“Ubulumko Buyakhusela”
“HAYI indlela ekulunge ngakumbi ngayo ukufumana ubulumko kunegolide! Yaye kunyulwa ukufumana ukuqonda kunesilivere,” itsho njalo iMizekeliso 16:16. Kutheni ubulumko buxabiseke kangaka nje? Kungenxa yokuba “ubulumko buyakhusela njengokuba nemali ikhusela; kodwa ingenelo yolwazi kukuba ubulumko bubagcina bephila abo banabo.” (INtshumayeli 7:12) Noko ke, ubulumko bubagcina njani bephila abo banabo?
Ukufumana ubulumko bobuthixo, oko kukuthi, ukufumana ulwazi oluchanileyo lweLizwi likaThixo iBhayibhile, nokwenza ngokuvisisana nalo, kuyasinceda ukuba sihambe ngendlela eyamkelekileyo kuYehova. (IMizekeliso 2:10-12) UKumkani uSolomon wakwaSirayeli wamandulo uthi: “Uhola wendlela wabathe tye kukusuka ebubini. Olondoloza indlela yakhe ugcina umphefumlo wakhe.” (IMizekeliso 16:17) Ewe, ubulumko buyabahlangula kwiindlela ezingendawo buze bubalondoloze abo banabo! Amazwi obulumko achazwe ngokufutshane kwiMizekeliso 16:16-33 abonisa indlela obunokuba yingenelo ngayo ubulumko bobuthixo kwisimo sethu sengqondo, kwintetho nezenzo zethu.a
‘Yiba Nomoya Othobekileyo’
Ubulumko obumntwisiweyo buthi: “Ukuziphakamisa nekratshi . . . ndikuthiyile.” (IMizekeliso 8:13) Ikratshi nobulumko zizinto ezimbini ezahluke ngokupheleleyo. Kufuneka sibe nobulumko ukuze singabi nesimo sengqondo sekratshi okanye sokuzikhukhumalisa. Kufuneka silumke ngakumbi ukuba siye saphumelela kwinkalo ethile ebomini okanye sinikwe imbopheleleko ethile kwibandla lobuKristu.
Isilumkiso esifumaneka kwiMizekeliso 16:18 sithi: “Ikratshi liphambi kokuwa, yaye umoya wekratshi uphambi kokukhubeka.” Khawucinge nje ngesona siganeko sikhulu sokuwa kwindalo iphela—ukuwa konyana kaThixo ofezekileyo nongumoya, owazenza uSathana uMtyholi. (Genesis 3:1-5; ISityhilelo 12:9) Ngaba akazange abonakalise ikratshi ngaphambi kokuwa kwakhe? IBhayibhile ibhekisela koku xa isithi umntu osandul’ ukuguquka akafanele amiselwe njengomveleli kwibandla lobuKristu “ngokoyikela ukuba angakhukhumala likratshi aze awele kumgwebo owadluliselwa kuMtyholi.” (1 Timoti 3:1, 2, 6) Hayi indlela ekubaluleke ngayo ukuba singakhuthazi ikratshi kwabanye yaye nathi singazivumeli sibe nalo!
IMizekeliso 16:19 ithi: “Kulunge ngakumbi ukuba nomoya othobekileyo kunye nabalulamileyo kunokwahlula ixhoba nabaziphakamisileyo.” Esi sisiluleko esihle njengoko sinokubona kwimeko kaKumkani uNebhukadenetsare waseBhabhiloni yamandulo. Lo kumkani unekratshi wamisa umfanekiso omkhulu—mhlawumbi owawumela yena—kwithafa laseDura. Kusenokwenzeka ukuba lo mfanekiso wawubekwe phezu kwesiseko esiphakame kakhulu kuba wawuziimitha ezingama-27 ukuphakama. (Daniyeli 3:1) Lo rhec’ izulu womfanekiso wawufuzisela ubukhosi bukaNebhukadenetsare. Ngoxa abantu besenokuchukumiseka zizinto eziphakamileyo—ezinjengalo mfanekiso, iibhakana, neenqaba ezinde—uThixo yena akachukunyiswa zizinto ezinjalo. Umdumisi wavuma ingoma wathi: “UYehova uphakamile, ukanti uyambona othobekileyo; kodwa ophakamileyo umazela mgama kuphela.” (INdumiso 138:6) Eneneni, “oko kuphakamileyo phakathi kwabantu kulizothe emehlweni kaThixo.” (Luka 16:15) Kubhetele ukuba ‘sisukele izinto eziphantsi kunokuba sinyamekele izinto eziphakamileyo.’—Roma 12:16.
