ILizwi LikaYehova Liphilile
Iimbalasane Zenxalenye Yesihlanu Yencwadi YeeNdumiso
IZITYEBI zisenokuthi: “Oonyana bethu banjengezityalo ezincinane ezikhulayo ebutsheni babo, iintombi zethu zinjengeembombo ezikrolwe ngesimbo sebhotwe, oovimba bethu bazele, . . . imihlambi yethu yande ngamawaka.” Zisenokwalek’ umsundulo zithi: “Banoyolo abantu ekunjalo kubo!” Noko ke, ngokwahlukileyo koko, umdumisi uthi: “Banoyolo abantu abaThixo wabo unguYehova!” (INdumiso 144:12-15) Kodwa banokuba noyolo njani abantu abaThixo wabo unguYehova? UYehova nguThixo owonwabileyo, ngoko nabanquli bakhe bamele bonwabe. (1 Timoti 1:11) Le nyaniso icace gca kwingqokelela yokugqibela yezi ngoma ziphefumlelweyo, ezisusela kwiNdumiso ye-107 ukusa kweye-150.
Le Ncwadi Yesihlanu YeeNdumiso ikwabalaselisa iimpawu zikaYehova ezigqwesileyo, eziquka ububele bakhe bothando, ukunyaniseka nokulunga kwakhe. Okukhona sibuqonda ngakumbi ubuntu bukaThixo, kukhona kuba lula ukumthanda nokumoyika. Oku kwenza sonwabe ngakumbi. Esinjani ukubaluleka isigidimi esisifumana kwiNcwadi yeSihlanu yeeNdumiso!—Hebhere 4:12.
UKONWABA NGENXA YOBUBELE BOTHANDO BUKAYEHOVA
AmaYuda awayebuya ekuthinjweni eBhabhiloni acula athi: “Abantu mabambulele uYehova ngobubele bakhe bothando nangemisebenzi yakhe emangalisayo koonyana babantu.” (INdumiso 107:8, 15, 21, 31) Edumisa uThixo, uDavide wathi: ‘Inyaniso yakho ifikelela esibhakabhakeni.’ (INdumiso 108:4) KwiNdumiso elandelayo, uthandaza esithi: “Ndincede, Yehova Thixo wam; ndisindise ngokobubele bakho bothando.” (INdumiso 109:18, 19, 26) INdumiso ye-110 iprofeta ngolawulo lukaMesiya. INdumiso 111:10 ithi: “Ukoyika uYehova kukuqala kobulumko.” Indumiso elandelayo ithi: “Unoyolo umntu owoyika uYehova.”—INdumiso 112:1.
INdumiso ye-113 ukusa kwiNdumiso ye-118 zibizwa ngokuba ziindumiso zeHallel, kuba zisebenzisa ibinzana elithi “Haleluya,” okanye elithi “Dumisani uYa!” Ngokutsho kweMishnah—eyabhalwa malunga nenkulungwane yesithathu kubhalwa phantsi iingoma zomlomo—ezi ngoma zaziculwa ngePasika nakwimithendeleko emithathu yamaYuda eyayisenziwa minyaka le. Eyona ndumiso inde nenesahluko eside eBhayibhileni yiNdumiso 119 ebalaselisa ilizwi likaYehova okanye isigidimi sakhe.
Iimpendulo Kwimibuzo YeZibhalo:
109:23—Wayethetha ukuthini uDavide xa wathi: “Njengethunzi xa linabayo, ndiyemka”? Apha uDavide wayesebenzisa izafobe esithi wayevakalelwa ukuba ukufa kwakhe kwakusondele.—INdumiso 102:11.
110:1, 2—Yayisenza ntoni “iNkosi [kaDavide]” uYesu Kristu, ngoxa yayihleli ngakwisandla sokunene sikaThixo? Emva kokuvuka kwakhe, uYesu wenyukela ezulwini waze walinda ngakwisandla sokunene sikaThixo de kwangowe-1914 apho waqalisa khona ukulawula njengoKumkani. Ebudeni belo xesha, uYesu wayelawula abathanjiswa, ebalathisa kumsebenzi wokwenza abafundi kwangaxeshanye ebalungiselela ukuba balawule naye eBukumkanini bakhe.—Mateyu 24:14; 28:18-20; Luka 22:28-30.
