Ukuba NgabakaYehova—Ububele Obungasifanelanga
“SingabakaYehova.”—ROMA 14:8.
1, 2. (a) Liliphi ilungelo esinalo? (b) Yiyiphi imibuzo esiza kuyixubusha?
UHLANGA lwakwaSirayeli lwanikwa ilungelo elixabiseke ngeyona ndlela xa uYehova esithi kulo: “Ngokuqinisekileyo noba yinqobo kum kwizizwana zonke, kuba umhlaba uphela ngowam.” (Eks. 19:5) Namhlanje amalungu ebandla lamaKristu anelungelo lokuba ngabantu bakaYehova. (1 Pet. 2:9; ISityhi. 7:9, 14, 15) Sinokungenelwa ngonaphakade kweli lungelo.
2 Ukuba ngabantu bakaYehova kulilungelo kodwa kukwayimbopheleleko. Abanye basenokuzibuza: ‘Ngaba ndiya kukwazi ukwenza oko uYehova alindele ukuba ndikwenze? Ukuba ndiwela esonweni, ngaba akayi kundilahla? Ngaba andiyi kuba nayo inkululeko xa ndingokaYehova?’ Kubalulekile ukucinga ngaloo mibuzo. Noko ke, kukho lo mbuzo esifanele sicinge ngawo kuqala: Siya kungenelwa njani ngokuba ngabakaYehova?
Ukuba NgabakaYehova Kusenza Sonwabe
3. URahabhi wangenelwa njani ngokwenza isigqibo sokukhonza uYehova?
3 Ngaba zikho iingenelo zokuba ngabantu bakaYehova? Cinga ngoRahabhi, unongogo owayehlala kwiYeriko yamandulo. Ngokuqinisekileyo, ekukhuleni kwakhe, wayebandakanyeke kunqulo olungcolileyo lwezithixo zamaKanan. Kodwa wathi akuva ngokulwela kukaYehova amaSirayeli, waqonda ukuba uYehova nguThixo oyinyaniso. Ngoko wabeka ubomi bakhe esichengeni ukuze akhusele abantu bakaThixo enokholo lokuba baya kumsindisa. IBhayibhile ithi: “Akazange na noRahabhi ihenyukazi avakaliswe elilungisa ngemisebenzi, emva kokuba wabamkela ngomoya wokubuk’ iindwendwe abathunywa waza wabakhupha ngandlela yimbi?” (Yak. 2:25) Cinga nje indlela awangenelwa ngayo ngokuba yinxalenye yabantu bakaThixo abacocekileyo, ababefundiswe iMithetho kaThixo yothando nokusesikweni. Umele ukuba wavuya ngokwenene emva kokuba eyeke ukuphila ngendlela awayephila ngayo ngaphambili! Watshata nendoda engumSirayeli waza waba nonyana onguBhohazi owaba yindoda eyoyika uThixo.—Yosh. 6:25; Rute 2:4-12; Mat. 1:5, 6.
4. Wangenelwa njani uRute ngenxa yesigqibo sakhe sokukhonza uYehova?
4 NoRute wakwaMowabhi wenza isigqibo sokukhonza uYehova. Kusenokwenzeka ukuba ekukhuleni kwakhe wayenqula uKemoshe nabanye oothixo bakwaMowabhi, kodwa wafunda ngoThixo oyinyaniso uYehova, waza watshata nendoda engumSirayeli eyayisabele kwilizwe lakhe. (Funda uRute 1:1-6.) Kamva, xa uRute no-Orpa babehamba noninazala uNahomi, besinge eBhetelehem, uNahomi wacebisa aba molokazana bakhe ukuba babuyele kumawabo. Kwakungazukubalula ukuba bahlale kwaSirayeli. Eneneni, uOrpa ‘wabuyela ebantwini bakowabo nakoothixo bakhe,’ kodwa uRute wasala. Wabonisa ukholo kuba wayesele ekhethile ukuba ufuna ukuba ngokabani. Wathi kuNahomi: “Musa ukundibongoza ukuba ndikushiye, ndijike ekukuphelekeni; kuba apho uya khona ndiya kuya, nalapho uchitha ubusuku khona ndiya kuchitha ubusuku. Abantu bakowenu baya kuba ngabantu basekhaya, noThixo wakho abe nguThixo wam.” (Rute 1:15, 16) Ngenxa yokukhetha ukukhonza uYehova, uRute wangenelwa eMthethweni kaThixo, kuba wawunelungiselelo lokunyamekela abahlolokazi, amahlwempu nabo babengenamhlaba. Kuba wayenyanyekelwa nguYehova, wafumana ulonwabo, ukhuseleko nonqabiseko.