‘Ingqiqo Nobuciko’
Ukuba nobulumko kuyichaphazela njani intetho yethu? Ukumkani osisilumko uthi: “Obonakalisa ingqiqo kumbandela uya kufumana okulungileyo, yaye unoyolo okholosa ngoYehova. Osisilumko entliziyweni kuya kuthiwa uyaqonda, yaye onemilebe emnandi wongeza ubuciko. Liqula lobomi ingqiqo kubaniniyo; yaye ingqeqesho yabazizidenge ibubudenge. Intliziyo yesilumko ibangela umlomo ubonakalise ingqiqo, yaye kwimilebe yakhe yongeza ubuciko.”—IMizekeliso 16:20-23.
Ubulumko buyasinceda ukuba sithethe ngengqiqo nobuciko. Ngoba? Kuba umntu onentliziyo elumkileyo uzama ‘ukufumana okulungileyo’ kumbandela othile yaye ‘ukholosa ngoYehova.’ Xa sizama ukufumana okulungileyo kwabanye, siya kuthetha kakuhle ngabo. Kunokuba sibe ngqwabalala okanye sithande ukuxambulisana, intetho yethu iba mnandi yaye ibe yeyobuciko. Ukubonakalisa ingqiqo ngemeko abakuyo abanye kusenza siqonde ubunzima abajamelene nabo nendlela abahlangabezana ngayo nabo.
Ukuthetha ngobulumko kubalulekile nakumsebenzi wethu wokushumayela ngoBukumkani nowokwenza abafundi. Xa sifundisa abanye iLizwi likaThixo, injongo yethu asikokudlulisela nje inkcazelo yeZibhalo. Sifuna ukufikelela intliziyo. Kulapho ke kufuneka sisebenzise khona ubuciko. Umpostile uPawulos wabongoza iqabane lakhe uTimoti ukuba liqhubeke kwizinto ‘eleyiselwa ekuzikholelweni.’—2 Timoti 3:14, 15.
Ngokutsho kwe-Expository Dictionary of New Testament Words, kaW. E. Vine, igama lesiGrike elithi ‘ukweyisela’ lithetha “ukuguqula ingqondo ngokuphembelela ingqiqo okanye indlela yokuziphatha.” Ukuze sibe nengxoxo eyeyisayo enokubangela ukuba umphulaphuli atshintshe ingqondo kufuneka siyiqonde kakuhle indlela acinga ngayo, izinto anomdla kuzo, iimeko zakhe nemvelaphi yakhe. Sinokuziqonda njani ezo zinto? Umfundi uYakobi uthi: ‘Umele ukhawuleze ukuva, ucothe ukuthetha.’ (Yakobi 1:19) Ngokubuza umphulaphuli imibuzo size siphulaphule ngenyameko xa ephendula, sinokukwazi ukufumanisa ukuba uluhlobo olunjani lomntu.
Umpostile uPawulos wayenobuchule obubalaseleyo kule nkalo yokweyisela abanye. (IZenzo 18:4) Kwanomnye wabantu ababemchasile, uDemetriyo, owayengumkhandi wesilivere, wavuma wathi: “Akukho se-Efese kuphela kodwa phantse kuzo zonke izithili zaseAsiya, lo Pawulos weyisela isihlwele esikhulu waza wasiphethulela kolunye uluvo.” (IZenzo 19:26) Ngaba uPawulos wayevakalelwa kukuba bubuchule bakhe obumenza aphumelele kumsebenzi wokushumayela? Akunjalo. Umsebenzi wakhe wokushumayela wayewugqala ‘njengokubonakaliswa komoya namandla kaThixo.’ (1 Korinte 2:4, 5) Umoya oyingcwele kaYehova uyasinceda nathi. Kuba sithembele ngoYehova, siqinisekile ukuba uya kusinceda njengoko sizama ukuthetha ngengqiqo nobuciko kubulungiseleli bethu.
Kungenxa yoko le nto “osisilumko entliziyweni” kusithiwa “uyaqonda”! (IMizekeliso 16:21) Ewe, ukuqonda “liqula lobomi” kwabo banako. Kodwa kuthekani ngabo bazizidenge? ‘Ubulumko nengqeqesho babudelile.’ (IMizekeliso 1:7) Uyintoni umphumo wokugatya kwabo uqeqesho oluvela kuYehova? Njengoko kutshiwo ngasentla, uSolomon uthi: “Ingqeqesho yabazizidenge ibubudenge.” (IMizekeliso 16:22) Bafumana ingqeqesho engakumbi, ngokuthi bohlwaywe ngokuqatha. Abazizidenge basenokuzibizela inkxwaleko, ihlazo, isifo kwanokufa ngaphambi kwexesha.
