Londoloza Intliziyo Yakho
“Ngaphezu kwako konke okunye okumele kulondolozwe, londoloza intliziyo yakho, kuba iphuma kuyo imithombo yobomi.”—IMIZEKELISO 4:23.
1, 2. Kutheni kufuneka siyilondoloze intliziyo yethu yokomfuziselo?
INDODA esele ikhulile ehlala kwisiqithi seCaribbean yaphuma kwindawo eyayizimele kuyo emva kokuba kudlule inkanyamba. Njengoko yayihlola umonakalo owawulapho, yaphawula ukuba umthi omkhulu owawuphambi kwesango layo kangangamashumi eminyaka wawungekho. Yazibuza: ‘Inokwenzeka njani into enjengale, ekubeni imithi emincinane ekulo mmandla isekho?’ Yathi yakukhangela isikhondo saloo mthi wawuwile yayifumana impendulo. Loo mthi wawubonakala ungenakugungqiswa wawubolile ngaphakathi, yaye eso saqhwithi sabhenca oko kuwohloka kwawo kwakungabonakali ngaphandle.
2 Hayi indlela ekuba kubi ngayo xa umnquli wokwenyaniso obonakala ezinzile kwindlela yobuKristu enikezela kwiimvavanyo zokholo. Ngokufanelekileyo iBhayibhile ithi “intliziyo yomntu ityekele ebubini kwasebutsheni bakhe.” (Genesis 8:21) Oku kuthetha ukuba xa ubani engaphaphanga, kwaneyona ntliziyo ilungileyo inokuhendelwa ukwenza okubi. Ekubeni intliziyo yomntu ongafezekanga inokonakaliswa, kufuneka silithabathe ngokunzulu eli cebiso lithi: “Ngaphezu kwako konke okunye okumele kulondolozwe, londoloza intliziyo yakho, kuba iphuma kuyo imithombo yobomi.” (IMizekeliso 4:23) Ngoko ke, sinokuyilondoloza njani intliziyo yethu yokomfuziselo?
Ukuyixilonga Rhoqo—Kuyimfuneko
3, 4. (a) Yiyiphi imibuzo enokubuzwa ngokuphathelele intliziyo yokoqobo? (b) Yintoni eya kusinceda sigocagoce intliziyo yethu yokomfuziselo?
3 Ukuba uya kwagqirha ukuze axilonge umzimba wakho, usenokuhlola nentliziyo yakho. Ngaba impilo yakho, kuquka intliziyo yakho, ibonisa ukuba ufumana izondlo ezaneleyo? Lunjani uxinezeleko lwegazi? Ngaba intliziyo yakho ibetha kakuhle yaye ngaba yomelele? Ngaba uwenza ngokwaneleyo umthambo? Ngaba intliziyo yakho ixinezelekile ngokungeyomfuneko?
4 Ukuba intliziyo yokoqobo ifuna ukuxilongwa rhoqo, kuthekani ngentliziyo yakho yokomfuziselo? UYehova uyayigocagoca. (1 Kronike 29:17) Nathi sifanele senze okufanayo. Njani? Ngokubuza imibuzo enjengale: Ngaba intliziyo yam ndiyondla ngokutya kokomoya okwaneleyo ngokwenza ufundisiso lobuqu nangokuya kwiintlanganiso rhoqo? (INdumiso 1:1, 2; Hebhere 10:24, 25) Ngaba ndizixhalabisa ngokunzulu ngesigidimi sikaYehova ngokungathi ‘ngumlilo ovuthayo ovalelwe emathanjeni am,’ ondishukumisela ukuba ndibe nesabelo kumsebenzi wokushumayela ngoBukumkani nowokwenza abafundi? (Yeremiya 20:9; Mateyu 28:19, 20; Roma 1:15, 16) Ngaba ndishukunyiselwa ukuba ndizibhokoxe, ndibe nesabelo kwinkalo ethile yobulungiseleli bexesha elizeleyo xa kunokwenzeka? (Luka 13:24) Intliziyo yam yokomfuziselo ndiyichanaba kwimeko-bume enjani? Ngaba ndinxulumana nabanye abantliziyo zimanyeneyo kunqulo oluyinyaniso? (IMizekeliso 13:20; 1 Korinte 15:33) Ngamana singawaphawula ngokukhawuleza nawaphi na amakhwiniba size sithabathe amanyathelo okuwalungisa ngoko nangoko.
