayo, njengemfundiso ebubuxoki yokungafi komphefumlo. Noko ke, ngokuvusa abafileyo uYehova uya kububhenca bonke obo buxoki. Uya kubonisa ngokupheleleyo ukuba nguye kuphela uMlondolozi wobomi noMbuyiseli wabantu ebomini.
6, 7. UYehova uvakalelwa njani ngokuvusa abafileyo, ibe sikwazi njani oko?
6 UYehova uyakulangazelela ukuvusa abafileyo. IBhayibhile iyicacisa kakuhle indlela avakalelwa ngayo uYehova ngalo mba. Ngokomzekelo, khawuqwalasele la mazwi aphefumlelweyo endoda ethembekileyo uYobhi: “Ukuba indoda eyomeleleyo iyafa ngaba inokuphila kwakhona? Ngayo yonke imihla yam yomsebenzi osisinyanzelo ndiya kulinda, kude kufike ukukhululeka kwam. Uya kubiza, ndisabele. Uya kuwulangazelela umsebenzi wezandla zakho.” (Yobhi 14:14, 15) Athetha ukuthini la mazwi?
7 UYobhi wayesazi ukuba xa efile kwakuza kufuneka akhe alinde ixesha elithile elele apho. Wayejonga elo xesha ‘njengomsebenzi osisinyanzelo,’ ixesha lokulinda de akhululwe, ibe wayeqinisekile ukuba uza kude akhululwe. Yintoni eyayimenza aqiniseke kangako? Kungenxa yokuba wayeyazi indlela avakalelwa ngayo uYehova. UYehova wayeya ‘kukulangazelela’ ukuphinda abone umkhonzi wakhe othembekileyo. Ewe, uThixo uyakulangazelela ukubabuyisela ebomini bonke abangamalungisa. Bakho nabanye uYehova aza kubanika ithuba lokuphila ngonaphakade kumhlaba oyiParadesi. (Luka 23:43; Yohane 5:28, 29) Ngubani ke onokuthintela uThixo, ekuzalisekiseni le njongo?
8. UYehova ‘uliqinisekise’ njani ithemba lethu ngekamva?
8 Ithemba lethu ngekamva liqinisekiswa kukuvuswa kukaYesu. Xa wayeseAthene uPawulos wathi: “[UThixo] umise imini anenjongo ngayo yokuba agwebe umhlaba omiweyo ngobulungisa ngendoda ayimiseleyo, yaye ubanike isiqinisekiso bonke abantu ngokuba eye wayivusa kwabafileyo.” (IZenzo 17:31) Abanye bathi bakuva ngovuko bahlekisa ngalo. Noko ke, kwabakho imbinana eyaba ngamakholwa. Mhlawumbi ingqalelo yabo yathinjwa sisibakala sokuqinisekiswa kweli themba. Xa uYehova wavusa uYesu, wenza owona mmangaliso ubalaseleyo. Wavusa uNyana wakhe ekufeni embuyisela ebomini njengesidalwa somoya esinamandla. (1 Petros 3:18) Emva kokuvuswa kwakhe uYesu waba mkhulu ngakumbi kunokuba wayenjalo ngaphambi kokuba abe ngumntu. Ekubeni inguYehova kuphela ongenakufa nonamandla ngaphezu kwakhe, ngoku uYesu sele ewulungele umsebenzi awunikwa nguYise. UYehova usebenzisa uYesu ukuvusa bonke abanye abantu—enoba baza kuphila ezulwini okanye emhlabeni. UYesu wathi: “Ndim uvuko nobomi.” (Yohane 5:25; 11:25) Xa wavusa uNyana wakhe, uYehova waliqinisekisa elo themba kubo bonke abathembekileyo.
9. Ingxelo yeBhayibhile iluqinisekisa njani uvuko?
9 Uvuko lwabonwa ngabantu abaninzi lwaza lwabhalwa kwiLizwi likaThixo. IBhayibhile inengxelo eneenkcukacha yabantu abasibhozo ababuyiselwa ebomini apha emhlabeni. Le mimangaliso yayingenziwa emfihlakalweni kodwa ubukhulu becala yayisenzeka elubala phambi kwamangqina amaninzi. UYesu wavusa uLazaro, owayesele eneentsuku ezine efile phambi kwesihlwele sabantu ababezilile—ngokuqinisekileyo esasiquka intsapho yakhe, abahlobo nabamelwane. Ubungqina bokuba uYesu wayethunywe nguThixo baba namandla kangangokuba neentshaba zakhe zonqulo azizange zibukhanyele. Kunoko, zaqulunqa iyelenqe lokubulala kungekhona nje uYesu kodwa noLazaro. (Yohane 11:17-44, 53; 12:9-11) Ewe, simele sibe nentembelo yokuba uvuko luqinisekile. UThixo uye wasinika ezi ngxelo zokuvuswa kwabafileyo ukuze zisithuthuzele zakhe nokholo lwethu.