110:4—Yintoni le uYehova wayifungayo ‘ngaphandle kokuzisola’? Esi sifungo ngumnqophiso uYehova awawenza noYesu Kristu wokuba abe nguKumkani noMbingeleli oMkhulu.—Luka 22:29.
113:3—Lidunyiswa ngayiphi indlela igama likaYehova “ukususela ekuphumeni kwelanga kude kuse ekutshoneni kwalo”? Eli asiloqaqobana labantu nje elinqula uThixo yonke imihla. Ukususela ekuphumeni kwelanga lide liye kutshona, imitha yalo ikhanyisela lonke ihlabathi. Ngendlela efanayo, noYehova umele adunyiswe ehlabathini lonke. Oku akunakwenzeka ngamabona ndenzile. NjengamaNgqina kaYehova sinelungelo elixabisekileyo lokudumisa uThixo nokufak’ isandla ngenzondelelo kumsebenzi wokushumayela ngoBukumkani.
116:15—‘Kuxabiseke kangakanani emehlweni kaYehova ukufa kwabanyanisekileyo bakhe’? Abanquli bakaYehova baxabiseke gqitha kuye kangangokuba akasayi kuze avumele ukuba babulawe de kungasali nempunde. Ukuba uYehova ebe nokuyivumela yenzeke lonto bekuya kubonakala ngathi iintshaba zakhe zinamandla kunaye. Esinye isizathu, kukuba bekungayi kubakho usalayo njengomlumiso wabantu abaza kuphila kwihlabathi elitsha.
119:71—Ziziphi iingenelo ezinokubangelwa kukuxhwaleka? Iinzima zinokusifundisa ukukholosa ngakumbi ngoYehova, sithandaze ngokunyaniseka kuye, size sikukhuthalele ukufunda iBhayibhile nokusebenzisa oko ikutshoyo. Esinye isizathu kukuba indlela esisabela ngayo ingatyhila iinkalo ezithile zobuntu bethu ezifuna ukulungiswa. Ukubandezeleka akusayi kusenza sibe nenzondo ukuba siyakuvumela kusisulungekise.
119:96—Lithetha ntoni ibinzana elithi “isiphelo sako konke ukugqibelela”? Apha umdumisi uthetha ngokugqibelela ngokwembono yomntu. Inokuba wayeqonda ukuba imbono yomntu ngengqibelelo ilinganiselwe. Ngokwahlukileyo koko, umthetho kaThixo awulinganiselwanga. Usebenza kuzo zonke iinkalo zobomi. IBhayibhile yesiXhosa yowe-1996, ithi: “Ndiyaqonda ukuba ayikho into egqibeleleyo” iphinde ithi: “Ke yona imiqathango yakho ayinantanga.”
119:164—Yintoni eyenza kubalasele ukudumisa uThixo “izihlandlo ezisixhenxe ngosuku”? Inani elisisixhenxe lidla ngokuthetha ukuphelela kwezinto. Ngoko, umdumisi uthi uYehova ufanelwe lulo lonke udumo.
Oko Sikufundayo:
107:27-31. Ubulumko behlabathi abuzukusebenza xa kufika iArmagedon. (ISityhilelo 16:14, 16) Abuyi kusindisa namnye xa kutshatyalaliswa. Ngabo balindele usindiso kuYehova kuphela abaya kuphila “bambulele uYehova ngobubele bakhe bothando.”
109:30, 31; 110:5. Isandla sasekunene sejoni esiphatha ikrele sidla ngokuba sesichengeni, kuba ikhaka liphathwa ngesandla sasekhohlo. Ngokungathi kunjalo, uYehova ‘ungasekunene’ kwabakhonzi bakhe, ukuze abalwele. Ngaloo ndlela uyabakhusela aze abancede—eso sisizathu esihle ‘sokumbonga kakhulu’!
113:4-9. UYehova uphakame kakhulu kangangokuba kufuneka azithobe kwanaxa ‘ekhangela ezulwini.’ Ukanti, unemfesane kwabasweleyo, kumahlwempu, nakumfazi oludlolo. UYehova iNkosi enguMongami uthobekile kwaye nabanquli bakhe ufuna bathobeke.—Yakobi 4:6.
114:3-7. Ukuva ngemisebenzi emangalisayo uYehova aye wayenzela abantu bakhe kuLwandle oLubomvu, kuMlambo iYordan, nakwiNtaba yeSinayi kumele kusenze sicinge nzulu. Uluntu olumelwa ‘ngumhlaba,’ lufanele lukhwankqiswe—ngokungathi kunjalo lube “sezintlungwini eziqatha”—ngenxa yeNkosi.
