Ngaba Uzithanda Ngokugqithiseleyo Izikhumbuzo ZikaYehova?
“Umphefumlo wam uzigcinile izikhumbuzo zakho, kwaye ndizithanda ngokugqithiseleyo.”—INDUMISO 119:167.
1. Sizifumana phi ngokukhethekileyo izikhumbuzo zikaYehova ngokuphindaphindiweyo?
UYEHOVA ufuna abantu bakhe bonwabe. Kakade ke, ukuze sifumane ulonwabo lokwenene, simele sihambe ngomthetho kaThixo size sithobele imiyalelo yakhe. Usinika izikhumbuzo ukuze sikwazi ukwenjenjalo. Ezi zikhumbuzo ziyaphindaphindwa kwiZibhalo, ngokukodwa kwiNdumiso 119, ekusenokwenzeka ukuba yabhalwa yiNkosana eselula yakwaYuda uHezekiya. Le ngoma emnandi iqala ngamazwi athi: “Banoyolo abo bandlela yabo ingenasiphoso, abo bahamba emthethweni kaYehova. Banoyolo abo bagcina izikhumbuzo zakhe; bamfune ngentliziyo yonke.”—INdumiso 119:1, 2.
2. Izikhumbuzo zikaThixo zinxibelelene njani nolonwabo?
2 ‘Sihamba emthethweni kaYehova’ ngokungenisa ulwazi oluchanileyo lweLizwi lakhe nangokulusebenzisa ebomini. Noko ke, ekubeni singafezekanga, siyazifuna izikhumbuzo. Igama lesiHebhere eliguqulelwe ngokuthi “izikhumbuzo” libonisa ukuba uThixo usikhumbuza ngemithetho, ngemiyalelo, nangemimiselo yakhe. (Mateyu 10:18-20) Siya kuhlala sonwabile kuphela ukuba siyaqhubeka sizithobela ezi zikhumbuzo, kuba zisinceda siphephe imigibe yokomoya ephumela kwintlekele nakusizi.
Namathela Kwizikhumbuzo ZikaYehova
3. Ngokusekelwe kwiNdumiso 119:60, 61, yintoni esithembele ngayo?
3 Izikhumbuzo zikaThixo zazithandwa ngumdumisi owavuma ingoma esithi: “Ndikhawulezile, andalibazisa ukugcina imiyalelo yakho. Zona kanye iintsontelo zabangendawo zindingqongile. Umthetho wakho andiwulibalanga.” (INdumiso 119:60, 61) Izikhumbuzo zikaYehova ziyasinceda sinyamezele intshutshiso kuba sinentembelo yokuba uBawo wethu wasezulwini unokuziqhawula iintsontelo ezisibopha ngazo iintshaba. Ngexesha elililo uyasikhulula kuloo miqobo ukuze senze umsebenzi wokushumayela ngoBukumkani.—Marko 13:10.
4. Sifanele sisabele njani kwizikhumbuzo zikaThixo?
4 Maxa wambi, izikhumbuzo zikaYehova ziyasilungisa. Ngamana singasoloko sikuxabisa ukulungiswa ngolo hlobo, kanye njengokuba umdumisi wenzayo. Ethandaza kuThixo, wathi: “Ndiyazithanda izikhumbuzo zakho . . . Ndizithandile izikhumbuzo zakho.” (INdumiso 119:24, 119) Izikhumbuzo zikaThixo esinazo thina zininzi kunezo wayenazo umdumisi. Amakhulu eengcaphulo ezithatyathwe kwiZibhalo zesiHebhere avela kwiZibhalo zesiGrike akaneli kusikhumbuza ngemiyalelo kaYehova eya kubantu bakhe ababephantsi koMthetho, kodwa akwasikhumbuza ngenjongo yakhe ngebandla lamaKristu. Xa uThixo ekubona kufanelekile ukusikhumbuza ngezinto ezinokwenza nemithetho yakhe, sinombulelo ngolo lwalathiso. Yaye ‘ngokunamathela kwizikhumbuzo zikaYehova,’ siyakuphepha ukulukuhlelwa esonweni esingamkholisiyo uMdali nesisihlutha ulonwabo.—INdumiso 119:31.
