Kunini Apho Umele Ucaphuke?
KWINTSHUMAYELI 7:9, iBhayibhile ithi: “Ukucaphuka kuhlala esifubeni sabaziziyatha.” Le ndinyana ibonisa ukuba asifanele sikhawuleze ukucaphuka xa sicatshukiswa; kunoko simele sixolele.
Noko ke, ngaba iNtshumayeli 7:9 ithi asimele sicaphuke nokuba sekutheni na, nto nje simele sixolele kwanto enokuba inzulu kangakanani okanye yenziwe izihlandlo ezingaphi okanye singenzinto ngayo? Ngaba xa siye sakhubekisa abanye ngento esiye sayithetha okanye sayenza simele sikubethe ngoyaba oko kuba sisazi ukuba loo mntu simkhubekisileyo umele asixolele? Akumele kube njalo.
UYehova uThixo ungumthombo wothando, wenceba, wokuxolela nokuzeka kade umsindo. Ukanti, izihlandlo ezininzi iBhayibhile iye ithethe ngaye njengoye wacatshukiswa ngabantu. Xa benze isono esiqatha, wayebohlwaya aboni. Khawuqwalasele le mizekelo.
Izono Ezenziwa Nxamnye NoYehova
Eyoku-1 yooKumkani 15:30 ithetha ngezono zikaYerobhoham “awamonisa ngazo uSirayeli nangezinto ezicaphukisayo awacaphukisa ngazo uYehova.” Kweyesi-2 yeziKronike 28:25, iBhayibhile ithi mayela noKumkani uAhazi wakwaYuda: “Wenza iindawo eziphakamileyo zokuqhumisa umbingelelo kwabanye oothixo, kangangokuba wamcaphukisa uYehova uThixo wookhokho bakhe.” Omnye umzekelo ufumaneka kuBagwebi 2:11-14 othi: “Oonyana bakaSirayeli benza okubi emehlweni kaYehova bakhonza ooBhahali . . . , bamcaphukisa uYehova. . . . Waza wavutha umsindo kaYehova nxamnye noSirayeli, kangangokuba wabanikela ezandleni zabaphangi.”
Zikho nezinye izinto ezamcaphukisayo uYehova ezazifuna isohlwayo esiqatha. Ngokomzekelo, kwiEksodus 22:18-20, siyafunda: “Umkhafulikazi uze ungamyeki aphile. Nabani na olala nesilo makabulawe afe. Obingelela kubo nabaphi na oothixo ngaphandle kukaYehova yedwa makatshatyalaliswe.”
UYehova akazange aqhubeke ezixolela izono ezinzulu zikaSirayeli wamandulo xa wayemcaphukisa engaguquki. Xa bengaguquki ngokwenene zingekho nezenzo ezibonisa inguquko, uYehova wayebayeka batshatyalaliswe aboni. Kwenzeka kanye oko, ngowama-607 B.C.E., sonke isizwe sathinjwa ngamaBhabhiloni, saza saphinda sathinjwa ngamaRoma ngowama-70 C.E.
Ewe, uYehova ziyamcaphukisa izinto ezimbi abazithethayo nabazenzayo abantu, ibe abenzi bobubi abenza izono ezinzulu nabangaguqukiyo uyabatshabalalisa. Kodwa ngaba ukuluhlu lwabantu ekuthethwa ngabo kwiNtshumayeli 7:9? Akunjalo. Siyaqondakala isizathu sokuba ecatshukiswa zizono ezinzulu yaye usoloko egweba ngokusesikweni. IBhayibhile ithi ngoYehova: “Ugqibelele umsebenzi wakhe, ngokuba zonke iindlela zakhe zisesikweni. NguThixo wentembeko, tu ubugqwetha; lilungisa yaye uthe tye yena.”—Duteronomi 32:4.
Izono Ezinzulu Nxamnye Nabanye Abantu
KuMthetho owanikwa uSirayeli wamandulo nguThixo, abantu abenza izono ezinzulu babesohlwaywa ngokuqatha. Ngokomzekelo, ukuba isela lithe lize kuqhekeza ebusuku waze umninimzi walibulala, umninimzi wayengabi natyala lagazi. Kuba ebelixhoba lolwaphulo-mthetho. Ngenxa yoko sifunda oku: “Ukuba isela lithe lafunyanwa liqhekeza laza labethwa, lafa, akukho tyala lagazi [kumninimzi].”—Eksodus 22:2.