Ebonisa ngokubhekele phayaa ingenelo yokubonakalisa ubulumko xa sithetha nabanye, ukumkani wakwaSirayeli uthi: “Linqatha lobusi amazwi athandekayo, amnandi emphefumlweni yaye ayimpiliso emathanjeni.” (IMizekeliso 16:24) Njengokuba ubusi bunencasa yaye bunesondlo kumntu olambileyo, amazwi athandekayo ayakhuthaza yaye ayahlaziya. Ubusi buluncedo nasempilweni yomntu. Anjalo namazwi athandekayo; ayaphilisa ngokomoya.—IMizekeliso 24:13, 14.
Yilumkele ‘Indlela Ebonakala Ithe Tye’
USolomon uthi: “Kukho indlela ethe tye phambi komntu, kodwa ukuphela kwayo ziindlela zokufa.” (IMizekeliso 16:25) Esi sisilumkiso nxamnye nokuqiqa ngendlela ephosakeleyo nokulandela ikhondo elichaseneyo nomthetho kaThixo. Ikhondo elithile lisenokubonakala lifanelekile kumntu ongafezekanga kodwa lisenokuba lichasene nemigaqo yobulungisa eseLizwini likaThixo. Ngaphezulu, uSathana usenokwenza umntu akholelwe ukuba elo khondo lifanelekile ngoxa eneneni likhokelela ekufeni.
Eyona nto inokukhusela umntu ekuzikhohliseni, kukuba nentliziyo elumkileyo nenengqiqo, nesazela esiqeqeshwe ngeLizwi likaThixo. Xa umntu esenza izigqibo ebomini—enoba zinokuthanani nokuziphatha okanye unqulo okanye nayiphi na enye into—eyona nto inokumnceda angazikhohlisi kukusebenzisa imilinganiselo emiselwe nguThixo yokulungileyo nokubi.
“Indlala Imenza Umntu Ukuba Asebenze”
Ukumkani osisilumko uhlabela mgama esithi: “Umphefumlo womsebénzi okhutheleyo umsebenzela nzima, ngenxa yokuba umlomo wakhe uyamnyanzela.” (IMizekeliso 16:26) USolomon uthi ukunqwenela komsebénzi ukutya ‘kunokumsebenzela nzima’ ngenxa yokuba ‘unyanzelwa,’ okanye uqhutywa liphango. IBhayibhile yesiXhosa yowe-1996 iguqulela le ndinyana ngale ndlela: “Indlala imenza umntu ukuba asebenze; ewe, iphango limtyhalela ekuxelengeni.” Umnqweno wemvelo, njengokulamba, unokusenza sikhuthale. Ukuba nomnqweno onjalo kuyingenelo. Noko ke, kuthekani ukuba umntu uvumela loo mnqweno ugabadele ude uphumele ekubeni abawe? Kuye kufane naxa umlilo wokupheka phandle unwenwa uze utshise ihlathi. Ukubawa ngumnqweno ongalawulekiyo yaye uyingozi. Ngenxa yokuqonda ukuba iminqweno yemvelo inokuba yingozi, umntu osisilumko uyazibamba ngalo lonke ixesha.
Musa ‘Ukuhamba Ngendlela Engalunganga’
Amazwi aphuma emilonyeni yethu anokuba yingozi njengomlilo wedobo. Echaza indlela ekuyingozi ngayo ukukhangela iimpazamo zabanye size sihambe sithetha ngazo, uSolomon uthi: “Umntu olitshivela umba okubi, kwaye emilebeni yakhe, ngokungathi kunjalo, kukho umlilo otshisayo. Umntu oliqhophololo uhlala ebangela usukuzwano, yaye umnyelisi wahlukanisa abo bazanayo.”—IMizekeliso 16:27, 28.
Umntu ozama ukonakalisa udumo lomnye umntu ‘litshivela.’ Sifanele sizame ukujonga iimpawu ezintle kwabanye abantu size sithethe izinto eziya kwenza bahlonelwe ngabanye. Yaye kuthekani ngokuphulaphula intlebendwane? Izinto ezithethwa ngabantu abahlebayo zinokubangela kubekho ukukrokrelana, zahlukanise abahlobo, zibangele nokuba kubekho ukungevani ebandleni. Ubulumko buya kusenza singabaphulaphuli abantu abanjalo.