Ukuthuthuzelwa Lithemba Lovuko
10. Yintoni eya kusithuthuzela kwiingxelo zeBhayibhile zokuvuswa kwabantu?
10 Ngaba ulangazelela ukuthuthuzelwa xa usongelwa kukufa? Umthombo oqinisekileyo wentuthuzelo ziingxelo zokuvuswa kwabafileyo eziseBhayibhileni. Ukufunda ezo ngxelo, ucamngce ngazo, uze ube nomfanekiso-ngqondweni wezo ziganeko kunokwenza ithemba lovuko libe yinto yokwenene kuwe. (Roma 15:4) La asingomabali nje akhiwe emoyeni. Oku kwenzeka kubantu bokwenene nababephila kwindawo ethile njengathi. Makhe siqwalasele nje omnye umzekelo—umntu wokuqala owavuswayo ochazwe eBhayibhileni.
11, 12. (a) Yiyiphi intlekele eyehlela umhlolokazi waseTsarefathi, ibe wasabela njani ekuqaleni? (b) Chaza oko uYehova wakunika umprofeti uEliya ukuze ancede lo mhlolokazi.
11 Khawube nalo mfanekiso-ngqondweni. Kangangeeveki, umprofeti uEliya ebelundwendwe lomhlolokazi waseTsarefathi, ehlala kwigumbi eliseluphahleni lwendlu yakhe. Eli lixesha elinzima. Lo mmandla ubhuqwa yimbalela nendlala. Abantu bafa okweempukane. UYehova sele esebenzise uEliya ukwenza ummangaliso wexesha elide ukuze avuze ukholo lwalo mhlolokazi uthobekileyo. Yena nonyana wakhe babesele beza kufa yindlala, besalelwe sisidlo sokugqibela xa uEliya wenza ummangaliso eqinisekisa ukuba abaphelelwa ngumgubo neoli. Naku ngoku, esehlelwa yintlekele. Umntwana ugula ngesiquphe aze afe. Lo mhlolokazi usala eludwayi! Bekunzima ukuphila ngaphandle komyeni wakhe, kodwa ngoku ufelwe ngumntwana ekuphela kwakhe. Ngenxa yentlungu akuyo, ugxeka uEliya noThixo wakhe, uYehova. Uza kuthini ke lo mprofeti xa kunje?
12 UEliya akamkhalimeli ngezi zityholo zakhe. Kunoko uthi kuye: “Ndinike unyana wakho.” Emva kokumsa kwigumbi eliseluphahleni, uEliya uyathandaza engayeki ecelela ukuba umntwana avuswe. Ekugqibeleni, uYehova uyamvusa. Unokuyithelekelela indlela avuya ngayo uEliya njengoko ebona umntwana ephefumla aze avule amehlo. UEliya uhla naye amse kunina aze athi: “Uyabona, unyana wakho uyaphila.” Unina akakwazi kuzibamba yimincili. Uthi: “Ngoku, eneneni, ndiyazi ukuba uyindoda yakwaThixo nokuba ilizwi likaYehova elisemlonyeni wakho liyinyaniso.” (1 Kumkani 17:8-24) Ukholo analo kuYehova nakummeli wakhe lomelela ngakumbi.
13. Kutheni ukuvusa kukaEliya unyana womhlolokazi kusithuthuzela nathi namhlanje?
13 Ukucamngca ngengxelo enje kumele kuthuthuzele nakanjani. Kucacile ukuba uYehova unamandla okuloyisa olu tshaba lwethu ukufa. Cinga indlela aya kuvuya ngakumbi ngayo lo mhlolokazi xa sele kuvuswa bonke abafileyo. Nasemazulwini kuya kubakho uvuyo olungathethekiyo njengoko uYehova eya kube eyalela uNyana wakhe ukuba avuse abafileyo emhlabeni wonke. (Yohane 5:28, 29) Ngaba ukhe wafelwa ngumntu omthandayo? Kuvuyisa ngokwenene ukwazi ukuba uYehova unako ukuvusa abafileyo ibe uza kukwenza oko.
Ithemba Onalo Nendlela Ophila Ngayo Ngoku
14. Ithemba lovuko linokubuchaphazela njani ubomi bakho?
14 Ithemba lovuko linokuyichaphazela njani indlela ophila ngayo ngoku? Eli themba linokukomeleza xa ujamelene neenzima, iingxaki, intshutshiso okanye ingozi. USathana ufuna ukoyike ukufa ngokokude ulahle ingqibelelo ngenxa yethemba elililize lokusinda kuko. Khumbula ukuba uSathana wathi kuYehova: “Yonke into anayo umntu uya kuyinikela ngenxa yomphefumlo wakhe.” (Yobhi 2:4) Xa wayethetha lo mazwi, uSathana wayesinyelisa sonke, kuquka nawe. Ngaba unyanisile xa esithi uya kuyeka ukukhonza uThixo xa ujamelene nengozi? Xa ucamngca ngethemba lovuko, unokuzimisela ukuqhubeka usenza ukuthanda kukaYihlo wasezulwini.