5. Sinokuzithanda njani ngokugqithiseleyo izikhumbuzo zikaYehova?
5 Sifanele sizithande kangakanani izikhumbuzo zikaYehova? “Umphefumlo wam uzigcinile izikhumbuzo zakho, kwaye ndizithanda ngokugqithiseleyo,” wavuma ingoma esitsho umdumisi. (INdumiso 119:167) Siya kuzithanda ngokugqithiseleyo izikhumbuzo zikaYehova ukuba sizijonga size sizamkele njengesibongozo esivela kuBawo osikhathalela ngokwenene. (1 Petros 5:6, 7) Siyazifuna izikhumbuzo zakhe, yaye siya kuzithanda nangakumbi njengoko sibona indlela esingenelwa ngayo zizo.
Isizathu Sokuba Sifune Izikhumbuzo ZikaThixo
6. Sisiphi esinye sezizathu zokuba sifune izikhumbuzo zikaYehova, yaye yintoni eya kusinceda sizikhumbule?
6 Esinye isizathu sokuba sifune izikhumbuzo zikaYehova kukuba siyalibala. IThe World Book Encyclopedia ithi: “Rhoqo kusisa abantu baya belibala ngakumbi nangakumbi. . . . Mhlawumbi ikhe yakwehlela into yokuba ulilibale shici igama okanye inkcazelo obukade uyazi nokuba sel’ uvuka ebuthongweni. . . . Oko kulibala kokwexeshana, okwenzeka mihla le, kubizwa ngokuba kukungakwazi ukukhumbula into [retrieval failure]. Izazinzulu zikuthelekisa nokufuna into ongayaziyo ukuba uyibeke phi na kwigumbi elibubuxhofuxhofu. . . . Indlela elungileyo onokukhumbula ngayo inkcazelo kukuyifundisisa emva kwexesha elide ucinga ukuba uyazi kakuhle.” Ukukhuthalela ukufundisisa nokuphindaphinda izikhumbuzo zikaThixo kuya kusinceda sizikhumbule size senze ngokuvisisana nazo ukuze kungenelwe thina.
7. Kutheni namhlanje izikhumbuzo zikaThixo zifuneka ngakumbi kunanini na ngaphambili?
7 Namhlanje sizifuna ngakumbi kunangaphambili izikhumbuzo zikaYehova kuba ubungendawo bufikelele kwelona nqanaba liphezulu kwimbali yabantu. Ukuba sinikela ingqalelo kwizikhumbuzo zikaThixo, sifumana ingqiqo efunekayo ukuze siphephe ukuhendelwa kwiindlela zehlabathi ezingendawo. Umdumisi wathi: “Ndiye ndaba nengqiqo ngakumbi kunabafundisi bam bonke, ngenxa yokuba ndixhalabele izikhumbuzo zakho. Ndiziphatha ngokuqonda ngakumbi kunamadoda amakhulu, ngenxa yokuba ndiyigcinile imiyalelo yakho. Ndizithintele iinyawo zam kuwo wonke umendo wobubi, ngenjongo yokuba ndigcine ilizwi lakho.” (INdumiso 119:99-101) Ngokuthobela izikhumbuzo zikaThixo, asiyi kuhamba ‘kumendo wobubi’ yaye asiyi kufana nenyambalala yabantu, ‘abasebumnyameni ngengqondo, nabahlukanisiweyo nobomi bukaThixo.’—Efese 4:17-19.
8. Sinokukuxhobela njani ukujamelana neemvavanyo zokholo ngempumelelo?
8 Izikhumbuzo zikaThixo zikwafuneka nangenxa yokuba ziyasomeleza ukuze sinyamezele iimvavanyo zethu ezininzi kweli “xesha lesiphelo.” (Daniyeli 12:4) Ukuba besingenazo izikhumbuzo ezinjalo besiya kuba ‘ngabevayo baze balibale.’ (Yakobi 1:25) Kodwa ukukhuthalela ufundisiso lobuqu nokufundisisa iZibhalo kunye nebandla ngoncedo lweempapasho ezivela ‘kwikhoboka elithembekileyo neliyingqondi’ kuya kusinceda sijamelane ngempumelelo neemvavanyo zokholo. (Mateyu 24:45-47) Loo malungiselelo okomoya asenza sikwazi ukubona oko simele sikwenze ukuze sikholise uYehova xa sizifumanisa sisesilingweni.