119:97-101. Ukufumana ubulumko, ingqiqo nokuqonda okuseLizwini likaThixo kuyasikhusela ngokomoya.
119:105. ILizwi likaThixo sisibane ezinyaweni zethu ngengqiqo yokuba linokusinceda xa silungisa iingxaki. Likhanyisa indlela yethu yokomfuziselo ekubeni, lisixelela injongo kaThixo ngekamva.
UKONWABA NANGONA KUKHO IINGXAKI
Singenza njani ukuze siphumelele kwiimeko ezinzima? INdumiso ye-120 ukusa kweye-134 iwuphendula kakuhle lo mbuzo. Siyaphumelela kwiinzima size sihlale sivuya xa sicela uncedo kuYehova. Ezi ndumiso, zibizwa ngokuba ziiNgoma zeZinyuko, kuba amaSirayeli ayezicula xa esiya kubhiyozela imithendeleko eyayisenziwa eYerusalem minyaka le.
INdumiso ye-135 neye-136 zichaza uYehova njengowenza nantoni na afuna ukuyenza, ngokwahlukileyo kwizithixo ezingakwaziyo ukuzenzela nto. INdumiso 136 iqanjwe ngohlobo lokuba inxalenye yokugqibela yendinyana nganye iphendule inxalenye yokuqala. Indumiso elandelayo ithetha ngamaYuda adakumbileyo awayeseBhabhiloni efuna ukukhonza uYehova eZiyon. INdumiso 138 ukusa kweye-145 zaqanjwa nguDavide. Ufuna ‘ukubonga uYehova ngentliziyo yakhe yonke.’ Ngoba? Uthi: “Ngenxa yokuba ngendlela eyoyikekayo ndenziwe ngokumangalisayo.” (INdumiso 138:1; 139:14) Kwiindumiso ezintlanu ezilandelayo, uDavide uthandazela ukukhuselwa kumadoda angendawo, ukululekwa ngobulungisa, ukuhlangulwa kubatshutshisi bakhe nokuba akhokelwe kwihambo yakhe. Ubalaselisa uyolo lwabantu bakaYehova. (INdumiso 144:15) Emva kokuthetha ngobukhulu bukaThixo nokulunga kwakhe, uDavide uthi: “Umlomo wam uya kuthetha indumiso kaYehova; inyama yonke mayilibonge igama lakhe elingcwele ukusa kwixesha elingenammiselo, ewe, ngonaphakade.”—INdumiso 145:21.
Iimpendulo Kwimibuzo YeZibhalo:
122:3—IYerusalem yayisisixeko ‘esihlanganiswe ndawonye ngobunye’ njani? Njengokuba zazinjalo izixeko zamandulo, izindlu zaseYerusalem zazingagqagqenanga. Eso sixeko sasidibene lonto isenza kube lula ukusikhusela. Ngaphezulu, ukusondelelana kwemizi yeso sixeko kwakusenza kube lula ngabo babehlala kuso ukuthembela kuncedo lwabanye nokukhuselana. Oku kubonisa umanyano lokomoya lwezizwe ezili-12 zakwaSirayeli xa zihlanganisene ngenjongo yokunqula.
123:2—Yiyiphi ingongoma ephuhliswa ngumzekeliso wamehlo abakhonzi? Zibini izizathu ezenza abakhonzi nezicakakazi bakhangela kwisandla senkosi okanye inkosikazi yayo: kukuze bakwazi ukukholisa inkosi okanye inkosikazi yayo nokuze bakhuselwe bafumane nezinto abazisweleyo ebomini. Ngokufanayo, sikhangela kuYehova ukuze siqonde ukuthanda kwakhe nokuze sifumane inkoliseko yakhe.
131:1-3—UDavide ‘wawuthomalalisa, waza wawuzolisa njani umphefumlo wakhe njengolunyuliweyo kunina’? Njengomntwana olunyuliweyo oyoliswa nje kukwangiwa ngunina, uDavide wafunda ukuwuthomalalisa nokuwuzolisa umphefumlo wakhe. Njani? Ngokungabi nentliziyo enekratshi namehlo aqwayingayo nokungasukeli izinto ezinkulu. Kunokuba afune ukubalasela, uDavide wayekwazi ukusikelwa umda kwakhe kwaye wayethobekile. Sakuba senza ngobulumko ukuba sixelisa isimo sengqondo sakhe ngokukodwa ukuba sizama ukufanelekela amalungelo ebandleni.
