Kutheni Umele Uzincame?
UBill yindoda enentsapho esele ingene kuma-50 eminyaka kwaye ufundisa ubugcisa bokwakha. Ngonyaka, uchitha iiveki ezininzi encedisa ekwenzeni iiplani zokwakha iiHolo zoBukumkani zamabandla amaNgqina kaYehova ebetha kweyakhe ipokotho. UEmma yintwazana engatshatanga engumpondo-zihlanjiwe nesisifundiswa eneminyaka engama-22 ubudala. Kunokuba asukele izinto zobuqu neziyolo, uchitha iiyure ezingaphezu kwama-70 nyanga nganye njengomlungiseleli, enceda abantu ukuba baqonde iBhayibhile. UMaurice noBetty badla umhlala-phantsi. Kunokuba ngoku baphile ubomi noko obupholileyo, baye bafudukela kwelinye ilizwe ukuze bancede abantu balapho bafunde ngenjongo kaThixo ngomhlaba.
ABA bantu abazigqali njengabakhethekileyo okanye abaneemeko ezingaqhelekanga. Bangabantu abaqhelekileyo abenza oko bakugqala kulungile. Kutheni besebenzisa ixesha, amandla, ubuchule nezinto zabo ukuze banyamekele izilangazelelo zabanye? Bashukunyiswa kukuthanda uThixo nabamelwane babo. Olu thando luye lwabangela ukuba ngamnye wabo abe nomoya wokuzincama wokwenene.
Sitheth’ ukuthini xa sithetha ngomoya wokuzincama? Kaloku, ukuze sizincame akuyomfuneko ukuba siphile ubomi obungqongqo okanye bokuzibandeza. Akuyomfuneko ukuba sizibandeze ngokubaxiweyo size siphulukane novuyo okanye ulwaneliseko. Njengoko iThe Shorter Oxford English Dictionary isitsho, ukuzincama kuthetha “ukuncama kukabani izilangazelelo, ulonwabo neminqweno yakhe, ngenxa yembopheleleko ethile okanye impilontle yabanye.”
UYesu Kristu—Umzekelo Ophambili
Okuphela koNyana ozelwe nguThixo, uYesu Kristu, ungumzekelo ophambili womntu onomoya wokuzincama. Ngaphambi kokuba abe ngumntu, ubomi bumele ukuba babubangel’ imincili kwaye busanelisa ngolona hlobo. Wayenolwalamano olusondeleyo lothando noYise nezinye izidalwa zomoya. Ngaphezu koko, uNyana kaThixo wasebenzisa ubuchule bakhe kwimisebenzi elucelomngeni nechulumancisayo “njengomsebénzi onobuchule.” (IMizekeliso 8:30, 31) Ngokuqinisekileyo wayephila kwiimeko ezibhetele lee kunezo kwanoyena mntu usisigwili emhlabeni anokuphila kuzo. Emva koYehova uThixo, wayekwisikhundla esiphakamileyo nesililungelo ezulwini.
Sekunjalo, lo Nyana kaThixo “waziqongqotha waza wathabatha ubume bekhoboka, wafana nabantu.” (Filipi 2:7) Wakulungela ukuncama zonke iingenelo awayenazo waza waba ngumntu yaye wanikela ubomi bakhe njengentlawulelo ukuze aphelise umonakalo owawudalwe nguSathana. (Genesis 3:1-7; Marko 10:45) Oko kwakuthetha ukuza kuphila nabantu abangafezekanga kwihlabathi elilele emandleni kaSathana uMtyholi. (1 Yohane 5:19) Kwakhona kwakuthetha ukunyamezela amanzithinzithi kunye namahla-ndinyuka obuqu. Noko ke, kungakhathaliseki nokuba wayeza kulahlekelwa yintoni na, uYesu Kristu wazimisela ukwenza ukuthanda kukaYise. (Mateyu 26:39; Yohane 5:30; 6:38) Loo nto yavavanya uthando nokunyaniseka kukaYesu ukusa kwiqondo lokugqibela. Wayeza kude aphelele phi? Umpostile uPawulos wathi: “Wazithoba kwada kwasa ekufeni, ewe, ukufa kwisibonda sentuthumbo.”—Filipi 2:8.