Indima Ebalulekileyo Yeentlanganiso Zethu
9. Ngoobani “izipho ezingabantu,” yaye ziwanceda njani amanye amakholwa?
9 Kwiintlanganiso zamaKristu, apho imfundiso ilungiselelwa ngabazalwana abamiselweyo, iyaneliswa imfuno yethu yezikhumbuzo zikaThixo. Umpostile uPawulos wabhala esithi xa uYesu “wenyukela phezulu wathabatha abathinjwa; wanikela izipho ezingabantu.” UPawulos wongezelela esithi: “[UKristu] bambi wabanika ukuba babe ngabapostile, bambi babe ngabaprofeti, bambi babe ngabavangeli, bambi babe ngabalusi nabafundisi, ngenjongo yokulungiswa kwabo bangcwele, ukwenzela umsebenzi wobulungiseleli, ukuze kwakhiwe umzimba kaKristu.” (Efese 4:8, 11, 12) Hayi indlela esinokuba nombulelo ngayo kuba ezi “zipho ezingabantu”—abadala abamiselweyo—zisalathisa ingqalelo yethu kwizikhumbuzo zikaYehova xa sihlanganisana kunye ukuze sinqule!
10. Yiyiphi eyona ngongoma ibethelelwa yeyamaHebhere 10:24, 25?
10 Ukuba nombulelo ngamalungiselelo kaThixo kuya kusishukumisela ukuba sibekho kwiintlanganiso zebandla ezintlanu veki nganye. UPawulos wayibethelela imfuneko yokuhlanganisana kunye ngokuthe rhoqo. Wabhala: “Masinyamekelane, sivuselelane eluthandweni nasemisebenzini emihle, singakutyesheli ukuhlanganisana kwethu ndawonye, njengoko kulisiko labathile ukwenjenjalo, kodwa masikhuthazane, ngokungakumbi njengoko nibona ukuba imini iyasondela.”—Hebhere 10:24, 25.
11. Singenelwa njani kwintlanganiso nganye kweziqhutywa iveki ngeveki?
11 Ngaba uyakuxabisa oko sikwenzelwa ziintlanganiso zethu? ISifundo seMboniselo esiqhutywa iveki neveki someleza ukholo lwethu, siyasinceda sihambisane nezikhumbuzo zikaYehova, yaye siyasomeleza ukuze simelane ‘nomoya wehlabathi.’ (1 Korinte 2:12; IZenzo 15:31) KwiNtlanganiso Yesidlangalala, izithethi zidlulisela imfundiso esuka kwiLizwi likaThixo, kuquka izikhumbuzo zikaYehova ‘namazwi kaYesu obomi obungunaphakade.’ (Yohane 6:68; 7:46; Mateyu 5:1–7:29) Ubugcisa bethu bokufundisa buyalolwa kwiSikolo SoBulungiseleli Sobuthixo. INtlanganiso Yenkonzo ibaluleke gqitha ekusincedeni siphucule indlela esishumayela ngayo iindaba ezilungileyo kwindlu ngendlu, kumabuyelo, kwizifundo zamakhaya zeBhayibhile, nakwezinye iinkalo zobulungiseleli bethu. Iqela elincinane leSifundo Sencwadi Sebandla lisinika ithuba elingakumbi lokunikela iimpendulo ezidla ngokubandakanya izikhumbuzo zikaThixo.
12, 13. Abantu bakaThixo abakwelinye ilizwe laseAsia baye babonisa njani ukuba bayazixabisa iintlanganiso zamaKristu?
