Nina Baselula, Mkhumbuleni Ngoku UMdali Wenu
“Khumbula uMdali wakho Ozukileyo ngemihla yobufana bakho.”—INTSHU. 12:1.
1. UYehova uyibonisa njani intembelo anayo kubanquli bakhe abaselula?
UYEHOVA uyaluxabisa ulutsha olungamaKristu yaye ulugqala njengoluhlaziya njengamathontsi ombethe. Waxela kwangaphambili ukuba “ngemini yomkhosi” woNyana wakhe, abafana neentombi “baya kuzinikela ngokuvumayo” kwinkonzo kaKristu. (INdumiso 110:3) Eso siprofeto sasiza kuzaliseka ngexesha lethu xa abantu abaninzi bengamthandi uThixo, bethanda iziqu zabo nemali yaye bengathobeli. Kodwa, uYehova wayesazi ukuba abaselula abanqula yena baza kwahluka. Unentembelo engathethekiyo kuni bazalwana noodade abaselula!
2. Ukukhumbula uYehova kuquka ntoni?
2 Khawucinge nje ngendlela anokuba uvuya ngayo uThixo xa ebona abaselula bemkhumbula njengoMdali wabo Ozukileyo. (INtshu. 12:1) Ngokuqhelekileyo, ukukhumbula uYehova akupheleli nje ekucingeni ngaye. Kuthetha ukwenza okuthile—oko kumkholisayo, sivumele imithetho nemigaqo yakhe isikhokele yonk’ imihla. Kukwathetha ukuthembela kuYehova, sisazi ukuba uyixhalabele impilo-ntle yethu. (INdu. 37:3; Isa. 48:17, 18) Ngaba leyo yindlela ovakalelwa ngayo ngoMdali wakho Ozukileyo?
“Kholosa NgoYehova Ngayo Yonke Intliziyo Yakho”
3, 4. UYesu wabonisa njani ukuba uthembele kuYehova, yaye kutheni kubalulekile ukuthembela kuye namhlanje?
3 Kambe ke, owona mzekelo ubalaseleyo wokukholosa ngoThixo, nguYesu Kristu. Waphila ngokuvisisana namazwi akwiMizekeliso 3:5, 6 athi: “Kholosa ngoYehova ngayo yonke intliziyo yakho, ungayami ngokwakho ukuqonda. Uze umgqale yena ezindleleni zakho zonke, kwaye uya kuwenza uthi tye umendo wakho.” Kungekudala emva kokuba ebhaptiziwe uYesu, kwafika uSathana, owazama ukumhenda ukuze amkele amandla nozuko lwehlabathi. (Luka 4:3-13) UYesu akazange alahlekiswe. Wayesazi ukuba ‘ubutyebi, uzuko nobomi zingumphumo wentobeko nokoyika uYehova.’—IMize. 22:4.
4 Ehlabathini namhlanje kugquba ukubawa nokuzingca. Xa kunjalo, kuya kuba kuhle ukulandela umzekelo kaYesu. Kanti khumbula ukuba, uSathana ukulungele ukwenza nantoni na ukuze akhuphe abakhonzi bakaYehova kwindlela emxinwa ekhokelela ebomini. Ufuna ukubona wonke umntu ehamba kwindlela ephangaleleyo ekhokelela kwintshabalalo. Ungaze ulahlekiswe nguye! Kunoko zimisele ukukhumbula uMdali wakho Ozukileyo. Kholosa ngaye ngokupheleleyo, uze ububambe ubuqinise “ubomi benene,” obuqinisekileyo nobukufutshane.—1 Tim. 6:19.
Nina Baselula, Yibani Zizilumko!
