Umkhonzi KaYehova—“Wahlatywa Ngenxa Yokunxaxha Kwethu”
“Wahlatywa ngenxa yokunxaxha kwethu; watyunyuzwa ngenxa yeziphoso zethu. . . . Ngamanxeba akhe siye saphiliswa.”—ISA. 53:5.
1. Yintoni esifanele sicinge ngayo xa sisenza iSikhumbuzo yaye sisiphi isiprofeto esiya kusinceda senjenjalo?
ISIKHUMBUZO sisenza ngenjongo yokukhumbula ukufa kukaKristu kunye nako konke oko kuye kwaphunyezwa kukufa nokuvuswa kwakhe. ISikhumbuzo sisenza sicinge ngokuthethelelwa kolongamo lukaYehova, ukungcwaliswa kwegama lakhe nokuzaliseka kwenjongo yakhe, kuquka ukusindiswa koluntu. Mhlawumbi asikho esinye isiprofeto eBhayibhileni esilichaza bhetele idini likaKristu noko liye lakuphumeza njengeso sikuIsaya 53:3-12. UIsaya waprofeta ngokubandezeleka koMkhonzi kaYehova waza wakuchaza ngokweenkcukacha ukufa kukaKristu neentsikelelo ezaziya kuziswa koko kufa kubazalwana bakhe abathanjisiweyo ‘nakwezinye izimvu.’—Yoh. 10:16.
2. Isiprofeto sikaIsaya singqina ntoni, yaye oku kuya kusichaphazela njani thina?
2 Kwiinkulungwane ezisixhenxe ngaphambi kokuzalwa kukaYesu emhlabeni, uYehova waphefumlela uIsaya ukuba aprofete athi, uMkhonzi wakhe onyuliweyo uya kuthembeka kwanaxa evavanywa ngokuqatha. Esi sibakala singqina ukuba uYehova unentembelo epheleleyo yokuba uNyana wakhe uya kuhlala enyanisekile kuye. Njengoko sihlolisisa esi siprofeto siya kuba noxabiso yaye ukholo lwethu luya komelela.
“Wayedeliwe” Yaye ‘Ephathwa Njengongabalulekanga’
3. Kutheni amaYuda ayemele amamkele uYesu, kodwa amphatha njani?
3 Funda uIsaya 53:3. Cinga nje ukuba kwakuthetha ntoni kuNyana okuphela kozelweyo kaThixo ukuncama uvuyo lokukhonza ecaleni kukaYise, eze emhlabeni ukuze anikele ngobomi bakhe njengedini lokusindisa uluntu kwisono nokufa! (Fil. 2:5-8) Idini lakhe laliza kubangela ukuba zixolelwe ngokwenene izono, nto leyo eyafuziselwa ngamadini ezilwanyana awayenikelwa kuMthetho kaMoses. (Heb. 10:1-4) Ngenxa yoko, kwakulindeleke ukuba amaYuda amamkele aze amhlonele, kuba kakade ayelindele uMesiya. (Yoh. 6:14) Kunoko, uKristu ‘wadelwa waza waphathwa njengongabalulekanga’ ngamaYuda njengoko uIsaya waprofetayo. Umpostile uYohane wathi: “Weza kwikhaya lakhe, kodwa abantu bakowabo abamamkelanga.” (Yoh. 1:11) Umpostile uPetros wathi kumaYuda: “UThixo wookhokho bethu, umzukisile uMkhonzi wakhe, uYesu, lowo nina namnikelayo naza namkhanyela phambi kobuso bukaPilato, xa wayegqibe kwelokuba amkhulule. Ewe, namkhanyela lowo ungcwele nolilungisa.”—IZe. 3:13, 14.
4. UYesu waqhelana njani nesifo?
4 UIsaya waphinda waprofeta wathi uYesu wayemele ‘aqhelane nesifo.’ Ebudeni bobulungiseleli bakhe, ngokuqinisekileyo uYesu wayekhe adinwe, kodwa ayikho indawo ethi wakha wagula. (Yoh. 4:6) Noko ke, waqhelana nezifo zabo wayeshumayela kubo. Wasikwa yimfesane ngabo waza wanyanga abaninzi kubo. (Marko 1:32-34) Ngaloo ndlela uYesu wazalisekisa esi siprofeto: “Eneneni yena wathwala izifo zethu; wathwala kwaneentlungu zethu.”—Isa. 53:4a; Mat. 8:16, 17.
