Abantu Abaselula Bayabuza . . .
Yintoni Ephosakeleyo Ngokuziphindezela?
“Undithukile.”—UConneel, oneminyaka eli-15 ubudala, usentolongweni ngenxa yokubulala.
UAndrew, oneminyaka eli-14 ubudala, owabulala umfundisi-ntsapho kumbhiyozo wesikolo, wathi ubathiyile abafundisi-ntsapho nabazali bakhe yaye uwaqumbele amantombazana amalayo.
IPHEPHANCWADI iTime lithi lo “ngumkhwa obulalayo.” Omnye oselula wathubelezisa isixhobo esibulalayo esikolweni sakhe waza wadubula abafundi nabafundisi-ntsapho bakhe. Iziganeko ezimanyumnyezi ngolo hlobo kubonakala ngathi ziqalisa ukuba yinto eqhelekileyo eUnited States kangangokuba elinye ijelo leendaba lwalubiza olu tyekelo ngokuthi “kukugqabhuka kogonyamelo.”
Okuvuyisayo kukuba, ukudutyulwa esikolweni yinto engafane yenzeke. Sekunjalo, ulwaphulo-mthetho lwakutshanje olwenziwa ngabantu abalugcwabevu ngumsindo lubonisa indlela olunye ulutsha olunomsindo ngayo. Yintoni ebangela ukudubuleka okunjalo? Abathile kolu lutsha kubonakala ukuba bacatshukiswa kukungabikho kokusesikweni okuthile okanye ukusetyenziswa kakubi kwegunya okwenziwa ngabantu abaphetheyo. Lumbi luye lwacatshukiswa kukwenziwa intlekisa ngokuqhubekayo ngoontanga balo. Enye inkwenkwe eneminyaka eli-12 ubudala eyadubula umfundi efunda naye—yaza yazidubula nayo—yayisenziwa intlekisa ngenxa yokuba ityebe kakhulu.
Kuyinyaniso ukuba, inkoliso yolutsha ayinakuze icinge nzulu ngokubandakanyeka kugonyamelo olunzulu ngolo hlobo. Sekunjalo, ukulwa ukukhathazeka nentlungu ebangelwa kukuba lixhoba lobuhlanga, ubundlavini okanye ukwenziwa intlekisa akulula. Ekhumbula iintsuku zokuba ngumfundi, uBen uthi: “Ndandisoloko ndimfutshane kunenkoliso yabantwana abaziintanga zam. Yaye ngenxa yokuba ndandinenkqayi, abanye abantwana babesoloko behlekisa ngam yaye bendichwakraza entloko. Oku kwakundicaphukisa gqitha. Okona kwenza izinto zaba mbi nangakumbi kukuba xa ndaya kucela uncedo kubantu abanegunya, abazange bandihoye. Oku kwandicaphukisa nangakumbi!” UBen wongezelela ngelithi: “Eyona nto yabangela ukuba ndingathabathi umpu ndize ndibadubule abo bantu yayikukuba ndandingenawo.”
Umele ulujonge njani ulutsha oluzama ukwenzakalisa abo balwenzakalisayo? Yaye yintoni omele uyenze ukuba ube lixhoba lempatho-mbi? Impendulo yale mibuzo unokuyifumana ngokuhlolisisa oko iLizwi likaThixo likutshoyo.
Ukuzeyisa—Uphawu Lwamandla!
Impatho-mbi nokungabikho kokusesikweni asizozinto zintsha. Omnye umbhali weBhayibhile wacebisa ngelithi: “Wuyeke umsindo uyishiye ingqumbo; musa ukuvutha ngumsindo uze wenze ububi.” (INdumiso 37:8) Ngokufuthi, umsindo ubandakanya ukungakwazi ukuzeyisa yaye umntu onomsindo akayikhathalele imiphumo yoko akwenzayo. Ukuzivumela ukuba ‘uvuthe’ kunokuphumela ekubeni udubuleke ngumsindo! Unokuba yintoni umphumo?
Cinga ngomzekelo weBhayibhile kaKayin noAbheli. “Waza uKayin wavutha kakhulu ngumsindo” ngakumntakwabo uAbheli. Ngenxa yoko, “ngoxa babesendle wasuka uKayin wamhlasela uAbheli umntakwabo waza wambulala.” (Genesis 4:5, 8) Omnye umzekelo womsindo ongalawulekiyo ubandakanya uKumkani uSawule. Ngenxa yomona ngoloyiso lukaDavide oselula emkhosini, wazama ukubinza ngomkhonto kungekuphela nje uDavide kodwa nonyana wakhe uYonatan!—1 Samuweli 18:11; 19:10; 20:30-34.
