Isahluko Sesibhozo
UYehova UThixo Usetempileni Yakhe Engcwele
1, 2. (a) Umprofeti uIsaya uwufumana nini umbono wakhe wetempile? (b) Kwakutheni ukuze uKumkani u-Uziya aphulukane nenkoliseko kaYehova?
“NOKO ke, ngonyaka wokufa kukaKumkani u-Uziya, ndambona uYehova, ehleli etroneni ephakamileyo nenyukileyo, imibhinqo yakhe izalise itempile.” (Isaya 6:1) Lawo ngamazwi umprofeti uIsaya asitshayelela ngawo isahluko sesithandathu sencwadi yakhe. Lo ngunyaka wama-778 B.C.E.
2 Ubukhulu becala, ukumkani u-Uziya waba nempumelelo esemagqabini ebudeni beminyaka engama-52 yokulawula kwakhe kwaYuda. Ekubeni ‘wayesenza okulungileyo emehlweni kaYehova,’ ngoko uThixo wamxhasa ekulweni, ekwakheni nakwezolimo. Kodwa impumelelo yakhe yasuka yamz’ entloko. Ekugqibeleni, intliziyo yakhe yaba nekratshi, “kangangokuba wenza ngokungathembeki kuYehova uThixo wakhe wangena etempileni kaYehova ukuba atshise isiqhumiso.” Ngenxa yesi senzo sokuzikhukhumalisa nangenxa yokuvutha kwakhe ngumsindo akukhalinyelwa ngababingeleli, u-Uziya wafa eneqhenqa. (2 Kronike 26:3-22) Kwakumalunga neli xesha ukuqalisa kukaIsaya inkonzo yakhe yokuprofeta.
3. (a) Ngaba uIsaya umbona ngokoqobo uYehova? Cacisa. (b) Nguwuphi umbono awubonayo uIsaya, yaye ngasiphi isizathu?
3 Asichazelwanga indawo akuyo uIsaya ekuboneni kwakhe lo mbono. Kodwa oko akubonayo ngamehlo akhe enyama ngokucacileyo kungumbono, kungekhona imbonakalo yokoqobo kaSomandla, kuba “akukho mntu umbonileyo uThixo nangaliphi na ixesha.” (Yohane 1:18; Eksodus 33:20) Sekunjalo, ukubona uMdali, uYehova, nokuba kusembonweni, kuyinto ekhwankqisayo. Apha ubona uMlawuli Wendalo Iphela onguMthombo wakhe wonke urhulumente wobulungisa, ehleli etroneni ephakamileyo, efanekisela indima yakhe njengoKumkani noMgwebi ongunaphakade! Umqukumbelo wewunduwundu lombhinqo wakhe uzalise itempile. UIsaya umenywa ukuba aqalise inkonzo yokuprofeta eza kubalaselisa ukomelela nokuba sesikweni kolongamo lukaYehova. Exhotyiselwa le nkonzo, uza kunikwa umbono wobungcwele bukaThixo.
4. (a) Kutheni imbonakalo kaYehova yasembonweni nebhalwe eBhayibhileni kumele ukuba yeyokomfuziselo? (b) Yintoni esiyifundayo ngoYehova embonweni kaIsaya?
4 UIsaya akayichazi imbonakalo kaYehova embonweni wakhe—ngokungafaniyo nakumbono kaHezekile, kaDaniyeli nokaYohane. Yaye zonke ezi ngxelo zinenkcazelo eyahlukileyo ngoko bakubonileyo ezulwini. (Hezekile 1:26-28; Daniyeli 7:9, 10; ISityhilelo 4:2, 3) Noko ke, simele sikhumbule uhlobo nenjongo yale mibono. Ayibonisi imbonakalo yokoqobo kaYehova. Iliso lenyama alinakukubona okokomoya, nengqondo yomntu elinganiselweyo ayinakukuqonda oko kukummandla womoya. Kodwa ke, injongo yale mibono kukudlulisela inkcazelo ngendlela eya kuthi iqondakale ebantwini. (Thelekisa ISityhilelo 1:1.) Kumbono kaIsaya akuyomfuneko ukuchaza imbonakalo kaThixo. Kulo mbono kwaziswa uIsaya ukuba uYehova usetempileni yakhe engcwele yaye ungcwele, nemigwebo yakhe isesikweni.
