“Gcina Imiyalelo Yam Uze Uqhubeke Uphila”
WAYESEZE ngobuso elizweni, ekrelekrele, “emhle ngesiqu, emhle nangembonakalo.” Umfazi womqeshi wakhe wayenomtsalane yaye efan’ enze. Ekubeni wayengakwazi kuzibamba, mihla le wayezama ukumrhwebesha lo mfana. “Kwathi ke ngolu suku njengakwezinye iintsuku wangena endlwini esiya kwenza umsebenzi wakhe, yaye kwakungekho nanye yamadoda endlu apho endlwini. Ngoko wambamba ngesambatho sakhe, esithi: ‘Ndilale!’” Kodwa uYosefu, unyana kasolusapho uYakobi, washiya isambatho sakhe apho waza wasaba kumfazi kaPotifare.—Genesis 39:1-12.
Kakade ke, asinguye wonk’ ubani osabayo xa ehendwa. Ngokomzekelo, khawuqwalasele umzekelo womfana othile owabonwa nguKumkani uSolomon kaSirayeli wamandulo ezitratweni ebusuku. Wathi akurhwetyeshwa libhinqa elinxaxhayo, “walandela ngoko nangoko njengenkunzi yenkomo isiya kuxhelwa.”—IMizekeliso 7:21, 22, New International Version.
AmaKristu ayabongozwa ukuba ‘asabe kulo uhenyuzo.’ (1 Korinte 6:18) Xa wayebhalela umfundi ongumKristu oselula uTimoti, umpostile uPawulos wathi: “Zisabe iinkanuko zobutsha.” (2 Timoti 2:22) Xa sijamelene neemeko ezinokukhokelela kuhenyuzo, kukrexezo okanye kwezinye izenzo eziphosakeleyo zokuziphatha, nathi simele sisabe ngoko nangoko njengoko uYosefu wenzayo kumfazi kaPotifare. Yintoni eya kusinceda sizimisele ukwenza oko? Kwisahluko sesi-7 sencwadi yeBhayibhile yeMizekeliso, uSolomon usinika icebiso elixabisekileyo. Akaneli kuthetha ngeemfundiso ezisikhusela kumaqhinga abantu abaziphethe kakubi kodwa ukwachaza nendlela abenza izinto ngayo ngokuchaza izinto ezazisenzeka xa lo mfana wayerhwetyeshwa libhinqa eliphila vakalala.
‘Bopha Imiyalelo Yam Eminweni Yakho’
Lo kumkani uhlahl’ indlela ngecebiso elifana nelikabawo elithi: “Nyana wam, gcina amazwi am, uze uyigcine kuwe imiyalelo yam. Gcina imiyalelo yam uze uqhubeke uphila, nomthetho wam njengokhozo lwamehlo akho.”—IMizekeliso 7:1, 2.
Abazali, ngokukodwa oobawo, banembopheleleko abayinikwe nguThixo yokufundisa abantwana babo imilinganiselo kaThixo yokulungileyo nokubi. UMoses wabongoza oobawo esithi: “La mazwi ndikuyalela wona namhlanje amele abe sentliziyweni yakho; uze uwabethelele kunyana wakho yaye uthethe ngawo ekuhlaleni kwakho endlwini yakho, nasekuhambeni kwakho ngendlela, nasekulaleni kwakho, nasekuvukeni kwakho.” (Duteronomi 6:6, 7) Yaye umpostile uPawulos wabhala: “Nani, boyise, musani ukubacaphukisa abantwana benu, kodwa qhubekani nibakhulisela kwingqeqesho nasekweyiselweni kwengqondo kuYehova.” (Efese 6:4) Ngenxa yoko, iimfundiso zomzali ezimele zixatyiswe, okanye zigqalwe njengezibaluleke kakhulu, ngokuqinisekileyo ziquka izikhumbuzo, imiyalelo nemithetho efumaneka kwiLizwi likaThixo, iBhayibhile.
Imfundiso yabazali isenokuquka neminye imimiselo—imithetho yentsapho. Le mithetho iyingenelo kumalungu entsapho. Kuyinyaniso ukuba imithetho yeentsapho inokwahluka, ixhomekeke kwiimfuno zentsapho nganye. Noko ke, kungumsebenzi wabazali ukugqiba ngoko kulungele intsapho yabo. Yaye imithetho abayibekayo idla ngokuba yimbonakaliso yothando lokwenene nenkxalabo. Isiluleko esiya kwabaselula kukuba mabayithobele le mithetho kunye neemfundiso zeZibhalo abazifumana kubazali babo. Ewe, kufuneka loo mfundiso uyiphathe “njengokhozo lwamehlo akho”—uyikhusela kangangoko unako. Leyo yindlela yokuphepha umphumo obulalayo wokutyeshela imilinganiselo kaYehova uze ngaloo ndlela “uqhubeke uphila.”