5. Uvakalelwa njani ngekamva leli hlabathi?
5 Abantu abaselula abakhumbula uMdali wabo Ozukileyo balumkile nakuba bebancinane. (Funda INdumiso 119:99, 100.) Ngenxa yokuba benembono kaThixo ngezinto, bazi kakuhle ukuba eli hlabathi sele liza kuphela. Nakuba nisaphile iminyaka embalwa, ngokuqinisekileyo nina baselula niphawule ukuba abantu bayaloyika yaye bayaxhalatyiswa likamva. Ukuba usesesikolweni, kusenokwenzeka ukuba uvile ngongcoliso lomhlaba, ukufudumala okugqith’ emgceni, ukuphela kwamahlathi neengxaki ezifana nezo. Ziyabaxhalabisa abantu ezi ngxaki, kodwa ngamaNgqina kaYehova kuphela ayiqonda kakuhle into yokuba ziyinxalenye yomqondiso owalatha kwisiphelo sehlabathi likaSathana.—ISityhi. 11:18.
6. Baye bahendwa njani abanye abaselula?
6 Okulusizi kukuba, abanye abakhonzi bakaThixo abaselula baye bayekelel’ umxakatho baza balibala ukuba eli hlabathi lisalelwe lixesha elifutshane. (2 Pet. 3:3, 4) Abanye baye balukuhlelwa ukuba benze izono ezinzulu ngenxa yonxulumano olubi nokubukela amanyala. (IMize. 13:20) Bekuya kuba kubi gqitha ukuphulukana nenkoliseko kaThixo sakugqiba ukuba kufutshane kangaka isiphelo! Kunoko, sifanele sifunde koko kwenzeka kumaSirayeli ngowe-1473 B.C.E. xa ayemise iinkampu kumaThafa akwaMowabhi, sele esemgubasini weLizwe Lesithembiso. Kwenzeka ntoni apho?
Anikezela Sele Ekufutshane Entanjeni
7, 8. (a) Bubuphi ubuqili obasetyenziswa nguSathana kumaThafa akwaMowabhi? (b) USathana usebenzisa buphi ubuqili namhlanje?
7 Kucacile ukuba uSathana wayefuna ukuba amaSirayeli angalifumani ilifa awayelithenjisiwe. Emva kokuwa phantsi kwimigudu yokuba amaSirayeli aqalekiswe ngumprofeti uBhileham, uSathana wasebenzisa obunye ubuqili; ukwenza uYehova angakholiswa ngawo. Ahendwa ngamabhinqa akwaMowabhi yaye uMtyholi waphumelela ngomkhamo othile. Abantu baziphatha kakubi ngokwesini neentombi zakwaMowabhi baza baqubuda kuBhahali wasePehore! Nakuba ayesele elibona ilifa lawo elixabisekileyo, iLizwe Lesithembiso, amaSirayeli amalunga nama-24 000 aphulukana nobomi bawo. Yaba yintlekele yokwenene leyo!—Num. 25:1-3, 9.
8 Namhlanje, sikufutshane kwilizwe lesithembiso esibhetele—inkqubo entsha yezinto. Njengesiqhelo, uSathana usebenzisa ukuziphatha okubi ngokwesini ukuze onakalise abantu bakaThixo. Imilinganiselo yokuziphatha yehlabathi iphantsi kangangokuba ukuziphatha okubi ngokwesini kugqalwa njengento eqhelekileyo yaye ubufanasini sele bungumbandela nje wokuzikhethela. Omnye udade ongumKristu wathi, “Kusekhaya nakwiHolo yoBukumkani kuphela apho abantwana bam bafunda khona ukuba ubufanasini neentlobano zesini ngaphandle komtshato azifunwa nguThixo.”
9. Yintoni enokwenzeka xa ‘usentlahleni yobutsha,’ yaye abaselula banokuhlangabezana njani noku?
9 Abantu abaselula abakhumbula uMdali wabo Ozukileyo bayazi ukuba iintlobano zesini sisipho esingcwele esinento yokwenza nobomi nokuzala. Bayaqonda ukuba iintlobano zesini zifanele zinanditshwe ngendlela uThixo awayalela ngayo—kwilungiselelo lomtshato. (Heb. 13:4) Noko ke, xa ‘usentlahleni yobutsha’—ixesha apho iimvakalelo zesini zinamandla khona nezinokuthi zigqwethe indlela umntu azibona ngayo izinto—kunokuba yinto enzima ukuba uhlale unyulu. (1 Kor. 7:36) Yintoni onokuyenza xa ufikelwa ziingcinga ezingafanelekanga? Thandaza ngokunyanisekileyo kuYehova ucele akuncede unikele ingqalelo kwizinto ezakhayo. UYehova usoloko ebaphulaphula abo basondela kuye ngokunyaniseka. (Funda uLuka 11:9-13.) Ukuncokola ngezinto ezakhayo kunokukunceda ucinge ngendlela efanelekileyo.