“Hlalani Ninesi Simo Sengqondo”
Siyakhuthazwa ukuba silandele umzekelo kaYesu. UPawulos wabongoza: “Hlalani ninesi simo sengqondo wayenaso noKristu Yesu.” (Filipi 2:5) Sinokukwenza njani oko? Enye indlela ‘kukunyamekela, kungekuphela nje izilangazelelo zobuqu, kodwa kwanezilangazelelo zabanye.’ (Filipi 2:4) Uthando lokwenene “alufuni ezalo izilangazelelo.”—1 Korinte 13:5.
Abantu abanenkathalo ngokufuthi baye bazinikele ngendlela ebonisa ukuba abazicingeli bodwa xa bekhonza abanye. Noko ke, namhlanje abantu abaninzi banotyekelo lokucinga ngeziqu zabo. Isimo sengqondo esikhoyo ehlabathini sesokuba umntu abeke izilangazelelo zakhe kuqala. Kufuneka siwulumkele lo moya wehlabathi kuba ukuba unokuyixonxa indlela esizijonga ngayo izinto nesimo sengqondo sethu, sisenokwenza iminqweno yethu ibe yeyona ibalulekileyo. Iya kwandula ke yonke into esiyenzayo—indlela esichitha ngayo ixesha lethu, amandla ethu, nezinto zethu—ilawulwe kukuxhalabela iziqu zethu. Ngoko ke kufuneka siyilwe kanobom le mpembelelo.
Kwanecebiso elenziwe ngenjongo entle maxa wambi linokuwuthibaza umoya wethu wokuzincama. Ebona apho ikhondo lokuzincama likaYesu lalimkhokelela khona, umpostile uPetros wathi: “Yiba nobubele kuwe, Nkosi.” (Mateyu 16:22) Kuyabonakala ukuba wayekufumanisa kunzima ukuyamkela into yokuba uYesu wayelungele kwanokufa oko ngenxa yolongamo lukaYise nosindiso lwabantu. Ngoko wazama ukumkhuthaza ukuba aliyeke elo khondo.
“Zincame”
Wasabela njani uYesu? Ingxelo ithi: “Wajika, wakhangela kubafundi bakhe waza wakhalimela uPetros, wathi: ‘Suka uye emva kwam, Sathana, ngenxa yokuba ucinga, kungekhona iingcamango zikaThixo, kodwa ezabantu.’” Emva koko uYesu wabizela isihlwele kunye nabafundi bakhe kuye waza wathi kubo: “Ukuba nabani na ufuna ukundilandela, makazincame, athabathe isibonda sakhe sentuthumbo aze aqhubeke endilandela.”—Marko 8:33, 34.
Kwiminyaka emalunga nama-30 emva kokuba enikele eli cebiso kuYesu, uPetros wabonisa ukuba ngelo xesha wayesele eyiqonda intsingiselo yokuzincama. Akazange akhuthaze amanye amakholwa ukuba ahlise isantya yaye abe nobubele kwiziqu zawo. Kunoko, uPetros wawabongoza ukuba enze iingqondo zawo zilungele umsebenzi kwaye ahlukane nokumilisa ngokweminqweno yehlabathi awayenayo ngaphambili. Phezu kwazo nje iimvavanyo, ayemele abeke ukwenza ukuthanda kukaThixo kwindawo yokuqala ebomini bawo.—1 Petros 1:6, 13, 14; 4:1, 2.
Elona khondo livuzayo elinokusukelwa nguye ngamnye wethu kukuzinikela kuYehova, silandele uYesu Kristu ngokuthembeka yaye sivumele uThixo ukuba alathise imisebenzi yethu. Kulo mba uPawulos wamisela umzekelo. Imvo yongxamiseko kunye nombulelo awayenawo kuYehova zamshukumisela ukuba ancame ulangazelelo okanye amathemba ehlabathi awayenokumkhupha endleleni yokwenza ukuthanda kukaThixo. Wathi: “Mna ke ndiya kuchulumanca kakhulu ukuba ndinokudleka ndize ndisetyenziswe ngokupheleleyo” ekukhonzeni izilangazelelo zabanye. (2 Korinte 12:15) UPawulos wasebenzisa ubuchule bakhe ukuze ahambisele phambili izilangazelelo zikaThixo, kungekhona ezakhe.—IZenzo 20:24; Filipi 3:8.
