“Amacebo Akho Aya Kumiselwa Ngokuqinileyo”
KWINGOMA awayiqambayo umdumisi uDavide wathandaza wathi: “Dala ngaphakathi kum intliziyo esulungekileyo, Thixo, uze ufake ngaphakathi kum umoya omtsha, oqinileyo. Buyisela kum ukugcoba ngosindiso lwakho, yaye ngamana ungandixhasa ngomoya ovumayo.” (INdumiso 51:10, 12) Emva kwesono sakhe noBhatshebha, kwezi ndinyana uDavide oguqukileyo ungxengxeza kuYehova uThixo ukuba acoce intliziyo yakhe aze afake kuye umoya, okanye utyekelo lokwenza okulungileyo.
Ngaba ngokwenene uYehova udala ngaphakathi kuthi intliziyo entsha, aze afake umoya omtsha novumayo? Okanye ngaba intliziyo esulungekileyo yinto esimele sizabalazele ukubanayo size siyilondoloze? “UYehova ungumgocagoci weentliziyo,” kodwa ngaba uyakulawula oko kwenzeka entliziyweni yethu? (IMizekeliso 17:3; Yeremiya 17:10) Unempembelelo engakanani kubomi, iinjongo nezenzo zethu?
Zisebenzisa igama likaThixo izihlandlo ezisibhozo, iindinyana zokuqala ezisithoba zeMizekeliso isahluko 16 zibonisa ukuba sinako ukumvumela uThixo alawule ubomi bethu ukuze ‘amacebo ethu amiselwe ngokuqinileyo.’ (IMizekeliso 16:3) Indinyana 10 ukuya kweye-15 zithetha ngembopheleleko kakumkani okanye umlawuli.
Ngakabani “Amalungiselelo Entliziyo”?
“Ngawomntu wasemhlabeni amalungiselelo entliziyo,” itsho njalo iMizekeliso 16:1a. Kuyacaca ukuba “amalungiselelo” entliziyo ngawethu. UYehova akakhe enze ummangaliso ukuze alungise iintliziyo zethu engasiniki nento eza kubangela oko. Simele senze umgudu ukuze sifumane ulwazi oluchanileyo lweLizwi lakhe, iBhayibhile, sicamngce ngoko sikufundayo ukuze iingcamango zethu zivisisane nezo zikaThixo.—IMizekeliso 2:10, 11.
UDavide ucela “intliziyo esulungekileyo,” ‘nomoya omtsha,’ ebonisa ukuba uyayiqonda into yokuba unotyekelo lwesono nemfuneko yokuncedwa nguThixo acoce intliziyo yakhe. Ekubeni singafezekanga, sisenokulingwa ukuba senze “imisebenzi yenyama.” (Galati 5:19-21) Kufuneka sincedwe nguYehova ukuze sikwazi ‘ukubhubhisa, amalungu ethu omzimba asemhlabeni, uhenyuzo, ukungahlambuluki, inkanuko yesini, umnqweno owenzakalisayo, nokubawa.’ (Kolose 3:5) Kufuneka siluthandazele ngamandla uncedo lwakhe ukuze siphephe ukunikezela ezilingweni neentliziyo zethu zingatyekeli esonweni.
Ngaba singakwazi ukunceda abanye ‘kumalungiselelo’ eentliziyo zabo? IBhayibhile ithi: “Kukho othetha engacinganga njengokuhlaba kwekrele, kodwa ulwimi lezilumko luyaphilisa.” (IMizekeliso 12:18) Kunini apho ulwimi lwethu lubaphilisa khona abanye? Kuphela kuxa “impendulo yolwimi ivela kuYehova,” okuthetha ukuba xa sikhupha amazwi achanileyo nayinyaniso eBhayibhile.—IMizekeliso 16:1b.
IBhayibhile ithi: “Intliziyo inenkohliso kunayo nantoni na yaye iyatyhudisa.” (Yeremiya 17:9) Intliziyo yethu yokomfuziselo ityekele ekuzithetheleleni nasekuzikhohliseni. Elumkisa ngale ngozi, uKumkani uSolomon wakwaSirayeli uthi: “Zonke iindlela zomntu zisulungekile emehlweni akhe, kodwa uYehova uyawucikida umoya.”—IMizekeliso 16:2.