5. Yiyiphi ingenelo enokuziswa kukuvavanywa kokholo lwethu?
5 Ngokufuthi sifikelwa ziimvavanyo zokholo lwethu. Ezi mvavanyo ziyasinceda ukuba sihlole imeko yentliziyo yethu. KumaSirayeli awayesele eza kungena kwiLizwe Lesithembiso, uMoses wathi: ‘UYehova uThixo wakho ukuhambise entlango, kule minyaka ingamashumi amane, ukuba akuthobe, akuvavanye ukuze akwazi okusentliziyweni yakho, ukuba woyigcina imiyalelo yakhe okanye akunjalo kusini na.’ (Duteronomi 8:2) Ngaba ngokufuthi asothuswa ziimvakalelo, iminqweno esiba nayo, okanye indlela esisabela ngayo xa sijamelana neemeko okanye izilingo ebesingazilindelanga? Izilingo azivumelayo uYehova ukuba zenzeke ngokuqinisekileyo zinokusenza siziqonde iziphako zethu, zize zisinike ithuba lokuphucula. (Yakobi 1:2-4) Ngamana singangaze sisilele ukucingisisa ngendlela esisabela ngayo xa silingwa size siyithandazele!
Kubonisa Ntoni Oko Sikuthethayo?
6. Izinto esithanda ukuncokola ngazo zibonisa ntoni ngentliziyo yethu?
6 Sinokukuqonda njani oko kusezintliziyweni zethu? UYesu wathi: “Umntu olungileyo uvelisa okulungileyo kubuncwane obulungileyo bentliziyo yakhe, kodwa umntu ongendawo uvelisa okungendawo kubuncwane bakhe obungendawo; kuba umlomo uthetha ngokuphuphuma kwentliziyo.” (Luka 6:45) Ngokufuthi oko sithetha ngako kubonisa kakuhle oko intliziyo yethu imiliselwe kuko. Ngaba ngokufuthi sithetha ngezinto eziphathekayo nangezinto esizifikelelayo ngokuphathelele umsebenzi wokuziphilisa? Okanye ngaba ngokufuthi sincokola ngezinto zokomoya nosukelo lobuthixo? Kunokuba sithethe ngeempazamo zabanye, ngaba sityekele ekuzigubungeleni? (IMizekeliso 10:11, 12) Ngaba sithetha kakhulu ngabantu nangoko kuqhubekayo ebomini babo size singathethi kangako ngemibandela yokomoya nemigaqo yokuziphatha? Ngaba oku akubonisi ukuba singoogqada-mbekweni kwimicimbi yabanye abantu?—1 Petros 4:15.
7. Sisiphi isifundo esinokusifunda ngendlela yokulondoloza intliziyo yethu, kwingxelo ethetha ngabakhuluwa bakaYosefu abalishumi?
7 Qwalasela oko kwenzeka kwenye intsapho enkulu. Oonyana abakhulu bakaYakobi ‘abazange bakwazi ukuthetha ngoxolo’ nomninawa wabo uYosefu. Ngoba? Babenomona ngenxa yokuba wayengoyena nyana uthandwayo nguyise. Kamva, xa uYosefu wasikelelwa ngamaphupha avela kuThixo, nto leyo eyayibonisa ukuba uYehova wayekholiswa nguye, bafumana “isizathu esingakumbi sokumthiya.” (Genesis 37:4, 5, 11) Ngenkohlakalo, bamthengisa ebukhobokeni umninawa wabo. Bandula ke, bezama ukufihla isenzo sabo esiphosakeleyo, bakhohlisa uyise ukuze acinge ukuba uYosefu ubulewe sisilwanyana sasendle. Abakhuluwa bakaYosefu abalishumi basilela ukulondoloza intliziyo yabo ngeso sihlandlo. Ukuba siyakhawuleza ukubagxeka abanye, ngaba obo asibobungqina bokuba sinomona osuka entliziyweni? Kufuneka siphaphe yaye sikuhlolisise oko kuphuma emilonyeni yethu size silushenxise ngokukhawuleza utyekelo olungafanelekanga.
8. Yintoni eya kusinceda sihlolisise intliziyo yethu ukuba siye sawela kumgibe wokuxoka?
8 Nangona ‘kungenakwenzeka ukuba uThixo axoke,’ abantu abangafezekanga batyekele ekuxokeni. (Hebhere 6:18) Umdumisi wakhalaza esithi: “Wonke umntu ulixoki.” (INdumiso 116:11) Kwanompostile uPetros exoka, wakhanyela uYesu izihlandlo ezithathu. (Mateyu 26:69-75) Kucacile ukuba sifanele sibuphephe ubuxoki, kuba uYehova uluthiyile ‘ulwimi oluxokayo.’ (IMizekeliso 6:16-19) Ukuba sinokuze siwele kumgibe wokuxoka, kungaba bubulumko ukuhlalutya unobangela woko. Ngaba bekungenxa yokoyika umntu? Ngaba bekungenxa yokoyika isohlwayo? Mhlawumbi ngaba besingafuni ukonakalisa udumo lwethu okanye ngaba ingxaki ibikukuzingca nje kuphela? Enoba kuyintoni na, hayi indlela ekufaneleke ngayo ukucingisisa ngalo mbandela, size ngokuzithoba sisivume isiphoso sethu, sicele uxolo kuYehova, ukuze asincede soyise obo buthathaka! “Amadoda amakhulu ebandla” ngawona anokunikela olo ncedo.—Yakobi 5:14.