5. Yintoni oye wayiphawula ngabantu abaye bakhonza uYehova ngokuthembeka?
5 Kusenokwenzeka ukuba bakho abantu obaziyo abaye bazahlulela kuYehova baza emva koko bamkhonza kangangamashumi eminyaka. Babuze ukuba baye bangenelwa njani ngokumkhonza. Nangona bonke abantu beneengxaki, la mazwi omdumisi aye angqineka eyinyaniso: “Banoyolo abantu abaThixo wabo unguYehova!”—INdu. 144:15.
UYehova Akalindelanga Okungaphaya Kwamandla Ethu
6. Kutheni singafanele soyike, sicinge ukuba asinakukwazi ukwenza oko uYehova akulindeleyo kuthi?
6 Kusenokwenzeka ukuba wakha wazibuza enoba uya kukwazi kusini na ukwenza oko uYehova akulindeleyo kuwe. Iyenzeka into yokuba umntu oyike xa ecinga ngokukhonza uThixo, ukuphila ngemithetho yakhe nangokuxelela abanye ngegama lakhe. Ngokomzekelo, uMoses waziva engafanelekanga xa wathunywa ukuba athethe namaSirayeli nokumkani waseYiputa. Kodwa uThixo wayengalindelanga ukuba uMoses enze okungaphaya kwamandla akhe. UYehova ‘wamfundisa oko wayefanele akwenze.’ (Funda iEksodus 3:11; 4:1, 10, 13-15.) Kuba uMoses walwamkelayo olo ncedo, wafumana uvuyo lokuphumeza ukuthanda kukaThixo. Nathi uYehova akalindelanga ukuba senze okungaphaya kwamandla ethu. Uyazi ukuba asifezekanga yaye ufuna ukusinceda. (INdu. 103:14) Kunokuba kube ngaphaya kwamandla ethu, ukukhonza uThixo njengomlandeli kaYesu kuyahlaziya, kuba elo khondo linceda abanye yaye liyamkholisa uYehova. UYesu wathi: “Yizani kum, . . . yaye ndiza kunihlaziya. Thabathani idyokhwe yam nize nifunde kum, kuba ndinomoya wobulali, ndithobekile ngentliziyo.”—Mat. 11:28, 29.
7. Kutheni unokuqiniseka ukuba uYehova uya kukunceda wenze oko afuna ukwenze?
7 UYehova uya kusoloko esikhuthaza ukuba nje nathi sithembele kumandla akhe. Ngokomzekelo, kubonakala ukuba uYeremiya wayengengomntu okwaziyo ukuthetha phandle. Ngoko, xa uYehova wammiselayo ukuba abe ngumprofeti wakhe, uYeremiya wathi: “Awu, Nkosi enguMongami Yehova! Yabona, okunene andikwazi kuthetha, kuba ndiyinkwenkwe nje.” Kamva, wada wathi: “Andisayi kuphinda ndithethe egameni lakhe.” (Yer. 1:6; 20:9) Kodwa, ngenxa yokukhuthazwa nguYehova, uYeremiya wakwazi ukushumayela isigidimi esasichasiwe ngabantu kangangeminyaka engama-40. UYehova wayemqinisekisa ngokuphindaphindiweyo ngala mazwi: “Ndinawe ukuba ndikuhlangule.”—Yer. 1:8, 19; 15:20.
