Kubalisa uLuka
15 Kwafika abaqokeleli berhafu naboni bezokumamela uYesu.+ 2 AbaFarisi nababhali bamane bekhalaza besithi: “Lo mntu uhlala naboni, atye nabo.” 3 Ngoko wabenzela umzekelo, wathi: 4 “Ngubani kuni onokuthi eneegusha eziyi-100, kuze kulahleke enye, angazishiyi ezo ziyi-99 apho entlango, aye kukhangela leyo ilahlekileyo ade ayifumane?+ 5 Uthi akuyifumana, ayibeke emagxeni evuya. 6 Akufika ekhaya, ubiza abahlobo bakhe nabamelwane, athi kubo, ‘Vuyisanani nam, kuba ndiyifumene igusha yam ebilahlekile.’+ 7 Ndithi kuni, kuza kuvuywa kakhulu nasezulwini ngenxa yomoni omnye oguqukayo+ kunangenxa yamalungisa ayi-99 angadingi kuguquka.
8 “Okanye nguwuphi umfazi onokuthi enemali eziidrarhma* ezilishumi, kuze kulahleke ibe nye, angalayiti isibane, atshayele indlu yakhe, aze ayifunisise ade ayifumane? 9 Uthi akuyifumana, abize abahlobo bakhe* nabamelwane, athi, ‘Vuyisanani nam, kuba ndiyifumene idrarhma* yam ebilahlekile.’ 10 Ndithi kuni, nasezulwini ziyavuya iingelosi zikaThixo xa umoni omnye eguquka.”+
11 Emva koko wathi: “Kwakukho indoda eyayinoonyana ababini. 12 Unyana omncinci wathi kutata wakhe, ‘Tata, ndinike ilifa lam.’ Ngoko wabanika bobabini amafa abo. 13 Emva kweentsuku ezimbalwa, unyana omncinci waqokelela zonke izinto zakhe, wahamba waya kwilizwe elikude, wadlala ngalo ilifa lakhe, waphila ubomi bokungakhathali. 14 Zathi zakuphela zonke izinto zakhe, kwabakho indlala enkulu kwelo lizwe, waza wahlupheka. 15 Waya kusebenzela omnye wabemi belo lizwe, owamthuma ukuba ayokwalusa iihagu endle.+ 16 Wayelamba kangangokuba wayedla ngokurhalela ukutya kwezo hagu, kodwa kwakungekho mntu umpha kutya.
17 “Uthe akubuyela ezingqondweni, wathi, ‘Ndlela le abaninzi ngayo abaqeshwa bakatata abahlutha sisonka, kodwa mna ndiyafa apha yindlala! 18 Ndiza kuya kutata, ndithi kuye: “Tata, ndimonile uThixo, nawe ndikonile. 19 Andisafanelanga nokuba kuthiwe ndingunyana wakho. Ndenze ndibe ngomnye wabaqeshwa bakho.”’ 20 Ngoko wahamba waya kutata wakhe. Uthe esekude, utata wakhe wambona, waba nosizi, wabaleka waya kuye, wamanga waza wamphuza.* 21 Unyana wathi kuye, ‘Tata, ndimonile uThixo, nawe ndikonile.+ Andisafanelanga nokuba kuthiwe ndingunyana wakho.’ 22 Kodwa utata wakhe wathi kumakhoboka akhe, ‘Khawulezisani! yizani nesambatho, esona sihle, nimnxibise iringi neembadada. 23 Zisani nethole lenkomo elityetyisiweyo, nilixhele, sitye sonwabe, 24 kuba lo nyana wam ebefile, ngoku uyaphila;+ ebelahlekile, ngoku ufunyenwe.’ Baza ke bonwaba.
25 “Ngelo xesha unyana wakhe omdala wayesemasimini, ibe wathi xa ebuya, sele eza kufika ekhaya, weva kuculwa, kudaniswa. 26 Ngoko wabiza omnye wabasebenzi, wambuza ukuba kuqhubeka ntoni. 27 Wathi kuye, ‘Umntakwenu ubuyile yaye usempilweni, waza utata wakho wamxhelela ithole lenkomo elityetyisiweyo.’ 28 Yamcaphukisa le nto, akafuna nokungena. Ngoko utata wakhe waphuma wazokumcenga. 29 Wathi kutata wakhe, ‘Ndineminyaka emininzi ndikusebenzela ibe ndikuthobela, kodwa zange nakanye undixhelele netakane eli lebhokhwe ndizokulitya nabahlobo bam. 30 Kodwa uthe nje akufika lo nyana wakho owadlala ngelifa lakhe, walitya nabafazi abathengisa ngomzimba, wamxhelela ithole lenkomo elityetyisiweyo.’ 31 Wathi kuye, ‘Nyana wam, ubusoloko ukunye nam, ibe zonke izinto zam zezakho. 32 Kufanelekile ukuba sonwabe, sivuyele ukubuya komntakwenu, kuba ebefile, kodwa ngoku uyaphila; ebelahlekile, kodwa ngoku ufunyenwe.’”