9. Yintoni enokuboniswa yimithandazo yethu ngoko kusentliziyweni yethu?
9 Xa wayephendula isicelo sobulumko nolwazi sikaKumkani uSolomon oselula, uYehova wathi: “Ngenxa yokuba oko kusentliziyweni yakho yaye ungacelanga ndyebo, butyebi nambeko . . . , ubulumko nolwazi uzinikiwe; kwanendyebo nobutyebi nembeko ndiya kukunika.” (2 Kronike 1:11, 12) Ngenxa yezinto ezacelwa nguSolomon nezo angazange azicele, uYehova wakubona oko kwakusentliziyweni kaSolomon. Unxibelelwano lwethu noThixo lubonisa ntoni ngoko kusentliziyweni yethu? Ngaba imithandazo yethu ibonisa ukuba sinxanelwe ulwazi, ubulumko nokuqonda? (IMizekeliso 2:1-6; Mateyu 5:3) Ngaba sizithanda ngokunzulu izilangazelelo zoBukumkani? (Mateyu 6:9, 10) Ukuba senza nje inkwalambisa xa sithandaza, oku kusenokubonisa ukuba kufuneka sizinike ixesha lokucamngca ngezenzo zikaYehova. (INdumiso 103:2) Onke amaKristu afanele akuphaphele ukuqonda oko imithandazo yawo ikubonisayo.
Zibonisa Ntoni Izenzo Zethu?
10, 11. (a) Ukukrexeza nokuhenyuza kuvela phi? (b) Yintoni eya kusinceda ukuba ‘singakrexezi entliziyweni yethu’?
10 Kudla ngokuthiwa oko sikwenzayo kuthetha lukhulu kunoko sikuthethayo. Ngokuqinisekileyo izinto esizenzayo zityhila okuninzi ngoko sikuko ngaphakathi. Ngokomzekelo, kwimibandela yokuziphatha, ukulondoloza intliziyo kuquka okungaphezulu kunokuphepha nje ukuhenyuza okanye ukukrexeza. KwiNtshumayelo yakhe yaseNtabeni, uYesu wathi: “Wonk’ ubani oqhubeka ekhangela umfazi ngokokude amkhanuke sele emkrexezile entliziyweni yakhe.” (Mateyu 5:28) Sinokukuphepha njani ukukrexeza kwanasentliziyweni yethu?
11 Usolusapho othembekileyo uYobhi wawamisela umzekelo omhle amadoda nabafazi abangamaKristu abatshatileyo. Ngokungathandabuzekiyo, uYobhi wayesebenzisana namabhinqa aselula yaye wayede awancede ngobubele xa efuna uncedo. Kodwa le ndoda eyayigcina ingqibelelo yayingayicingi nokuyicinga into yokubonakalisa umdla wokuba neentlobano zesini nawo. Ngoba? Ngenxa yokuba yayenze isigqibo sokungawajongi ngenkanuko amabhinqa. Yathi: “Ndenze umnqophiso namehlo am. Ngoko ndinokuzibonakalisa njani ndinikela ingqalelo entombini enyulu?” (Yobhi 31:1) Ngamana nathi singenza umnqophiso namehlo ethu size silondoloze intliziyo yethu.