8. Sibonisa njani ukuba sikholose ngoYehova?
8 Kanye njengokuba uYehova wamomelezayo uMoses noYeremiya, nathi unokusinceda senze oko akulindeleyo kumaKristu namhlanje. Eyona nto ibalulekileyo kukuba sikholose ngoThixo. IBhayibhile ithi: “Kholosa ngoYehova ngayo yonke intliziyo yakho, ungayami ngokwakho ukuqonda. Uze umgqale yena ezindleleni zakho zonke, kwaye uya kuwenza uthi tye umendo wakho.” (IMize. 3:5, 6) Xa silwamkela uncedo uYehova asinika lona ngeLizwi lakhe nangebandla lakhe, sibonisa ukuba sikholose ngaye. Ukuba siyamvumela asikhokele ebomini, akukho nto iya kusenza singathembeki kuye.
UYehova Unyamekela Ngamnye Kubantu Bakhe
9, 10. INdumiso 91 ithetha ngaluphi uhlobo lokukhuselwa?
9 Xa becinga ngesigqibo sokuzahlulela kuYehova, kusenokwenzeka ukuba abanye baye boyike ukona, ukuziva bengento yanto nokulahlwa nguYehova. Okuvuyisayo kukuba, uYehova usikhusela ngandlela zonke ukuze silondoloze ulwalamano lwethu kunye naye oluxabisekileyo kuthi. Masibone indlela ekuchazwe ngayo oku kwiNdumiso 91.
10 Umdumisi uqala ngala mazwi: “Nabani na ohleli kwindawo efihlakeleyo yOyena Uphakamileyo uya kuzifumanela indawo yokulalisa emthunzini waLowo unguSomandla. Ndiza kuthi kuYehova: ‘Uyindawo yam yokusabela negwiba lam, Thixo wam, endiza kukholosa ngaye.’ Kuba yena uya kukuhlangula kwisibatha sombambisi weentaka.” (INdu. 91:1-3) Phawula ukuba uThixo uthembisa ukuba uya kubakhusela abo bamthandayo nabamthembayo. (Funda iNdumiso 91:9, 14.) Wayethetha ngohlobo olunjani lokukhusela? Eneneni, uYehova wabakhusela ngokoqobo abanye babakhonzi bakhe bamandulo—kwezinye iimeko wayebakhusela kuba efuna ukulondoloza umnombo wenzala wentsapho awayeza kuvela kuyo uMesiya. Noko ke, amanye amadoda athembekileyo avalelwa ezintolongweni, atshutshiswa aza abulawa ngabantu ababephenjelelwa nguSathana ababefuna ukuba ayeke ukuthembeka kuThixo. (Heb. 11:34-39) Akwazi ukunyamezela kuba uYehova wawakhusela ngokomoya ukuze angayilahli ingqibelelo yawo. Ngoko ke, kwiNdumiso 91 sithenjiswa ukuba siya kukhuselwa ngokomoya.
11. Iyintoni ‘indawo efihlakeleyo yOyena Uphakamileyo,’ yaye ngoobani abahlala kuyo baze bakhuselwe nguThixo?
11 Ngaloo ndlela, ‘indawo efihlakeleyo yOyena Uphakamileyo’ athetha ngayo umdumisi yeyokomfuziselo, yaye isigcina sikhuselekile ngokomoya. Abo bahlala kuyo njengeendwendwe zikaThixo bakhuselekile kuyo nantoni na ebeka ukholo nothando lwabo ngoThixo engozini. (INdu. 15:1, 2; 121:5) Le ndawo ifihlakele kuba abantu abangakholwayo abayazi. Kulapho uYehova akhusela abantu abathi, ngokungathi kunjalo: ‘UnguThixo wam endiza kukholosa ngaye.’ Ukuba siqhubeka sihleli kule ndawo, akuyomfuneko ukuba soyike ukuyeka ukukholisa uThixo kuba sibanjiswe nguSathana, ‘umbambisi weentaka.’