Wayengathi ‘Ubethwe NguThixo’
5. AmaYuda amaninzi akujonga njani ukufa kukaYesu, yaye kutheni oku kongezelela ekubandezelekeni kwakhe?
5 Funda uIsaya 53:4b. Abantu abaninzi ababephila ngexesha likaYesu abazange basiqonde isizathu sokuba abandezeleke aze afe. Babecinga ukuba wohlwaywa nguThixo, ngokungathi umbetha ngesifo esoyikekayo. (Mat. 27:38-44) AmaYuda atyhola uYesu ngokuba ngumnyelisi. (Marko 14:61-64; Yoh. 10:33) Kambe ke, uYesu wayengengomoni, engenguye nomnyelisi. UYesu wayemthanda gqitha uYise, yaye enye into eyongezelela ekubandezelekeni kwalo Mkhonzi kaYehova kukutyholwa ngokuba ngumnyelisi aze abulawelwe loo nto. Nakuba kwakunjalo wayekulungele ukuzithoba ekwenzeni ukuthanda kukaYehova.—Mat. 26:39.
6, 7. UYehova ‘wamtyumza’ njani uMkhonzi wakhe othembekileyo, yaye kutheni oku ‘kwamyolisayo’?
6 Iyavakala into yokuba isiprofeto sikaIsaya sithi abanye babeya kucinga ukuba uKristu ‘ubethwa nguThixo’ kodwa into engumnqa kuxa kwaesi siprofeto sisithi: “UYehova wayoliswa kukumtyumza.” (Isa. 53:10) Ukwazi njani uYehova ukuthi: “Khangela! Umkhonzi wam . . . onyuliweyo wam, lowo ukholisiweyo nguye umphefumlo wam,” aphinde kwayena ‘ayoliswe kukumtyumza’? (Isa. 42:1) Sinokutsho njani ukuba oku kuyamyolisa uYehova?
7 Ukuze siyiqonde le nxalenye yesiprofeto, sifanele sikhumbule ukuba xa wayecel’ umngeni ulongamo lukaYehova, uSathana watyala amathandabuzo kubo bonke abakhonzi bakaThixo abasemhlabeni nabasezulwini. (Yobhi 1:9-11; 2:3-5) Xa wahlala ethembekile de wafa, uYesu waluphendula kakuhle ucelomngeni lukaSathana. Ngenxa yoko, ngoxa uYehova wavumela uKristu ukuba abulawe ziintshaba zakhe, alithandabuzeki elokuba uYehova wabandezeleka xa wabona uMkhonzi wakhe onyuliweyo ebulawa. Noko ke, ukubukela uNyana wakhe ethembeke ngokupheleleyo kwamyolisa gqitha uYehova. (IMize. 27:11) Ngaphezu koko ukwazi ngeengenelo ezaziya kuziswa kukufa koNyana wakhe kubantu abaguqukayo kwamvuyisa nangakumbi uYehova.—Luka 15:7.
“Wahlatywa Ngenxa Yokunxaxha Kwethu”
8, 9. (a) UYesu ‘wahlatywa njani ngenxa yokunxaxha kwethu’? (b) UPetros ukungqina njani oku?
8 Funda uIsaya 53:6. Kanye njengezimvu ezilahlekileyo, abantu abanesono baye babhadula, befuna ukuhlangulwa ekuguleni nasekufeni abakuzuza njengelifa kuAdam. (1 Pet. 2:25) Ekubeni ingafezekanga, akukho namnye kwinzala ka-Adam onokuthenga oko kwalahlwa nguAdam. (INdu. 49:7) Noko ke, ngenxa yothando lwakhe olungenambaliso, ‘uYehova wasibalela kuNyana wakhe amthandayo noMkhonzi amnyulileyo isiphoso sethu sonke.’ Ngokuvuma ‘ukuhlatywa ngenxa yokunxaxha kwethu nokutyunyuzwa ngenxa yezono zethu,’ uKristu wathwalela izono zethu esibondeni waza wasifela.
