Zuza Intliziyo Eyamkelekileyo KuYehova
“Dala ngaphakathi kum intliziyo esulungekileyo, Thixo, uze ufake ngaphakathi kum umoya omtsha, oqinileyo.”—INDUMISO 51:10.
1, 2. Kutheni sifanele sibe nomdla kwintliziyo yethu?
WAYETHE NCOTHU yaye wayeyinzwana. Akumbona, umprofeti uSamuweli wachukumiseka kakhulu kangangokuba wagqiba kwelokuba yile nkulu kaYese enyulwe nguThixo ukuba ibe ngukumkani emva kukaSawule. Kodwa uYehova wathi: “Musa ukukhangela imbonakalo [yalo nyana] nokuphakama kwesithomo sakhe, kuba ndimgatyile. . . . Umntu nje ubona okubonakalayo emehlweni; kodwa uYehova yena, ubona oko ikuko intliziyo.” UYehova wayenyule oyena nyana umncinane kaYese, uDavide—“indoda evunyiweyo yintliziyo yakhe.”—1 Samuweli 13:14; 16:7.
2 UThixo uyakwazi oko kusezintliziyweni zabantu, njengoko wacacisayo: “Mna, Yehova, ndiyayigocagoca intliziyo, ndizihlolisise izintso, ukuze ndinike ngamnye ngokweendlela zakhe, ngokwesiqhamo sezenzo zakhe.” (Yeremiya 17:10) Ewe, “uYehova ungumgocagoci weentliziyo.” (IMizekeliso 17:3) Noko ke, yintoni le ntliziyo yomntu igocagocwa nguYehova? Yaye yintoni esinokuyenza ukuze sizuze intliziyo eyamkelekileyo kuye?
“Umntu Ofihlakeleyo Wentliziyo”
3, 4. Lisetyenziswa ngayiphi ingqiqo ngokuyintloko eBhayibhileni igama elithi “intliziyo”? Chaza imizekelo.
3 Igama elithi “intliziyo” livela malunga nezihlandlo eziliwaka kwiZibhalo Ezingcwele. Kwiimeko ezininzi lisetyenziswa ngokufuziselayo. Ngokomzekelo, uYehova wathi kumprofeti uMoses: “Thetha koonyana bakaSirayeli, bandithabathele umnikelo: Nowuthabatha umnikelo wam ebantwini bonke abaqhutywa yintliziyo.” Yaye abo babesenza umnikelo “beza, wonk’ ubani owayeqhutywa yintliziyo.” (Eksodus 25:2; 35:21) Ngokucacileyo, enye inkalo ebonakala ngayo intliziyo yokomfuziselo yintshukumisa—amandla angaphakathi asiqhubela esenzweni. Kwakhona, intliziyo yethu yokomfuziselo ityhila iimvakalelo zethu, iminqweno nothando lwethu. Intliziyo inokuzaliswa ngumsindo okanye luloyiko, igutyungelwe yintlungu okanye ichwayite ngenxa yovuyo. (INdumiso 27:3; 39:3; Yohane 16:22; Roma 9:2) Inokuba nekratshi okanye ithobeke, ibe nothando okanye intiyo.—IMizekeliso 16:5; Mateyu 11:29; 1 Petros 1:22.
4 Ngaloo ndlela, “intliziyo” ngokufuthi inxulunyaniswa neentshukumisa kunye neemvakalelo, ngoxa “ingqondo” ngokukhethekileyo inento yokwenza nokuqonda. La mabinzana afanele aqondwe ngaloo ndlela xa esetyenziswe kumongo ofanayo eZibhalweni. (Mateyu 22:37; Filipi 4:7) Kodwa intliziyo nengqondo zisebenza ngokuvisisanayo. Ngokomzekelo, uMoses wabongoza amaSirayeli esithi: “Umele ukhumbule entliziyweni yakho [okanye “umele ukhumbule engqondweni yakho,” umbhalo osemazantsi weNW eneembekiselo] ukuba uYehova unguThixo oyinyaniso.” (Duteronomi 4:39) UYesu wathi kubabhali ababesenza iyelenqe nxamnye naye: “Kutheni nicinga izinto ezingendawo nje ezintliziyweni zenu?” (Mateyu 9:4) ‘Ukuqonda,’ ‘ulwazi,’ ‘nengqiqo’ zinokunxulunyaniswa nentliziyo. (1 Kumkani 3:12; IMizekeliso 15:14; Marko 2:6) Ngoko ke, intliziyo yokomfuziselo inokuquka ingqondo—iingcinga okanye amandla ethu okuqonda.