Iiserafi
5. (a) Ngoobani iiserafi, yaye lithetha ukuthini elo gama? (b) Kutheni iiserafi zibufihla nje ubuso neenyawo zazo?
5 Khawuphulaphule! UIsaya uhlabela mgama esithi: “Kwakumi iiserafi ngaphezu kwayo. Nganye yayinamaphiko amathandathu. Ngamabini yayifihle ubuso bayo, ngamabini ifihle iinyawo zayo, ngamabini iphaphazela.” (Isaya 6:2) NguIsaya isahluko 6 kuphela eBhayibhileni okhankanya iiserafi. Kucacile ukuba, zizizidalwa eziziingelosi ezinozuko namalungelo aphakamileyo enkonzo kuYehova, njengoko zimi ngasetroneni kaYehova yasezulwini. Ngokungafaniyo noKumkani u-Uziya onekratshi, zimi endaweni yazo ngokuthobekileyo nangokundilisekileyo. Ngenxa yokuba ziphambi koMongami wasezulwini, zigqume ubuso bazo ngamaphiko amabini; yaye ngenxa yokuhlonela ubungcwele bendawo ezimi kuyo, zigqume iinyawo zazo ngamanye amaphiko amabini. Njengokuba zikufuphi noMongami Wendalo Iphela, ezi serafi zenza wonke umgudu wokuzifihla, ukuze zingasithi ubuqaqawuli bukaThixo. Igama elithi “iiserafi,” elithetha “ababumlilorha” okanye “abavuthayo,” libonisa ukuba zinobukhazikhazi, kodwa sekunjalo ziyabufihla ubuso bazo kubuqaqawuli bukaYehova.
6. Siyintoni isigxina seeserafi kuYehova?
6 Ezi serafi ziwasebenzisela ukuphaphazela amanye amaphiko azo amabini, nto leyo ngokungathandabuzekiyo ethetha ukuba, zindanda, okanye ‘zima’ ngawo, kwiindawo zazo. (Thelekisa iDuteronomi 31:15.) Ngokubhekisele kwindawo yazo, uNjingalwazi Franz Delitzsch ugqabaza athi: “Ngokwenene iiserafi azimi ngaphezu kwentloko yaLowo uhleli etroneni, kodwa zindanda ngaphezu kweengubo Zakhe ezinde ezizalise yonke loo ndawo.” (Commentary on the Old Testament) Oku kubonakala kusengqiqweni. ‘Zimi ngaphezulu,’ kungekhona ukuze zongamele uYehova, kodwa ngengqiqo yokuba zingxangile, zilinde ngokuthobekileyo, zilungele ukumkhonza.
7. (a) Sisiphi isabelo esiphunyezwa ziiserafi? (b) Kutheni iiserafi zivakalisa ubungcwele bukaThixo izihlandlo ezithathu?
7 Ngoku, khawuphulaphule ezi serafi zinelungelo! “Enye yathi kwenye: ‘Ungcwele, ungcwele, ungcwele uYehova wemikhosi. Buzalise umhlaba wonke ubuqaqawuli bakhe.’” (Isaya 6:3) Isabelo sazo kukuqinisekisa ukuba ubungcwele bukaYehova buyavakaliswa kwanokuba ubuqaqawuli bakhe bufikelela kwindalo iphela, kuquka nalapha emhlabeni. Ubuqaqawuli bakhe buyabonakala kwindalo yakhe iphela yaye kwakamsinya nje buza kubonwa ngabo bonke abemi bomhlaba. (Numeri 14:21; INdumiso 19:1-3; Habhakuki 2:14) Ukuvakaliswa kathathu kusithiwa, “ungcwele, ungcwele, ungcwele,” akubobungqina bukaBathathu Emnye. Kunoko, kugxininisa ubungcwele bukaThixo. (Thelekisa ISityhilelo 4:8.) UYehova ungcwele ngomlinganiselo ogqithiseleyo.
8. Uba yintoni umphumo wezibhengezo zezi serafi?
8 Nangona inani leeserafi lingachazwanga, kusenokuba kukho amaqela eeserafi ami kufuphi netrone. Zitsho ngoncuthu lwengoma, ziphindaphinda enye emva kwenye zivakalisa ubungcwele nobuqaqawuli bukaThixo. Kuba nawuphi umphumo oku? Khawuphinde uphulaphule njengoko uIsaya eqhubeka esithi: “Zashukuma iihenjisi zemibundu yeminyango ngenxa yelizwi laleyo yayimemeza, nendlu ngokuthe ngcembe yazaliswa ngumsi.” (Isaya 6:4) Ngokufuthi, eBhayibhileni umsi okanye ilifu libubungqina bobukho bukaThixo. (Eksodus 19:18; 40:34, 35; 1 Kumkani 8:10, 11; ISityhilelo 15:5-8) Lifuzisela ubuqaqawuli esingenakusondela kubo thina zidalwa zingabantu.