Ngenxa yokuzingca sisenokuzithethelela iimpazamo zethu, sizame ukufihla imikhwa emibi esinayo, size singaboni siphako kububi esinabo. Noko ke, yena uYehova akasoze akhohliswe. Uyawucikida umoya. Umoya womntu lutyekelo lwengqondo yakhe ibe ludibana kakuhle nentliziyo yakhe. Ubukhulu becala, lo moya uxhomekeka kwimisebenzi yentliziyo yokomfuziselo kabani, njengeengcinga, iimvakalelo neentsusa esinazo. Umoya koko, akucikidayo “umgocagoci weentliziyo” ibe izigwebo zakhe azinakhethe okanye ucalucalulo. Siya kuba senza kakuhle ukuba siyawulinda umoya wethu.
“Qengqela KuYehova Imisebenzi Yakho”
Amacebo aquka ukucingisisa—nto leyo ingumsebenzi wentliziyo. Izenzo zidla ngokulandela emva kokucinga. Ngaba anako ukuphumelela amacebo ethu? USolomon uthi: “Qengqela kuYehova imisebenzi yakho yaye amacebo akho aya kumiselwa ngokuqinileyo.” (IMizekeliso 16:3) Ukuqengqela imisebenzi yethu kuYehova kuthetha ukuthembela nokuxhomekeka kuye, simvumele asilawule—ngokungathi siwuthi xibilili umthwalo osemagxeni kuthi siwuphose kuye. Umdumisi wathi: “Yiqengqele kuYehova indlela yakho, uze uthembele ngaye, kwaye yena uya kwenza.”—INdumiso 37:5.
Ukuba sifuna amacebo ethu aphumelele, amele avisisane neLizwi likaThixo, nentsusa yawo ibe yefanelekileyo. Simele sicele noncedo kuYehova asixhase sibe nenyameko ekwenzeni konke okusemandleni silandela icebiso leBhayibhile. Kubaluleke ngokukhethekileyo ‘ukuwulahlela kuYehova umthwalo wethu’ xa sijamelene nobunzima okanye izilingo, kuba ‘uya kusixhasa.’ Enyanisweni “akayi kuliyekela ilungisa lishukunyiswe.”—INdumiso 55:22.
“Yonk’ Into UYehova Uyenzele Injongo Yakhe”
Yintoni enye eya kwenzeka xa siyiqengqela kuYehova imisebenzi yethu? Ukumkani osisilumko uthi: “Yonk’ into uYehova uyenzele injongo yakhe.” (IMizekeliso 16:4a) UMdali wendalo iphela unguThixo wenjongo. Xa siyiqengqela kuye imisebenzi yethu, ubomi bethu butsho bube nenjongo nezinto esizenzayo zibe nentsingiselo zingabi lolize. Injongo kaYehova ngomhlaba nokuhlala komntu kuwo yekanaphakade. (Efese 3:11) Wawuyila umhlaba waza wawudalela “ukuba umiwe.” (Isaya 45:18) Ngapha koko, injongo awayenayo ntlandlolo ngoluntu nomhlaba imele izaliseke nakanjani na. (Genesis 1:28) Ukuphila ngokuzinikela kuThixo oyinyaniso akupheli ibe kuthetha ubomi obungunaphakade.
UYehova ude ‘wenzela kwanongendawo imini yobubi.’ (IMizekeliso 16:4b) Akazange abadale abangendawo, kuba “ugqibelele umsebenzi wakhe.” (Duteronomi 32:4) Kodwa uye wabavumela bakho nokuba baqhubeke bephila de akubone kufanelekile ukuzisa umgwebo wakhe oqatha. Ngokomzekelo, uYehova wathi kuFaro waseYiputa: “Ndikuyekile nje, kungenxa yokuze ndikubonise amandla am nokuze livakaliswe igama lam emhlabeni wonke.” (Eksodus 9:16) IZibetho Ezilishumi nokutshatyalaliswa kukaFaro nemikhosi yakhe kuLwandle Olubomvu zabonisa amandla kaThixo angenakuthelekiswa nanto nangasayi kuze alityalwe.
UYehova unokubangela ukuba ezinye iimeko zenzeke ngendlela yokuba bathi bengaqondi abangendawo baphumeze injongo yakhe. Umdumisi wathi: “Kuba umsindo womntu uya kukubonga; umsindo oseleyo [Yehova] uya kuwubhinqa.” (INdumiso 76:10) UYehova unokuvumela ukuba iintshaba zakhe zibe nomsindo kubakhonzi bakhe—konke oko ekwenzela ukubaqeqesha. Xa ugqithisile lo msindo, uThixo uyangenelela.
