Londoloza Igama Lakho
UMNTU ozoba izakhiwo ezihle uzenzela igama lokuba yingcaphephe yomyili wezakhiwo. Ibhinqa eliselula elinkqenkqeza phambili esikolweni liye laziwe njengomfundi okrelekrele. Nomntu ongenzi nto unokuzenzela igama lokuba linqenerha. Igxininisa ukuxabiseka kokuzenzela igama elihle, iBhayibhile ithi: “Igama elilungileyo linqweneleka ngaphezu kobutyebi obuninzi, udumo oluhle lunqweneleka ngaphezu kwesilivere negolide.”—IMizekeliso 22:1, An American Translation.
Umntu uzakhela igama elihle ngezenzo ezincinane ezininzi azenza ixesha elide. Noko ke, ulonakalisa ngesenzo esinye sobuyatha. Ngokomzekelo, isenzo esinye sokuziphatha kakubi ngokwesini sinokonakalisa udumo oluhle. Kwisahluko sesi-6 sencwadi yeBhayibhile yeMizekeliso, uKumkani uSolomon kaSirayeli wamandulo unikela isilumkiso nxamnye neengcinga nezenzo ezinokonakalisa udumo lwethu nolwalamano lwethu noYehova uThixo. Phakathi kwezi, zizivumelwano ezenziwa zingacingisiswanga, ubuvila, inkohliso nokuziphatha kakubi ngokwesini—izinto ezisisiseko azithiyileyo uYehova. Ukunikel’ ingqalelo kweli cebiso kuya kusinceda silondoloze igama lethu elihle.
Zihlangule Kwizivumelwano Zobuyatha
Isahluko sesi-6 seMizekeliso siqala ngala mazwi: “Nyana wam, ukuba uye walimela idlelane lakho, ukuba uye wamxhawula owasemzini, ukuba uye warhintyelwa ngamazwi omlomo wakho, ukuba uye wabanjiswa ngamazwi omlomo wakho, thabatha eli nyathelo ke, nyana wam, uze uzihlangule, kuba usentendeni yesandla sedlelane lakho: Hamba uzithobe uze ulithukuthezele ngokulicenga idlelane lakho.”—IMizekeliso 6:1-3.
Lo mzekeliso unikela icebiso nxamnye nokuzibandakanya kwezoshishino nabanye, ingakumbi abasemzini. Ewe, amaSirayeli ayemele ‘amxhase umzalwana wawo othe wahlwempuzeka waza waphelelwa yimali.’ (Levitikus 25:35-38) Kodwa amanye amaSirayeli awayenesibindi abandakanyeka kumashishini athandabuzekayo aza afumana uncedo lwemali ngokweyisela abanye ekubeni ‘bawamele’ ngaloo ndlela esenza ukuba ibe ngabanye abanembopheleleko ngelo tyala. Zisenokubakho iimeko ezinjalo nanamhlanje. Ngokomzekelo, amaziko emali asenokufuna ukuba kubekho omnye umntu oza kutyobela ngaphambi kokuba avume ukwenza imali-mboleko kwimeko ayibona ingaqondakali kakuhle. Hayi indlela ekungebobulumko ngayo ukuzibophelela ngokungxama ngenxa yabanye! Kaloku, loo nto isenokusifaka kumgibe wemali, ide isenzele igama elibi ezibhankini nakwezinye iindawo ezibolekisa ngemali!
