Yoyika UYehova Ukuze Uphile Ngokonwaba
“Moyikeni uYehova, nina bangcwele bakhe, kuba abasweli abo bamoyikayo.”—INDUMISO 34:9.
1, 2. (a) Ziziphi iindlela ezingqubanayo iicawa ezikujonga ngayo ukoyika uThixo? (b) Yiyiphi imibuzo esiza kunikela ingqalelo kuyo ngoku?
XA BEFUNDISA abantu ukuba boyike uThixo ezicaweni abashumayeli badla ngokusebenzisa imfundiso engekhoyo kwiZibhalo besithi isizathu sokoyika uThixo kukuba ubohlwaya kwisihogo somlilo kanaphakade aboni. Oko kuyangqubana noko kufundiswa yiBhayibhile ngoYehova isithi nguThixo onothando nokusesikweni. (Genesis 3:19; Duteronomi 32:4; Roma 6:23; 1 Yohane 4:8) Abanye abefundisi bathetha into eyahlukileyo kule. Abayiphathi eyokoyika uThixo. Bafundisa ukuba uThixo nguvula-zibhuqe owamkela nabani na enoba uphila njani. Naleyo ayifundiswa yiBhayibhile.—Galati 5:19-21.
2 Enyanisweni, iBhayibhile isikhuthaza ukuba simoyike uThixo. (ISityhilelo 14:7) Loo nyaniso iphakamisa imibuzo ethile. Kutheni uThixo oluthando efuna simoyike? Luhlobo olunjani loloyiko olufunwa nguThixo? Kungasinceda njani ukoyika uThixo? Siza kuqwalasela le mibuzo njengoko siqhubeka sixubusha iNdumiso 34.
Isizathu Sokoyika UThixo
3. (a) Uvakalelwa njani ngomyalelo wokuba soyike uThixo? (b) Yintoni eyenza abo boyika uYehova bonwabe?
3 Ekubeni enguMdali noMlawuli onguMongami wendalo iphela, uYehova ukufanele ukoyikwa. (1 Petros 2:17) Noko ke, olo loyiko asikokutyhwatyhwa kukoyika uthixo okhohlakeleyo. Kukumoyika ngendlela efanelekileyo ngenxa yoko akuko uYehova. Kuquka ukoyika ukungamkholisi. Ukoyika uThixo kufanelekile yaye kuluncedo, akusingcangcazelisi. UYehova, ‘uThixo onoyolo,’ ufuna abantu bakhe abadalileyo baphile ngokonwaba. (1 Timoti 1:11) Noko ke, ukuze sonwabe simele siphile ngokuvisisana nemigaqo yakhe. Kwabaninzi, oko kuthetha ukutshintsha indlela abaphila ngayo. Kubo bonke abalwenzayo olo tshintsho ayazaliseka la mazwi omdumisi uDavide: “Ngcamlani nibone ukuba uYehova ulungile; inoyolo indoda eyomeleleyo esabela kuye. Moyikeni uYehova, nina bangcwele bakhe, kuba abasweli abo bamoyikayo.” (INdumiso 34:8, 9) Ngenxa yolwalamano oluhle abanalo noYehova, bonke abo bamoyikayo abasweli nto inexabiso elihlala lihleli.
4. Sisiphi isiqinisekiso abasenzayo uDavide noYesu?
4 Phawula ukuba njengokuba kwakunjalo ngexesha lakhe, uDavide uzukisa amadoda akhe ngokuthi ‘ngabangcwele.’ Ayeyinxalenye yesizwe esingcwele sikaThixo. Ayebeka nobomi bawo esichengeni ukuze alandele uDavide. Nakuba babebaleka uKumkani uSawule, uDavide wayeqinisekile ukuba uYehova uza kuqhubeka ezinyamekela iintswelo zabo. Wathi: “Iingonyama ezintsha ezinesingci zinokuncinane yaye zilambile; kodwa abo bafuna uYehova, abayi kuswela nantoni na elungileyo.” (INdumiso 34:10) NoYesu wabaqinisekisa njalo abalandeli bakhe.—Mateyu 6:33.
5. (a) Yayinjani imvelaphi yabalandela bakaYesu abaninzi? (b) Sisiphi isiluleko sikaYesu ngokuphathelele uloyiko?