Ibhinqa eliye ladlwengulwa lalinelungelo lokumthiya lowo ulidlwengulileyo kuba esi yayisisono esinzulu emehlweni kaThixo. Ngaphantsi koMthetho kaMoses indoda edlwengule umntu obhinqileyo yayibulawa “kanye njengoko indoda ithi ilivukele idlelane layo ize iwubulale umphefumlo walo.” (Duteronomi 22:25, 26) Ngoxa singasekho ngaphantsi koMthetho, kodwa uyasinceda siyiqonde indlela uYehova akwenyanya ngayo ukudlwengulwa—isenzo esibuhlungu.
Nanamhlanje, ukudlwengula lulwaphulo-mthetho olugwetya qatha. Ixhoba linelungelo lokwazisa abakwantsasana xa liye ladlwengulwa. Ngaloo ndlela abasemagunyeni banokusohlwaya isaphuli-mthetho. Ukuba ixhoba liselula, abazali basenokumangala ngokwabo.
Izono Ezingekho Nzulu Kangako
Noko ke, asizizo zonke izono ezifuna abasemagunyeni. Ngaloo ndlela, asifuni kucatshukiswa ziimpazamo ezincinane ezenziwa ngabanye, kodwa sifanele sixolele. Sifanele sixolele kangakanani? Umpostile uPetros wabuza uYesu: “Nkosi, zingaphi izihlandlo umzalwana wam amele andone ngazo ndize ndimxolele? Ukusa kwizihlandlo ezisixhenxe na?” UYesu wathi kuye: “Ndithi kuwe, kungekhona, Ukusa kwizihlandlo ezisixhenxe, kodwa, Ukusa kwizihlandlo ezingamashumi asixhenxe anesixhenxe”—Mateyu 18:21, 22.
Kwelinye icala, kufuneka siqhubeke siphucula ubuntu bethu bobuKristu ukuze sinciphise izinto ezicaphukisayo. Ngokomzekelo, xa uqhubana nabanye, ngaba ngamanye amaxesha ukhe ube ngqwabalala, ungawabali amazwi, ube krwada? Ezo zinto ziyacaphukisa. Kunokuba ugxeke lowo umcaphukisileyo ngokukhathazeka uze umnyanzele ukuba akuxolele, kufuneka ukhumbule ukuba nguwe unobangela wokuba acaphuke. Umoni kufuneka alumkele indlela athetha nenza ngayo izinto ukuze angacaphukisi abanye. Ukwenjenjalo kuya kusinceda singasoloko sicaphukisa abanye. IBhayibhile isikhumbuza ukuba: “Kukho othetha engacinganga njengokuhlaba kwekrele, kodwa ulwimi lezilumko luyaphilisa.” (IMizekeliso 12:18) Xa sikhubekisa abanye, nokuba ayizonjongo zethu ezo, ukucela uxolo kuyawulungisa umonakalo.
ILizwi likaThixo libonisa ukuba sifanele “sisukele izinto ezisingisa eluxolweni nezinto ezakhayo komnye nomnye.” (Roma 14:19) Xa sithetha ngobuchule nobubele, siya kuba sisebenzisa umzekeliso othi: “Linjengama-apile egolide kwinto yesilivere ekroliweyo ilizwi elithethwe ngexesha elifanelekileyo.” (IMizekeliso 25:11) Anjani ukuba myoli amazwi! Ukuthetha ngobulali nobuchule kungade kuguqule nezimo zengqondo zabantu abaneenkani: “Ngolwimi olunobulali unokwaphula ithambo.”—IMizekeliso 25:15.
Ngenxa yoko, iLizwi likaThixo lisiluleka lithi: “Amazwi enu makasoloko ekholekile, enongwe ngetyuwa, ukuze nikwazi ukuphendula bonke ngabanye.” (Kolose 4:6) Ibinzana elithi “enongwe ngetyuwa” lithetha ukuba sisebenzisa amazwi amnandi, anciphisa ingxabano. Ngamazwi nangezenzo, amaKristu azabalazela ukusebenzisa esi sibongozo seBhayibhile: “Makafune uxolo, aluphuthume.”—1 Petros 3:11.
Ngoko kuyacaca ukuba INtshumayeli 7:9 ithetha ukuba asimele sicatshukiswe zizono ezincinane zabanye. Ezi zono zisenokuba zibangelwa kukungafezeki okanye zenziwa ngabom, phofu zibe zingenzulwanga kangako. Kodwa xa isono sinzulu, siyaqondakala isizathu sokuba ixhoba lisenokukhathazeka lide lithabathe amanyathelo.—Mateyu 18:15-17.
[Umfanekiso okwiphepha 14]
UYehova wawayeka atshatyalaliswa ngamaRoma amaSirayeli angaqukiyo ngowama-70 C.E.
[Umfanekiso okwiphepha 15]
“Linjengama-apile egolide . . . ilizwi elithethwe ngexesha elifanelekileyo”