Oko Sikufundayo:
120:1, 2, 6, 7. Intlebendwane nempoxo zinokubatyumza abanye. Ukulumkela izinto esizithethayo yenye indlela esinokubonisa ngayo ukuba ‘simela uxolo.’
120:3, 4. Ukuba kufuneka sisebenzisane nomntu ‘onolwimi olunenkohliso,’ sinokuthuthuzelwa kukwazi ukuba uYehova uya kuzilungisa izinto ngexesha lakhe. Abahlebi baya kubandezeleka ezandleni “zendoda enamandla.” Ngokuqinisekileyo baya kohlwaywa ngomgwebo kaYehova ovuthayo ofuziselwa ‘ngamalahle avuthayo omthi womtshayelo.’
127:1, 2. Kuyo nantoni na esiyenzayo kufuneka sifune ukhokelo lukaYehova.
133:1-3. Umanyano lwabantu bakaYehova luyahlaziya, kwaye luyakha. Asimele siluphazamise ngokuhlaba amadlala, ngokuxabana okanye ngokukhalaza.
137:1, 5, 6. Abanquli bakaYehova ababesekuthinjweni babeziva besondele eZiyon—eyayimela intlangano kaThixo ngelo xesha. Kuthekani ngathi? Ngaba sakhe ubuhlobo obusenyongweni nentlangano esetyenziswa nguYehova namhlanje?
138:2. UYehova ‘ulenze likhulu ilizwi lakhe nangaphezu kwegama lakhe lonke’ kangangokuba ukuzaliseka kwako konke akuthembisileyo egameni lakhe kuya kudlula naluphi ulindelo esinalo. Ngokwenene, kuseza amaxesha amnandi.
139:1-6, 15, 16. UYehova uyazazi izinto esizenzayo, izinto esizicingayo nezinto esiza kuzithetha kwangaphambi kokuba sizithethe. Wayesazi siseyimbumba ngaphambi kokuba siyileke. Indlela asazi ngayo uThixo “imangalisa gqitha.” Kuthuthuzela gqitha ukwazi ukuba uYehova akaneli nje ukuzibona izilingo esityhubela kuzo kodwa wazi nendlela ezisichaphazela ngayo.
139:7-12. Ayikho indawo ekude gqitha kuThixo kangangokuba angade angakwazi ukusomeleza kuyo.
139:17, 18. Ngaba siyayoliswa kukwazi uYehova? (IMizekeliso 2:10) Ukuba kunjalo, sifumene umthombo woyolo ongatshiyo. Iingcamango zikaYehova “zininzi ngakumbi kunentlabathi.” Kuya kusoloko kukho izinto ezininzi esinokuzifunda ngaye.
139:23, 24. Sifanele sifune uYehova agocagoce iingcamango zethu ukuze abone enoba ‘sinendlela yobubi’ iingcamango, iminqweno notyekelo olungafanelekanga aze asincede sizisiphule neengcambu.
143:4-7. Singabunyamezela njani kwanobunzima obuqatha? Umdumisi usichazela imfihlelo athi: Masicamngce ngemisebenzi kaYehova, sizixhalabise ngemisebenzi yakhe size sithandazele uncedo lwakhe.
“Dumisani UYa!”
Inxalenye nganye yeendumiso ezine zokuqala iphela ngebinzana elithi dumisani uYehova. (INdumiso 41:13; 72:19, 20; 89:52; 106:48) Kunjalo ke nangale nxalenye yokugqibela. INdumiso 150:6 ithi: “Yonk’ into ephefumlayo—mayidumise uYa Dumisani uYa!” Oko kuya kwenzeka kwihlabathi elitsha likaThixo.
Njengoko sikhangele phambili kwelo xesha lemincili, sinezizathu zokuzukisa uThixo oyinyaniso nokudumisa igama lakhe. Xa sicinga ngolonwabo esilunandiphayo ngenxa yokuba simazi uYehova nolwalamano esinalo naye, ngaba oko akusenzi sifune ukumdumisa ngentliziyo enombulelo?
[Umfanekiso okwiphepha 15]
Imisebenzi kaYehova emangalisayo eyoyikekayo
[Umfanekiso okwiphepha 16]
Iingcamango zikaYehova “zininzi ngakumbi kunentlabathi”