USolomon uhlabela mgama: “Yibophe [imiyalelo yam] eminweni yakho, uze uyibhale elucwecweni lwentliziyo yakho.” (IMizekeliso 7:3) Ekubeni ubukhulu becala iminwe iphambi kwamehlo ethu yaye ibalulekile ukuze siphumeze iinjongo zethu, izinto esizifundayo xa sikhuliswa ngemigaqo yeZibhalo okanye xa sifumana ulwazi lweBhayibhile zimele zihlale zisikhumbuza yaye zisikhokela kuyo yonke into esiyenzayo. Simele sizikrole kwicwecwe lentliziyo yethu, sizenze zibe yinxalenye yethu.
Engakulibalanga ukubaluleka kobulumko nokuqonda, lo kumkani ubongoza esithi: “Yithi kubulumko: ‘Ungudade wethu’; uze uthi kukuqonda ‘usisiZalwane.’” (IMizekeliso 7:4) Ubulumko ngamandla okukwazi ukusebenzisa ulwazi esilunikwe nguThixo. Sifanele sibuthande ubulumko njengoko besiya kwenza kudade wethu. Kuyintoni ukuqonda? Kukukwazi ukuyibona into uze uyinakane ngokufumanisa indlela iinxalenye zayo ezinxibelelana ngayo nayo yonke. Simele sisondelelane nokuqonda ngendlela ebesiya kwenza ngayo kumhlobo osenyongweni.
Kutheni sifanele sinamathele kwingqeqesho yeZibhalo size sakhe ubuhlobo nobulumko nokuqonda? Kukuze ‘sizilinde emfazini wasemzini onelizwi eligudileyo.’ (IMizekeliso 7:5) Ewe, ukwenjenjalo kuya kusikhusela kwiindlela ezigudileyo nezihendayo zowasemzini—umntu oziphethe kakubi.a
Umfana Udibana ‘Nomfazi Onobuqhokolo’
Ngokulandelayo lo kumkani wakwaSirayeli uchaza isiganeko awazibonela ngawakhe amehlo: “Ngefestile yendlu yam, ndakroba ndakhangela phantsi, ndaqondela phezu kwabangenamava. Ndandinomdla ekuqondeni phakathi koonyana umfana oswele intliziyo, edlula esitratweni esikufuphi nembombo yakhe, waza wahamba ngendlela ngasendlwini yakhe, ngorhatya, ngokuhlwa kwemini, ekusondeleni kobusuku nesithokothoko.”—IMizekeliso 7:6-9.
Le festile awayekrobe kuyo uSolomon yayinesibiyelo—ekubonakala ukuba sasenziwe ngamaplanga acekethekileyo mhlawumbi nemihombiso emihle. Njengoko kurhatyela, izitrato ziya zisiba mnyama. Ubona umfana othile osisisulu. Akanangqiqo, okanye ingqondo, uswele intliziyo. Kusenokwenzeka ukuba uyayazi ukuba injani na le ndawo angena kuyo kwaye uyayazi into enokwenzeka kuye ngoxa elapho. Lo mfana uza “kufuphi nembombo [yomfazi othile],” esendleleni eya endlwini yakhe. Ngubani yena lo mfazi? Khona wenza ntoni?
Lo kumkani uneliso elibukhali uyaqhubeka: “Khangela! kwakukho umfazi esiya kumhlangabeza, enesambatho sikanongogo nentliziyo enobuqhokolo. Uyaphithizela yaye unenkani. Azihlali endlwini yakhe iinyawo zakhe. Uthi ephandle, abe ekwiindawo zembutho, elalela kufuphi nazo zonke iimbombo.”—IMizekeliso 7:10-12.
Kwaindlela le anxibe ngayo ithetha lukhulu ngalo mfazi. (Genesis 38:14, 15) Unxibe ngendlela engandilisekanga, njengonongogo. Ngaphezu koko, intliziyo yakhe inobuqhokolo—ingqondo yakhe “inenkohliso,” yaye injongo yakhe “inobuqhetseba.” (An American Translation; New International Version) Uyaphithizela yaye unenkani, uthetha gqitha kwaye akalawuleki, uthethela phezulu yaye wenza unothanda, uyadelela yaye akanazintloni. Kunokuba ahlale ekhaya, ukhetha ukuhl’ enyuka kwiindawo zeembutho, athi ncwaba kwiimbombo zezitrato ukuze abambise ixhoba lakhe. Ulinde umntu onjengalo mfana.
