Bamfumana UMesiya!
“Simfumene uMesiya.”—YOH. 1:41.
1. Yintoni eyabangela ukuba kuthethwe la mazwi: “Simfumene uMesiya”?
UYOHANE UMBHAPTIZI umi nabafundi bakhe ababini. Njengoko uYesu esondela, uYohane udanduluka enjenje: “Khangelani, iMvana kaThixo!” Bengalibazisanga uAndreya nomnye umfundi balandela uYesu baze bahlale naye yonke loo mini. Kamva, uAndreya udibana nomntakwabo uSimon Petros, amxelele la mazwi abangel’ umdla: “Simfumene uMesiya,” aze emva koko amse kuYesu.—Yoh. 1:35-41.
2. Siya kungenelwa njani ngokuhlolisisa iziprofeto ezingakumbi ezingoMesiya?
2 Njengoko ixesha lihamba, uAndreya noPetros kunye nabanye baza kuba nexesha elininzi lokuhlolisisa iZibhalo baze bengathandabuzi baxelele abantu ukuba uYesu waseNazarete unguMesiya othenjisiweyo. Ukholo lwethu kwiLizwi likaThixo nakuMthanjiswa wakhe luya komelela njengoko siqhubeka sihlolisisa iziprofeto ezingoMesiya.
‘Khangela! UKumkani Wakho Uyeza’
3. Ziziphi iziprofeto ezazalisekiswa kukungena kukaYesu esoyisa eYerusalem?
3 UMesiya wayeza kungena esoyisa eYerusalem . UZekariya waprofeta wathi: “Vuya kakhulu, wena ntombi yaseZiyon. Duma ngoloyiso, wena ntombi yaseYerusalem. Khangela! Ukumkani wakho uza kuwe. Ulilungisa, ewe, usindisiwe; uthobekile, yaye ukhwele e-esileni, sona kanye isilwanyana esikhule ngokupheleleyo esizalwa yimazi ye-esile.” (Zek. 9:9) Umdumisi wabhala: “Makabongwe Lowo uzayo egameni likaYehova.” (INdu. 118:26) UYesu akazange ayalele isihlwele ngoko simele sikwenze. Noko ke, eso sihlwele sadanduluka ngovuyo olungathethekiyo, sizalisekisa isiprofeto. Njengoko ufunda le ngxelo, yiba nomfanekiso-ngqondweni woko kwenzekayo, uze uphulaphule namazwi abo bantu bonwabileyo.—Funda uMateyu 21:4-9.
4. Chaza oko kwenzekayo nokwazalisekisa iNdumiso 118:22, 23.
4 Nangona abantu abaninzi babengamfuni uYesu phezu kwabo nje ubungqina bokuba unguMesiya, uxatyisiwe nguThixo. Njengoko kwakuprofetiwe, uYesu ‘wayedeliwe yaye ephethwe njengongabalulekanga’ ngabo babengafuni ukubamkela obo bungqina. (Isa. 53:3; Marko 9:12) Sekunjalo, uThixo waphefumlela umdumisi ukuba athi: “Ilitye abaligatyayo abakhi liye laba yintloko yembombo. Oku kuye kwabakho kuvela kuYehova.” (INdu. 118:22, 23) UYesu wakhumbuza abachasi bonqulo ngesi sibhalo, yaye uPetros wathi sazaliseka kuKristu. (Marko 12:10, 11; IZe. 4:8-11) UYesu waba “yintloko yembombo” yebandla lamaKristu. Nakubeni wayengafunwa ngabantu abangamoyikiyo uThixo, kodwa ‘unyuliwe yaye uxabisekile kuThixo.’—1 Pet. 2:4-6.
Wangcatshwa Waza Washiywa!
5, 6. Yintoni eyaprofetwayo yaza yazaliseka ngokuphathelele ukungcatshwa kukaMesiya?
