Sondela KuThixo
Unokukufumana “Ukumazi UThixo”
UYEHOVA UTHIXO usibekele ubuncwane yaye ufuna sibufumane. Obu buncwane abukwenzi ube sisityebi, kodwa uya kufumana into ongenakuze uyithenge ngemali kweli hlabathi—uxolo lwangaphakathi, ulwaneliseko nobomi obanelisayo. Buyintoni obu buncwane? Amazwi kaKumkani uSolomon osisilumko kwiMizekeliso 2:1-6 ayabuchaza.
USolomon uthi obu buncwane ‘kukumazi uThixo’—ngamanye amazwi, inyaniso engoThixo nenjongo yakhe etyhilwe eBhayibhileni. (Ivesi 5) Obu buncwane buxananazile.
Iimfundiso eziyinyaniso. IBhayibhile iphendula imibuzo enjengethi: Ngubani igama likaThixo? (INdumiso 83:18) Kwenzeka ntoni ekufeni? (INdumiso 146:3, 4) Kutheni silapha nje? (Genesis 1:26-28; INdumiso 115:16) Ngaba ikho into exabiseke ngaphezu kokufumana iimpendulo zale mibuzo?
Isiluleko sobulumko. IBhayibhile isichazela indlela esimele siphile ngayo. Unokuwenza njani umtshato uphumelele? (Efese 5:28, 29, 33) Unokubaqeqesha njani abantwana? (Duteronomi 6:5-7; Efese 6:4) Unokulufumana njani ulonwabo ebomini? (Mateyu 5:3; Luka 11:28) Ucinga ntoni wena—abaluleke kangakanani amacebiso anokuthenjwa ngemibandela elolo hlobo?
Ukwazi uThixo nobuntu bakhe. IBhayibhile ngowona mthombo wenkcazelo enokuthenjwa ngoThixo. Ungumntu onjani? (Yohane 1:18; 4:24) Ngaba usikhathalele? (1 Petros 5:6, 7) Ziziphi ezinye zeempawu zakhe ezibalaseleyo? (Eksodus 34:6, 7; 1 Yohane 4:8) Ucinga ukuba ibaluleke kangakanani inkcazelo eyinyaniso ngoMdali wethu?
“Ukumazi uThixo” bubuncwane bokomoya. Unokubufumana njani? Intluva siyifumana kwivesi 4, kwisahluko 2 seMizekeliso, xa uSolomon ethelekisa olu lwazi ‘nobuncwane obufihliweyo.’ Cinga ngoku: Ubuncwane obufihliweyo abufumaneki lula. Sifanele sibusebenzele. Kunjalo nangolwazi lukaThixo. Obu buncwane bufihlwe eBhayibhileni. Ukuze sibufumane, kufuneka umgudu.
USolomon usichazela into esimele siyenze ukuze sifumane “ukumazi uThixo.” Amazwi athi ‘yamkela amazwi am’ nathi “uyithobele ukuqonda intliziyo yakho” abonisa ukuba kufuneka sibe nentliziyo ethobekileyo. (Ivesi 1, 2) Amazwi athi: ‘biza, qhubeka ubufuna’ nelithi “ubuphande” abonisa ukuba kufuneka sizibhokoxe, sizimisele. (Ivesi 3, 4) Ukuze sifumane obu buncwane, kufuneka sikukhuthalele ukufunda iBhayibhile, siyifunde ngokunyaniseka.—Luka 8:15.
Ukuba sizimisele, uYehova uya kusincedisa. Ivesi 6 ithi, “UYehova unika ubulumko.” NguThixo kuphela onokusinceda siziqonde ngokupheleleyo iinyaniso eziseBhayibhileni. (Yohane 6:44; IZenzo 16:14) Nantsi into onokuqiniseka ngayo: Ukuba uliphengulula ngokunyanisekileyo iLizwi likaThixo, uya kukufumana “ukumazi uThixo”—ubuncwane obuya kuphucula ubomi bakho.—IMizekeliso 2:10-21.a
Izibhalo Onokuzifunda Ngo-Oktobha:
[Umbhalo osemazantsi]
a Ehlabathini jikelele, amaNgqina kaYehova aqhuba isifundo seBhayibhile simahla nabantu abafuna ukuyiqonda. Kutheni ungadibani nawo okanye ubhalele enye yeedilesi ezidweliswe kwiphepha 4?