‘Ubuciko Obuninzi’
Ngaloo ndlela lo mfana ude adibane nalo mfazi ophila vakalala nonobuqhetseba. Hayi indlela oku okumele ukuba kwayithimba ngayo ingqalelo kaSolomon! Uyabalisa: “Wambamba waza wamanga. Wazenza okhaliphileyo, waza wathi kuye: ‘Imibingelelo yobudlelane ibiphezu kwam. Namhlanje ndizifezekisile izibhambathiso zam. Kungenxa yoko le nto ndiye ndaphuma ndeza kukuhlangabeza, ukufuna ubuso bakho, ukuze ndikufumane.’”—IMizekeliso 7:13-15.
Lo mfazi uthetha kamnandi. Ezenza okhaliphileyo, uthetha ngokuzithemba. Yonke into ayithethayo uyicebe kakuhle ukuze ahende lo mfana. Xa ekhankanya ukuba wenze imibingelelo yobudlelane kwangolo suku waza wazifezekisa izibhambathiso zakhe, uzenza ngathi ulilungisa, ebonisa ukuba naye ungumntu wokomoya. Imibingelelo yobudlelane eyayisenziwa etempileni eYerusalem yayiquka inyama, umgubo, ioli newayini. (Levitikus 19:5, 6; 22:21; Numeri 15:8-10) Ekubeni loo mntu wenza umnikelo wayenokuthabatha inxalenye yombingelelo wobudlelane aye kuwutya nentsapho yakhe, ngaloo ndlela ubonisa ukuba kuninzi ukutya neziselo endlwini yakhe. Icacile eyona nto afuna ukuyidlulisela: Lo mfana wayeza konwaba kakhulu apho. Umke endlwini yakhe ezokukhangela yena. Sisisulu sokwenene esi—xa sinokude sikholelwe into enjalo. Omnye umphengululi weBhayibhile uthi: “Ewe lo mfazi wayekhangela umntu, kodwa ngaba ngokwenene wayekhangela le ndedeba ngokukhethekileyo? Sisidenge kuphela—mhlawumbi le ndedeba ke—esasinokumkholelwa.”
Emva kokuzenza abe nomtsalane ngesinxibo sakhe, ngamazwi akhe aqhathayo, ngokwanga, nangemilebe yakhe, lo mfazi umrhwebesha nangevumba. Uthi: “Sendiwuhombisile umandlalo wam ngesigqubuthelo, ngezinto ezinemibala emininzi, ilinen yaseYiputa. Ndifefe umandlalo wam ngemore, ngekhala nangesinamon.” (IMizekeliso 7:16, 17) Uye wawuhombisa kakuhle umandlalo esebenzisa ilinen enemibala eqaqambileyo yaseYiputa waza wawufefa ngeziqholo zemore, ikhala kunye nesinamon.
Uhlabela mgama: “Yiza ke, sizanelise ngothando kude kuse; masiziyolise ngezincokoliso zothando.” Loo mfana umenyelwa kwinto engaphaya kwesidlo esimnandi sabantu ababini. Umthembisa ukuba baza kunandipha iintlobano zesini. Kulo mfana, esi sibongozo sibangel’ umdla nemincili! Ngokungathi akwanelanga, lo mfazi uyongezelela: “Ngokuba indoda ayikho endlwini yayo; ihambe uhambo olude. Ingxowa yemali isesandleni sayo. Ngomhla wokuhlangana kwenyanga yobuya ize endlwini yayo.” (IMizekeliso 7:18-20) Umqinisekisa ngelithi abayi kuphazanyiswa nto tu, kuba umyeni wakhe uthabathe uhambo lokuya kulungisa imicimbi yoshishino yaye kuza kumthabatha ithuba ukuba abuye. Inene lo mfazi unesiphiwo sokukwazi ukubhanxa umntu oselula! “Umlahlekisile ngobuciko bakhe obuninzi. Wamlukuhla ngokuguda kwemilebe yakhe.” (IMizekeliso 7:21) Yindoda efana noYosefu eyayinokusixhathisa isibongozo esinomtsalane ngolo hlobo. (Genesis 39:9, 12) Ngaba lo mfana unako ukusixhathisa?
“Njengenkunzi Yenkomo Isiya Ekuxhelweni”
USolomon uyabalisa: “Ngequbuliso uyamlandela, njengenkunzi yenkomo isiya ekuxhelweni, nangokungathi ufakwe amakhamandela njengaxa kuqeqeshwa umntu osisidenge, lude utolo lusicande sivuleke isibindi sakhe, kanye njengentaka ingxamela esibatheni, ingazi ukuba oko kuchaphazela kanye umphefumlo wayo.”—IMizekeliso 7:22, 23.