Akafanelekanga, Kodwa Uhlanjululwe
9. (a) Lo mbono umchaphazela njani uIsaya? (b) Nguwuphi umahluko ophawulekayo phakathi kukaIsaya noKumkani u-Uziya?
9 Lo mbono wetrone kaYehova umchaphazela ngokunzulu uIsaya. Ubhala athi: “Ndathi: ‘Yeha ke mna! Kuba ndisuke ndanjengosikwe umlomo, ngenxa yokuba ndingumntu omilebe ingahlambulukanga, yaye ndihlala phakathi kwesizwana esimilebe ingahlambulukanga; kuba amehlo am abone uKumkani, uYehova wemikhosi, ngokwakhe!’” (Isaya 6:5) Hayi indlela omkhulu ngayo umahluko phakathi kukaIsaya noKumkani u-Uziya! U-Uziya wasirhwaphiliza isigxina sababingeleli abathanjisiweyo waza ngokungenantlonelo wambonzeleka ukungena kwindawo eNgcwele yetempile. Nangona u-Uziya wazibonayo iziphatho zezibane zegolide, isibingelelo segolide sesiqhumiso, kwaneetafile ‘zesonka soBukho bakhe,’ kodwa akakholekanga kuYehova okanye afumane uthumo olukhethekileyo kuye. (1 Kumkani 7:48-50; umbhalo osemazantsi weNW eneembekiselo) Kodwa yena umprofeti uIsaya, akabugagameli ngetshova ububingeleli okanye angene ngenkani etempileni. Ukanti, yena uboniswa umbono kaYehova esetempileni yakhe engcwele waza wajizekwa ngothumo oluzukileyo oluvela kuThixo. Ngoxa zona iiserafi zingenabo ubuganga bokujonga kwiNkosi yetempile ehleli etroneni, yena uIsaya uyavunyelwa, embonweni, ukuba amjonge “uKumkani, uYehova wemikhosi, ngokwakhe!”
10. Kutheni uIsaya esoyika nje akubona lo mbono?
10 Umahluko uIsaya awubonayo phakathi kobungcwele bukaThixo kunye nokuba nesono kwakhe umenza azive engahlambulukanga ngakumbi. Kangangokuba uyagubha luloyiko, ecinga ukuba uza kufa. (Eksodus 33:20) Uva iiserafi zidumisa uThixo ngemilebe ehlambulukileyo, kodwa yona eyakhe imilebe ayihlambulukanga, kunjalonje ingcoliswe nangakumbi yimilebe yabantu abantetho ingahlambulukanga ahlala phakathi kwabo nayivayo. UYehova ungcwele, yaye nabakhonzi bakhe bamele babe njalo. (1 Petros 1:15, 16) Nangona uIsaya sele ekhethiwe njengesithethi sikaThixo, uhlatyw’ umxhelo kukuphawula imeko yakhe yesono kwanakukuphawula ukuba imilebe yakhe ayihlambulukanga ukuba angaba sisithethi soKumkani ozukileyo nongcwele. Ziza kusabela njani izidalwa zasemazulwini?
11. (a) Yintoni eyenziwa yenye yeeserafi, yaye oku kufuzisela ntoni? (b) Ukucamngca ngoko iserafi yakuxelela uIsaya kunokusinceda njani xa sivakalelwa kukuba asikufanelekelanga ukuba ngabakhonzi bakaThixo?
