16 Umntu ulungisa iingcinga zentliziyo yakhe,
Kodwa impendulo yakhe ivela kuYehova.+
2 Zonke iindlela zomntu zibonakala zilungile emehlweni akhe,+
Kodwa uYehova uhlolisisa iinjongo zakhe.+
3 Thembela ngoYehova kuyo yonke into oyenzayo,+
Ibe amacebo akho aza kuphumelela.
4 UYehova wenze ukuba yonke into ihambelane nenjongo yakhe,
Wenze nokuba abenzi-bubi batshatyalaliswe ngemini yentshabalalo.+
5 UYehova uyamenyanya nabani na onentliziyo enekratshi.+
Qiniseka ukuba akasoze angamohlwayi.
6 Ngothando olungagungqiyo nangokuthembeka, isono siyahlawulelwa,+
Ibe ngenxa yokoyika uYehova umntu uyaziyeka izinto ezimbi.+
7 Xa uYehova ezithanda iindlela zomntu,
Ubangela kwaneentshaba zakhe zibe seluxolweni naye.+
8 Kubhetele ukuba nezinto ezimbalwa unobulungisa+
Kunengeniso eninzi kungekho bulungisa.+
9 Umntu usenokuceba indlela yakhe entliziyweni yakhe,
Kodwa nguYehova owalathisa iinyawo zakhe.+
10 Imilebe kakumkani imele ithethe isigqibo esiphefumlelweyo;+
Umele angaze agqwethe ubulungisa.+
11 Izikali ezithembekileyo zisuka kuYehova;
Onke amatye okukala asengxoweni, angumsebenzi wakhe.+
12 Ukwenza izinto ezimbi kuyenyanyeka kookumkani,+
Kuba itrone imiselwe yazinza ngobulungisa.+
13 Ookumkani bayayithanda intetho yobulungisa.
Bayamthanda umntu othetha inyani.+
14 Umsindo kakumkani ufana nomthunywa ozisa ukufa,+
Kodwa umntu osisilumko uyawehlisa.+
15 Ekukhanyeni kobuso bokumkani kukho ubomi;
Ukuthandwa nguye kunjengelifu lemvula entwasahlobo.+
16 Kubhetele kakhulu ukufumana ubulumko kunegolide.+
Kubhetele ukukhetha ukuqonda kunesilivere.+
17 Uhola wendlela wamalungisa uyaziphepha izinto ezimbi.
Nabani na oyigadayo indlela yakhe, ukhusela ubomi bakhe.+
18 Ikratshi liphambi kwentlekele,
Nomoya wokuziphakamisa uphambi kokukhubeka.+
19 Kungcono ukuthobeka phakathi kwabantu abalulamileyo+
Kunokwahlulelana ngamaxhoba nabaziphakamisileyo.
20 Obonisa ukuba uyaqiqa ngento uza kuphumelela,
Ibe wonwabile umntu othembela ngoYehova.
21 Osisilumko entliziyweni kuya kuthiwa uyaqonda,+
Ibe lowo uthetha ngobubele, uthetha kuvakale.+
22 Ingqondo ngumthombo wamanzi obomi kwabo bayisebenzisayo,
Kodwa izidenge ziqeqeshwa bubudenge bazo.
23 Intliziyo yesilumko inika umlomo waso ubulumko,+
Ibe sithetha kuvakale.
24 Amazwi amnandi anjengobusi,
Amnandi emphefumlweni futhi aphilisa namathambo.+
25 Kukho indlela ebonakala ilungile emntwini,
Kodwa sibe isiphelo sayo ikukufa.+
26 Ukulamba kumenza akhuthale umsebenzi
Kuba unyanzelwa yindlala.+
27 Ungantweni womntu wemba izinto ezimbi;+
Amazwi akhe afana nomlilo otshisayo.+
28 Umntu odala uqhushululu ubangela iingxwaba-ngxwaba,+
Ibe umnyelisi wahlukanisa abahlobo.+
29 Umntu oyindlobongela uyamlahlekisa ummelwane wakhe,
Aze amqhubele kwindlela embi.
30 Wofika eqwabaza ilihlo xa ecinga ukwenza izinto ezimbi,
Eluma imilebe xa esenza ukusa.
31 Izimvi sisithsaba sobuhle+
Xa zifunyanwa endleleni yobulungisa.+
32 Umntu ongakhawulezi acaphuke+ ungcono kunendoda enamandla,
Nowubambayo umsindo ungcono kunomntu owoyisa isixeko.+
33 Iqashiso liphoswa emathangeni,+
Kodwa zonke izigqibo zivela kuYehova.+