Lo mfana akakwazi kusixhathisa tu esi simemo. Engasacingi kwaphela ngengqondo yakhe, uyamlandela “njengenkunzi yenkomo isiya ekuxhelweni.” Nanjengokuba indoda efakwe amakhamandela ingenakusibaleka isohlwayo sayo, nalo mfana utsalelwa esonweni. Akayiboni ingozi de “utolo lusicande sivuleke isibindi sakhe,” ngamany’ amazwi, de afumane inxeba eliya kumbulala. Oku isenokuba kukufa kokoqobo kuba uzichanaba kwizifo ezibulalayo ezidluliselwa ngeentlobano zesini.b Elo nxeba linokumbulala nangokomoya; ‘lichaphazela kanye umphefumlo wakhe.’ Bonke ubuntu bakhe kunye nobomi bakhe buchaphazeleka kakhulu, yaye wenze isono esikhulu nxamnye noThixo. Ngaloo ndlela uya exhabashile kwaNtsonga-nyawana njengentaka engena esibatheni!
“Ungaphambukeli Kwiindlela Zakhe”
Echaza isifundo esifumaneka koko akubonileyo, lo kumkani usisilumko uyabongoza: “Ke kaloku, bonyana, ndiphulaphuleni nize nilinikele ingqalelo ilizwi lomlomo wam. Ngamana intliziyo yakho ingangaphambukeli kwiindlela zakhe. Ungaphambukeli emendweni wakhe. Ngokuba baninzi abawisileyo wababulala, yaye bonke abo babulewe nguye baninzi. Indlu yakhe ziindlela zeShiyol; ezihlela kumagumbi angaphakathi okufa.”—IMizekeliso 7:24-27.
Kucacile ukuba isiluleko esidluliselwa nguSolomon sithi mka kwiindlela ezibulalayo zomntu oziphethe kakubi uze “uqhubeke uphila.” (IMizekeliso 7:2) Hayi indlela elifaneleke ngayo eli cebiso namhlanje! Ngokuqinisekileyo kufuneka ziphetshwe iindawo abadla ngokuba kuzo abo balalela amaxhoba. Kutheni uzichanaba kubuqhophololo babo ngokuya kwezo ndawo? Enyanisweni, kutheni usiba ‘ngoswele intliziyo’ yaye uphambukela kwiindlela ‘zowasemzini’?
‘Umfazi wasemzini’ owabonwa ngulo kumkani wamhenda umfana ngesimemo sokuba ‘baziyolise ngezincokoliso zothando.’ Ngaba ulutsha oluninzi—ngakumbi amantombazana—alukhange luxhatshazwe ngendlela efanayo? Kodwa khawucinge ngale nto: Xa umntu ekuhendela ekubeni uziphathe kakubi ngokwesini, ngaba sukuba eqhutywa luthando lokwenene okanye yinkanuko ekhatshwa kukuzingca? Yintoni enokubangela ukuba indoda elithanda ngokwenene ibhinqa ilinyanzele ukuba lenze okungquzulana nengqeqesho nesazela samaKristu? “Ngamana intliziyo yakho ingangaphambukeli” kwiindlela ezinjalo, ubongoza ngelitshoyo uSolomon.
Amazwi omntu olukuhlayo adla ngokuvakala kamnandi yaye athethwe ngobuciko. Ukuba sigcina ubulumko nokuqonda kuya kusinceda simelane nawo. Ukungakulibali oko uYehova asiyalele kona kuya kusikhusela. Ngoko ke, ngamana singasoloko sizabalazela ‘ukugcina imiyalelo kaThixo size siqhubeke siphila’ ngoku, nangonaphakade.—1 Yohane 2:17.
[Imibhalo esemazantsi]
a Igama elithi “wasemzini” lalisetyenziswa kwabo bazahluleyo kuYehova ngokuwunikel’ umva uMthetho. Ngaloo ndlela ibhinqa eliziphethe kakubi, elinjengonongogo, lichazwa ‘njengomfazi wasemzini.’
b Ezinye izifo ezidluliselwa ngeentlobano zesini zonokusonakalisa isibindi. Ngokomzekelo, xa igcushuwa sele ihambele phambili, iintsholongwane ziyasongamela isibindi. Yaye ezo zibangela ubhobhozo (igonorrhea) zenza isibindi sikrale.
[Imifanekiso ekwiphepha 29]
Uyijonga njani imithetho yabazali?
[Umfanekiso okwiphepha 31]
Ukugcina imiyalelo kaThixo kuthetha ubomi