11 Kunokuba iiserafi zilutyhilizele phayaa lusuke phambi koYehova olu sizana lunguIsaya, zisuka zimncede. Ingxelo ithi: “Ngako oko, enye yeeserafi yaphaphazela yeza kum, inelahle elivuthayo esandleni sayo, eyayilithabathe ngesibambo esibingelelweni. Yachukumisa umlomo wam yaza yathi: ‘Yabona! Ichukunyisiwe nje imilebe yakho, sishenxisiwe isiphoso sakho, nesono sakho sicanyagushelwe.’” (Isaya 6:6, 7) Ngengqiqo yokomfuziselo, umlilo unamandla okusulungekisa. Ngethuba ithabatha ilahle elivuthayo emlilweni ongcwele wesibingelelo yalisa emilebeni kaIsaya, le serafi iyamqinisekisa uIsaya ukuba izono zakhe zicanyagushelwe ngomlinganiselo owaneleyo ukuba angakholeka kuThixo aze afumane uthumo lwakhe. Hayi indlela okusiqinisekisa ngayo kwanathi oku! Nathi sinesono yaye asikufanelekelanga ukusondela kuThixo. Kodwa siye sahlawulelwa ngedini lentlawulelo likaYesu, saza ke ngoko sakwazi ukuba ngabakholekileyo kuThixo nokusondela kuye ngomthandazo.—2 Korinte 5:18, 21; 1 Yohane 4:10.
12. Sisiphi isibingelelo asibonayo uIsaya, kwaye yintoni eyenziwa ngumlilo?
12 Okunye okusikhumbuzayo kwakhona ukuba lo ngumbono kukukhankanywa ‘kwesibingelelo.’ (Thelekisa ISityhilelo 8:3; 9:13.) Itempile yaseYerusalem yayinezibingelelo ezibini. Yayisisibingelelo esincinane seziqhumiso esasiphambi kwekhuselo Leyona Ngcwele, esinye yayisisibingelelo esikhulu semibingelelo esasisesangweni lengcwele, esasinomlilo ovutha rhoqo. (Levitikus 6:12, 13; 16:12, 13) Kodwa ezi zibingelelo zasemhlabeni zaziyintsobi nje kuphela, zifuzisela izinto ezinkulu. (Hebhere 8:5; 9:23; 10:5-10) Ngumlilo ovela ezulwini owatshisa umnikelo wasemlilweni esibingelelweni ekusungulweni kwetempile nguKumkani uSolomon. (2 Korinte 7:1-3) Yaye ngoku ngumlilo ovela kwisibingelelo sokwenene sasezulwini, oshenxisa ukungahlambuluki emilebeni kaIsaya.
13. Nguwuphi umbuzo awubuzayo uYehova, yaye ngubani lo amqukayo xa esithi “owosiyela”?
13 Makhe sibek’ indlebe kunye noIsaya. “Ndaza ke ndeva ilizwi likaYehova lisithi: ‘Ndothuma bani na, ngubani na owosiyela?’ Ndathi: ‘Ndikho! Thuma mna.’”(Isaya 6:8) Kucacile ukuba lo mbuzo kaYehova ujoliswe ngqo kuIsaya, kuba umbono awubonisi ukuba kukho omnye umprofeti apho. Ngokuqinisekileyo sisimemo sokuba uIsaya abe ngumthunywa kaYehova. Kodwa kutheni uYehova ebuza esithi, “Ngubani na owosiyela?” Ngokutshintsha kwakhe uYehova kwisinye asebenzise isimelabizo soquko, ubonisa ukuba kukho nomnye umntu oqukiweyo koku. Ngubani lowo? Ingangubani omnye ngaphandle koNyana wakhe okuphela kwamzeleyo, owathi kamva waba ngumntu uYesu Kristu? Kaloku, ngulo Nyana wakhe kanye uThixo awathi kuye, “Masenze umntu ngokomfanekiso wethu.” (Genesis 1:26; IMizekeliso 8:30, 31) Ewe, uNyana kaYehova okuphela kwamzeleyo ukunye naye kwiintendelezo zasezulwini.—Yohane 1:14.
14. UIsaya usabela njani kwisimemo sikaYehova, yaye ngaloo ndlela usibekela wuphi umzekelo?
14 UIsaya akathi ngomso! Engazi nokwazi ngesigidimi eso, zisuka nje uphendula athi: “Ndikho! Thuma mna.” Akabuzi nokuba uza kuzuza ntoni ngokwamkela eso sabelo. Isimo sakhe sengqondo esivumayo singumzekelo omhle kubo bonke abakhonzi bakaThixo namhlanje, abanothumo lokushumayela ‘iindaba ezilungileyo zobukumkani emhlabeni omiweyo uphela.’ (Mateyu 24:14) NjengoIsaya, banamathela ngokuthembekileyo kwisabelo sabo ‘benikela ubungqina kuzo zonke iintlanga,’ phezu kwako nje ukungabikho kwentsabelo entle ngokubanzi. Yaye baqhubeka ngentembelo, njengokuba wenzayo noIsaya, besazi ukuba uthumo lwabo luvela kwelona gunya liphakamileyo.