12 Ukubakho rhoqo kwiintlanganiso zebandla kusikhumbuza imithetho kaThixo yaye kuyasinceda sihlale somelele ngokomoya xa sijamelene nemfazwe, ubunzima bezoqoqosho nezinye iimvavanyo zokholo lwethu. Ukubaluleka kweentlanganiso kwaqondwa ngamanye amaKristu angama-70 elizwe laseAsia awakhutshwa emakhayeni awo kwaza kwanyanzeleka ukuba ahlale ehlathini elishinyeneyo. Ezimisele ukuqhubeka ehlanganisana rhoqo, abuyela kwidolophu yawo eyayibhuqwe yimfazwe, adiliza loo ndawana iseleyo yeHolo yoBukumkani, aza aya kuyakha ehlathini.
13 Emva kokunyamezela iminyaka yemfazwe kwenye inxalenye yelo lizwe, abantu bakaYehova basakhonza ngenzondelelo. Omnye wabadala kuloo mmandla wabuzwa: “Yintoni eye yaninceda kakhulu ukuze nigcine abazalwana bekunye?” Yathini impendulo yakhe? “Kwiminyaka eli-19, asikhange siphoswe yintlanganiso. Maxa wambi ngenxa yeziqhushumbisi okanye ezinye iingxaki, bambi abazalwana bebengakwazi ukuya kwindawo yokuhlanganisana, kodwa asizange singaziqhubi iintlanganiso.” Aba bazalwana noodade abathandekayo ngokuqinisekileyo bayakuqonda ukubaluleka ‘kokungakutyesheli ukuhlanganisana kwabo ndawonye.’
14. Yintoni esinokuyifunda kwindlela uAna okhulileyo awayezenza ngayo izinto?
14 Umhlolokazi owayeneminyaka engama-84 ubudala ogama linguAna “wayengazange aphoswe kukuba setempileni.” Ngenxa yoko, wayekho xa usana olunguYesu lwaluziswe apho kamsinya nje emva kokuba luzelwe. (Luka 2:36-38) Ngaba uyazimisela ukuba ungaphoswa ziintlanganiso? Ngaba uzama ngandlela zonke ukuba ubekho kulo lonke ucwangciso lweendibano ezinkulu nezincinane? Imfundiso eyingenelo ngokomoya efunyanwa kwezi ntlanganiso isinika ubungqina obucacileyo bokuba uBawo wethu osezulwini uyabakhathalela abantu bakhe. (Isaya 40:11) Izihlandlo ezinjalo zandisa uvuyo, yaye ukubakho kwethu kuzo kubonisa ukuba siyazixabisa izikhumbuzo zikaYehova.—Nehemiya 8:5-8, 12.
Sahlukile Ngenxa Yezikhumbuzo ZikaYehova
15, 16. Ukuthobela izikhumbuzo zikaYehova kuyichaphazela njani ihambo yethu?
15 Ukuthobela izikhumbuzo zikaThixo kuyasinceda sahluke kweli hlabathi lingendawo. Ngokomzekelo, ukuthobela izikhumbuzo zikaThixo kuyasithintela ukuba singaziphathi kakubi ngokwesini. (Duteronomi 5:18; IMizekeliso 6:29-35; Hebhere 13:4) Ukuhendelwa ekubeni sixoke, singathembeki, okanye sibe ngamasela kunokoyiswa ngokupheleleyo xa sihambisana nezikhumbuzo zikaThixo. (Eksodus 20:15, 16; Levitikus 19:11; IMizekeliso 30:7-9; Efese 4:25, 28; Hebhere 13:18) Ukuthobela izikhumbuzo zikaYehova kukwasithintela ukuba singaziphindezeli, singabi nenqala, okanye sidl’ izithende nabani na.—Levitikus 19:16, 18; INdumiso 15:1, 3.