Lukhethe Ngobulumko Usukelo Lwakho!
10. Sisiphi isimo sengqondo esingafanelekanga esifuna ukusiphepha, yaye yiyiphi imibuzo esimele sizibuze yona?
10 Esinye isizathu esibangela ukuba abantu abaninzi abaselula ehlabathini baphile unothanda yaye bathande uyolo kukuba ‘abanambono’—abalathiswa nguThixo yaye abanalo ithemba eliqinisekileyo lekamva. (IMize. 29:18) Bafana namaSirayeli angathandi Thixo omhla kaIsaya awayephilela ‘ukugcoba nemihlali, ukudla inyama nokusela iwayini.’ (Isa. 22:13) Kunokuba ubamonele abantu abanjalo, kutheni ungacingi ngethemba elixabisekileyo uYehova alibekele abantu bakhe abathembekileyo? Ukuba ungumkhonzi kaThixo oselula, ngaba uyakulangazelela ukufika kwehlabathi elitsha? Ngaba wenza unakonako ‘wokuphila ngengqondo ephilileyo,’ ngoxa ulindela ithemba elonwabisayo uYehova alibeke phambi kwakho? (Tito 2:12, 13) Impendulo yakho kulo mbuzo iya kubonakala kusukelo ozibekela lona.
11. Kutheni amaKristu aselula asesesikolweni efanele afunde ngokuzimisela?
11 Ihlabathi lifuna ukuba eyona nto iphambili kwabaselula ibe kukusukela izinto zalo. Ngokuqhelekileyo, abo basesesikolweni bafanele basebenze nzima ukuze bafumane imfundo esisiseko. Olona sukelo lwenu asikokufumana umsebenzi wempangelo ofanelekileyo kuphela kodwa nifuna ukuba luncedo ebandleni nize nibe ngabavakalisi boBukumkani abanemveliso. Ukuze nikwazi ukukwenza oko, kufuneka nikwazi ukuthetha ngokucacileyo, ukucinga kakuhle nokuqiqa ngembeko nabanye. Abaselula abafundisisa iBhayibhile nabazama ukusebenzisa imigaqo yayo kubomi babo bafumana eyona mfundo isemgangathweni yaye bazibekela isiseko esihle sekamva elinempumelelo nelingapheliyo.—Funda INdumiso 1:1-3.a
12. Nguwuphi umzekelo onokuxeliswa ziintsapho ezingamaKristu?
12 KwaSirayeli, ukufundiswa kwabantwana ngabazali babo kwakuyeyona nto iphambili. Loo mfundo yayigubungela phantse zonke iinkalo zobomi ingakumbi imiba ephathelele ukunqula uThixo. (Dut. 6:6, 7) Ngenxa yoko, abantwana bakwaSirayeli ababephulaphula abazali babo nabantu abakhulileyo aboyika uThixo abazange bafumane ulwazi kuphela kodwa bafumana nobulumko, ukuqonda namandla okucinga—mpawu ezo ongenakuzifumana kwenye indawo ngaphandle kwemfundo yobuthixo. (IMize. 1:2-4; 2:1-5, 11-15) Namhlanje iintsapho zamaKristu zifanele ziyigqale ngendlela efanayo imfundo.