9 Umpostile uPetros wabhala wathi: “Nabizelwa kulo eli khondo, kuba noKristu wabandezeleka ngenxa yenu, enishiya nomzekelo, ukuze nilandele emanyathelweni akhe ngokusondeleyo. Yena ngokwakhe wazithwala izono zethu ngomzimba wakhe esibondeni, ukuze singabi saba nanto yakwenza nezono size siphile ebulungiseni.” Emva koko, ecaphula isiprofeto sikaIsaya, uPetros waleka ngelithi: “Yaye ‘niye naphiliswa ngemivilambo yakhe.’” (1 Pet. 2:21, 24; Isa. 53:5) Oku kwavula indlela yokuba aboni baxolelaniswe noThixo, njengokuba uPetros esongezelela ngelithi: “KwanoKristu olilungisa wafa kwaba kanye ngenxa yezono, efela abo bangengomalungisa, ukuze anikhokelele kuThixo.”—1 Pet. 3:18.
“Waziswa Kanye Njengemvu Esiwa Ekuxhelweni”
10. (a) UYohane uMbhaptizi wamchaza njani uYesu? (b) Kutheni amazwi kaYohane angqineka efaneleka?
10 Funda uIsaya 53:7, 8. Xa uYohane uMbhaptizi wabona uYesu esiza, wathi: “Yabonani, iMvana kaThixo esusa isono sehlabathi!” (Yoh. 1:29) Kusenokwenzeka ukuba ngokubhekisela kuYesu njengeMvana, uYohane wayecinga ngala mazwi kaIsaya: “Waziswa kanye njengemvu esiwa ekuxhelweni.” (Isa. 53:7) UIsaya waprofeta wathi: “Wawuphalaza umphefumlo wakhe ukusa kanye ekufeni.” (Isa. 53:12) Okubangel’ umdla kukuba, ngobusuku awasungula ngabo iSikhumbuzo sokufa kwakhe, uYesu wanika abapostile bakhe abathembekileyo abali-11 indebe yewayini waza wathi: “Oku kuthetha ‘igazi lam lomnqophiso,’ eliza kuphalala ngenxa yabaninzi ukuze kuxolelwe izono.”—Mat. 26:28.
11, 12. (a) Ukuvuma kukaIsake ukuba lidini kusibonisa ntoni ngedini likaKristu? (b) Yintoni esifanele siyikhumbule ngoAbraham Omkhulu, uYehova, xa sisenza iSikhumbuzo?
11 NjengoIsake wamandulo, uYesu wakulungela ukunikelwa njengedini kwisibingelelo sokuthanda kukaYehova ngaye. (Gen. 22:1, 2, 9-13; Heb. 10:5-10) Ngoxa yayinguIsake owavumayo ukuba lidini, oyena mntu walinikelayo nguAbraham. (Heb. 11:17) Ngokufanayo, uYesu wayamkela into yokuba wayeza kufa, kodwa nguYehova uMseki welungiselelo lentlawulelo. Ukunikela ngoNyana wakhe njengedini kwakuyimbonakaliso yothando lukaThixo olungathethekiyo ngoluntu.
12 UYesu wathi: “UThixo walithanda kakhulu ihlabathi kangangokuba wanikela ngoNyana wakhe okuphela kwamzeleyo, ukuze wonk’ ubani obonisa ukholo kuye angatshabalali kodwa abe nobomi obungunaphakade.” (Yoh. 3:16) Umpostile uPawulos wabhala: “UThixo ubonakalisa uthando lwakhe kuthi ngokuthi, ngoxa sasisengaboni, uKristu asifele.” (Roma 5:8) Ngenxa yoko, ngoxa sihlonela uKristu ngokwenza isikhumbuzo sokufa kwakhe, sifanele singaze silibale ukuba oyena mntu waseka ilungiselelo lentlawulelo nguAbraham Omkhulu, uYehova. ISikhumbuzo sisenzela ukuzukisa yena.