Uthumo LukaIsaya
15, 16. (a) UIsaya uza kuthini “kwesi sizwana,” yaye siza kusabela njani? (b) Ngaba uIsaya ubekek’ ityala ngendlela abasabela ngayo abantu? Cacisa.
15 Ngoku uYehova uchazela uIsaya oko aza kukuthetha nentsabelo aza kuyifumana, esithi: “Hamba, uze uthi kwesi sizwana, ‘Ukuva oku niya kuva, kodwa ningaqondi; ukubona oku niya kubona, kodwa ningabi nalwazi.’ Yenza intliziyo yesi sizwana ibe lukhuni, neendlebe zaso zenze zithi nkqi, vingca amehlo aso, ukuze singaboni ngamehlo aso, singeva nangeendlebe zaso, kuba hleze siqonde ngentliziyo yaso, sibuye, ndize ndisiphilise.” (Isaya 6:9, 10) Ngaba oku kutheth’ ukuba uIsaya uza kuba ngqwabalala angawacengi amaYuda, awanukuneze njengabant’ ababi phambi koYehova? Akunjalo konke konke! Kaloku uIsaya uphila nabo aba bantu, kwaye unelunda ngabo. Kodwa ngala mazwi uYehova ubonisa indlela abaza kusabela ngayo aba bantu kwisigidimi sakhe, nokuba uIsaya usiphumeza ngokunyaniseke kangakanani na isabelo sakhe.
16 Ngabantu ngokwabo ababekek’ ityala. Zaziza kude zibe shushu iindlebe zabo ‘kukuva’ uIsaya ethetha, kodwa nkqi ukwamkela isigidimi nokusiqonda. Abaninzi kubo babeza kuba nenkani yesele baze babe lukhuni okwelitye lenyengane, ngokungathi zizithulu neemfama ngokupheleleyo. Ngokuquqa kwakhe ebuyelela “kwesi sizwana,” uIsaya wenza kubonakale elubala ukuba asizimiselanga nje kwaphela ukuqonda. Iya kucaca nakuthathatha into yokuba bayabhebhetha bengafuni nokuv’ oku ngesigidimi sikaIsaya—esivela kuThixo. Nqwa ke nabantu banamhlanje! Abaninzi babo bayala ukuwaphulaphula amaNgqina kaYehova njengoko eshumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo obuzayo.
17. Xa uIsaya ebuza ukuba, “Kude kube nini na?” ubhekisela entwenini?
17 Noko ke oku kuyamxhalabisa uIsaya, aze athi: “Ndathi ke mna: ‘Kude kube nini na, Yehova?’ Wathi: ‘Zide okunene izixeko zibe ngamanxuwa, zingabi nabemi, nezindlu zingabi namntu wasemhlabeni, nomhlaba ngokwawo uphanziswe; noYehova okunene abashenxisele kude abantu basemhlabeni, namanxuwa abe makhulu kakhulu phakathi kwelizwe.’” (Isaya 6:11, 12) Ngokuthi, “Kude kube nini na?” uIsaya akabuzi ukuba koda kube nini na eqhubeka eshumayela kwaba bantu baneenkani. Kunoko, uxhalabele aba bantu kwaye uyabuz’ ukuba kuya kude kube nini begxampuza kule meko yabo imbi kangaka yokomoya negama likaYehova lingahlonelwa emhlabeni. (Bona INdumiso 74:9-11.) Lilonke, iya kuqhubeka ixesha elingakanani le meko imaxongo?
18. Iya kuqhubeka de kube nini imeko embi yokomoya yaba bantu, yaye ngaba uIsaya uza kuphila ade akubone ukuzaliseka ngokupheleleyo kwesi siprofeto?
18 Kunyembelekile, kuba impendulo kaYehova ibonisa ukuba le meko yaba bantu embi yokomoya iza kuqhubeka de bavune ngokupheleleyo iziqhamo zokungamthobeli kwabo uThixo, njengoko wabachazelayo ekwenzeni kwakhe umnqophiso kunye nabo. (Levitikus 26:21-33; Duteronomi 28:49-68) Baza kubhuqwa, bathinjwe, nelizwe labo lishiywe lingamabhodlo. Uya kube engasekho uIsaya ekutshatyalalisweni kweYerusalem netempile yayo ngumkhosi wamaBhabhiloni ngowama-607 B.C.E., nangona eza kuqhubeka eprofeta ngaphezu kweminyaka engama-40, ukuya kufikelela kulawulo lomzukulwana kaKumkani u-Uziya onguHezekiya. Sekunjalo, uIsaya uza kuqhubeka ethembekile kuthumo lwakhe de kube sekufeni kwakhe, ngaphezu kweminyaka eli-100 ngaphambi kokuqhambuka kwentlekele yolo hlanga.
