Ukuvuma Izono Okukhokelela Ekuphileni Ngokomoya
“NDITHI ndakuthi cwaka aphele amathambo am kukugcuma kwam imini yonke. Kuba imini nobusuku isandla sakho sasinzima phezu kwam. Ukufuma kobomi bam kutshintshiwe kwanjengolophu lwasehlotyeni.” (INdumiso 32:3, 4) Loo mazwi abuhlungu anokuba ayebonisa intlungu enzulu eyayiviwa nguKumkani uDavide kaSirayeli wamandulo, intlungu awazifaka kuyo ngokufihla kunokuba avume isono esinzulu.
UDavide wayeneempawu ezibalaseleyo ezininzi. Wayelijoni elikhaliphileyo, igosa laseburhulumenteni elinamava, imbongi kwanemvumi. Ukanti, wayengakholosanga ngobuchule bakhe, kodwa wayekholose ngoThixo wakhe. (1 Samuweli 17:45, 46) Wayechazwa njengendoda eyayinentliziyo ‘epheleleyo kuYehova.’ (1 Kumkani 11:4) Kodwa esinye sezono awasenzayo sasinzulu kakhulu, yaye kusenokuba wayebhekisela kuso kwiNdumiso 32. Sinokufunda lukhulu ngokuhlolisisa iimeko ezakhokelela kwisono sakhe. Siya kuziqonda iingozi esifanele siziphephe size sibone nemfuneko yokuvuma izono zethu ukuze sihlaziye ubuhlobo bethu noThixo.
Ukumkani Onyanisekileyo Uwela Esonweni
Uhlanga lwakwaSirayeli lwalusilwa idabi nama-Amoni, kodwa uDavide wayehleli eYerusalem. Ngenye ingokuhlwa xa wayehambahamba kuphahla lwebhotwe lakhe, wabona umfazi omhle ehlamba umzimba kumzi oselumelwaneni. Akazange akwazi ukuzibamba waza waqalisa ukufuna ukulala naye. Akuva ukuba wayenguBhatshebha, umfazi kaUriya, ijoni elalisemkhosini wakhe, uDavide wayalela ukuba abizwe, waza wakrexeza naye. Ekuhambeni kwethuba uBhatshebha wathumela umyalezo kuDavide wokuba ukhulelwe.—2 Samuweli 11:1-5.
UDavide wayesengxakini. Ukuba isono sabo sasinokwaziwa, isohlwayo sabo bobabini yayikukufa. (Levitikus 20:10) Ngoko wapheka iqhinga. Wabiza umyeni kaBhatshebha, u-Uriya, ukuba abuye edabini. Emva kokumbuza ithuba elide ngemfazwe, uDavide wayalela u-Uriya ukuba abuyele ekhaya. UDavide wayenethemba lokuba ngokwenza oku kwakuza kubonakala ngathi u-Uriya wayenguyise womntwana kaBhatshebha.—2 Samuweli 11:6-9.
Wathi nkamalala uDavide, kuba u-Uriya akazange aye emfazini wakhe. U-Uriya wathi wayengasoze agoduke ngoxa umkhosi wawutsala nzima edabini. Xa umkhosi wakwaSirayeli wawusilwa idabi, amadoda ayengabi nantlobano zesini, nokuba kukunye nabafazi bawo. Ayefanele ahlale ehlambulukile. (1 Samuweli 21:5) UDavide wandula wamemela u-Uriya esidlweni waza wamnxilisa, kodwa nalapho akazange aye emfazini wakhe. Ukuthembeka kukaUriya kwasigweba kakhulu isono sikaDavide esinzulu.—2 Samuweli 11:10-13.
Umgibe awayezifake kuwo ngesono sakhe wawumsongela nangakumbi uDavide. Exakiwe, wayibona inye kuphela indlela yokuzikhupha kuwo. Wathumela u-Uriya emfazweni ephethe incwadi eya kwinjengele yomkhosi, uYowabhi. Umyalezo waloo ncwadi wawucacile: “Mbekeni u-Uriya ngaphambili kolona lunzima uhlaselo edabini, nize ke nibuy’ umva emva kwakhe, aze ke yena axatyelwe afe.” Ngokubhala nje incwadi, lo kumkani onamandla kwabonakala ngathi ukwazile ukufihla isono sakhe, ngokubulala u-Uriya.—2 Samuweli 11:14-17.
Kungekudala emva kokuba ixesha likaBhatshebha lokuzilela indoda yakhe liphelile, watshata noDavide. Lahamba ixesha, wazalwa umntwana wabo. Ngalo lonke eli xesha, uDavide wayengathethi nto ngezono zakhe. Mhlawumbi wayezama ukuzithethelela ngezenzo zakhe. Ngaba u-Uriya wayengafanga ngokubekekileyo edabini njengabanye? Kwakhona, akazange athobele ukumkani xa engazange afune ukuya emfazini wakhe, akunjalo? ‘Intliziyo enenkohliso’ iya kuzama nawaphi na amaqhinga ukuthethelela isono.—Yeremiya 17:9; 2 Samuweli 11:25.