Baphulaphule Abo Bakuthandayo
13. Abantu abaselula bafumana luphi uhlobo lwamacebiso yaye kutheni befanele balumke?
13 Abantu abaselula bafumana amacebiso kubantu abaninzi abahlukahlukeneyo—kuquka abo baqeqeshelwe ukucebisa abantwana besikolo, ibe aba bantu basoloko bebacebisa ngendlela abanokuphumelela ngayo ehlabathini. Sicela uthandaze ngoxa uhlolisisa loo macebiso uze uvumele iLizwi likaThixo kwakunye nokutya kokomoya okulungiselelwe ludidi lwekhoboka elithembekileyo neliyingqondi kukuncede. Ngokusuka kufundisiso lwakho lweBhayibhile, uyazi ukuba abaselula nabangenamava bazizisulu eziphambili zikaSathana. Ngokomzekelo, kumyezo wase-Eden, uEva ongenamava waphulaphula uSathana angamaziyo, nongazange abonise ukuba uyamthanda. Cinga nje ngendlela izinto ezazinokwenzeka ngokwahluke ngayo ukuba wayephulaphule uYehova, owayezingqine emthanda ngeendlela ezininzi!—Gen. 3:1-6.
14. Kutheni sifanele siphulaphule uYehova nabazali bethu abakholwayo?
14 Nawe uyathandwa nguMdali wakho Ozukileyo, yaye uneenjongo ezintle ngawe. Ufuna ukuba wonwabe ngonaphakade, kungekuphela nje ngoku! Kungenxa yoko, ngenyameko efana neyomzali, esithi kuwe nakubo bonke abo bamnqulayo: “Nantsi indlela. Hambani ngayo.” (Isa. 30:21) Ukuba unabazali abakholwayo abamthanda ngokwenene uYehova, usikeleleke gqitha. Baphulaphule ngentlonelo ngoxa uzibekela usukelo. (IMize. 1:8, 9) Ngapha koko, bafuna ufumane ubomi, nto leyo exabiseke gqitha kunobutyebi nokuduma kweli hlabathi.—Mat. 16:26.
15, 16. (a) Yiyiphi intembelo esimele sibe nayo kuYehova? (b) Sisiphi isifundo esibalulekileyo esisifundayo kuBharuki?
15 Abo bakhumbula uMdali wabo Ozukileyo bagcina ubomi babo bulula, benethemba lokuba uYehova ‘akayi kuze abashiye, engayi kuze abatyeshele.’ (Funda amaHebhere 13:5.) Ngenxa yokuba le ngcamango ifanelekileyo yahlukile kuleyo yeli hlabathi, sifanele silumke singavumeli umoya weli hlabathi usiphembelele. (Efe. 2:2) Kule nkalo, cinga nje ngomzekelo wonobhala kaYeremiya, uBharuki, owayephila ngamaxesha anzima emihla yokugqibela yeYerusalem ngaphambi kokutshatyalaliswa kwayo ngowama-607 B.C.E.
16 Kusenokwenzeka ukuba uBharuki wayefuna ukuzakhela ubomi obutofotofo ngokwezinto eziphathekayo. UYehova wakuphawula oku waza ngobubele wamlumkisa ukuba angaqhubeki ezifunela “izinto ezinkulu.” UBharuki wazingqina ethobekile yaye elumkile, kuba wamphulaphula uYehova waza wasinda xa kutshatyalaliswa iYerusalem. (Yer. 45:2-5) Kwelinye icala, abo babephila ngexesha likaBharuki abaye bazifunela “izinto ezinkulu” eziphathekayo, bebeka uYehova kwindawo yesibini, bakhawuleza baphulukana nazo zonke ezo zinto, zathathwa ngamaKaledi (amaBhabhiloni). Abaninzi bada baphulukana nobomi babo. (2 Kron. 36:15-18) Amava kaBharuki asinceda sibone ukuba ulwalamano oluhle noThixo lubaluleke ngaphezu kobutyebi nodumo lweli hlabathi.