Kuthekani ukuba sizibhaqa sisengxakini ngokwenza into ebibonakele isisenzo sobulumko ekuqaleni kodwa xa sele siyiqwalasela kakuhle ibonakale ibubudenge? Icebiso kukuba sizithobe size ‘silithukuthezele ngokulicenga idlelane lethu’—singayeki ukulibongoza. Simele senze konke okusemandleni ukuze silungise imicimbi. Enye incwadi eneembekiselo ithi: “Zama zonke iindlela de uvumelane notshaba lwakho nize niwuzinzise umcimbi, ukuze wena okanye amalungu entsapho yakho ningabi netyala lemali-mboleko.” Yaye oku kufanele kwenziwe ngokukhawuleza, kuba lo kumkani uyongezelela esithi: “Musa ukuwanika ubuthongo nokozela amehlo akho aqaqambileyo. Zihlangule njengebhadi esandleni nanjengentaka esandleni sombambisi weentaka.” (IMizekeliso 6:4, 5) Kulunge ngakumbi ukurhoxa kwisibopho sobuyatha xa kufanelekile kunokuba sikubambise.
Khuthala Njengembovane
USolomon uyabongoza esithi: “Yiya embovaneni, vilandini; ubone iindlela zayo uze ulumke.” Bubuphi ubulumko esinokubufumana kwimbovane encinane? Ukumkani uyaphendula: “Nangona ingenamphathi, igosa okanye umlawuli, ilungisa ukutya kwayo ehlotyeni; ibuthe ukutya kwayo ngexesha lokuvuna.”—IMizekeliso 6:6-8.
Iimbovane zilungelelene ngendlela engummangaliso yaye zisebenzisana ngeyona ndlela. Ngokusebenzisa ithuku, zibutha ukutya zilungiselela ixesha elizayo. ‘Azinamphathi, igosa okanye umlawuli.’ Enyanisweni, ikho imbovane engukumkanikazi, kodwa ingukumkanikazi kuba nje izalela amaqanda ize ibe ngumama kwelo qela leembovane. Ayinikeli miyalelo. Nangona zingenaye umphathi wabasebenzi wokubaqhuba noza kuba liliso kuzo, iimbovane zihlala zisebenza.
Ngaba asifanele sikhuthale njengembovane? Ukusebenza nzima nokuzabalazela ukuphucula emsebenzini wethu kuyinto elungileyo enoba kukho umntu osijongileyo okanye akunjalo. Ewe, esikolweni, emsebenzini, naxa sisenza imisebenzi yokomoya sifanele senze konke okusemandleni ethu. Njengoko imbovane izuza iingenelo ngokukhuthala kwayo, noThixo ufuna ‘sibone okulungileyo kuko konke ukusebenza kwethu nzima.’ (INtshumayeli 3:13, 22; 5:18) Umvuzo wokusebenza nzima kukuba nesazela esicocekileyo nokwaneliseka.—INtshumayeli 5:12.
Esebenzisa imibuzo buciko emibini, uSolomon uzama ukuphaphamisa ivila kubuvila balo: “Kuya kude kube nini na ulele, vilandini? Uya kuvuka nini na ebuthongweni bakho?” Egculela lowo ulivila, ukumkani wongezelela ngokuthi: “Ngenxa yentwana engakumbi yobuthongo, intwana yokozela, intwana engakumbi yokusonga izandla uze ulale, buya kukufikela ubuhlwempu bakho ngokuqinisekileyo kanye njengesibhadubhadu, nokuswela kwakho njengendoda exhobileyo.” (IMizekeliso 6:9-11) Ngoxa lowo ulivila elibele kukudangala, ubuhlwempu bufika kuye ngathi ufikelwe ngabaphangi, kuze ukuswela kumhlasele ngokungathi uhlaselwa yindoda exhobileyo. Amasimi alowo ulivila ngokukhawuleza azala ukhula namarhawu. (IMizekeliso 24:30, 31) Ngexeshana nje elingephi ulahlekelwa lishishini lakhe. Umqeshi angalinyamezela ixesha elingakanani ivila? Yaye ngaba umfundi owonqenayo ukufunda angalindela ukuqhuba kakuhle esikolweni?