Kuyinyaniso ukuba, akho amaxesha ekufanelekileyo ukuba nomsindo ngawo. Kodwa sekunjalo, ukucaphuka okufanelekileyo kunokuphumela kwisenzo sobubi ukuba akulawulwa. Ngokomzekelo, uSimeyon noLevi babenelungelo lokuba nomsindo kuShekem xa bafumanisa ukuba udlwengule udade wabo uDina. Kodwa kunokuba bahlale bezolile, baba nomsindo okhatshwa lugonyamelo, obonakala kumazwi abo amva athi: “Udade wethu angaphathwa njengonongogo yini na?” (Genesis 34:31) Yaye xa umsindo wabo wafikelela kwinqanaba eliphezulu, “bathabatha ngamnye ikrele lakhe, basiqubula eso sixeko baza babulala yonke into eyindoda” eyayihlala kwidolophana yakuloShekem. Umsindo wabo wawusasulela kuba “abanye oonyana bakaYakobi” bathelela kolo hlaselo lokubulala. (Genesis 34:25-27) Nasemva kweminyaka eliqela, uyise kaSimeyon noLevi, uYakobi, wawugxeka umsindo wabo ongalawulekiyo.—Genesis 49:5-7.
Koku sifunda ingongoma ebalulekileyo: Umsindo ongalawulwayo asilophawu lwamandla kodwa luphawu lokuba buthathaka. IMizekeliso 16:32 ithi: “Ozeka kade umsindo ulunge ngakumbi kunendoda enamandla, yaye owulawulayo umoya wakhe ungaphezu kothimba isixeko.”
Ubuyatha Bokuziphindezela
Ngoko iZibhalo zinikela eli cebiso: “Musani ukubuyisela ububi ngobubi nakubani na. . . . Musani ukuziphindezelela.” (Roma 12:17, 19) Ukuziphindezelela—nokuba kubandakanya ukwenzakalisa emzimbeni okanye amazwi akhohlakeleyo—kuchasene nemigaqo yobuthixo. Kwangaxeshanye, ukuziphindezelela okunjalo akuncedi nganto yaye asibobulumko. Phakathi kwezinye izinto, ngokuqhelekileyo ugonyamelo lubangela ugonyamelo olungakumbi. (Mateyu 26:52) Yaye amazwi akhohlakeleyo ngokufuthi abangela amazwi akhohlakele ngakumbi. Yaye khumbula ukuba, ngokufuthi umsindo awusoloko uthetheleleka. Ngokomzekelo, ngaba unako ukuqiniseka ukuba loo mntu ukucaphukisileyo ukwenze oko ngenxa yokuba ekucaphukela? Ngaba kunokwenzeka ukuba loo mntu wenze into ebengakhange ayicingisise okanye ukrwada? Yaye nokuba kubandakanyeke ulunya, ngaba ngokwenene loo meko yenza ukuba ukuziphindezelela kulunge?
Cinga ngamazwi eBhayibhile akwiNtshumayeli 7:21, 22: “Musa ukuyinikela intliziyo yakho kuwo onke amazwi abawathethayo abantu, ukuze ungamva ekuqalekisa umkhonzi wakho. Kuba intliziyo yakho yazi kakuhle ukuba nawe ubaqalekise izihlandlo ezininzi abanye.” Ewe, asinto intle ukuva abanye bethetha izinto ezimbi ngawe. Kodwa iBhayibhile iyavuma ukuba le yenye yezinto ezenzekayo ebomini. Ngaba akuyonyaniso ukuba ukhe wathetha izinto ngabanye ebekungekho mfuneko yokuba uzithethe? Ngoko kutheni umele ubhavume ngumsindo xa omnye ethetha into embi ngawe? Ngokufuthi, eyona ndlela ilungileyo yokujamelana nokwenziwa intlekisa kukunganikeli ngqalelo kuko.