Sinokuzihlola njani ukuze sibone enoba sinembono efanayo nekampostile uPawulos? Sinokuzibuza imibuzo efana nale: Ndilisebenzisa njani ixesha lam, amandla am, ubuchule bam, nezinto endinazo? Ngaba ndisebenzisa ezi zinto kunye nezinye izipho ezixabisekileyo ukuze nje ndihambisele phambili ezam izilangazelelo, okanye ngaba ndizisebenzisela ukunceda abanye? Ngaba ndikhe ndacinga ngokuba nesabelo ngokuzeleyo kumsebenzi osindisa ubomi wokuvakalisa iindaba ezilungileyo, mhlawumbi njengomvakalisi woBukumkani wexesha elizeleyo? Ngaba ndinokubandakanyeka ngokuzele ngakumbi kwimisebenzi enjengokwakha okanye ukulungisa iiHolo zoBukumkani? Ngaba ndiyawaxhakamfula amathuba avelayo okunceda abahlelelekileyo? Ngaba ndinikela okona kulungileyo kuYehova?—IMizekeliso 3:9.
“Kunoyolo Ngakumbi Ukupha”
Sekunjalo, ngaba ngokwenene kububulumko ukuzincama? Kunjalo kanye! UPawulos wayesazi ngokusuka kumava obuqu ukuba loo moya uba nomvuzo. Wamenza wonwaba ngakumbi waza wafumana ulwaneliseko lokwenene. Wakuchaza oku kumadoda amakhulu ase-Efese xa wadibana nawo eMileto. UPawulos wathi: “Ndinibonisile ezintweni zonke ukuba nimele nisebenze [ngokuzincama] ukuze nincede abo babuthathaka, yaye nimele niwakhumbule amazwi eNkosi uYesu, xa yona ngokwayo yathi, ‘Kunoyolo ngakumbi ukupha kunokwamkela.’” (IZenzo 20:35) Izigidi zabantu ziye zafumanisa ukuba ukubonakalisa lo moya kuzisa ulonwabo olungakumbi kwanangoku. Kuza kuzisa uvuyo kwixesha elizayo xa uYehova evuza abo babeka izilangazelelo zakhe nezabanye kuqala kunezabo.—1 Timoti 4:8-10.
Xa wayebuzwa ukuba kutheni ezibhokoxa kangaka ekuncedeni abanye bakhe iiHolo zoBukumkani, uBill wathi: “Ukunikela uncedo olulolu hlobo kumabandla amancinane kundinika ulwaneliseko lokwenene. Ndiyakunandipha ukusebenzisa nabuphi na ubuchule nobugcisa endinabo ukuze kungenelwe abanye.” Kutheni uEmma ekhethe ukunikela ngamandla nangobuchule bakhe ukuze ancede abanye bafunde inyaniso yeZibhalo? “Andiziboni ndisenza nto yimbi. Ndifuna ukukholisa uYehova ndize ndincede abanye ngoku ndiselula yaye ndisenamandla okwenjenjalo. Ukuncama izinto eziphathekayo akuyonto ibalulekileyo. Ndenza into ebendifanele ndiyenze kakade ngenxa yoko uYehova andenzele kona.”
UMaurice noBetty abazisoli kuba bengaphili ubomi bolonwabo, emva kweminyaka engaka bebulaleka bekhulisa yaye besondla intsapho yabo. Ngoku ekubeni besidla umhlala-phantsi, bafuna ukuqhubeka besenza into eluncedo nenentsingiselo ebomini babo. Bathi: “Asifuni kuhlala nje size siphumle. Ukunceda abanye bafunde ngoYehova kwilizwe lasemzini kusinika ithuba lokuqhubeka sisenza nto ithile enenjongo.”
Ngaba nawe uzimisele ukuzincama? Oku akuyi kuba lula. Kukho idabi eliqhubekayo phakathi kweminqweno yethu yokungafezeki kunye nomnqweno wethu onyanisekileyo wokukholisa uThixo. (Roma 7:21-23) Kodwa lidabi elinokuphunyelelwa ukuba sivumela uYehova alathise ubomi bethu. (Galati 5:16, 17) Ngokuqinisekileyo uya kuwukhumbula umsebenzi wethu wokuzincama enkonzweni yakhe kwaye uya kusisikelela ngokutyebileyo. Ngokwenene, uYehova uThixo uya ‘kuvula amasango ezikhukula emazulwini aze okunene aqongqothele phezu kwethu intsikelelo kude kungasweleki nto.’—Malaki 3:10; Hebhere 6:10.
[Umfanekiso okwiphepha 23]
UYesu wayenomoya wokuzincama. Ngaba nawe unawo?
[Imifanekiso ekwiphepha 24]
UPawulos wajolisa imigudu yakhe kumsebenzi wokushumayela ngoBukumkani