5 Abaninzi kwabo babephulaphula uYesu babephuma kumaYuda angathathi ntweni. Ngoko uYesu ‘wabasizela, ngenxa yokuba babehlinzekile, belahliwe njengezimvu ezingenamalusi.’ (Mateyu 9:36) Ngaba abantu abanjalo, babeza kuba naso isibindi sokulandela uYesu? Kwakufuneka boyike uYehova kungekhona abantu ukuze bakwazi ukumlandela. UYesu wathi: “Musani ukuboyika abo babulala umzimba baze emva koku bangakwazi kwenza nantoni na engakumbi. Kodwa ndiza kunibonisa lowo wokoyikwa: Yoyikani lowo uthi emva kokubulala abe negunya lokuphosa eGehena. Ewe, ndithi kuni, yoyikani yena Lowo. Oongqatyana abahlanu bathengiswa ngeengqekembe ezimbini ezixabiso lincinane, akunjalo? Kanti akukho namnye kubo olibalekayo phambi koThixo. Kodwa kwaneenwele zeentloko zenu zibaliwe zonke. Musani ukuba noloyiko; nixabiseke ngaphezu koongqatyana abaninzi.”—Luka 12:4-7.
6. (a) Ngawaphi amazwi kaYesu aye omeleza amaKristu? (b) Kutheni uYesu engowona mzekelo wokusibonisa ukoyika uThixo?
6 Xa becinezelwa ziintshaba ukuba bayeke ukhonza uThixo, abo boyika uYehova basenokukhumbula esi siluleko sikaYesu: “Wonk’ ubani ovumayo ukuba umanyene nam phambi kwabantu, noNyana womntu uya kuvuma ukuba umanyene naye phambi kweengelosi zikaThixo. Kodwa lowo undikhanyelayo phambi kwabantu uya kukhanyelwa phambi kweengelosi zikaThixo.” (Luka 12:8, 9) Loo mazwi aye awomeleza amaKristu, ngakumbi kumazwe olungamkelekanga kuwo unqulo oluyinyaniso. Ayaqhubeka edumisa uYehova ngobulumko kwiintlanganiso zamaKristu nakubulungiseleli basesidlangalaleni. (IZenzo 5:29) UYesu wasimisela umzekelo obalaseleyo ‘wokoyika uThixo.’ (Hebhere 5:7) Xa limchaza iLizwi lesiprofeto lathi: ‘Umoya kaYehova umele uhlale phezu kwakhe, umoya wokoyika uYehova; yaye uya kuyoliswa kukoyika uYehova.’ (Isaya 11:2, 3) Ngoko, uYesu ukufanele kakuhle ukusifundisa iingenelo zokoyika uThixo.
7. (a) AmaKristu asabela njani kwisimemo esifana neso wasenzayo uDavide? (b) Abazali banokuwuxelisa njani umzekelo omhle kaDavide?
7 Enyanisweni, bonke abaxelisa uYesu nabathobela iimfundiso zakhe, bathobela isimemo esifanayo neso senziwa nguDavide esithi: “Yizani, bonyana, ndiphulaphuleni; ndiya kunifundisa ukoyika uYehova.” (INdumiso 34:11) Yayiqhelekile kuDavide into yokubhekisela kumadoda akhe ‘njengoonyana’ kuba ayekhokelwa nguye. UDavide wanceda abalandeli bakhe ngokomoya bamanyana ngoxa bexhamla inkoliseko kaThixo. Ngumzekelo omhle gqitha lo kubazali abangamaKristu. UYehova unike abazali igunya koonyana neentombi zabo ukuze ‘baqhubeke bebakhulisela kwingqeqesho nasekweyiselweni kwengqondo kuYehova.’ (Efese 6:4) Ngokuxubusha nabantwana babo izinto zokomoya mihla le baze babaqhubele rhoqo isifundo seBhayibhile, abazali bayabanceda baphile ngokonwaba ngenxa yokoyika kwabo uYehova.—Duteronomi 6:6, 7.