Amanyathelo Angafanelekanga Akhokelela Kwisono
Kwakutheni ukuze uDavide, umthandi wobulungisa, enze ububi obungaka bokukrexeza aze abulale? Kuyabonakala ukuba kwathabatha ixesha ukutyala imbewu yesono sakhe. Sinokuzibuza ukuba kwakutheni ukuze uDavide angabi kunye namadoda akhe, awaxhase xa ehlasela iintshaba zikaYehova. Ngokwahlukileyo koko, uDavide wayephumle kwibhotwe lakhe, apho kwakungekho nto imkhumbuza ngedabi, eyona nto yayinokumenza angakwazi ukucinga ngokunqwenela umfazi wejoni lakhe elithembekileyo. Namhlanje, amaKristu okwenyaniso azikhusela ngokuxakeka zizinto zokomoya kunye nebandla lawo aze abe nenxaxheba rhoqo kumsebenzi wokushumayela.—1 Timoti 6:12.
Ukumkani wakwaSirayeli wayalelwa ukuba azenzele umbhalo woMthetho aze awufunde imihla ngemihla. IBhayibhile iyasinika isizathu soku: “Ukuze afunde ukumoyika uYehova uThixo wakhe nokuwagcina onke amazwi alo mthetho nale mimiselo ukuba ayenze; ukuze ingaphakami intliziyo yakhe phezu kwabazalwana bakhe, angatyeki emyalelweni aye ekunene okanye ekhohlo.” (Duteronomi 17:18-20) Kunokwenzeka ukuba uDavide wayengawuthobeli lo myalelo ngethuba enza ezi zono zinzulu kangaka. Ukufundisisa size sicamngce ngeLizwi likaThixo ngokuqinisekileyo kuza kusinceda kusilondoloze ekwenzeni okungalunganga kula maxesha anzima.—IMizekeliso 2:10-12.
Ngaphezu koko, umthetho wokugqibela kwiMithetho Elishumi ngokukhethekileyo uthi: “Uze ungamnqweneli umfazi wedlelane lakho.” (Eksodus 20:17) Ngeli xesha uDavide wayesele enabafazi namashweshwe aliqela. (2 Samuweli 3:2-5) Kodwa oko akuzange kumthintele ekunqweneleni omnye umfazi onomtsalane. Esi senzo sisikhumbuza ukubaluleka kwamazwi kaYesu athi: “Wonk’ ubani oqhubeka ekhangela umfazi ngokokude amkhanuke sele emkrexezile entliziyweni yakhe.” (Mateyu 5:28) Kunokuba sicingisise ngeminqweno enjalo engafanelekanga, masikhawuleze siyikhuphe engqondweni nasezintliziyweni zethu.
Ukuvuma Izono Nokwenzelwa Inceba
Ingxelo yeBhayibhile yokunganyaniseki kukaDavide ngokuqinisekileyo ayibhalelwanga ukwanelisa iminqweno kabani yesini. Le ngxelo isinika ithuba lokubona olunye lweempawu zikaYehova ezimangalisayo nezibalaseleyo—inceba yakhe.—Eksodus 34:6, 7.
Emva kokuba uBhatshebha ezele unyana, uYehova wathumela umprofeti uNatan ukuba aye kuthetha noDavide. Esi yayisisenzo senceba. Ukuba kwakungazange kubekho mntu othetha noDavide yaye naye aqhubeke ethule, kusenokwenzeka ukuba wayenokuqaqadekiswa sisono. (Hebhere 3:13) Okuvuyisayo kukuba, uDavide wasabela kuloo nceba kaThixo. Amazwi kaNatan achuliweyo kodwa aqondakalayo achukumisa isazela sikaDavide, waza ngokuthobeka wavuma ukuba umonile uThixo. Eneneni, INdumiso 51, ethetha ngesono sikaDavide kunye noBhatshebha, yaqanjwa emva kokuba eguqukile waza wasivuma isono sakhe esinzulu. Ukuba singaze siwele esonweni esinzulu, kwanga singangaze sivumele iintliziyo zethu ukuba ziqaqadeke.—2 Samuweli 12:1-13.