5 Kwaxelwa kwangaphambili ukuba uMesiya wayeza kungcatshwa sisinxulumani esinenkohliso. UDavide waprofeta wathi: ‘Indoda eseluxolweni nam, ebendikholose ngayo, ebisidla isonka sam, indiphakamisele isithende.’ (INdu. 41:9) Abantu ababesitya kunye isonka kwakucingwa ukuba bangabahlobo. (Gen. 31:54) Ngoko ukungcatshwa kukaYesu nguYuda Skariyoti yayiyeyona nkohliso ingenakuthelekiswa nanto. UYesu wazisa ingqalelo ekuzalisekeni kwamazwi esiprofeto sikaDavide xa wayethetha ngalowo wayeza kumngcatsha waza waxelela abapostile bakhe oku: “Andithethi ngani nonke; ndiyabazi abo ndibanyulileyo. Kodwa oku kukuze sizaliseke iSibhalo esithi, ‘Lowo ubefudula esidla isonka sam undiphakamisele isithende.’”—Yoh. 13:18.
6 Lowo wayeza kungcatsha uMesiya wayeza kunikwa amaqhosha esilivere angama-30—ixabiso lekhoboka! Etsalel’ ingqalelo kuZekariya 11:12, 13, uMateyu uthi uYesu wangcatshwa ngemali encinane gqitha. Kodwa kwakutheni ukuze uMateyu athi oku kwakuthethwe kusengaphambili “ngoYeremiya umprofeti”? Ngomhla kaMateyu, kusenokwenzeka ukuba incwadi kaYeremiya yayiyeyokuqala kwiqela leencwadi zeBhayibhile ezaziquka uZekariya. (Thelekisa uLuka 24:44) UYuda akazange ayisebenzise nokuyisebenzisa loo mali wayeyifumene ngondlela-mnyama, wayiphosa etempileni waza emva koko wazibulala.—Mat. 26:14-16; 27:3-10.
7. Yazaliseka njani incwadi kaZekariya 13:7?
7 Kwanabafundi bakaMesiya babeza kuchithachitheka. UZekariya wabhala wathi: “Xabela umalusi, uze uchithachitheke umhlambi.” (Zek. 13:7) NgoNisan 14, 33 C.E., uYesu waxelela abafundi bakhe oku: “Nonke niya kukhubeka ngam ngobu busuku, kuba kubhaliwe kwathiwa, ‘Ndiza kumbetha umalusi, yaye izimvu zomhlambi ziya kuchithachithwa.’” Yaye kwenzeka kanye oko, kuba uMateyu uthi “bonke abafundi bamshiya [uYesu] basaba.”—Mat. 26:31, 56.
Watyholwa Waza Watyakatywa
8. Wazaliseka phantsi kwaziphi iimeko uIsaya 53:8?
8 UMesiya wayeza kulingwa aze achaswe. (Funda uIsaya 53:8.) NgoNisan 14, xa kanye kusithi qheke ukusa, iSanhedrin yonke yahlangana, yambophelela uYesu, yaza yamsa kwiRhuluneli yaseRoma uPontiyo Pilato. Le rhuluneli yamhlaba imibuzo uYesu yaza yamfumanisa engenatyala kwaphela. Noko ke, xa yayisithi makakhululwe, isihlwele sankqangaza sisithi: “Mbethelele!” saza sathi masikhululelwe uBharabhas. Efuna ukwanelisa isihlwele, uPilato wamkhulula uBharabhas owayesisaphuli-mthetho, yaye, emva kokuba uYesu etywatyushiwe wamnikela ukuba abethelelwe.—Marko 15:1-15.
9. Yintoni eyenzekayo ngexesha likaYesu eyayichazwe kwiNdumiso 35:11?
9 Amangqina obuxoki ayeza kunikela ubungqina ngoMesiya. Umdumisi uDavide wathi: “Kuphakama amangqina anogonyamelo; Andibuza oko ndingakwaziyo.” (INdu. 35:11) Kanye njengoko kwakuprofetiwe, “ababingeleli abaziintloko neSanhedrin iyonke babefuna ubungqina bobuxoki nxamnye noYesu ukuze bambulale.” (Mat. 26:59) Phofu ke, “abaninzi, eneneni, babenikela ubungqina bobuxoki nxamnye naye, kodwa ubungqina babo babungavumelani.” (Marko 14:56) Ubungqina bobuxoki babungathethi nto kwiintshaba zikaYesu ezingaqiqiyo nezazifuna ukuba afe.