Ukuphila Ngendlela Ebonisa Ukoyika UThixo
8, 9. (a) Kutheni kunqweneleka nje ukuphila ubomi bokoyika uThixo? (b) Kuquka ntoni ukulondoloza ulwimi lwethu?
8 Njengoko kuye kwaboniswa ngaphambili, ukoyika uYehova akusenzi singonwabi. UDavide wabuza oku: “Ngubani na indoda eyoliswayo bubomi, ethanda imihla eyaneleyo ukuze ibone ukulunga?” (INdumiso 34:12) Kuyacaca ukuba, ukoyika uYehova ngundoqo ukuze ubani aphile ubomi obude abone nokulunga. Kulula ukuthi, “Ndiyamoyika uThixo.” Kodwa yenye into ukukungqina ngendlela esiziphatha ngayo oko. Ngoko, uDavide uchaza indlela esimele siphile ngayo ukubonisa ukuba siyamoyika uThixo.
9 “Lulondoloze ulwimi lwakho kokubi, nemilebe yakho ekuthetheni inkohliso.” (INdumiso 34:13) Umpostile uPetros waphefumlelwa ukuba acaphule le nxalenye yeNdumiso 34 emva kokululeka amaKristu ukuba aphathane ngomsa wobuzalwana. (1 Petros 3:8-12) Ukulondoloza ulwimi lwethu kokubi kuthetha ukuba siya kukuphepha ukusasaza intlebendwane eya kwenzakalisa abanye. Siya kuzabalazela ukuhlala sibakha abantu esincokola nabo. Ngaphezulu, siya kulwela ukuba nesibindi sithethe inyaniso.—Efese 4:25, 29, 31; Yakobi 5:16.
10. (a) Chaza ukuba kuthetha ukuthini ukusuka ebubini. (b) Kuquka ntoni ukwenza okulungileyo?
10 “Suka kokubi, wenze okulungileyo; funa ukufumana uxolo, ulusukele.” (INdumiso 34:14) Siyaziphepha izinto angazifuniyo uThixo, njengokuziphatha okubi kwesini, imifanekiso yamanyala, ubusela, ukusebenzelana nemimoya, ugonyamelo, ukunxila nokusebenzisa kakubi iziyobisi. Siphepha neendlela zokuzonwabisa ezibonisa izinto ezenyanyekayo. (Efese 5:10-12) Ixesha lethu silisebenzisa ukwenza okulungileyo. Eyona nto ilungileyo sinokuyenza kukushumayela rhoqo ngoBukumkani nokwenza abafundi, sincede abanye basindiswe. (Mateyu 24:14; 28:19, 20) Ukwenza okulungileyo kuquka ukuzilungiselela size siye kuzo iintlanganiso zamaKristu, ukunikela kumsebenzi owenziwa ehlabathini lonke, ukunyamekela iHolo yoBukumkani yethu nokuxhalabela iintswelo zamaKristu asweleyo.
11. (a) UDavide wenza njani ngokuvisisana noko wayekushumayela, ukusukela uxolo? (b) Yintoni onokuyenza ukuze ‘usukele uxolo’ ebandleni?
11 UDavide wasibekela umzekelo omhle wokusukela uxolo. Izihlandlo ezibini wafumana ithuba lokubulala uSawule. Zozibini ezo zihlandlo, walugatya ugonyamelo ibe kamva wathetha kakuhle nalo kumkani, enethemba lokuxolelana naye. (1 Samuweli 24:8-11; 26:17-20) Yintoni enokwenziwa namhlanje xa kukho imeko esongela uxolo lwebandla? Simele ‘sifune ukufumana uxolo, silusukele.’ Ngoko, xa siqonda ukuba kukho undonakele phakathi kwethu nabazalwana, simele sithobele esi siluleko sikaYesu: ‘Xolelana nomzalwana wakho kuqala.’ Emva koko singaqhubeka nezinye iinkalo zonqulo oluyinyaniso.—Mateyu 5:23, 24; Efese 4:26.
Ukoyika UThixo Kunomvuzo Ongathethekiyo
12, 13. (a) Ziziphi iingenelo ezifunyanwa ngabo boyika uThixo ngoku? (b) Nguwuphi umvuzo omkhulu oya kufunyanwa ngabakhonzi abathembekileyo kungekudala?
