IiNdumiso
EkaDavide. IMaskili.*
32 Wonwabile lowo ubuxolelweyo ububi abenzileyo, waxolelwa* nesono sakhe.+
3 Ndathi ndakuthi cwaka, ndasuka ndaphelelwa ngamandla ngenxa yokugcuma kwam imini yonke.+
4 Kuba imini nobusuku isandla sakho sasindisinda.*+
Athi shwaka amandla am* oku kwamanzi atshiswe lilanga lasehlotyeni. (Selah)
Ndathi: “Ndiza kuzivuma izono zam kuYehova.”+
Waza wena wazixolela izono zam.+ (Selah)
Xa kunjalo, nkqu nezikhukula zamanzi soze zimenze nto.
Ndiza kujikelezwa yintswahla yovuyo ngenxa yokuba undisindisa.+ (Selah)
8 “Ndiza kukubonisa ndize ndikuyalele indlela omele uhambe ngayo.+
Ndiza kukucebisa, ilihlo lam likuwe.+
9 Sukuba njengehashe okanye imeyile engenakuqonda,+
Emele ilawulwe ngomkhala ukuze ingaxhuma-xhumi
Ngaphambi kokuba isondele kuwe.”
10 Zininzi iintlungu anazo umenzi-bubi;
Kodwa lowo uthembele ngoYehova uphahlwe luthando lwakhe olungagungqiyo.+
11 Vuyani, nina malungisa, nonwabe ngenxa kaYehova,
Nitsho ngentswahla yovuyo, nonke nina baneentliziyo ezilungileyo.