10. Chaza indlela awazaliseka ngayo uIsaya 53:7.
10 UMesiya wayeza kuba sisimumu phambi kwabo babemmangalela. UIsaya waprofeta wenjenje: “Wabandezeleka kakhulu, wazivumela waxhwaleka; ukanti wayengawuvuli umlomo wakhe. Waziswa kanye njengemvu esiwa ekuxhelweni; nanjengemazi yegusha eye yasisimumu phambi kwabachebi bayo, naye wayengawuvuli umlomo wakhe.” (Isa. 53:7) Ngoxa uYesu “wayemangalelwa ngababingeleli abaziintloko namadoda amakhulu, akazange aphendule.” UPilato wambuza: “Akuziva na ukuba zininzi kwezinto abazingqinayo nxamnye nawe?” Sekunjalo, uYesu “akazange amphendule, nalinye ilizwi, kangangokuba irhuluneli yamangaliswa kakhulu.” (Mat. 27:12-14) UYesu akazange abagculele abo babemmangalela.—Roma 12:17-21; 1 Pet. 2:23.
11. Yintoni eyenzekayo eyazalisekisa uIsaya 50:6 noMika 5:1?
11 UIsaya waprofeta wathi uMesiya wayeza kubethwa. Lo mprofeti wabhala: “Ndawunikela umhlana wam kubabethi, nezidlele zam kwabo baxhwitha iinwele. Andibufihlanga ubuso bam ehlazweni nasekutshicelweni.” (Isa. 50:6) UMika waprofeta wenjenje: “Baya kumbetha ngentonga esidleleni umgwebi wakwaSirayeli.” (Mika 5:1) Engqina ukuzaliseka kwezi ziprofeto, umbhali weVangeli uMarko wathi: “Bambi baqala ukumtshicela [uYesu] nokugqubuthela ubuso bakhe buphela baza bambetha ngamanqindi bathi kuye: ‘Profeta!’ Yaye, bemmpakaza ebusweni, abalindi basenkundleni bamthabatha.” UMarko uthi amajoni “ayembetha entloko ngengcongolo aze amtshicele yaye, ayeguqa ngamadolo [emgculela], aqubude kuye.” (Marko 14:65; 15:19) UYesu akazange enze nto eyayinokubangela ukuba aphathwe ngolo hlobo.
Wathembeka Kwada Kwasa Ekufeni
12. INdumiso 22:16 noIsaya 53:12 wazaliseka njani kuYesu?
12 Kwaprofetwa ngendlela uMesiya awayeza kubethelelwa ngayo. Umdumisi uDavide wathi: “Indibano yabenzi bobubi indivingcele. Injengengonyama ezandleni nasezinyaweni zam.” (INdu. 22:16) Echaza ngesiganeko abasazi kakuhle abafundi beBhayibhile, umbhali weVangeli uMarko uthi: “Ke kaloku kwakulilixa lesithathu [malunga nentsimbi yesithoba kusasa], yaye ambethelela.” (Marko 15:25) Kwakhona kwaprofetwa kwathiwa uMesiya wayeza kubalelwa kuboni. UIsaya wabhala: “Wawuphalaza umphefumlo wakhe ukusa kanye ekufeni, wabalelwa kwabanxaxhayo.” (Isa. 53:12) Oko kwenzeka kuba “kwabethelelwa abaphangi ababini kunye [noYesu], omnye ngasekunene kwakhe nomnye ngasekhohlo kwakhe.”—Mat. 27:38.