Elumkisa ngendlela umntu anokulukuhlelwa ngayo kwikhondo elibi, uSolomon uthi: “Umntu onogonyamelo uyalilukuhla idlelane lakhe, aze ngokuqinisekileyo alihambise ngendlela engalunganga. Oqhwanyazisa amehlo akhe uceba ubuqhophololo. Oluma imilebe yakhe, ngokuqinisekileyo wenza ububi ngokupheleleyo.”—IMizekeliso 16:29, 30.
Ngaba ugonyamelo lunokubakho naphakathi kwabanquli bokwenyaniso? Abantu abaninzi namhlanje baye balukuhlelwa ekubeni ‘bacebe ubuqhophololo.’ Bakhuthaza okanye benza izenzo zogonyamelo. Kusenokungabi nzima ukuphepha ukubandakanyeka ngokungqalileyo kugonyamelo olunjalo. Kodwa kuthekani ngokulukuhlelwa kulo, ngendlela engabonakaliyo? Ngaba izigidi zabantu azibambisekanga ekuthandeni imidlalo ekhuthaza ugonyamelo? Nasi isilumkiso esicacileyo seZibhalo: “Ohamba nezilumko uya kuba sisilumko naye, kodwa osebenzisana neziyatha uya kuhlelwa bububi.” (IMizekeliso 13:20) Hayi indlela obukhusela ngayo ubulumko bobuthixo!
Kuthekani ngomntu osele enexesha elide ebonakalisa ubulumko nengqiqo ‘nongahambiyo ngendlela engalunganga’? Umntu ohamba endleleni yobulungisa uyathandeka emehlweni kaThixo yaye ufanele ahlonelwe. IMizekeliso 16:31 ithi: “Isithsaba sokuhomba zizimvi xa sifunyanwa endleleni yobulungisa.”
Kwelinye icala, ukungakwazi ukuzibamba xa unomsindo kuyingozi. UKayin, izibulo lika-Adam noEva, “wavutha kakhulu ngumsindo” ngenxa ka-Abheli umntakwabo yaye ‘wamhlasela umntakwabo waza wambulala.’ (Genesis 4:1, 2, 5, 8) Nangona ngamanye amaxesha sisenokuba nezizathu ezibambekayo zokuba nomsindo, simele silumke singabi nomsindo ongalawulekiyo. IMizekeliso 16:32 ithi: “Ozeka kade umsindo ulunge ngakumbi kunendoda enamandla, yaye owulawulayo umoya wakhe ungaphezu kothimba isixeko.” Ukuba nomsindo ongalawulekiyo akubonisi ukuba umntu unamandla okanye ulungile. Bubuthathaka ‘obunokuhambisa umntu ngendlela engalunganga.’
Xa “Sonke Isigqibo Sivela KuYehova”
Ukumkani wakwaSirayeli uthi: “Iqashiso liphoswa esondweni lengubo, kodwa sonke isigqibo sivela kuYehova.” (IMizekeliso 16:33) KuSirayeli wamandulo, maxa wambi uYehova wayesebenzisa amaqashiso ukuze abonise oko kukukuthanda kwakhe. Amaqashiso ayeziingqalutye ezenziwe ngomthi okanye ngamatye. Okokuqala, umntu wayebongoza uYehova ukuba enze isigqibo ngombandela othile. Emva koko, kwakuphoswa amaqashiso kwingubo ende aze aphinde akhutshwe. Umphumo woko wawugqalwa njengovela kuThixo.
UYehova akasasebenzisi maqashiso ukuze azise abantu bakhe oko akufunayo. Ukuthanda kwakhe uye wakutyhila kwiLizwi lakhe, iBhayibhile. Sinokufumana ubulumko bobuthixo ngokusebenzisa ulwazi oluchanileyo olufumaneka eBhayibhileni. Ngoko ke, imini ayifanele iphele singakhange sizifunde iZibhalo eziphefumlelweyo.—INdumiso 1:1, 2; Mateyu 4:4.
[Umbhalo osemazantsi]
a Ukuze ufumane ingxubusho yeMizekeliso 16:1-15, funda iphepha 17-20 kwinkupho yeMboniselo kaMeyi 15, 2007.
[Umfanekiso okwiphepha 8]
Kutheni ubulumko bulunge ngakumbi kunegolide?
[Umfanekiso okwiphepha 9]
Yintoni ekunceda uthethe ngobuciko xa ukubulungiseleli?
[Umfanekiso okwiphepha 10]
“Umntu olitshivela umba okubi”
[Umfanekiso okwiphepha 11]
Umsindo ongalawulekiyo ‘unokuhambisa umntu ngendlela engalunganga’
[Umfanekiso okwiphepha 12]
Ugonyamelo lunokulukuhlela umntu kwikhondo elibi