UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO | ISAYA 52-57
UKristu Waphathwa Kakubi Ngenxa Yethu
“Wayedeliwe yaye ephetshwa ngabantu . . . Thina samgqala engokhathazwayo, engobethwa nguThixo noxhwalekileyo”
UYesu wayedeliwe ibe etyholwa ngokunyelisa. Abanye babekholelwa ukuba uThixo wayemohlwaya, embangela ukuba abe nesifo esenyanyekayo
“UYehova wayoliswa kukumtyumza, . . . kwaye esandleni sakhe kuya kuphumelela oko kuluyolo kuYehova”
Ngokuqinisekileyo, uYehova waba buhlungu xa kwabulawa uNyana wakhe. Kodwa wavuyiswa kukubona ukuba uYesu wayenyanisekile. Ukufa kukaYesu kwabonisa uSathana ukuba abakhonzi bakaThixo banyanisekile ibe kwanceda nabantu abaguqukayo. Oko kwamvuyisa uYehova