5. Ifanekisela ntoni intliziyo yokomfuziselo?
5 Ngokutsho kwenye incwadi, intliziyo yokomfuziselo ifanekisela “imbilini yomntu, yaye ke ngoko ibhekisela kumntu wangaphakathi njengoko ezibonakalisa kuyo yonke imisebenzi yakhe, iminqweno, iimvakalelo, uthando, iinjongo, iingcinga, iingcamango, intelekelelo, ubulumko, ulwazi, ubuchule, iinkolelo nendlela aqiqa ngayo, inkumbulo naloo nto ayixelelwa yingqondo yakhe.” Ifanekisela oko ngokwenene sikuko ngaphakathi, ‘umntu ofihlakeleyo wentliziyo.’ (1 Petros 3:4) Yiloo nto kanye ebonwa nguYehova aze ayigocagoce. Ngenxa yoko, uDavide wathandaza wenjenje: “Dala ngaphakathi kum intliziyo esulungekileyo, Thixo, uze ufake ngaphakathi kum umoya omtsha, oqinileyo.” (INdumiso 51:10) Sinokuyizuza njani intliziyo esulungekileyo?
‘Libekeleni Intliziyo’ ILizwi LikaThixo
6. Wawabongoza wathini uMoses amaSirayeli ngexesha awayemise iintente kuMathafa akwaMowabhi?
6 Xa wayebongoza oonyana bakaSirayeli ababehlanganisene kuMathafa akwaMowabhi ngaphambi kokuba bangene kwiLizwe Lesithembiso, uMoses wathi: “Wabekeleni iintliziyo zenu onke amazwi endinilumkisa ngawo namhlanje, ukuze niwayalele oonyana benu ukuba bakunyamekele ukwenza ngokwamazwi onke alo mthetho.” (Duteronomi 32:46) AmaSirayeli ayefanele “anikele ingqalelo kakuhle.” (ngokwenguqulelo kaKnox) Ayeya kukwazi ukubethelela imiyalelo kaThixo ebantwaneni bawo kuphela ukuba ayeqhelene nayo.—Duteronomi 6:6-8.
7. Kuquka ntoni ‘ukulibekela intliziyo yethu’ iLizwi likaThixo?
7 Undoqo ekuzuzeni intliziyo esulungekileyo kukufumana ulwazi oluchanileyo ngokuthanda kukaThixo neenjongo zakhe. Mnye kuphela umthombo wolo lwazi, liLizwi likaThixo eliphefumlelweyo. (2 Timoti 3:16, 17) Noko ke, ulwazi nje lulodwa alunakusinceda sizuze intliziyo ekholisa uYehova. Ukuze ulwazi lufikelele ngaphakathi, sifanele ‘sikubekele intliziyo yethu’ okanye “sikufake entliziyweni,” oko sikufundayo. (Duteronomi 32:46, ngokutsho kwe-An American Translation) Kwenziwa njani oku? Umdumisi uDavide uyachaza: “Ndikhumbule imihla yakudala; ndicamngce ngawo wonke umsebenzi wakho; ngokuzithandela ndihleli ndizixhalabisa ngomsebenzi wezandla zakho.”—INdumiso 143:5.
8. Yiyiphi imibuzo esinokucingisisa ngayo xa sifundisisa?
8 Nathi sifanele sibonakalise uxabiso xa sicamngca ngemisebenzi kaYehova. Xa sifunda iBhayibhile okanye iimpapasho ezisekelwe eBhayibhileni, kufuneka sicingisise ngemibuzo enjengale: ‘Kundifundisa ntoni oku ngoYehova? Ziziphi iimpawu zikaYehova ezibonakaliswe apha? Le ngxelo indifundisa ntoni ngezinto uYehova azithandayo nangazithandiyo? Iyintoni imiphumo yokulandela ikhondo elimkholisayo uYehova kunokulandela elo alithiyileyo? Le nkcazelo inxulumana njani noko sele ndikwazi?