12 “Amehlo kaYehova akumalungisa, neendlebe zakhe zibhekiswe ekukhaleleni kwawo uncedo.” (INdumiso 34:15) Indlela awaphathwa ngayo uDavide nguThixo ingqina ukuba yinyaniso kwalo mazwi. Namhlanje, sonwabile yaye sinoxolo lwengqondo kuba siyazi uYehova uhlala esilindile. Siqinisekile ukuba uya kuhlala ezinyamekela iintswelo zethu, nokuba sicinezeleke kangakanani na. Siyazi ukuba kungekudala, bonke abanquli bokwenyani baza kujamelana nohlaselo olwaxelwa kwangaphambili lukaGogi wakwaMagogi ‘nemini kaYehova enkulu nebangela uloyiko.’ (Yoweli 2:11, 31; Hezekile 38:14-18, 21-23) Enoba injani imeko yethu, la mazwi kaDavide aya kuzaliseka kuthi: “Badanduluka, waza uYehova wabeva, yaye kuko konke ukubandezeleka kwabo wabahlangula.”—INdumiso 34:17.
13 Siya kuxhelelw’ eXhukwane xa sibona uYehova ezukisa igama lakhe elikhulu! Siya kumoyika yaye simhlonele ngakumbi, baze bonke abachasi bakhe bafe namthanyana bahlazeke. “Ubuso bukaYehova bunxamnye nabo benza okubi, ukuze akunqumle ukukhankanywa kwabo emhlabeni.” (INdumiso 34:16) Siya kuvuzwa ngendlela engathethekiyo xa uThixo esihlangulela kwihlabathi lakhe elitsha elinobulungisa.
Izithembiso Ezisinceda Sinyamezele
14. Yintoni eya kusinceda sinyamezele iintlekele?
14 Okwangoku, kufuneka sinyamezele ukuze siqhubeke sithobela uYehova kweli hlabathi lonakeleyo nelikhohlakeleyo. Ukoyika uThixo kuya kusinceda njengoko sihlakulela ukuthobeka. Ngenxa yamaxesha amanqam esiphila kuwo, bambi abakhonzi bakaYehova bajamelana nobunzima obudandathekisayo baze badimazeke. Noko ke, bamele baqiniseke ukuba xa bekhangela kuYehova uya kubanceda banyamezele. Bathuthuzelwa ngamazwi kaDavide athi: “UYehova usondele kwabo baphuke intliziyo; yaye abo bamoya utyumkileyo uyabasindisa.” (INdumiso 34:18) Ebakhuthaza uDavide uthi: “Zininzi iintlekele ezihlela olilungisa, kodwa uYehova ulihlangula kuzo zonke.” (INdumiso 34:19) Enoba zininzi kangakanani na iintlekele ezisehlelayo, uYehova unamandla okusihlangula kuzo.
15, 16. (a) Yiyiphi intlekele awakhawuleza wayiva uDavide emva kokuqamba iNdumiso 34? (b) Yintoni eya kusinceda sinyamezele izilingo?
15 Ngokukhawuleza emva kokuqamba, iNdumiso 34, uDavide weva ngentlekele yabemi baseNobhi, xa uSawule wabatshayela ngekrele kunye nenkoliso yababingeleli. Kumele ukuba kwamdandathekisa gqitha ukucinga ukuba kukutyelela kwakhe apho okwabangela loo ngqumbo kaSawule. (1 Samuweli 22:13, 18-21) Ngokuqinisekileyo uDavide wacela uncedo kuYehova, waza wathuthuzelwa lithemba lokuba kuya kubakho uvuko “lwamalungisa.”—IZenzo 24:15.
16 Nathi namhlanje, siyomelezwa leli themba lovuko. Siyazi ukuba akukho monakalo kanaphakade unokwenziwa ziintshaba zethu. (Mateyu 10:28) UDavide wakuqinisekisa ngala mazwi oku: “Uyawalinda onke amathambo alowo [ulilungisa]; akukho nalinye kuwo elaphulwayo.” (INdumiso 34:20) Loo ndinyana yazaliseka ngokoqobo kuYesu. Nakuba uYesu wabulawa kabuhlungu, akukho nalinye kumathambo akhe “elaphulwayo.” (Yohane 19:36) Kwelinye icala, iNdumiso 34:20 isiqinisekisa ukuba kuzo naziphi na izilingo ajamelana nazo amaKristu athanjisiweyo kunye namaqabane awo “ezinye izimvu,” akanakuze enzakaliswe ngonaphakade. Ngokungathi kunjalo, amathambo awo akanakuze aphulwe.—Yohane 10:16.