Nyaniseka
Echaza olunye uhlobo lokuziphatha olunokonakalisa udumo lomntu ekuhlaleni luze lonakalise nolwalamano lwakhe noThixo, uSolomon uhlabela mgama esithi: “Umntu olitshivela, umntu owenzakalisayo, uhamba ngentetho enobugwenxa, uqoba iliso, wenza imiqondiso ngonyawo, enze imbonakaliso ngeminwe. Bubugwenxa entliziyweni yakhe. Uyila ububi ngalo lonke ixesha. Ubangela usukuzwano kuphela.”—IMizekeliso 6:12-14.
Le nkcazelo ibhekisela kumntu onenkohliso. Ngokuqhelekileyo ixoki liye lizame ukufihla inyaniso. Njani? Kungekuphela nje “ngentetho enobugwenxa” kodwa nangezimbo zomzimba. Omnye umphengululi uthi: “Izimbo zomzimba, imvakalo-zwi, kwanembonakalo yobuso zizinto ezingasetyenziselwa ukukhohlisa; ubuso obunembonakalo emsulwa bufihla ingqondo egqwethekileyo nomoya ongalungelelananga.” Itshivela elinjalo liyila amayelenqe obungendawo yaye ngalo lonke ixesha libangela ukruthakruthwano. Siya kuba yintoni ke isiphelo salo?
Ukumkani wakwaSirayeli uyaphendula: “Kungenxa yoko le nto iya kufika ngequbuliso intlekele yakhe; ngephanyazo uya kwaphulwa, kungabikho kuphiliswa.” (IMizekeliso 6:15) Lithi lakubhencwa ixoki, udumo lwalo lonakale ngephanyazo. Ngubani oya kuphinda alithembe? Isiphelo salo siba yintlekele ngokwenene, kuba “onke amaxoki” abalwa phakathi kwabo baya kufa ngonaphakade. (ISityhilelo 21:8) Ngazo zonke iindlela, ‘masiziphathe ngokunyaniseka kwizinto zonke.’—Hebhere 13:18.
Kuthiye Oko UYehova Akuthiyileyo
Ukuthiya okubi—esinjani sona isithintelo sokwenza izinto ezinokonakalisa udumo lwethu! Ngoko ngaba asifanele sihlakulele ukuthiya oko kubi? Kodwa yintoni kanye kanye esifanele siyithiye? USolomon uthi: “Kukho izinto ezintandathu uYehova azithiyileyo; ewe, zisixhenxe izinto ezicekisekayo emphefumlweni wakhe: ngamehlo aziphakamisayo, lulwimi oluxokayo, nezandla eziphalaza igazi elimsulwa, yintliziyo eyila amacebo enkohlakalo, ziinyawo ezikhawulezayo ukubalekela ebubini, lingqina elixokayo elifutha ubuxoki, naye nabani na obangela usukuzwano phakathi kwabazalwana.”—IMizekeliso 6:16-19.
Ezi ndidi zisixhenxe zichazwa kulo mzekeliso zizinto ezisisiseko yaye zigubungela phantse zonke iintlobo zezinto eziphosakeleyo. ‘Amehlo aziphakamisayo’ kunye ‘nentliziyo eyila amacebo enkohlakalo’ zizono ezenziwa ngeengcinga. ‘Ulwimi oluxokayo’ kunye ‘nengqina elixokayo elifutha ubuxoki’ kukona ngokuthetha. ‘Izandla eziphalaza igazi elimsulwa’ kunye ‘neenyawo ezikhawulezayo ukubalekela ebubini’ zizenzo zobungendawo. Yaye oyena mntu amthiye ngokukhethekileyo uYehova ngumntu ofumana uyolo ngokuxhokonxa ingxabano phakathi kwabantu engebehleli ngoxolo ndawonye. Ukwandiswa kweli nani ukusuka kwizinto ezintandathu ukusa kwezisixhenxe kubonisa ukuba olu ludwe lwezinto aluphelelanga, ekubeni abantu beqhubeka besenza izenzo ezingendawo.