19. Nangona olu hlanga luza kugawulwa njengomthi, uThixo umqinisekisa ngelithini uIsaya?
19 Le ntshabalalo eya kushiya elakwaYuda ‘liphanzisiwe’ iza kufika ngokuqinisekileyo, kodwa isekho intlantsana yethemba. (2 Kumkani 25:1-26) UYehova umqinisekisa ngokuthi uIsaya: “Kusaya kubakho inxalenye yeshumi kulo, kodwa nayo iya kutshiswa, njengomthi omkhulu nanjengomthi oxandileyo othi, xa ugawulwe, ube nesiphunzi; yimbewu engcwele ke isiphunzi eso.” (Isaya 6:13) Ewe, kuya kusala “inxalenye yeshumi, . . . imbewu engcwele,” njengesiphunzi emthini omkhulu ogawuliweyo. Ngokuqinisekileyo oku kuzitsho zithi gingxi izibilini kuIsaya—xa kanti kukho imbinana eza kusala kubantu bakowabo. Nangona olu hlanga luya kutshiswa ngokuphindaphindiweyo, njengeenkuni zomthi omkhulu ogawuliweyo, kuya kusala isiphunzi esibalulekileyo saloo mthi onguSirayeli. Siya kuba yimbewu, okanye inzala, engcwele kuYehova. Ekuhambeni kwexesha siya kuhluma, ukhule kwakhona umthi lowo.—Thelekisa uYobhi 14:7-9; Daniyeli 4:26.
20. Yazaliseka njani okokuqala inxalenye yokugqibela yesiprofeto sikaIsaya?
20 Ngaba amazwi esi siprofeto aye azaliseka? Ewe. Kwiminyaka engama-70 emva kokuphanziswa kwelizwe lakwaYuda, intsalela eyoyik’ uThixo yabuya ivela ekuthinjweni eBhabhiloni. Yayakha kwakhona itempile nesixeko, yaza yalubuyisela unqulo lokwenyaniso kwelo lizwe. Oku kubuyiselwa kwamaYuda kwilizwe lawo alinikwe nguThixo kwahlahl’ indlela yenzaliseko yesibini yesi siprofeto uYehova awasinika uIsaya. Yiyiphi loo nzaliseko?—Ezra 1:1-4.
Ezinye Iindlela Esazaliseka Ngazo
21-23. (a) Sazaliseka koobani isiprofeto sikaIsaya ngenkulungwane yokuqala, yaye njani? (b) Ngoobani ‘ababeyimbewu engcwele’ ngenkulungwane yokuqala, kwaye yalondolozwa njani?
21 Ukuprofeta kukaIsaya kwakufuzisela umsebenzi owawuza kwenziwa nguMesiya, uYesu Kristu, kwisithuba seminyaka engama-800 kamva. (Isaya 8:18; 61:1, 2; Luka 4:16-21; Hebhere 2:13, 14) Nangona ebalasele kunoIsaya, uYesu naye wayekulungele ngokufanayo ukuthunywa nguYise osemazulwini, esithi: “Khangela! Ndiyeza ukuza kwenza intando yakho.”—Hebhere 10:5-9; INdumiso 40:6-8.