9. Luxabiseke kangakanani ufundisiso lobuqu nokucamngca?
9 ULisaa oneminyaka engama-32 ubudala echaza indlela awaqalisa ngayo ukuba noxabiso ngokubaluleka kokufundisisa nokucamngca ngendlela enentsingiselo, uthi: “Emva kokubhaptizwa kwam ngowe-1994, ndandikhuthele gqitha enyanisweni kangangeminyaka emibini. Ndandisiya kuzo zonke iintlanganiso zamaKristu, ndichitha iiyure ezingama-30 ukusa kwezingama-40 ngenyanga kubulungiseleli basentsimini, yaye ndandinxulumana namanye amaKristu. Ndandula ke, ndaqalisa ukuphambuka. Ndatyhafa kakhulu kangangokuba ndaphula umthetho kaThixo. Kodwa ndabuyela ezingqondweni ndaza ndagqiba kwelokuba ndicoce ubomi bam. Hayi indlela endivuya ngayo kuba uYehova eye wandamkela xa ndiguquka! Ngokufuthi ndiye ndizibuze: ‘Kwakutheni ukuze ndiwe?’ Impendulo esoloko inkenteza engqondweni yam yeyokuba ndatyeshela ukufundisisa nokucamngca ngendlela enentsingiselo. Inyaniso yeBhayibhile ayizange ifikelele entliziyweni yam. Ukususela ngoku, ufundisiso lobuqu nokucamngca kuya kusoloko kuyinkalo ephambili ebomini bam.” Njengoko sikhula ekwazini kwethu uYehova, uNyana wakhe, neLizwi lakhe, hayi indlela ekubaluleke ngayo ukuba sizinike ixesha lokucamngca ngokunentsingiselo!
10. Kutheni kungxamisekile ukuba sizongele ixesha lokwenza ufundisiso lobuqu nokucamngca?
10 Kweli hlabathi lixakekileyo, ukufumana ixesha lokufundisisa nokucamngca kulucelomngeni ngokwenene. Noko ke, amaKristu namhlanje akufuphi kakhulu kwiLizwe Lesithembiso elimangalisayo—ihlabathi elitsha likaThixo, elinobulungisa. (2 Petros 3:13) Iziganeko ezothusayo, njengokutshatyalaliswa ‘kweBhabhiloni Enkulu’ nokuhlaselwa kwabantu bakaYehova ‘nguGogi welizwe lakwaMagogi’ kusemnyango. (ISityhilelo 17:1, 2, 5, 15-17; Hezekile 38:1-4, 14-16; 39:2) Iimeko esijamelene nazo zisenokuluvavanya uthando lwethu ngoYehova. Kungxamisekile ukuba ngoku sizongele ixesha lokulibekela iintliziyo zethu iLizwi likaThixo!—Efese 5:15, 16.
‘Lungisa Intliziyo Yakho Ukuze Uhlolisise ILizwi LikaThixo’
11. Intliziyo yethu inokufaniswa njani nomhlaba?
11 Intliziyo yokomfuziselo inokufaniswa nomhlaba ekunokutyalwa kuwo imbewu yenyaniso. (Mateyu 13:18-23) Ngokuqhelekileyo, umhlaba wokoqobo uyalinywa ukuze kuqinisekwe ukuba isityalo siya kukhula kakuhle. Ngokufanayo, intliziyo yethu ifanele ilungiswe, ukuze ikwazi ukwamkela iLizwi likaThixo. UEzra umbingeleli “wayeyilungisile intliziyo yakhe ukuba ahlole umthetho kaYehova, awenze.” (Ezra 7:10) Sinokuyilungisa njani intliziyo yethu?
12. Yintoni eya kusinceda silungise intliziyo yethu ngaphambi kokwenza ufundisiso?
12 Eyona ndlela ibalulekileyo yokulungisa intliziyo yethu xa siza kufunda iLizwi likaThixo, ngumthandazo osuk’ entliziyweni. Iintlanganiso zamaKristu zabanquli bokwenyaniso zivulwa zize zivalwe ngomthandazo. Hayi indlela ekufaneleke ngayo ukuba xa siza kwenza ufundisiso lobuqu lweBhayibhile siqalise ngokwenza umthandazo onyanisekileyo size sizimisele xa sifunda!
13. Ukuze sizuze intliziyo eyamkelekileyo kuYehova, yintoni esimele siyenze?
13 Intliziyo yokomfuziselo imele ilungiswe ukuze kukhutshwe iingcamango ebezikho ngaphambili. Iinkokeli zonqulo zomhla kaYesu zazingafuni ukukwenza oku. (Mateyu 13:15) Kwelinye icala, unina kaYesu, uMariya, wenza izigqibo “entliziyweni yakhe” ezazisekelwe kwinyaniso awayeyivile. (Luka 2:19, 51) Waba ngumfundi othembekileyo kaYesu. ULidiya waseTiyatira waphulaphula uPawulos, “kwaye uYehova wayivula yabanzi intliziyo yakhe ukuze anikele ingqalelo.” Naye waba likholwa. (IZenzo 16:14, 15) Ngamana asingebambeleli ngenkani kwiingcamango zethu zobuqu okanye kwiimfundiso esizithandayo. Kunoko, masikulungele ukuvumela ‘uThixo afunyaniswe enenyaniso, nakuba wonke umntu efunyaniswa elixoki.’—Roma 3:4.