Eneneni, kufuneka sihlakulele ukukucekisa oko uThixo akuthiyileyo. Ngokomzekelo, simele sikuphephe ukuba ‘namehlo aziphakamisayo’ okanye nantoni na ebonakalisa ukuba nekratshi. Ngokuqinisekileyo ukuhleba okwenzakalisayo kumele kuphetshwe, kuba ngokulula ‘kunokubangela usukuzwano phakathi kwabazalwana.’ Ngokusasaza umingimingi olungelolwabubele, ukugxeka okungathethelelekiyo, okanye ubuxoki, sisenokuba ‘asiphalazi gazi elimsulwa,’ kodwa ngokuqinisekileyo sinokulonakalisa udumo olulungileyo lomnye umntu.
“Musa Ukubunqwenela Ubuhle Bakhe”
USolomon uqalisa enye inxalenye yesiluleko sakhe ngokuthi: “Owu nyana wam, gcina umyalelo kayihlo, ungawushiyi umthetho kanyoko. Wubophe entliziyweni yakho rhoqo; uwunxibe emqaleni wakho. Ngoba? “Ekuhambeni kwakho uya kukukhokela; ekulaleni kwakho, uya kukulinda; nasekuvukeni kwakho, uya kuzixhalabisa ngawe.”—IMizekeliso 6:20-22.
Ngaba ukukhuliswa kwethu ngeZibhalo kunako ukusikhusela ngokwenene kumgibe wokuziphatha okubi ngokwesini? Ewe, kunako ukusikhusela. Siyaqinisekiswa: “Usisibane umyalelo, nomthetho ulukhanyiso, yaye izohlwayo zengqeqesho ziyindlela yobomi, ukuze zikugcine kumfazi onobubi, kumfazi wasemzini onolwimi olugudileyo.” (IMizekeliso 6:23, 24) Ukukhumbula isiluleko seLizwi likaThixo nokusisebenzisa ‘njengesibane elunyaweni lwethu nokukhanya endleleni yethu’ kuya kusinceda sixhathise ukulukuhla komfazi nokwendoda eziphethe kakubi.—INdumiso 119:105.
Ukumkani osisilumko uyaluleka: “Musa ukubunqwenela ubuhle bakhe ngentliziyo yakho, yaye ungathabatheki ngamehlo akhe akhazimlayo.” Ngoba? “Kuba ngenxa yomfazi ongunongogo ubani wehlela kwisonka esibusazinge; kodwa ngokuphathelele umfazi wenye indoda, uzingela umphefumlo oxabisekileyo.”—IMizekeliso 6:25, 26.
Ngaba uSolomon ubhekisela kumfazi okrexezayo njengonongogo? Mhlawumbi. Okanye kusenokwenzeka ukuba uchaza umahluko okhoyo kwimiphumo yokuziphatha kakubi nonongogo naleyo yokukrexeza nomfazi wenye indoda. Lowo uba neentlobano zesini nonongogo unokuthotywa alingane ‘nesonka esibusazinge’—ahlwempuzeke ngokugqithiseleyo. Unokude abe lixhoba lezifo eziqobayo ezidluliselwa ngeentlobano zesini, kuquka uGawulayo obulalayo. Kwelinye icala, lowo ufuna ukuba neentlobano zesini neqabane lomtshato lomnye umntu unokuba sengozini enkulu ngoko nangoko eMthethweni. Umfazi okrexezayo uwubeka engozini “umphefumlo oxabisekileyo” weqabane lakhe elingekho mthethweni. Enye incwadi eneembekiselo ithi: “Ngaphandle kokubeka ubomi engozini ngokuzifica . . . ikho nenye into. Umoni lowo ufanele agwetyelwe ukufa.” (Levitikus 20:10; Duteronomi 22:22) Phofu ke, enoba mhle, umfazi onjalo akangowokunqwenelwa.