12. Ziziphi iingozi ezibeka ulwalamano lwethu noThixo esichengeni?
12 Ziziphi iingozi ezinokubeka ulwalamano lwethu noThixo esichengeni? Umdumisi ukhankanya iingozi eziliqela, ‘indyikitya yokufa ehamba esithokothokweni, nentshabalalo ephangayo emini emaqanda.’ (INdu. 91:5, 6) ‘Umbambisi weentaka’ uye wabambisa abaninzi ngomnqweno wokuzingca wokufuna ukuzimela geqe. (2 Kor. 11:3) Abanye ubabambisa ngokubawa, ikratshi nokuthanda izinto eziphathekayo. Kanti abanye ubalahlekisa ngokuthanda uhlanga oluthile, ngendaleko nonqulo lobuxoki. (Kol. 2:8) Abaninzi baye bawela kumgibe wokuziphatha okubi ngokwesini. Ezi ndyikitya ziye zabangela abaninzi ukuba bayeke ukuthanda uThixo.—Funda iNdumiso 91:7-10; Mat. 24:12.
Indlela Yokukhusela Uthando Onalo NgoThixo
13. UYehova usikhusela njani kwiingozi ezisongela impilo yethu yokomoya?
13 UYehova ubakhusela njani abantu bakhe kwezi ngozi zokomoya? Indumiso ithi: “Iingelosi zakhe uya kuzinika umyalelo ngawe, ukuba zikulinde ezindleleni zakho zonke.” (INdu. 91:11) Iingelosi zasezulwini ziyasikhokela zize zisikhusele ukuze sikwazi ukushumayela iindaba ezilungileyo. (ISityhi. 14:6) Ngaphandle kokukhuselwa ziingelosi, nabadala abangamaKristu bayasikhusela ngeemfundiso ezisekelwe ngokuqinileyo eZibhalweni ukuze singalahlekiswa ziingcinga eziphosakeleyo. Banokunceda nabani na ozama ukulwisana nesimo sengqondo sehlabathi. (Tito 1:9; 1 Pet. 5:2) ‘Nekhoboka elithembekileyo neliyingqondi’ lisinika ukutya kokomoya ukuze sikhuseleke kwiimfundiso zendaleko, iminqweno yokuziphatha okubi, ukufuna ubutyebi nodumo neminye iminqweno eyingozi. (Mat. 24:45) Yintoni ekuncedileyo wena ukuze ukwazi ukuzixhathisa ezo ngozi?
14. Sinokulusebenzisa njani ukhuseleko esilufumana kuThixo?
14 Yintoni esimele siyenze ukuze sihlale “kwindawo efihlakeleyo” kaThixo? Kanye njengokuba sisoloko sizikhusela kwiingozi zokoqobo, kwizikrelemnqa nakwizifo, simele siqhubeke sizikhusela nakwiingozi zokomoya. Ngoko sifanele silulandele rhoqo ukhokelo esilufumana kuYehova ngeempapasho zethu, ngeentlanganiso zebandla nangeendibano. Sifanele sifune uncedo lwabadala. Ngaba asingenelwa kwiimpawu ezintle zabazalwana noodadewethu abangamaKristu? Eneneni, ukunxulumana kwethu nebandla kusenza silumke.—IMize. 13:20; funda eyoku-1 kaPetros 4:10.
15. Kutheni sinokuqiniseka ukuba uYehova unokusikhusela kuyo nantoni na enokumenza angakholiswa sithi?
15 Asithandabuzi ukuba uYehova unokusikhusela kuyo nantoni na enokumenza angakholiswa sithi. (Roma 8:38, 39) Uye walikhusela ibandla kwiintshaba eziziinkokeli ezinamandla zonqulo nezopolitiko ezidla ngokufuna ukusahlukanisa noThixo wethu ongcwele kungekhona ukusibulala. Esi sithembiso sikaYehova siye sangqineka siyinyaniso: “Nasiphi na isixhobo esiya kuyilwa nxamnye nawe asiyi kuphumelela.”—Isa. 54:17.