14. Sinokuyilungisa njani intliziyo yethu ukuba iphulaphule kwiintlanganiso zamaKristu?
14 Ukulungisa intliziyo ukuba iphulaphule kwiintlanganiso zamaKristu kubaluleke ngokukhethekileyo. Iziphazamiso zisenokuyishenxisa ingqalelo yethu koko kuthethwayo. Oko kuthethwayo kunokuba nempembelelo engephi kuthi ukuba sicinga ngezinto ebezisenzeka ebudeni bemini okanye sixhalabile ngezinto esiza kuzenza ngomso. Simele sizimisele ukuphulaphula nokufunda ukuze singenelwe koko kuthethwayo. Ezinjani zona iingenelo esinokuzifumana xa sizimisele ukuqonda izibhalo ezifundwayo nokucaciswa kwentsingiselo yazo!—Nehemiya 8:5-8, 12.
15. Ukuthobeka kusinceda njani sibe ngabantu abafundiseka lula?
15 Kanye njengokuba ukufaka izichumiso ezifanelekileyo kunokuwenza utyebe umhlaba wokoqobo, ngokufanayo ukuhlakulela ukuthobeka, ukulangazelela izinto zokomoya, intembelo, ukoyika uThixo nokumthanda kunokwenza intliziyo yethu yokomfuziselo ichume. Ukuthobeka kwenza intliziyo ithambe, kusinceda sibe ngabantu abafundiseka lula. UYehova wathi kuKumkani uYosiya wakwaYuda: “Ngenxa yokuba intliziyo yakho ibithambile kangangokuba uye wazithoba ngenxa kaYehova ekuveni kwakho endikuthethileyo . . . walila phambi kwam, mna, ewe mna, ndivile.” (2 Kumkani 22:19) Intliziyo kaYosiya yayithobekile yaye yayiphulaphula. Ukuthobeka kwanceda abafundi bakaYesu ababengabantu “abangenamfundo nabaqhelekileyo” ukuba baqonde inyaniso yokomoya baze bayisebenzise, inyaniso eyayingaqondakali “kwizilumko nakwabo baziingqondi.” (IZenzo 4:13; Luka 10:21) Ngamana ‘singazithoba phambi koThixo wethu’ njengoko sizama ukuzuza intliziyo eyamkelekileyo kuYehova.—Ezra 8:21.
16. Kutheni kufuneka umgudu ukuze sihlakulele umnqweno wokutya kokomoya?
16 UYesu wathi: “Banoyolo abo bayiphapheleyo intswelo yabo yokomoya.” (Mateyu 5:3) Ngoxa senziwe sanolangazelelo ngezinto zokomoya, amaxhala eli hlabathi lingendawo okanye utyekelo olufana nobuvila lunokusenza singayiphapheli loo ntswelo sinayo. (Mateyu 4:4) Simele sihlakulele ukuba nomnqweno ofanelekileyo wokutya kokomoya. Kwanokuba ekuqaleni asikunandiphi ukufunda iBhayibhile nokwenza ufundisiso lobuqu, xa sizingisa siya kufumanisa ukuba ulwazi luya ‘kuthandeka emphefumlweni wethu,’ kangangokuba siya kukhangela phambili ngolangazelelo kwizihlandlo zofundisiso.—IMizekeliso 2:10, 11.
17. (a) Kutheni kufanelekile ukuba sikholose ngoYehova ngokupheleleyo? (b) Sinokukuhlakulela njani ukukholosa ngoThixo?