16 Ngokuthobela izikhumbuzo zikaThixo, sihlala singcwele, okanye sahluliwe, ukuze siphumeze inkonzo yakhe. Hayi indlela ekubaluleke ngayo ukwahluka kweli hlabathi! Xa wayethandaza kuYehova ngobusuku bakhe bokugqibela ephila emhlabeni, uYesu wacelela abalandeli bakhe esithi: “Ndibanikile ilizwi lakho, kodwa ihlabathi liye labathiya, ngenxa yokuba abayonxalenye yehlabathi, kanye njengoko nam ndingeyonxalenye yehlabathi. Ndiyakucela, kungekhona ukuba ubasuse ehlabathini, kodwa ukuba ubalinde ngenxa yalowo ungendawo. Abayonxalenye yehlabathi, kanye njengoko nam ndingeyonxalenye yehlabathi. Bangcwalise ngayo inyaniso; ilizwi lakho liyinyaniso.” (Yohane 17:14-17) Masiqhubeke silixabisa iLizwi likaThixo, elisahlulela inkonzo yakhe engcwele.
17. Yintoni enokwenzeka xa sityeshela izikhumbuzo zikaThixo, ngoko yintoni esifanele siyenze?
17 Njengabakhonzi bakaYehova, sifuna ukuhlala samkelekile ukuze sinikele inkonzo kuye. Noko ke, ukuba besiya kuzityeshela izikhumbuzo zikaThixo, besiya koyiswa ngumoya weli hlabathi, okhuthazwa kwintetho, kuncwadi, kwezolonwabo nakwihambo yalo. Ibe ngokuqinisekileyo asifuni kuba ngabathandi bemali, abazidlayo, abanekratshi, abangenambulelo, abanganyanisekanga, iindlobongela, abaneentloko ezilukhuni, abakhukhumele likratshi, abathandi beziyolo kunokuba bathande uThixo—imbinana nje yezinto abatyekele kuzo abantu abahlukanisiweyo noThixo. (2 Timoti 3:1-5) Ekubeni singene nzulu kwimihla yokugqibela yale nkqubo ingendawo yezinto, masiqhubeke sithandazela uncedo lukaThixo ukuze sikwazi ukuqhubeka sithobela izikhumbuzo zikaYehova size ngaloo ndlela ‘sizilinde ngokwelizwi lakhe.’—INdumiso 119:9.
18. Ukuthobela izikhumbuzo zikaThixo kuya kusenza sithabathe waphi amanyathelo akhuthazayo?
18 Izikhumbuzo zikaYehova azaneli kusikhumbuza ngezinto esimele sizenze kuphela. Ukuzithobela ezi zikhumbuzo kuya kusenza sithabathe amanyathelo akhuthazayo, kusishukumisele ukuba sikholose ngoYehova ngokupheleleyo size simthande ngentliziyo, ngomphefumlo, ngengqondo nangamandla ethu ephela. (Duteronomi 6:5; INdumiso 4:5; IMizekeliso 3:5, 6; Mateyu 22:37; Marko 12:30) Izikhumbuzo zikaThixo zikwasishukumisela ukuba sithande ummelwane wethu. (Levitikus 19:18; Mateyu 22:39) Xa sisenza ukuthanda kukaThixo yaye sisabelana nabanye ‘ngokwazi uThixo’ okunika ubomi, sibonakalisa ngokukhethekileyo ukuba siyamthanda uThixo.—IMizekeliso 2:1-5.
Ukuthobela Izikhumbuzo ZikaYehova Kuthetha Ubomi!
19. Sinokubabonisa njani abanye ukuba kuluncedo yaye kuyingenelo ukuthobela izikhumbuzo zikaYehova?
19 Ukuba siyazithobela izikhumbuzo zikaYehova yaye sinceda nabanye ukuba benjenjalo, siya kuzisindisa thina kunye nabo basiphulaphulayo. (1 Timoti 4:16) Sinokubabonisa njani abanye ukuba ukuthobela izikhumbuzo zikaYehova kuluncedo yaye kuyingenelo ngokwenene? Ngokusebenzisa imigaqo yeBhayibhile ebomini bethu. Abo ‘banotyekelo olufanelekileyo ngobomi obungunaphakade’ baya kungqina ukuba ngokwenene ikhondo elibekwe kwiLizwi likaThixo lilelona lilungileyo nelifanelwe kukulandelwa. (IZenzo 13:48) Kwakhona baya kubona ukuba ‘ngokwenene uThixo uphakathi kwethu’ baze bashukunyiselwe ukuba basithelele ekunquleni iNkosi enguMongami uYehova.—1 Korinte 14:24, 25.