12. Ubunokumsebenzisa njani uLuka 16:10 ngokuphathelele ukulondoloza intliziyo yakho?
12 UNyana kaThixo wathi: “Umntu othembekileyo kokona kuncinane uthembekile nakokukhulu, nomntu ongelolungisa kokona kuncinane akalolungisa nakokukhulu.” (Luka 16:10) Ewe, kufuneka siyihlolisise ihambo yethu kwanakwimibandela ebonakala ingenamsebenzi kubomi bemihla ngemihla, kwanakwizinto esizenza emakhayeni ethu. (INdumiso 101:2) Xa sihleli endlwini yethu, sibukele umabonwakude, okanye sisebenzisa i-Internet, ngaba siye siqiniseke ukuba senza ngokuvisisana nesiluleko seZibhalo esithi: “Uhenyuzo nako konke ukungahlambuluki nokubawa makungakhe kukhankanywe kwaukukhankanywa phakathi kwenu, kanye njengoko kubafaneleyo abantu abangcwele; kwanehambo elihlazo nentetho yobudenge nokuqhula okungamanyala, zinto ezo ezingafanelekanga”? (Efese 5:3, 4) Yaye kuthekani ngogonyamelo oluboniswa kumabonwakude okanye kwimidlalo yevidiyo? Umdumisi wathi: “UYehova uhlolisisa lowo ulilungisa kwanalowo ungendawo, yaye umphefumlo Wakhe umthiyile ngokuqinisekileyo nabani na othanda ugonyamelo.”—INdumiso 11:5.
13. Sisiphi isilumkiso esifanelekileyo xa sicinga ngoko kuphuma entliziyweni?
13 UYeremiya walumkisa esithi: “Intliziyo inenkohliso kunayo nantoni na yaye iyatyhudisa.” (Yeremiya 17:9) Oku kukhohlisa kwentliziyo kunokubonakala xa sizingxengxezela ngenxa yeempazamo esizenzileyo, sizibethe ngoyaba iintsilelo zethu, sizithethelele iziphako ezinzulu esinazo okanye sibaxe izinto xa sithetha ngezinto esiziphumezileyo. Intliziyo etyhudisayo iyakwazi nokuba mbaxa—ulwimi olugudileyo luthethe enye into, kodwa izenzo zibonise okwahlukileyo. (INdumiso 12:2; IMizekeliso 23:7) Hayi indlela ekubaluleke ngayo ukuba sinyaniseke xa sihlolisisa oko kuphuma entliziyweni!
Ngaba Iliso Lethu Alinakumbi?
14, 15. (a) Liyintoni iliso ‘elingenakumbi’? (b) Ukugcina iliso lethu lingenakumbi kusinceda njani ukuba silondoloze intliziyo?
14 UYesu wathi: “Isibane somzimba liliso.” Wahlabela mgama esithi: “Ukuba, ngoko, iliso lakho alinakumbi, umzimba wakho uphela uba sekukhanyeni.” (Mateyu 6:22) Iliso elingenakumbi lijoliswa kusukelo okanye kwinjongo enye, aliphazanyiswa okanye liwexulwe yenye into. Eneneni, iliso lethu lifanele lijoliswe ‘ekufuneni kuqala ubukumkani nobulungisa bukaThixo.’ (Mateyu 6:33) Yintoni enokwenzeka kwintliziyo yethu yokomfuziselo ukuba iliso lethu aligcinwa lingenakumbi?
15 Masenze umzekelo ngokuziphilisa. NjengamaKristu sifanele sinyamekele iintswelo zentsapho yethu. (1 Timoti 5:8) Kodwa kuthekani ukuba sihendwa ngumnqweno wokuba nezinto zakutshanje, okona kutya, impahla, ikhusi nezinye izinto ezithandwayo? Ngaba oko akuyi kuzikhobokisa iintliziyo neengqondo zethu, kuze kusenze singanquli ngentliziyo epheleleyo? (INdumiso 119:113; Roma 16:18) Kutheni sifanele sixakeke gqitha kukunyamekela iintswelo zethu zenyama kangangokude ubomi bethu busekelwe kwintsapho, kwimibandela ephathelele umsebenzi nezinto eziphathekayo kuphela? Khumbula icebiso eliphefumlelweyo elithi: “Zilumkeleni ukuba iintliziyo zenu zingaze zisindwe kukuzingxala ngokutya nokusela kakhulu nangamaxhala obomi, ize ngequbuliso loo mini inifikele ngephanyazo njengomgibe. Kuba iya kubazela bonke abahleliyo phezu kobuso bawo wonke umhlaba.”—Luka 21:34, 35.
16. Liliphi icebiso elanikelwa nguYesu ngokuphathelele iliso, yaye ngoba?
16 Iliso lijelo elibalulekileyo ekunxibelelaneni nengqondo nentliziyo. Oko lijoliswe kuko kunokuziphembelela ngamandla iingcinga, iintshukumisa nezenzo zethu. Esebenzisa intetho efuziselayo, uYesu wathetha ngamandla ezilingo ezibangelwa kukubona okuthile waza wathi: “Ukuba, ke, iliso lakho lasekunene liyakukhubekisa, linyothule ulilahle kude. Kuba kuyingenelo ngakumbi kuwe ukuba ulahlekelwe lilungu lakho elinye kunokuba umzimba wakho uphela uphoswe eGehena.” (Mateyu 5:29) Ubani umele alithintele iliso lakhe ekuqwalaseleni izinto ezingafanelekanga. Ngokomzekelo, alimele livunyelwe ukuqwalasela umbandela owenziwe ngenjongo yokuvuselela iimvakalelo neminqweno engafanelekanga.