17. Yiyiphi intlekele elindele iintshaba ezingaguqukiyo zabantu bakaYehova?
17 Noko ke, kuya kwenzeka okwahlukileyo kwabangendawo. Kungekudala baya kuvuna ububi babo. “Intlekele iya kumbulala lowo ungendawo; nabo bamthiyileyo olilungisa baya kugqalwa njengabanetyala.” (INdumiso 34:21) Bonke abaqhubeka besilwa nabantu bakaThixo balindelwe yintlekele engathethekiyo. Kwisityhilelo sikaYesu Kristu, “baya kuva isohlwayo sesigwebo sentshabalalo engunaphakade.”—2 Tesalonika 1:9.
18. Yiyiphi indlela esele sikhululwe ngayo “isihlwele esikhulu,” ibe kuya kwenzeka ntoni kuso kwixesha elizayo?
18 Le ndumiso kaDavide iqukumbela ngesi siqinisekiso: “UYehova uyawukhulula umphefumlo wabakhonzi bakhe; yaye akukho namnye kwabo basabela kuye oya kugqalwa enetyala.” (INdumiso 34:22) Ngasekupheleni kweminyaka engama-40, yolawulo lwakhe, uKumkani uDavide wathi: ‘UThixo wawukhulula umphefumlo wam kuko konke ukubandezeleka.’ (1 Kumkani 1:29) NjengoDavide, kungekudala abo boyika uYehova baya kukwazi ukukhangela ngasemva baze bavuyiswe kukukhululwa kulo naliphi na ityala elibangelwa sisono baze bahlangulwe kwizilingo zabo. Nangoku, inkoliso yamaKristu athanjisiweyo sele ifumene umvuzo wayo ezulwini. “Isihlwele esikhulu” esiphuma kuzo zonke iintlanga ngoku sithelela intsalela yabazalwana bakaYesu ekukhonzeni uThixo ibe ngenxa yoko sinandipha ukuma okuhle phambi kukaYehova. Oku kungenxa yokuba banokholo ekuhlangulweni ngegazi likaYesu elaphalalayo. Ebudeni boLawulo lukaKristu Lweminyaka Eliwaka, baya kuxhamla iingenelo ezipheleleyo zeli dini lentlawulelo, batsho babe ngabantu abafezekileyo.—ISityhilelo 7:9, 14, 17; 21:3-5.
19. Yintoni azimisele ukuyenza amalungu ‘esihlwele esikhulu’?
19 Yintoni eza kubangela ukuba zonke ezi ntsikelelo zixhanyulwe “sisihlwele esikhulu” sabanquli bakaThixo? Kungenxa yokuba sizimisele ukuhlala sisoyika uYehova, simkhonza ngokuthobeka nentlonelo engathethekiyo. Enyanisweni, ukoyika uYehova kusenza sibunandiphe kwangoku ubomi kuze kusincede ‘sibubambe ngokuqinileyo ubomi benene’—ubomi obungunaphakade kwihlabathi elitsha.—1 Timoti 6:12, 18, 19; ISityhilelo 15:3, 4.
Usakhumbula Na?
• Kutheni simele simoyike nje uThixo, ibe kuthetha ukuthini oko?
• Ukoyika uThixo kumele kuyiphembelele njani indlela esiziphatha ngayo?
• Nguwuphi umvuzo wokoyika uThixo?
• Ziziphi izithembiso ezisinceda sikwazi ukunyamezela?
[Umfanekiso okwiphepha 26]
Abo boyika uYehova basebenzisa ubulumko xa umsebenzi wabo uvaliwe
[Umfanekiso okwiphepha 28]
Eyona nto ilungileyo sinokubenzela yona abamelwane bethu kukwabelana nabo ngeendaba ezilungileyo zoBukumkani