Khangela Imizekelo Emihle
17. Kutheni uYesu, uPawulos noTimoti beyimizekelo emihle kubakhonzi bakaYehova namhlanje?
17 Ngenjongo yokusinceda sihambe kwindlela esa ebomini, iLizwi likaThixo lisichazela ngemizekelo emininzi emihle. Ngokomzekelo, uYesu wayengoyena uneziphiwo ezihle kwabakha baphila emhlabeni, kodwa wanikela ingqalelo koko kwakuza kunceda abantu ngonaphakade—“iindaba ezilungileyo zobukumkani.” (Luka 4:43) Ukuze anike uYehova okona kulungileyo, umpostile uPawulos washiya umsebenzi wakhe onemali waza wasebenzisa ixesha namandla akhe ekushumayeleni iindaba ezilungileyo. UTimoti, “umntwana wokwenene elukholweni,” waxelisa umzekelo omhle kaPawulos. (1 Tim. 1:2) Ngaba uYesu, uPawulos noTimoti bayazisola ngekhondo lobomi abalilandelayo? Akunjalo konke konke! Enyanisweni, uPawulos wathi ukugqala oko kunokuziswa lihlabathi “njengenkunkuma eninzi” xa kuthelekiswa nelungelo lokukhonza uThixo.—Fil. 3:8-11.
18. Luluphi utshintsho olukhulu olwenziwa ngomnye umzalwana oselula yaye kutheni engazisoli nje?
18 Ulutsha oluninzi olungamaKristu namhlanje luxelisa ukholo lukaYesu, uPawulos noTimoti. Ngokomzekelo, omnye umzalwana oselula onomsebenzi ohlawula kakuhle wabhala wathi: “Ngenxa yokuba ndiphila ngokuvisisana nemigaqo yeBhayibhile, ndakhawuleza ndanyuselwa emsebenzini. Nakuba ndandifumana imali eninzi, ndavakalelwa kukuba ndisukelana nomoya. Ndathi ndakuya kwisigqeba esiphezulu enkampanini ndaza ndasichazela ukuba ndifuna ukungena kwinkonzo yexesha elizeleyo, sakhawuleza sayitsho into yokuba singandinyusela imali, sicinga ukuba ndakukhe ndihlale. Kodwa ndandisele ndisenzile isigqibo. Abantu abaninzi abazange basiqonde isizathu sokuba ndishiya umsebenzi ohlawula ngolo hlobo ukuze ndibe kwinkonzo yexesha elizeleyo. Ngokwenene ndizimisele ukuphila ngokuvisisana nokuzinikela kwam kuThixo. Ngenxa yokuba ngoku ubomi bam busekelwe kwizinto zokomoya, ndonwabe gqitha yaye ndaneliseke kangangokuba imali nodumo azinakundithengela olo lonwabo.”
19. Abaselula bakhuthazwa ukuba benze luphi ukhetho lobulumko?
19 Ehlabathini lonke, amawakawaka abaselula aye enza ukhetho lobulumko olufanayo. Ngoko, abaselula bahlala becinga ngoYehova xa becebela ikamva. (2 Pet. 3:11, 12) Musa ukubamonela abo baxhamlayo kweli hlabathi. Kunoko baphulaphule abo bakuthanda ngokwenene. Ukuziqwebela “ubuncwane ezulwini” lolona tyalo-mali lukhuselekileyo onokuzenzela lona yaye luneengenelo ezingapheliyo. (Mat. 6:19, 20; funda eyoku-1 kaYohane 2:15-17.) Ewe, khumbula uMdali wakho Ozukileyo. Njengoko usenza oko, uYehova uya kukusikelela.
[Umbhalo osemazantsi]
a Ngokuphathelele imfundo ephakamileyo nengqesho, bona IMboniselo kaOktobha 1, 2005, iphepha 26-31.
Uyakhumbula Na?
• Sinokubonisa njani ukuba sithembele kuThixo?
• Yiyiphi eyona mfundo ikumgangatho ophezulu?
• Sinokufunda ziphi izifundo kuBharuki?
• Ngoobani abayimizekelo emihle kuthi yaye ngoba?
[Imifanekiso ekwiphepha 13]
UYehova usinika imfundo ekumgangatho ophezulu
[Umfanekiso okwiphepha 15]
UBharuki wamphulaphula uYehova waza wasinda xa kwakutshatyalaliswa iYerusalem. Unokufunda ntoni kumzekelo wakhe?