Ngubani Osinika Inkululeko?
16. Kutheni singenakuyifumana inkululeko ehlabathini?
16 Ngaba ukuba ngabakaYehova kuya kusibandez’ inkululeko? Akunjalo, into enokusihluth’ inkululeko kukuba ngabehlabathi. Ihlabathi lahlukanisiwe noYehova yaye lilawulwa nguthixo okhohlakeleyo nowenza abantu babe ngamakhoboka. (Yoh. 14:30) Ngokomzekelo, inkqubo yezinto kaSathana ihlutha abantu inkululeko ngemeko yezoqoqosho. (Thelekisa iSityhilelo 13:16, 17.) Nesono sinamandla okwenza abantu amakhoboka. (Yoh. 8:34; Heb. 3:13) Nangona abantu abangakholwayo besenokuthembisa ukuba indlela ethile echaseneyo neemfundiso zikaYehova inokuzisa inkululeko, nabani na oyikholelwayo loo nto uya kuzibona sele elikhoboka lesono yaye esenza izinto ezilihlazo.—Roma 1:24-32.
17. UYehova usithembisa ukusikhulula entwenini?
17 Kwelinye icala, uYehova uya kusikhulula kuyo nantoni na enokusenzakalisa ukuba sizinikela kuye. Ngandlel’ ithile, sifana nomntu obeka ubomi bakhe ezandleni zikagqirha wotyando onokumsindisa kwisifo esiyingozi. Sonke sinesifo esiyingozi—isono esasizuz’ ilifa. Ukuba sizinikela kuYehova ngoncedo lwentlawulelo kaKristu, sinokuba nethemba lokukhululeka esonweni nasekufeni size siphile ngonaphakade. (Yoh. 3:36) Kanye njengokuba ukuqhubeka sisiva ngomsebenzi omhle kagqirha wotyando kunokusenza simthembe ngakumbi, ukuqhubeka kwethu sifunda ngoYehova kuya kubangela ukuba intembelo esinayo kuye ikhule. Ngenxa yoko, siyaqhubeka sifunda iLizwi likaThixo kuba oko kuya kusinceda simthande size singoyiki ukuba ngabakhe.—1 Yoh. 4:18.
18. Yintoni eya kufunyanwa ngabo bangabakaYehova?
18 UYehova usinike inkululeko yokuzikhethela. ILizwi lakhe lithi: “Nyula ke ubomi ukuze uphile, wena nenzala yakho, ngokuthi umthande uYehova uThixo wakho.” (Dut. 30:19, 20) Ufuna sibonise ukuba siyamthanda ngokuba sizikhethele ukumkhonza. Kunokuba kusibandez’ inkululeko, ukuba ngabantu bakaThixo esimthandayo kuya kusenza sihlale sonwabile.
19. Kutheni sinokuthi ukuba ngabakaYehova bububele obungasifanelanga?
19 Ngenxa yokuba singaboni, asifaneleki ukuba ngabakaThixo ogqibeleleyo. Sincedwa bububele bukaThixo obungasifanelanga. (2 Tim. 1:9) UPawulos wabhala wathi: “Ukuba siyaphila, siphilela uYehova, yaye ukuba siyafa, sifela uYehova. Ngoko ke ukuba siyaphila nokuba siyafa, singabakaYehova.” (Roma 14:8) Ngokuqinisekileyo, asisokuze sizisole ngokukhetha ukuba ngabakaYehova.
Unokuphendula Uthini?
• Singenelwa njani ngokuba ngabakaYehova?
• Yintoni esincedayo ukuze sikwazi ukwenza oko uThixo akulindeleyo kuthi?
• UYehova ubakhusela njani abakhonzi bakhe?
[Imifanekiso ekwiphepha 8]
Buza abanye ngendlela abaye bangenelwa ngayo ngokuba ngabakaYehova
[Umfanekiso okwiphepha 10]
Ziziphi ezinye zeendlela uYehova asikhusela ngazo?