Sondela KuThixo
“Ungcwele, Ungcwele, Ungcwele UYehova”
UKUBA ubunokukhetha igama elinye elichaza uYehova uThixo—ubuya kukhetha eliphi? Ngenkulwangwane yesi-8 Ngaphambi Kwexesha Eliqhelekileyo, umprofeti uIsaya wanikwa umbono aweva kuwo izidalwa zomoya ziphakamisa uYehova, zisebenzisa igama elimchazayo—ubungcwele. Oko kwabonwa nokweviwa nguIsaya kufanele kusenze sithi khamnqa size sisondele kuYehova. Njengoko sihlalutya amazwi akuIsaya 6:1-3, yiba nomfanekiso ngqondweni wakho ulapho.
Ubona ntoni uIsaya? Uthi: “Ndambona uYehova, ehleli etroneni ephakamileyo nenyukileyo.” (Vesi 1) UIsaya akaboni ngokoqobo iNkosi eNgumongami wendalo iphela uYehova. Amehlo enyama akanakubona kwelemimoya. IBhayibhile itsho ngokucacileyo ukuba: “Akukho mntu umbonileyo uThixo nangaliphi na ixesha.” (Yohane 1:18) UIsaya ubona nje umbono.a Sekunjalo, umbono lowo ucacile—ucace kangangokuba uIsaya ukhwankqisiwe, usabela ngokungathi ubona uYehova ngokwakhe.
Kwakhona uIsaya ubona umbono ongazange ubonwe ngomnye umntu ngaphambili. Ubhala athi: “Kwakumi iiserafi ngaphezu kwayo. Nganye yayinamaphiko amathandathu. Ngamabini yayifihle ubuso bayo, ngamabini ifihle iinyawo zayo, ngamabini iphaphazela.” (Vesi 2) Iiserafi zizidalwa zomoya ezikwisigxina esiphezulu. NguIsaya kuphela umbhali weBhayibhile ozikhankanyayo. Iiserafi zihlala zikulungele ukwenza ukuthanda kukaThixo. Zigqume ubuso neenyawo zazo, zibonisa intlonelo enzulu ngaLowo zimi phambi kwakhe ukuze zimkhonze.
UIsaya akamangaliswa koko akubonayo nje kuphela kodwa nakoko akuvayo. Iiserafi zivuma ingoma. UIsaya ubhala athi: “Enye yathi kwenye: “Ungcwele, ungcwele, ungcwele uYehova wemikhosi.’” (Vesi 3) Igama lesiHebhere eliguqulelwe ngokuthi “Ungcwele” libonisa ukucoceka nokuhlambuluka. Likwaquka “ingcamango yokukhululeka ngokupheleleyo nokungachatshazelwa sisono.” Mhlawumbi ziyangenelelana kuyo, zicula ngegama elithi “ungcwele” izihlandlo ezithathu, zigxininisa ukuba uYehova ungcwele ngomlinganiselo ongenambaliso. (ISityhilelo 4:8) Ngaloo ndlela, ubungcwele luphawu olwahlula ubuntu bakhe. UYehova, uhlambulukile, ucocekile akanabala.
Ukwazi ukuba uYehova ungcwele kufanele kusenze sisondele kuye. Ngoba? Ngokungafaniyo nabalawuli abangabantu abanokonakala baze babaphathe kakubi abantu, uYehova akanasono. Ubungcwele bakhe buqinisekisa ukuba unguBawo ofanelekileyo, uMlawuli wobulungisa, uMgwebi ongenakhethe. Sinesizathu esibambekayo sokumthemba kuba nguThixo onobuntu obungcwele ongenakuze asiphoxe.
Izibhalo onokuzifunda ngoDisemba:
[Umbhalo osemazantsi]
a I-Insight on the Scriptures ithi: “Xa umntu ebona umbono ovela kuThixo emini, oko kuthetha ukuba usezingqondweni. Lo mbono unokukhunjulwa uze uchazwe nguloo mntu uwubonileyo ngawakhe amazwi.”—Ipapashwe ngamaNgqina kaYehova.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 26]
Ukwazi ukuba uYehova ungcwele kufanele kusenze sisondele kuye