UDavide waxolelwa, kodwa akazange asinde kwisifundo nakwimiphumo yesono sakhe. (IMizekeliso 6:27) Kwakunokwenzeka njani ukuba angohlwaywa? Ukuba uThixo wayenokuzibetha ngoyaba zonke izinto, wayenokuba uyalalanisa kwimilinganiselo yakhe. Wayenokuba uyafekethisa njengoMbingeleli Omkhulu uEli, ongazange abe ngqongqo koonyana bakhe abangendawo waza wabavumela ukuba baqhubeke besenza izinto ezimbi. (1 Samuweli 2:22-25) Kanti uYehova ubonakalisa uthando nobubele kumenzi wobubi oguqukayo. Inceba yakhe, njengamanzi ahlaziyayo yaye abandayo, iyamnceda lowo wenze isiphoso anyamezele imiphumo yesenzo sakhe. Uvuyo lokuxolelwa nguThixo nonxulumano olwakhayo nabo ukhonza nabo luyakha. Ewe, ngedini likaKristu lentlawulelo, lowo uguqukayo unokungcamla ‘ubutyebi bobubele [bukaThixo] obungasifanelanga.’—Efese 1:7.
‘Intliziyo Esulungekileyo Nomoya Omtsha’
Emva kokuba uDavide esivumile isono sakhe, akazange azive engaxabisekanga. Amazwi akhe kwiindumiso awazibhalayo ngokuphathelele ukuvuma izono abonisa isiqabu awasifumanayo nokuzimisela kwakhe ukukhonza uThixo ethembekile. Ngokomzekelo, khangela INdumiso 32. Kwindinyana 1, sifunda oku: “Unoyolo lowo imvukelo yakhe ixolelweyo, isono sakhe esigutyungelweyo.” Nokuba sele sinzulu kangakanani na isono, imiphumo inokuba mihle ukuba nje umntu uguquka ngokupheleleyo. Enye indlela yokubonisa oku kuguquka ngokupheleleyo kungokwamkela imiphumo yesenzo eso, njengoko uDavide wenzayo. (2 Samuweli 12:13) Akazange azame ukuzithethelela kuYehova okanye azame ukubek’ ityala kwabanye. Indinyana 5 ithi: “Ekugqibeleni isono sam ndisivumile kuwe, nesiphoso sam andisigubungelanga. Ndithe: ‘Ndiya kukuvuma ukunxaxha kwam kuYehova.’ Waza wena wasixolela isiphoso sezono zam.” Ukusivuma ngokupheleleyo isono kunika isiqabu, ukuze umntu angahlali etyiwa sisazela ngeziphoso azenze ngaphambili.
Emva kokuba ecele uxolo kuYehova, uDavide wenza esi sicelo: “Dala ngaphakathi kum intliziyo esulungekileyo, Thixo, Uze ufake ngaphakathi kum umoya omtsha, oqinileyo.” (INdumiso 51:10) Ukucela “intliziyo esulungekileyo” kunye “nomoya omtsha” kwakubonakalisa ukuba uDavide wayeluqonda utyekelo lwesono awayenalo yaye wayefuna uncedo lukaThixo ukuze acoce intliziyo yakhe aze aqale ngokutsha. Kunokuba azisizele, wayezimisele ukuqhubela phambili ekhonza uThixo. Wathandaza: “Owu Yehova, ngamana ungayivula le milebe yam, Ukuze umlomo wam uxele indumiso yakho.”—INdumiso 51:15.
Wasabela njani uYehova kwinguquko epheleleyo kaDavide nomzamo wakhe onyanisekileyo wokumkhonza? Wamqinisekisa ngothando uDavide wathi: “Ndiya kukuqiqisa ndikuyalele ngendlela ofanele uhambe ngayo. Ndiya kukucebisa iliso lam likuwe.” (INdumiso 32:8) Esi sisiqinisekiso sokuba uYehova uya kunikela ingqalelo yobuqu kwiimvakalelo neminqweno yalowo uguqukayo. UYehova wathabatha amanyathelo okunika uDavide ulwazi olungakumbi, ubuchule bokuqonda ubunzulu bezinto. Ukuba wayenokujamelana nesilingo kwixesha elizayo, wayeza kukwazi ukuqonda imiphumo yezenzo zakhe nendlela ezibachaphazela ngayo abanye, yaye wayeza kusebenzisa ubulumko.
Esi siganeko ebomini bukaDavide siyakhuthaza kubo bonke abaye bawela esonweni esinzulu. Ngokusivuma isono sethu size sibonakalise ukuguquka ngokupheleleyo, sinokuphinda sifumane eyona nto ixabisekileyo kuthi, ulwalamano lwethu noYehova uThixo. Intlungu nehlazo lokwethutyana esinokujamelana nalo ngoku lilunge ngakumbi kunongxunguphalo olubangelwa kukuthula, okanye intlungu yokuba side siqhelane nekhondo lemvukelo. (INdumiso 32:9) Kunoko, sinokubona ububele bokuxolelwa nguThixo onothando nenceba, “uYise onenceba noThixo wentuthuzelo yonke.”—2 Korinte 1:3.
[Umfanekiso okwiphepha 31]
UDavide wayenethemba lokuba wayeza kusinda kwimiphumo yesono sakhe ngokubulala u-Uriya