13. Yazaliseka njani iNdumiso 22:7, 8 kuYesu?
13 UDavide waprofeta ngokugculelwa kukaMesiya. (Funda iNdumiso 22:7, 8.) UYesu wagculelwa ngoxa wayethuthunjelwa kwisibonda sentuthumbo, kuba uMateyu uthi: “Ngoko abadlulayo bamtshabhisa, behlunguzela iintloko zabo besithi: ‘Mawo-o wena obuza kuba ngumdilizi wetempile nomakhi wayo ngeentsuku ezintathu, zisindise! Ukuba ungunyana kaThixo, yihla kwisibonda sentuthumbo!’” Ngokukwanjalo nababingeleli abaziintloko kunye nababhali namadoda amakhulu bahlekisa ngaye besithi: “Abanye wabasindisa; yena akanako ukuzisindisa! UnguKumkani wakwaSirayeli; makehle ngoku kwisibonda sentuthumbo yaye siya kukholelwa kuye. Ukholose ngoThixo; makamhlangule ngoku ukuba uyamfuna, kuba wathi, ‘NdinguNyana kaThixo.’” (Mat. 27:39-43) Sekunjalo, konke oku uYesu wakuthwala ngesidima. Ungumzekelo obalaseleyo esimele siwuxelise!
14, 15. Bonisa indlela iziprofeto ezithile ezazaliseka ngayo ngokuphathelele iimpahla zikaMesiya nokunikwa kwakhe iviniga.
14 Babeza kwenza amaqashiso ngeempahla zikaMesiya. Umdumisi wabhala wathi: “Izambatho zam bahlulelana ngazo, isinxibo sam benza amaqashiso ngaso.” (INdu. 22:18) Kwenzeka kanye oko, kuba “akumbethelela [amajoni aseRoma] abelana ngezambatho zakhe zangaphezulu ngokwenza amaqashiso.”—Mat. 27:35; funda uYohane 19:23, 24.
15 UMesiya wayeza kunikwa iviniga nenyongo. Umdumisi wathi: “Bandityise isityalo esinetyhefu, ukuze ndithobe unxano bazame ukundinika iviniga.” (INdu. 69:21) UMateyu uthi: “[UYesu] amnika iwayini exutywe nenyongo ukuba ayisele; kodwa, emva kokuba eyingcamle, wala ukusela.” Kamva, “omnye wabo wabaleka, wathabatha imfunxa, wayithi nkxu kwiwayini emuncu waza wayibeka kwingcongolo, wamseza.”—Mat. 27:34, 48.
16. Chaza indlela awazaliseka ngayo amazwi akwiNdumiso 22:1.
16 Kwakuza kubonakala ngathi uMesiya ushiyiwe nguThixo. (Funda iNdumiso 22:1.) Ngokutsho kwesiprofeto, “ngelixa lesithoba [malunga neyesithathu emva kwemini] uYesu wamemeza ngelizwi elikhulu esithi: ‘Eli, Eli, lama sabhaktani?’ okuthetha ukuthi, xa kuguqulelwe: ‘Thixo wam, Thixo wam, undishiyeleni na?’” (Marko 15:34) UYesu akazange aphelelwe lukholo kuYise wasezulwini. UThixo walahlela uYesu kwiintshaba zakhe ngokuyeka ukumkhusela ukuze ingqibelelo yakhe ivavanywe ngokupheleleyo. Yaye indlela uYesu awakhala ngayo yayizalisekisa iNdumiso 22:1.
17. UZekariya 12:10 neNdumiso 34:20 zazaliseka njani?
17 UMesiya wayeza kuhlatywa, kodwa amathambo akhe ayengazi kwaphuka. Abemi baseYerusalem babeza “kukhangela kuLowo bamhlabayo.” (Zek. 12:10) INdumiso 34:20 ithi: “[UThixo] uyawalinda onke amathambo alowo; akukho nalinye kuwo elaphulwayo.” Engqina ukuchana kwezi ngongoma, umpostile uYohane wabhala: “Elinye lamajoni lamthi xhole [uYesu] ngomkhonto ecaleni, kwaza ngoko nangoko kwaphuma igazi namanzi. Nalowo ukubonileyo oko [uYohane] uye wanikela ubungqina, nobungqina bakhe buyinyaniso . . . Ezi zinto zenzeka ukuze sizaliseke isibhalo esithi: ‘Akukho thambo lakhe liya kutyunyuzwa.’ Yaye, kwakhona, esinye isibhalo sithi: ‘Baya kukhangela kuLowo bamhlabayo.’”—Yoh. 19:33-37.