Ngoxa uYehova ebaxhasa abakhonzi bakhe abathembekileyo, kuthekani ngabo banekratshi nabazigwagwisayo? Lo kumkani wakwaSirayeli uthi: “Wonk’ ubani onekratshi entliziyweni uyinto ecekisekayo kuYehova. Isandla singabambana nesandla, kanti ubani akanakukhululeka esohlwayweni.” (IMizekeliso 16:5) Abo ‘banekratshi entliziyweni’ basenokumanyana ukuze baxhasane, kodwa abayi kusinda esohlwayweni. Ngoko ke, bubulumko ukuhlakulela umoya wokuthobeka kungakhathaliseki ukuba sinolwazi olungakanani na okanye yintoni na esinokukwazi ukuyazi okanye sinamalungelo anjani na.
“Ngokoyika UYehova”
Ekubeni sizalelwe esonweni, sinotyekelo lokona. (Roma 3:23; 5:12) Yintoni eya kusinceda siphephe amacebo aya kukhokelela ebubini? IMizekeliso 16:6 ithi: “Ngobubele bothando nenyaniso isiphoso siyacanyagushelwa, yaye ngokoyika uYehova ubani uyemka ebubini.” Nakuba ngobubele nenyaniso yakhe uYehova ezixolela izono zethu, kukumoyika okusincedayo singaweli esonweni. Ibaluleke gqitha ke into yokuba sithi ngokuthanda uThixo nombulelo esinawo ngobubele bakhe, sizabalazele ukukoyika ukungamkholisi.
Ukoyika uThixo kuba sentliziyweni yethu xa siqalisa ukumoyika nokumhlonela ngenxa yamandla akhe amakhulu. Cinga nje ngamandla akhe abonakala kwindalo! Wathi akukhunjuzwa ngamandla kaThixo kwindalo usolusapho uYobhi watsho wayilungelelanisa indlela awayecinga ngayo. (Yobhi 42:1-6) Ngaba thina akusincedi ukufunda size sicamngce ngeengxelo zeBhayibhile zendlela awabaphatha ngayo uYehova abantu bakhe? Umdumisi wathi: “Yizani bantu, nibone imisebenzi kaThixo. Ukuqhubana kwakhe noonyana babantu kuyoyikeka.” (INdumiso 66:5) Ububele bothando bukaYehova abumele buthatyathwe lula. Xa amaSirayeli ‘amvukelayo aza awenza buhlungu umoya wakhe, uYehova watshintsha waba lutshaba lwabo; yena walwa imfazwe nawo.’ (Isaya 63:10) Kwelinye icala, “xa uYehova ekholiswa ziindlela zomntu ubangela kwaiintshaba zakhe zibe seluxolweni naye.” (IMizekeliso 16:7) Ngokwenene kuyasikhusela ukoyika uYehova!
Esi silumko sokumkani sithi, “ilunge ngakumbi intwana encinane enobulungisa kunemveliso eyintabalala nokungekho sikweni.” (IMizekeliso 16:8) IMizekeliso 15:16 ithi: “Ilunge ngakumbi intwana encinane kunye nokoyika uYehova kunesixa esiyintabalala kunye nesiphithiphithi.” Kubalulekile ukuba simoyike uThixo ukuze sibe kumendo wobulungisa.
“Intliziyo Yomntu Wasemhlabeni Isenokucinga Ngendlela Yakhe”
Umntu wadalwa enenkululeko yokuzikhethela, ekwazi ukukhetha okulungileyo kokubi. (Duteronomi 30:19, 20) Iintliziyo yethu yokomfuziselo iyakwazi ukwahlula izinto ize inamathele kwinto enye okanye kwezingakumbi. Ebonisa ukuba sithi esimele sizikhethele, uSolomon uthi: “Intliziyo yomntu wasemhlabeni isenokucinga ngendlela yakhe.” Emva koko, iba “nguYehova owalathisa amanyathelo akhe.” (IMizekeliso 16:9) Ekubeni uYehova enokwalathisa amanyathelo ethu, siya kuba senza kakuhle ukuba sifuna uncedo kuye ukuze ‘amacebo ethu amiselwe ngokuqinileyo.’
Njengokuba siye saphawula, intliziyo inenkohliso ibe iyakwazi ukuqiqa ngendlela ephosakeleyo. Ngokomzekelo, umntu usenokwenza isono, aze azame ukuzithethelela. Kunokuba alishiye elo khondo lesono, usenokuqiqa ngelithi uThixo unothando, ububele, inceba yaye uyaxolela. Loo mntu uthe entliziyweni yakhe: “UThixo ulibele. Ubufihlile ubuso bakhe. Ngokuqinisekileyo akasayi kuze abone.” (INdumiso 10:11) Kodwa akufanelekanga ibe kuyingozi ukuyithabatha lula inceba kaThixo.