UMkhonzi Ubazisela “Ukuma Kobulungisa Abantu Abaninzi”
13, 14. UMkhonzi kaYehova uye wabazisela njani “ukuma kobulungisa abantu abaninzi”?
13 Funda uIsaya 53:11, 12. UYehova wathi ngoMkhonzi wakhe onyuliweyo: “Lowo ulilungisa, umkhonzi wam, uya kubazisela ukuma kobulungisa abantu abaninzi.” Wayeza kukwenza njani oko? Xa iqukumbela, indinyana 12 isikrobisa kwimpendulo yalo mbuzo. “Yaye [uMkhonzi] wabathethelela abo banxaxhayo.” Yonke inzala ka-Adam izalwa ingaboni, ‘abanxaxhayo,’ ibe ngenxa yoko ifumana “umvuzo isono esiwuhlawulayo,” ukufa. (Roma 5:12; 6:23) Ukuxolelana kukaYehova nabantu abanesono kubalulekile. Isahluko 53 sesiprofeto sikaIsaya siyichaza kakuhle indlela uYesu ‘awabathethelela’ ngayo abantu abanesono xa sisithi: “Wabethwa ukuze sibe noxolo, yaye ngamanxeba akhe siye saphiliswa.”—Isa. 53:5.
14 Ngokusithwalela izono zethu aze asifele, uKristu wabazisela “ukuma kobulungisa abantu abaninzi.” UPawulos wabhala wathi: “UThixo wakubona kulungile ukuba konke ukuzala kuhlale kuye [uKristu], nokuba ngaye aphinde axolelanise kuye ngokwakhe zonke ezinye izinto ngokwenza uxolo ngegazi awaliphalaza kwisibonda sentuthumbo, kungakhathaliseki enoba zizinto ezisemhlabeni okanye izinto ezisemazulwini.”—Kol. 1:19, 20.
15. (a) Ngoobani “izinto ezisemazulwini” awathetha ngazo uPawulos? (b) Ngoobani kuphela abanokuthabatha kwimifuziselo yeSikhumbuzo yaye ngoba?
15 “Izinto ezisemazulwini” ezixolelaniswe noYehova ngegazi likaKristu elaphalalayo ngamaKristu athanjisiweyo, abizelwe ukulawula noKristu ezulwini. AmaKristu ‘anesabelo kubizo lwasezulwini’ avakaliswa ‘engamalungisa afanelwe bubomi.’ (Heb. 3:1; Roma 5:1, 18) UYehova uwamkela njengoonyana bokomoya. Umoya oyingcwele ungqinelana nawo ukuba ‘aziindlalifa ezimanyene noKristu,’ ezibizelwe ukuba ngookumkani nababingeleli kuBukumkani bakhe basezulwini. (Roma 8:15-17; ISityhi. 5:9, 10) Aba yinxalenye yoSirayeli wokomoya, “uSirayeli kaThixo,” yaye angeniswa ‘kumnqophiso omtsha.’ (Yer. 31:31-34; Gal. 6:16) Njengamalungu omnqophiso omtsha, anelungelo lokuthabatha kwimifuziselo yeSikhumbuzo, kuquka indebe yewayini ebomvu, uYesu awathi ngayo: “Le ndebe ithetha umnqophiso omtsha ongegazi lam, eliza kuphalala ngenxa yenu.”—Luka 22:20.
16. Ziziphi “izinto ezisemhlabeni,” yaye zikunikwa njani ukuma kobulungisa phambi kukaYehova?
16 “Izinto ezisemhlabeni” zezinye izimvu zikaKristu, ezinethemba lokuphila ngonaphakade emhlabeni. Nazo uMkhonzi kaYehova onyuliweyo uzizisela ukuma kobulungisa phambi kukaYehova. Ngenxa yokuba zinokholo kwidini lentlawulelo likaKristu zaza ‘zayihlamba imiwunduzo yazo zayenza mhlophe egazini leMvana,’ uYehova uzivakalisa zingamalungisa, kungekhona njengoonyana bokomoya, kodwa njengezihlobo zakhe, ezinika ithemba elibalaseleyo lokusinda ‘kwimbandezelo enkulu.’ (ISityhi. 7:9, 10, 14; Yak. 2:23) Ngenxa yokuba zingekho kumnqophiso omtsha yaye zingenathemba lokuphila ezulwini, ezi zimvu azithabathi kwimifuziselo yeSikhumbuzo kodwa zibakho njengababukeli abanentlonelo ebudeni baso.