‘Musa Ukufumba Umlilo Esifubeni Sakho’
Ukuze ayibethelele ngakumbi ingozi yokukrexeza, uSolomon uyabuza: “Ngaba umntu unokuwufumba na umlilo esifubeni sakhe zize izambatho zakhe zingatshi? Okanye ngaba umntu unokuhamba phezu kwamalahle zize iinyawo zakhe zingatshi?” Echaza intsingiselo yalo mzekeliso, uthi: “Kunjalo ngomntu oba neentlobano zokwazana nomfazi wedlelane lakhe, akukho bani umchukumisayo uya kungohlwaywa.” (IMizekeliso 6:27-29) Ngokuqinisekileyo umoni onjalo uya kohlwaywa.
Siyakhunjuzwa: “Abantu abalideleli isela ngenxa nje yokuba libela ukwanelisa umphefumlo walo xa lilambile.” Sekunjalo, “xa lifunyanwa, liya kukubuyekeza oko ngokuphindwe kasixhenxe; liya kurhola zonke izinto ezixabisekileyo zendlu yalo.” (IMizekeliso 6:30, 31) KuSirayeli wamandulo, isela kwakufuneka lihlawule kwanokuba loo ntlawulo liyenza ngayo yonke into elinayo.a Kukangakanani ke ngokohlwaya umkrexezi, lowo singenakuthetheleleka isenzo sakhe!
USolomon uthi: “Nabani na okrexeza nomfazi uswele intliziyo.” Indoda eswele intliziyo ayinangqiqo, kuba ‘yonakalisa umphefumlo wayo.’ (IMizekeliso 6:32) Ngaphandle, isenokubonakala ingumntu ohloniphekileyo, kodwa ngaphakathi ayikhulanga ngokwaneleyo.
Kuninzi okubandakanyekileyo koko kuvunwa ngumkrexezi. “Uya kufumana isibetho nehlazo, yaye aluyi kususwa ungcikivo lwakhe. Ngokuba umsindo wendoda eyomeleleyo likhwele, yaye ayiyi kubonisa mfesane ngomhla wempindezelo. Ayiyi kunikela ngqalelo kulo naluphi na uhlobo lwentlawulelo, kwaye ayiyi kucengeka, kungakhathaliseki ukuba usenza sikhulu kangakanani na isipho.”—IMizekeliso 6:33-35.
Isela linokwenza imbuyekezo ngoko likubileyo, kodwa umkrexezi akanakwenza mbuyekezo. Angambuyekeza ngantoni umyeni onomsindo? Nokuba angacenga athini loo moni akunakwenzeka ukuba enzelwe imfesane. Umkrexezi akanako nangayiphi na indlela ukwenza imbuyekezo ngesono sakhe. Ungcikivo nehlazo alenzileyo egameni lakhe lihlala lihleli. Ngaphezu koko, akanakuzikhulula kwisohlwayo esimfaneleyo.
Hayi indlela ekububulumko ngayo ukucezela kude nokukrexeza nakwezinye izenzo neengcinga ezinokonakalisa igama lethu elilungileyo nezinokuzisa ungcikivo kuThixo! Ngoko, ngamana singakulumkela ukwenza izivumelwano ezingacingisiswanga. Masihombise udumo lwethu ngokukhuthala nokunyaniseka. Yaye njengoko sizabalazela ukuthiya oko uYehova akuthiyileyo, ngamana singazenzela igama elihle kuye nakwabanye abantu.
[Umbhalo osemazantsi]
a Ngokutsho koMthetho kaMoses, isela kwakufuneka lihlawule ngokuphindwe kabini, kane okanye kahlanu. (Eksodus 22:1-4) Ibinzana elithi “ngokuphindwe kasixhenxe” kusenokwenzeka ukuba lithetha isigwebo esipheleleyo, esisenokuyiphinda izihlandlo eziliqela loo nto beliyibile.
[Umfanekiso okwiphepha 25]
Lumka xa utyobela egameni lomnye ukuze afumane imali-mboleko
[Umfanekiso okwiphepha 26]
Khuthala njengembovane
[Umfanekiso okwiphepha 27]
Lumkela ukuhleba okwenzakalisayo