22 NjengoIsaya, naye uYesu wawuphumeza ngokuthembekileyo umsebenzi awabelweyo yaye nakuye abantu basabela ngendlela efanayo. AmaYuda omhla kaYesu akazange nawo asamkele isigidimi ngokufana nqwa nalawo umprofeti uIsaya wayeshumayela kuwo. (Isaya 1:4) Kubulungiseleli bakhe, uYesu wayisebenzisa ngokubalaseleyo imizekeliso. Oku kwabangela ukuba abafundi bakhe babuze bathi: “Kutheni na uthetha kubo ngemizekeliso?” UYesu waphendula wathi: “Nina nikunikiwe ukuziqonda iimfihlelo ezingcwele zobukumkani bamazulu, kodwa bona abo bantu abakunikwanga. Kungenxa yoko le nto ndithetha kubo ngemizekeliso, ngenxa yokuba, nakuba bekhangela, bakhangelela ilize, nakuba besiva, bavela ilize, bengaqondi nokuqonda; kwaye sizaliseka kubo isiprofeto sikaIsaya, esithi, ‘Ukuva kona, niya kuva kodwa ningaqondi; ukukhangela kona, niya kukhangela kodwa ningaboni. Kuba intliziyo yesi sizukulwana ilukhuni, sizivingcile iindlebe zaso, sawavala amehlo aso; ukuze singaze sibone ngamehlo aso, sive ngeendlebe zaso, siqonde ngeentliziyo zaso, sibuye, ndize ndisiphilise.’”—Mateyu 13:10, 11, 13-15; Marko 4:10-12; Luka 8:9, 10.
23 Ngokucaphula kwakhe kuIsaya, uYesu wayebonisa ukuba eso siprofeto sasizaliseka ngomhla wakhe. Abantu ngokubanzi babenesimo sengqondo esifanayo nesamaYuda omhla kaIsaya. Bathi besiva isigidimi, bazenza iimfama ezingevayo, baza ngaloo ndlela bazibizela intshabalalo. (Mateyu 23:35-38; 24:1, 2) Yona yabafikela mhla imikhosi yamaRoma eyayikhokelwa nguNjengele Titus yayingenelayo iYerusalem ngowama-70 C.E. yaza yasiphanzisa eso sixeko kunye netempile yaso. Kodwa ke, bakho abamphulaphulayo uYesu baza baba ngabafundi bakhe. UYesu wathi ‘banoyolo’ abanjalo. (Mateyu 13:16-23, 51) Wabachazela ukuba xa bebona “iYerusalem ingqongwe yimikhosi emise iintente,” bafanele “basabele ezintabeni.” (Luka 21:20-22) Yasinda ngaloo ndlela ke “imbewu engcwele” eyabonisa ukholo yaza yaba luhlanga lokomoya, “uSirayeli kaThixo.”a—Galati 6:16.
24. UPawulos wasisebenzisa njani isiprofeto sikaIsaya, yaye oku kubonisa ntoni?
24 Malunga nowama-60 C.E., umpostile uPawulos wavalelwa endlwini eRoma. Apho wabiza intlanganiso ‘yamadoda aziintloko amaYuda’ nabanye, waza wanikela “ubungqina obucokisekileyo ngokuphathelele ubukumkani bukaThixo.” Xa abaninzi bengasamkeli isigidimi sakhe, uPawulos wachaza ukuba oku kwakuzalisekisa isiprofeto sikaIsaya. (IZenzo 28:17-27; Isaya 6:9, 10) Singatsho ke ukuba abafundi bakaYesu nabo babenothumo olufanayo nolukaIsaya.
25. Yintoni amaNgqina kaThixo anamhlanje ayiqondayo, yaye asabela njani koko?
25 Ngokufanayo ke nanamhlanje, amaNgqina kaYehova ayaqonda ukuba uYehova uThixo usetempileni yakhe engcwele. (Malaki 3:1) NjengoIsaya, nawo athi: “Ndikho! Thuma mna.” Amaxhaphetshu, elumkisa ngokusondela kwesiphelo sale nkqubo ingendawo yezinto. Kodwa, njengokuba uYesu wabonisayo, baliqaqobana nje kuphela abantu abawavulayo amehlo neendlebe zabo ukuze babone, beve, baze basindiswe. (Mateyu 7:13, 14.) Eneneni, banoyolo abo bantliziyo zithobekileyo nabakulungeleyo ukuphulaphula ‘baze baphiliswe’!—Isaya 6:8, 10.
[Umbhalo osemazantsi]
a Ngenxa yokuvukela kwamaYuda, imikhosi yamaRoma eyayikhokelwa nguCestius Gallus yayingqinga iYerusalem, yada yaya kufikelela nakwiindonga zetempile, ngowama-66 C.E. Emva koko yarhoxa, ivulel’ abafundi bakaYesu ithuba lokusabela kwiintaba zePereya ngaphambi kokubuya kwamaRoma ngowama-70 C.E.
[Umfanekiso okwiphepha 94]
“Ndikho! Thuma Mna.”
[Umfanekiso okwiphepha 97]
‘Zide izixeko zibe ngamanxuwa, zingabi nabemi’