Siyambulela UYehova Nomkhonzi Wakhe Akholisiweyo Nguye!
17. Ukuhlolisisa iziprofeto zikaIsaya ezithetha ngoMkhonzi kuye kwazinceda njani iingqondo zethu zilungele iSikhumbuzo?
17 Ukuhlolisisa iziprofeto zikaIsaya ezithetha ngoMkhonzi bekuyindlela entle yokwenza iingqondo zethu zilungele iSikhumbuzo sokufa kukaKristu. Kuye kwasenza ‘sakhangela ngenyameko kuMmeli Oyintloko noMgqibelelisi wokholo lwethu.’ (Heb. 12:2) Sifundile ukuba uNyana kaThixo akanamvukelo. Ngokungafaniyo noSathana, uyayoliswa kukufundiswa nguYehova, emgqala njengeNkosi enguMongami. Siye sabona ukuba ebudeni bobulungiseleli bakhe basemhlabeni, uYesu waba nemfesane kubantu awayeshumayela kubo, enyanga abaninzi kubo emzimbeni nangokomoya. Ngaloo ndlela wabonisa oko aya kukwenza xa enguKumkani onguMesiya kwinkqubo entsha yezinto xa ‘emisa okusesikweni emhlabeni.’ (Isa. 42:4) Inzondelelo awayibonisayo xa wayeshumayela ngoBukumkani, “njengokhanyiso lweentlanga,” ikhumbuza abalandeli bakhe ukuba nabo bazishumayele ngenzondelelo iindaba ezilungileyo emhlabeni wonke.—Isa. 42:6.
18. Kutheni isiprofeto sikaIsaya sisenza sibe nombulelo osuk’ entliziyweni kuYehova nakuMkhonzi wakhe othembekileyo?
18 Kanti isiprofeto sikaIsaya sisenza siyiqonde ngakumbi indlela uYehova awangena ezindlekweni ngayo xa wathumela uNyana wakhe amthandayo emhlabeni ukuze abandezeleke aze asifele. UYehova akazange ayoliswe kukubona uNyana wakhe ebandezeleka kodwa wayoliswa kukumbona ethembekile de wafa. Sifanele sivuye njengoYehova, siqonde konke oko kwenziwa nguYesu ukuze angqine uSathana elixoki nokungcwalisa igama likaYehova ngaloo ndlela ethethelela ukufaneleka kolongamo lukaYehova. Ukongezelela, uKristu wazithabathela kuye izono zethu waza wasifela. Ngaloo ndlela, wenza ukuba umhlambi omncinane wabazalwana bakhe abathanjisiweyo nezinye izimvu zibe nokuma kobulungisa phambi kukaYehova. Njengoko sihlanganisana ukuze senze iSikhumbuzo, ngamana singanombulelo osuk’ entliziyweni kuYehova nakuMkhonzi wakhe othembekileyo.
Impinda
• Kungayiphi indlela awathi uYehova ‘wayoliswa kukutyunyuzwa’ koNyana wakhe?
• UYesu ‘wahlatywa njani ngenxa yokunxaxha kwethu’?
• UMkhonzi ‘wabazisela njani ukuma kobulungisa abantu abaninzi’?
• Ukuhlolisisa iziprofeto eziphathelele uMkhonzi kuye kwayenza njani ingqondo nentliziyo yakho ukuba ilungele iSikhumbuzo?
[Umfanekiso okwiphepha 26]
“Wayedeliwe, yaye thina samphatha njengongabalulekanga”
[Umfanekiso okwiphepha 28]
“Wawuphalaza umphefumlo wakhe ukusa kanye ekufeni”
[Umfanekiso okwiphepha 29]
‘Ezinye izimvu’ ziba ngababukeli abanentlonelo ebudeni beSikhumbuzo