15. Amazwi kaYesu akuMateyu 10:28 anokusithuthuzela njani xa sijamelene nengozi?
15 UYesu wathi: “Ningaboyiki abo babulala umzimba kodwa bengenako ukubulala umphefumlo; kodwa kunoko yoyikani lowo unako ukutshabalalisa kokubini umphefumlo nomzimba eGehena.” (Mateyu 10:28) Asimele simoyike uSathana okanye abo abasebenzisayo. Yinyaniso ukuba, abanye banako ukusenzakalisa, nkqu nokusibulala. Kodwa, nantoni na abanokuyenza yeyokwexeshana. UYehova unako ukuwulungisa ibe uza kuwulungisa nawuphi na umonakalo owenziwe kubakhonzi abathembekileyo, ibe uza kude abavuse ekufeni. NguYehova kuphela esimele simoyike, yaye simhlonele. Nguye kuphela onamandla okutshabalalisa ubomi, nawo onke amathemba okuphila kwixesha elizayo, atshabalalise umzimba nomphefumlo eGehena. Okuvuyisayo kukuba, uYehova akafuni wehlelwe yiloo ntlekele. (2 Petros 3:9) Ngenxa yethemba lovuko, thina bakhonzi bakaThixo sinokuhlala siqinisekile ukuba sinqabisekile. Silindelwe bubomi obungunaphakade logama nje sisathembekile, ibe akukho nto inokwenziwa nguSathana okanye ngamahlakani akhe ngoko.—INdumiso 118:6; Hebhere 13:6.
16. Ithemba lethu lovuko lizichaphazela njani izinto ezibalulekileyo kubomi bethu?
16 Ukuba ithemba lovuko liyinto yokwenene kuthi, linokuba negalelo kwindlela esibujonga ngayo ubomi. Siyaqonda ukuba enoba ‘siyaphila okanye siyafa, singabakaYehova.’ (Roma 14:7, 8) Xa sibeka izinto ezibalulekileyo kwindawo yokuqala, sithobela isiluleko sikaPawulos esithi: “Musani ukumilisa okwale nkqubo yezinto, kodwa guqukani ngokutshintsha ingqondo yenu, ukuze nikungqine ngokwenu ukulunga nokwamkeleka nokugqibelela kokuthanda kukaThixo.” (Roma 12:2) Abantu abaninzi bamaxhaphetshu besanelisa yonke iminqweno, amabhongo nantoni na abayifunayo. Ekubeni bejonga ubomi njengobufutshane, bathe swii ziziyolo, yaye naxa besithi bayanqula, unqulo lwabo aluvisisani “nokugqibelela kokuthanda kukaThixo.”
17, 18. (a) ILizwi likaYehova libonisa njani ukuba ubomi bomntu bufutshane, kodwa yintoni uThixo afuna siyifumane? (b) Kutheni sifuna ukumdumisa yonk’ imihla nje uYehova?
17 Yinyaniso ukuba ubomi bufutshane. ‘Bumele budlule ngokukhawuleza, siphaphazele simke,’ mhlawumbi emva kokuphila iminyaka engama-70 okanye engama-80. (INdumiso 90:10) Abantu bafika badlule njengengca eluhlaza, ithunzi elidlulayo nomphunga. (INdumiso 103:15; 144:3, 4) Kodwa uThixo wayengenanjongo yokuba siphile iminyaka embalwa, sikhule sibe nobulumko namava athile, emva koko siphile amashumi ambalwa eminyaka sigule, saluphale size sife. UYehova wadala abantu banomnqweno wokuphila ngonaphakade. IBhayibhile ithi: ‘Ixesha elingenammiselo ulibeke ezintliziyweni zabo.’ (INtshumayeli 3:11) Ngaba uThixo ukhohlakele ngaloo ndlela, ukuba angasinika loo mnqweno aphinde angawanelisi? Nakanye, kuba “uThixo uluthando.” (1 Yohane 4:8) Uya kusebenzisa uvuko ukuze abafileyo bazuze ubomi obungunaphakade.
18 Ngenxa yethemba lovuko, sinethemba elinqabisekileyo. Akuyomfuneko ukuba sisukele ukwenza yonk’ into le ngoku. Asimele silisebenzise “ngokupheleleyo” eli hlabathi lifayo. (1 Korinte 7:29-31; 1 Yohane 2:17) Ngokungafaniyo nabo bangenalo ithemba lokwenene, sinesipho esimangalisayo sokwazi ukuba, xa sihlala sithembekile kuYehova uThixo, siya kumdumisa size sinandiphe ubomi ngonaphakade. Ngoko, masenze konke esinako simdumise yonke imihla uYehova, owenza ithemba lovuko libe yinto eqinisekileyo!
Unokuphendula Njani?
• Simele sivakalelwe njani ngovuko?
• Ziziphi izinto ezenza siqiniseke ngethemba lovuko?
• Unokuthuthuzelwa njani lithemba lovuko?
• Ithemba lovuko linokuba negalelo njani kwindlela ophila ngayo?
[Umfanekiso okwiphepha 28]
UYobhi wayesazi ukuba uYehova uyakulangazelela ukuvusa amalungisa
[Umfanekiso okwiphepha 29]
“Uyabona, unyana wakho uyaphila”