17. Ukusebenzisa eyabaseKolose 3:5 kusinceda njani ukuba silondoloze intliziyo?
17 Kakade ke, asisebenzisi iliso kuphela ukuze sinxibelelane nabanye. Ezinye izivamvo, njengokubamba nokuva, zinendima enkulu, yaye simele siwasebenzise ngobulumko amalungu ethu omzimba abandakanyekileyo. Umpostile uPawulos wanikela esi siluleko: “Bhubhisani, ke ngoko, amalungu enu omzimba asemhlabeni, uhenyuzo, ukungahlambuluki, inkanuko yesini, umnqweno owenzakalisayo, nokubawa, okulunqulo-zithixo.”—Kolose 3:5.
18. Ngawaphi amanyathelo esifanele siwathabathe ngokuphathelele iingcinga ezingafanelekanga?
18 Umnqweno ongafanelekanga unokuvela kwiingqondo zethu. Ngokuqhelekileyo, ukusoloko ucinga ngomnqweno ophosakeleyo kuyawukhulisa loo mnqweno, kuze kuphembelele intliziyo. “Wandule ke umnqweno, xa uthe wakhawula, uzale isono.” (Yakobi 1:14, 15) Abaninzi bayavuma ukuba ngokufuthi kuqala ngolo hlobo ukuphulula amaphambili. Hayi indlela ekubaluleke ngayo ukuba siqhubeke sizalisa iingqondo zethu ngezinto zokomoya! (Filipi 4:8) Yaye ukuba kuthi qatha ingcinga engafanelekanga engqondweni, sifanele sizame ukuyikhupha.
‘Khonza UYehova Ngentliziyo Epheleleyo’
19, 20. Sinokuphumelela njani ekukhonzeni uYehova ngentliziyo epheleleyo?
19 Ekwaluphaleni kwakhe, uKumkani uDavide wathi kunyana wakhe: “Solomon nyana wam, uze umazi uThixo kayihlo, umkhonze ngentliziyo epheleleyo nangomphefumlo onoyolo; kuba uYehova uyazigocagoca zonke iintliziyo, akuqonde konke ukutyekela kweengcamango.” (1 Kronike 28:9) NoSolomon wathandazela ukunikwa “intliziyo ethobelayo.” (1 Kumkani 3:9) Ukanti, wajamelana nocelomngeni lokulondoloza loo ntliziyo ubomi bakhe bonke.
20 Ukuze siphumelele kule nkalo, simele singaneli nje ukuzuza intliziyo eyamkelekileyo kuYehova kodwa sikwamele siyilondoloze. Ukuze sikufeze oku, simele sigcine izikhumbuzo eziseLizwini likaThixo entliziyweni yethu—‘ngaphakathi kuyo.’ (IMizekeliso 4:20-22) Kwakhona simele sikwenze umkhwa ukugocagoca intliziyo yethu, size sikuhlolisise ngomthandazo oko kutyhilwa ngamazwi nezenzo zethu. Kunokuba luncedo ngantoni oko kuzihlolisisa ngaphandle kokuba sifune ngenyameko uncedo lukaYehova ukuze silungise nabuphi na ubuthathaka esibubonayo? Yaye hayi indlela ekubaluleke ngayo ukuba sikulumkele oko sikungenisa ezingqondweni ngezivamvo zethu! Ngokwenjenjalo, sinokuqiniseka ukuba “uxolo lukaThixo olungaphaya kokuqonda luya kuzilinda iintliziyo [zethu] namandla [ethu] engqondo ngoKristu Yesu.” (Filipi 4:6, 7) Ewe, masizimisele ukulondoloza intliziyo yethu ngaphezu kwayo yonke into size sikhonze uYehova ngentliziyo epheleleyo.
Ngaba Usakhumbula?
• Kutheni kubalulekile ukulondoloza intliziyo?
• Ukuhlalutya oko sikuthethayo kusinceda njani silondoloze intliziyo yethu?
• Kutheni sifanele sigcine iliso lethu ‘lingenakumbi’?
[Imifanekiso ekwiphepha 23]
Yintoni esidla ngokuthetha ngayo xa sisenkonzweni yasentsimini, kwiintlanganiso, naxa sisekhaya?
[Imifanekiso ekwiphepha 25]
Iliso elingenakumbi aliphazanyiswa