20, 21. Izikhumbuzo zikaThixo kunye nomoya wakhe ziya kusinceda ukuba senze ntoni?
20 Ngokuqhubeka sifundisisa iZibhalo, sisebenzisa oko sikufundayo, yaye siwasebenzise ngokupheleleyo amalungiselelo okomoya avela kuYehova, siya kuzithanda izikhumbuzo zakhe. Xa zithotyelwa, ezi zikhumbuzo ziya kusinceda sambathe “ubuntu obutsha obadalwa ngokokuthanda kukaThixo ngobulungisa bokwenyaniso nokunyaniseka.” (Efese 4:20-24) Izikhumbuzo zikaYehova nomoya wakhe oyingcwele ziya kusenza sikwazi ukuba nothando, uvuyo, uxolo, sizeke kade umsindo, sibe nobubele, ukulunga, ukholo, ubulali, nokuzeyisa—iimpawu ezahlukileyo kutyekelo lwehlabathi elisemandleni kaSathana! (Galati 5:22, 23; 1 Yohane 5:19) Ngoko sinokuba nombulelo xa sikhunjuzwa ngoko kufunwa nguYehova xa sisenza ufundisiso lobuqu lweBhayibhile, ngabadala, nakwiintlanganiso zethu, kwiindibano ezinkulu nezincinane.
21 Ngenxa yokuba sithobela izikhumbuzo zikaYehova, siyakwazi ukuvuya kwanaxa sibandezeleka ngenxa yobulungisa. (Luka 6:22, 23) Sikhangela kuThixo ukuze asisindise kwezona meko ziyingozi. Loo nto ibaluleke ngokukhethekileyo ngoku ekubeni zonke iintlanga zihlanganiswa ukuze zilwe “kwimfazwe yemini enkulu kaThixo uSomandla” eHar–Magedon.—ISityhilelo 16:14-16.
22. Yintoni esifanele sizimisele ukuyenza ngokuphathelele izikhumbuzo zikaYehova?
22 Ukuba sifuna ukufumana isipho esingasifanelanga sobomi obungunaphakade, simele sizithande ngokugqithiseleyo izikhumbuzo zikaYehova yaye sizithobele ngentliziyo iphela. Ngoko ngamana singaba nesimo sengqondo esifana nesomdumisi owavuma ingoma esithi: “Ubulungisa bezikhumbuzo zakho bukho ukusa kwixesha elingenammiselo. Ndiqondise, ukuze ndiqhubeke ndiphila.” (INdumiso 119:144) Yaye ngamana singaba nozimiselo olubonakala kumazwi omdumisi athi: “Ndibize kuwe [Yehova]. Khawundisindise! Yaye ndiza kuzigcina izikhumbuzo zakho.” (INdumiso 119:146) Ewe, masingqine ngamazwi nangezenzo ukuba ngokwenene sizithanda ngokugqithiseleyo izikhumbuzo zikaYehova.
Ubunokuphendula Uthini?
• Umdumisi wazigqala njani izikhumbuzo zikaYehova?
• Kutheni sizifuna izikhumbuzo zikaThixo?
• Yiyiphi indima ephunyezwa ziintlanganiso ngokuphathelele izikhumbuzo zikaThixo?
• Izikhumbuzo zikaYehova zisahlula njani kweli hlabathi?
[Umfanekiso okwiphepha 15]
Umdumisi wayezithanda ngokugqithiseleyo izikhumbuzo zikaYehova
[Imifanekiso ekwiphepha 16, 17]
Ukuze ulandele umzekelo ka-Ana, ngaba uyaqiniseka ukuba akuphoswa ziintlanganiso?
[Umfanekiso okwiphepha 18]
Ukuthobela izikhumbuzo zikaYehova kuyasahlula ukuze sicoceke samkeleke kwinkonzo yakhe