18. Kwenzeka njani ukuze uYesu angcwatywe nezityebi?
18 UMesiya wayeza kungcwatywa nezityebi. (Funda uIsaya 53:5, 8, 9.) Sele lisiya kunina ilanga ngoNisan 14, “kwafika umntu waseArimathiya owayesisityebi, ogama linguYosefu,” waya kuPilato waza wacela umzimba kaYesu, wawunikwa. Ingxelo kaMateyu yongezelela ngelithi: “UYosefu wawuthabatha umzimba, wawusonga ngelinen ecocekileyo ecikizekileyo, wawubeka kwingcwaba lakhe elitsha lenkumbulo, awayelimbe eliweni. Yaye, emva kokuba eqengqele ilitye elikhulu emnyangweni wengcwaba lenkumbulo, wemka.”—Mat. 27:57-60.
Dumisani UKumkani OnguMesiya!
19. Yintoni eyenzekayo evisisana nesiprofeto esikwiNdumiso 16:10?
19 UMesiya wayeza kuvuswa. UDavide wabhala: “[Yehova] akuyi kuwushiya eShiyol umphefumlo wam.” (INdu. 16:10) Khawube nomfanekiso-ngqondweni wendlela awathi khamnqa ngayo amabhinqa awayeye kwingcwaba likaYesu. Abona ingelosi eyambathiswe umzimba wenyama, eyawaxelela oku: “Musani ukuqhiphuka umbilini. Nifuna uYesu umNazarete, obebethelelwe. Uvusiwe, akakho apha. Khangelani! Indawo abebembeke kuyo.” (Marko 16:6) Ethetha nezihlwele ezaziseYerusalem ngomhla wePentekoste yowama-33 C.E., umpostile uPetros wathi: “[UDavide] wabona kwangaphambili waza wathetha ngovuko lukaKristu, okokuba engazange ashiywe eHadesi nenyama yakhe ingazange ibone konakala.” (IZe. 2:29-31) UThixo akazange awuvumele umzimba woNyana wakhe amthandayo ukuba ubole. Ngaphezu koko, uYesu wavuselwa kubomi bokomoya ngendlela engummangaliso.—1 Pet. 3:18.
20. Ulawulo lukaMesiya olwaxelwa kwangaphambili lwazaliseka njani?
20 Njengoko kwaprofetwayo, uThixo wavakalisa ukuba uYesu nguNyana wakhe. (Funda iNdumiso 2:7; noMateyu 3:17.) Kanti isihlwele sazukisa uYesu nokuza koBukumkani bakhe, yaye thina sithetha ngaye nolawulo lwakhe ngovuyo. (Marko 11:7-10) Kungekudala uKristu uya kuzitshabalalisa iintshaba zakhe njengoko “ephalisa endleleni yenyaniso nentobeko nobulungisa.” (INdu. 2:8, 9; 45:1-6) Emva koko ulawulo lwakhe luya kuzisa uxolo nempumelelo emhlabeni wonke. (INdu. 72:1, 3, 12, 16; Isa. 9:6, 7) NjengamaNgqina kaYehova, oNyana wakhe amthandayo osele elawula ezulwini njengoKumkani onguMesiya sinelungelo elimangalisayo lokuvakalisa le nyaniso!
Ubuya Kuphendula Uthini?
• UYesu wangcatshwa waza washiywa njani?
• Ziziphi iimpawu ekwaprofetwa ngazo ezingokubethelelwa kukaYesu Kristu?
• Uqiniseka njani ukuba uYesu unguMesiya othenjisiweyo?
[Umfanekiso okwiphepha 13]
Ukungena kukaYesu esoyisa eYerusalem kwazalisekisa ziphi iziprofeto?
[Imifanekiso ekwiphepha 15]
UYesu wafela izono zethu, kodwa ngoku uyalawula njengoKumkani onguMesiya