Ngokufanayo, asibobulumko ukubhavuma ngumsindo xa uvakalelwa kukuba udlelwe indlala. Umfana oselula ogama linguDavid ukhumbula okwenzekayo xa wayedlala ibhola yomnatha namanye amaKristu. UDavid uthi: “Omnye welinye icala wandibetha ngebhola.” Ecinga ukuba le yinkohlakalo, uDavid waba ligqabi ngumsindo, waza wagibisela loo mdlali ngebhola. UDavid uyavuma: “Ndandivutha ngumsindo.” Kodwa ngaphambi kokuba izinto zibe mbi ngakumbi, uDavid wathandaza kuYehova. Wazibuza, ‘Yintoni le ndiyenzayo, ukufuna ukulwa nomzalwana ongumKristu?’ Kamva omnye wacela uxolo komnye.
Phantsi kweemeko ezinjalo kuhle ukukhumbula umzekelo kaYesu Kristu. “Xa wayetshabhiswa, akazange aphindise atshabhise. Xa wayebandezeleka, akazange asongele.” (1 Petros 2:23) Ewe, xa uphantsi koxinezeleko, kunokuba ucaphuke, thandaza kuThixo uze umcele ukuba akuncede uzeyise. Ngesisa uya ‘kubanika umoya oyingcwele abo bamcelayo.’ (Luka 11:13) Kunokuba ucaphuke xa ubani ekona, mhlawumbi eyona nto umele uyenze kukuya kuloo mntu uze uthethe naye ngaloo nto. (Mateyu 5:23, 24) Okanye ukuba ulixhoba lempatho-mbi enzulu, mhlawumbi evela kwindlavini yasesikolweni, ungathethi nayo ngendlela eya kuyicaphukisa. Kunoko, umele uthabathe amanyathelo afanelekileyo okuzikhusela.a
Ulutsha Oluwulawulayo Umsindo
Ulutsha oluninzi luye lwayisebenzisa le migaqo yeBhayibhile lwaza lwafumana imiphumo emihle. Ngokomzekelo, uCatrina wanikelwa ukuba akhuliswe ngabanye abazali eselusana. Uthi: “Ndandinengxaki yomsindo kuba ndandingasazi isizathu sokuba umama ondizalayo anikele ngam. Ngoko ndandidla ngokuba nomsindo kumama ondikhulisayo. Ngesizathu nje esingavakaliyo, ndandivakalelwa kukuba xa ndimenza buhlungu, ngandlel’ ithile ndiyaziphindezela kumama ondizalayo. Ngoko ndandisenza yonke into—ndithetha amazwi arhabaxa, ndingqishe ngeenyawo phantsi, ndibe lugcalagcala ngumsindo. Ukumbakraza iingcango yayiyeyona nto ndiyithandayo. Kwakhona, ndandidla ngokuthi ‘Ndikuthiyile!’—kuphela nje ngenxa yokuba ndandinomsindo. Xa ndijonga emva, andikholelwa ukuba ndandisenza ezo zinto.”
Yintoni eyanceda uCatrina wawulawula umsindo wakhe? Uyaphendula: “Kukufunda iBhayibhile! Oku kubalulekile kakhulu kuba uYehova uyayazi indlela esivakalelwa ngayo.” Kwakhona uCatrina wathuthuzeleka xa yena nentsapho yakowabo bafunda amanqaku kaVukani! awayethetha kanye ngemeko yentsapho yakhe.b Ukhumbula oku: “Sonke sakwazi ukuhlala phantsi kunye ukuze siyiqonde indlela omnye nomnye avakalelwa ngayo.”
Nawe unako ukufunda ukulawula umsindo. Xa ujamelene nokwenziwa intlekisa, ubundlavini okanye impatho-mbi, khumbula amazwi eBhayibhile akwiNdumiso 4:4 athi: “Phazamisekani, kodwa ningoni.” Loo mazwi anokukunceda ukuphephe ukuba nomsindo oyingozi.
[Imibhalo esemazantsi]
a Ukuze ufumane icebiso elisebenzisekayo lokuqhubana nabafundisi-ntsapho abangenako okusesikweni, iindlavini zasesikolweni nabagculeli, bona amanqaku athi “Imibuzo Yabantu Abaselula . . . ” avela kwiinkupho (zesiNgesi) zikaVukani! kaFebruwari 8, 1984; kaAgasti 22, 1985; nenkupho kaAgasti 8, 1989.
b Bona ungcelele oluthetha ngovuyo nocelomngeni lokukhulisa umntwana wabanye abantu kwinkupho kaVukani! kaMeyi 8, 1996.
[Umfanekiso okwiphepha 15]
Ngokufuthi, eyona ndlela ilungileyo yokujamelana nokwenziwa intlekisa kukunganikeli ngqalelo kuko