17 UKumkani uSolomon wayalela: “Kholosa ngoYehova ngayo yonke intliziyo yakho, ungayami ngokwakho ukuqonda.” (IMizekeliso 3:5) Intliziyo ekholose ngoYehova iyazi ukuba nantoni na ayifunayo nanikela ulwalathiso ngayo eLizwini lakhe isoloko ilungile. (Isaya 48:17) Ngokuqinisekileyo simele sikholose ngokupheleleyo ngoYehova. Uyakwazi ukuphumeza konke oko anenjongo yokukwenza. (Isaya 40:26, 29) Kaloku, igama lakhe ngokoqobo lithetha “Ubangela Kubekho,” nto leyo ebangela ukuba sibe nentembelo kumandla akhe okuzalisekisa oko akuthembisileyo! “Ulilungisa kuzo zonke iindlela zakhe yaye unyanisekile kuyo yonke imisebenzi yakhe.” (INdumiso 145:17) Kakade ke, ukuze sihlakulele ukukholosa ngaye, kufuneka ‘singcamle size sibone ukuba uYehova ulungile’ ngokusebenzisa oko sikufunda eBhayibhileni kubomi bethu size sicinge ngeengenelo esizifumanayo ngenxa yoku.—INdumiso 34:8.
18. Uloyiko lobuthixo lusinceda njani ukuba samkele ukhokelo lukaThixo?
18 Ethetha ngolunye uphawu olwenza intliziyo yethu yamkele ukhokelo lukaThixo, uSolomon wathi: “Yoyika uYehova, usuke ebubini.” (IMizekeliso 3:7) Ngokuphathelele uSirayeli wamandulo uYehova wathi: ‘Akwaba nje ebengahlakulela le ntliziyo yokundoyika nokuyigcina imiyalelo yam yonke ngamaxesha onke, ukuze kulunge kuye noonyana bakhe kuse kwixesha elingenammiselo!’ (Duteronomi 5:29) Ewe, abo bamoyikayo uThixo bayamhlonela. UYehova uyakwazi ‘ukubabonisa amandla abo bantliziyo ziphelele kuye’ aze abohlwaye abo bangamthobeliyo. (2 Kronike 16:9) Ngamana uloyiko lwethu ngoThixo lungalawula zonke izenzo, iingcinga neentshukumisa zethu.
‘Thanda UYehova Ngentliziyo Yakho Yonke’
19. Uthando lunayiphi indima ekwenzeni intliziyo yethu yamkele ukhokelo lukaYehova?
19 Ngaphezu kwazo zonke ezinye iimpawu, uthando lwenza intliziyo yethu yamkele ukhokelo lukaYehova. Intliziyo ezaliswe luthando ngoThixo ibangela umntu alangazelele ukufunda ngoko kukholisa uThixo noko kungamkholisiyo. (1 Yohane 5:3) UYesu wathi: “Uze umthande uYehova uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela nangomphefumlo wakho uphela nangengqondo yakho iphela.” (Mateyu 22:37) Ngamana singalwenza nzulu uthando lwethu ngoThixo ngokubonakalisa ukulunga kwakhe lonke ixesha, ngokuthetha naye rhoqo ngokungathi sithetha nomhlobo osenyongweni, nangokuthetha ngaye kwabanye ngentumekelelo.
20. Sinokuyizuza njani intliziyo eyamkelekileyo kuYehova?
20 Xa sihlolisisa oko sithethe ngako: Ukuzuza intliziyo eyamkelekileyo kuYehova kuquka ukuvumela iLizwi likaThixo ukuba liphembelele oko sikuko ngaphakathi, umntu ofihlakeleyo wentliziyo. Kufuneka senze ufundisiso lweZibhalo olunentsingiselo sibonakalise uxabiso xa sicamngca. Ukuze sikwazi ukukwenza kakuhle oku simele sibe nentliziyo ekulungeleyo oko—intliziyo engazaliswanga ziingcamango ebesizazi kwangaphambili, ezele ziimpawu ezisenza sifundiseke! Ewe, ngoncedo lukaYehova, sinokuyizuza intliziyo elungileyo. Noko ke, ngawaphi amanyathelo esinokuwathabatha ukuze silondoloze intliziyo yethu?
[Umbhalo osemazantsi]
a Amagama aguquliwe.
Ubuya Kuphendula Njani?
• Yintoni intliziyo yokomfuziselo egocagocwa nguYehova?
• ‘Intliziyo yethu sinokuyibekela’ njani iLizwi likaThixo?
• Sinokuyilungisa njani intliziyo yethu ukuba ihlole oko kuseLizwini likaThixo?
• Emva kokuhlolisisa lo mbandela, yintoni oshukunyiselwa ukuba uyenze?
[Umfanekiso okwiphepha 17]
UDavide wabonakalisa uxabiso xa wayecamngca ngezinto zokomoya. Ngaba nawe unjalo?
[Imifanekiso ekwiphepha 18]
Lungisa intliziyo yakho ngaphambi kokufundisisa iLizwi likaThixo