“Isalathisi Esisesikweni Nezikali ZezikaYehova”
Ngoku uSolomon uthi xha ukuthetha ngentliziyo nezenzo zomntu, ubhekisela kukumkani uthi: “Isigqibo esiphefumlelweyo sifanele sibe semilebeni kakumkani; ekugwebeni umlomo wakhe awufanele ungqineke ungathembekanga.” (IMizekeliso 16:10) Uya kuba njalo kanye uYesu Kristu uKumkani osetroneni. Ulawulo lwakhe emhlabeni luya kuvisisana nokuthanda kukaThixo.
Echaza umthombo wokusesikweni nobulungisa, ukumkani osisilumko uthi: “Isalathisi esisesikweni nezikali zezikaYehova; onke amatye okulinganisa asengxoweni angumsebenzi wakhe.” (IMizekeliso 16:11) Izalathisi ezisesikweni nezikali zilungiselelwa nguYehova. Le yimilinganiselo angazicingeli ngokwakhe ukumkani. Xa wayelapha emhlabeni, uYesu wathi: “Andinakwenza nanye into ngokwam; kanye njengoko ndivayo, ndiyagweba; yaye umgwebo endiwuphumezayo ngowobulungisa, ngenxa yokuba ndifuna, kungekhona ukuthanda kwam, kodwa ukuthanda kwalowo undithumileyo.” Sinako ukulindela okusesikweni ngokugqibeleleyo kuNyana, aye uYise ‘wakunikela kuye konke ukugweba.’—Yohane 5:22, 30.
Yintoni enye enokulindelwa kukumkani omela uYehova? Ukumkani wakwaSirayeli uthi: “Siyinto ecekisekayo kukumkani isenzo sobungendawo, kuba itrone imiselwe ngokuqinileyo ngobulungisa.” (IMizekeliso 16:12) UBukumkani bukaMesiya bulawulwa yimigaqo yobulungisa kaThixo. Abunto yakwenza ‘netrone ebangela iinkxwaleko.’—INdumiso 94:20; Yohane 18:36; 1 Yohane 5:19.
Ukuzuza Inkoliseko Kakumkani
Yiyiphi indlela abamele basabele ngayo abalawulwa bengangamsha yokumkani? USolomon uthi: “Imilebe yobulungisa iyamkholisa ukumkani ozukileyo; yaye othetha izinto ezithe tye uyamthanda. Umsindo kakumkani uthetha abathunywa bokufa, kodwa umntu osisilumko uyawunqanda.” (IMizekeliso 16:13, 14) Abanquli bakaYehova bayawathobela la mazwi ibe baxakekile kumsebenzi wokushumayela woBukumkani nokwenza abafundi. (Mateyu 24:14; 28:19, 20) Bayazi ukuba ukusebenzisa imilebe yabo ngale ndlela kuyamkholisa uKumkani onguMesiya, uYesu Kristu. Ngokwenene yayisisenzo sobulumko, ukuphepha ukucaphukisa ukumkani onamandla kunoko uzame ukumkholisa. Akusathethwa ke ngobulumko bokufuna ukukholisa uKumkani onguMesiya!
USolomon uhlabela mgama athi: “Ekukhanyeni kobuso bukakumkani kukho ukuphila, yaye inkoliseko yakhe injengelifu lemvula yasentwasahlobo.” (IMizekeliso 16:15) ‘Ukukhanya kobuso bukakumkani’ kuthetha inkoliseko yakhe, kanye njengokuba ‘ukukhanya kobuso bukaYehova’ kubonisa inkoliseko kaThixo. (INdumiso 44:3; 89:15) Kanye njengokuba amafu eqinisekisa ukuba imvula iza kuna ize yenze izilimo zivuthwe, inkoliseko kakumkani bubungqina bokuza kwezinto ezilungileyo. Ukuphila xa sele kulawula uKumkani onguMesiya kuya kuba yintsikelelo yovuyo nolonwabo, kanye njengokuba kwakunjalo ngomlinganiselo ongephi kulawulo lukaKumkani uSolomon.—INdumiso 72:1-17.
Njengokuba silindele ukuba uBukumkani bukaThixo bulawule yonk’ into ephantsi kwelanga, kwanga singafuna uncedo lwakhe ukuze sihlambulule iintliziyo zethu. Kwanga sonke singathembela kuYehova sizabalazele ukumoyika. Xa kunjalo siya kuqiniseka ngokupheleleyo ukuba ‘amacebo ethu aya kumiselwa ngokuqinileyo.’—IMizekeliso 16:3.
[Umfanekiso okwiphepha 18]
Kutshiwo njani ukuba uYehova “ongendawo umenzele imini yobubi”?