KumaHebhere
5 Kuba wonke umbingeleli omkhulu ongumntu umiselwa ngenxa yabantu phezu kwezinto zikaThixo,+ ukuze anikele izipho nemibingelelo yezono.+ 2 Uyakwazi ukubaphatha ngovelwano* abantu abangazi nto nabenza iimpazamo,* kuba naye unobakhe ubuthathaka, 3 yaye ngenxa yaloo nto kufuneka enze imibingelelo yezono zakhe kanye njengokuba ebenzela abantu.+
4 Umntu akazifuneli ngokwakhe eli wonga, kodwa ulifumana kuphela xa ebizwe nguThixo, kanye njengokuba kwakunjalo ngoAron.+ 5 NoKristu akazange azizukise+ ngokuzenza umbingeleli omkhulu, kodwa wazukiswa ngulowo wathi kuye: “Ungunyana wam; namhlanje ndiye ndaba ngutata wakho.”+ 6 Kunjengokuba nakwenye indawo esithi: “Ungumbingeleli ngonaphakade njengoMelkitsedeki.”+
7 Xa uKristu wayephila emhlabeni, wayethandaza kuThixo owayekwazi ukumsindisa ekufeni, emcenga yaye emcela, ekhala kakhulu esihla iinyembezi,+ yaye imithandazo yakhe yaviwa kuba wayemoyika uThixo. 8 Nangona wayengunyana, wafunda ukuthobela kwizinto ezibuhlungu ezamehlelayo.+ 9 Emva kokuba enziwe wagqibelela,+ waba yindlela yokuba bonke abo bamthobelayo basindiswe ngonaphakade,+ 10 kuba uye wakhethwa nguThixo ukuba abe ngumbingeleli omkhulu njengoMelkitsedeki.+
11 Ininzi into esinokuyithetha ngaye, ibe kunzima ukuyicacisa, kuba niye nabuthuntu ekuveni.* 12 Kaloku ngoku bekumele ukuba nifundisa abanye, kodwa kusafuneka umntu oza kuniqala phantsi,+ anifundise izinto ezingcwele zikaThixo. Niluhlobo lwabantu abasafanelwe lubisi, hayi ukutya okuqinileyo. 13 Wonke umntu osasela ubisi akaqhelananga nelizwi likaThixo* kuba ungumntwana.+ 14 Kodwa ukutya okuqinileyo kokwabantu abaqolileyo, abantu abayisebenzisayo ingqondo, itsho iqeqesheke, ikwazi ukwahlula into elungileyo nembi.