Hlakulela Ukuthobeka Ngokunyanisekileyo
“Abantu abathobekileyo uya kubasindisa.”—2 SAMUWELI 22:28.
1, 2. Yintoni abafana ngayo abalawuli abaninzi behlabathi?
IIPARAMIDI zaseYiputa zinikela ubungqina ngamadoda awakha alawula elo lizwe. Amanye awazenzela igama nguSenaribhe waseAsiriya, uAleksandire Omkhulu waseGrisi noJulius Caesar waseRoma. Bonke aba balawuli banento enye ebabopha ngabande linye. Zange bazenzele igama ngokuthobeka ngokunyanisekileyo.—Mateyu 20:25, 26.
2 Kwaba balawuli bangasentla ngaba ukho onombono wakhe esiya kukhangela abafuna ukuthuthuzelwa kubantu abalawulayo? Kakade ke akakho! Awunakuba nawo nombono wabo bethwabula kwiindawo zabantu abacinezelekileyo ukuze babakhuthaze. Isimo sengqondo sabo ngabantu abaphantsi sahluke ngokupheleleyo kweso soMlawuli Ophakamileyo wendalo yonke, uYehova uThixo.
Owona Mzekelo Wokuthobeka
3. UMlawuli Ophakamileyo ubaphatha njani abantu bakhe?
3 UYehova mkhulu yaye uphakame ngendlela engenakuphengululeka, kodwa “amehlo akhe asingasinga emhlabeni wonke ukuba ababonise amandla abo bantliziyo ziphelele kuye.” (2 Kronike 16:9) Yintoni ayenzayo xa efumana abanquli bakhe abathobekileyo benomoya otyumkileyo ngenxa yezilingo ezahlukahlukeneyo? Ngokungathi, ‘uhleli’ nabo usebenzisa umoya wakhe oyingcwele “ukuvuselela umoya wabo bathobekileyo nokuvuselela intliziyo yabo batyumkileyo.” (Isaya 57:15) Ngoko, abanquli bakhe abavuselelweyo batsho baqale apho bebeyeke khona ukumkhonza ngovuyo. Okunjani kona ukuthobeka okuboniswa nguThixo!
4, 5. (a) Umdumisi wayevakalelwa njani ngendlela alawula ngayo uThixo? (b) Yintoni ethethwa ‘kukuzithoba’ kukaThixo ukuze ancede “isisweli”?
4 Kwindalo iphela akakho oye wazithoba njengeNkosi enguMongami ukuze ancede abantu abanesono. Ngenxa yoko umdumisi wabhala wathi: “UYehova uphakamile ngaphezu kweentlanga zonke; ubuqaqawuli bakhe bungaphezu kwamazulu. Ngubani na onjengoYehova uThixo wethu, yena ohlala phezulu? Uyazithoba ukuze akhangele ezulwini nasemhlabeni, uvusa eluthulini isisweli; uphakamisa ihlwempu eluthuthwini.”—INdumiso 113:4-7.
5 UYehova usulungekile yaye ungcwele ngoko akunakuze abe “nekratshi.” (Marko 7:22, 23) ‘Ukuzithoba’ kunokubonisa ukuhla uze kumgangatho wabantu abaphantsi uzilibale ukuba ungubani na xa usebenzisana nabantu abaphantsi. Hayi indlela achazwa kakuhle ngayo yiNdumiso 113:6 uThixo wethu othobekileyo onikela ingqalelo yothando kwiintswelo zabakhonzi bakhe, abantu abangafezekanga!—2 Samuweli 22:36.
Isizathu Sokuthobeka KukaYesu
6. Sisiphi esona senzo sokuthobeka senziwa nguYehova?
6 Esona senzo sikaThixo sokuthobeka nothando yaba kukuthumela uNyana wakhe olizibulo namthandayo eze kuba ngumntu emhlabeni ukuze kusindiswe uluntu. (Yohane 3:16) UYesu wasifundisa inyaniso ngoYise wasezulwini waza wanikela ngobomi bakhe obufezekileyo ukuze ‘asuse isono sehlabathi.’ (Yohane 1:29; 18:37) Wayefana twatse noYise, nkqu nangendlela awayethobeke ngayo, ekulungele ukwenza oko akuthunywe nguThixo. Lowo ngowona mzekelo ubalaseleyo wokuthobeka nothando wakha wamiselwa sisidalwa sikaThixo. Abantu abazange bakuxabise bonke ukuthobeka kukaYesu, ibe iintshaba zakhe zade zamgqala ‘njengoyena uphantsi ebantwini.’ (Daniyeli 4:17) Noko ke, umpostile uPawulos wayiqonda into yokuba abazalwana bakhe bamele baxelise uYesu ngaloo ndlela bazithobe kwindlela abaphathana ngayo. (1 Korinte 11:1; Filipi 2:3, 4) Ebalaselisa umzekelo ogqwesileyo kaYesu, uPawulos wabhala wathi:
7, 8. (a) UYesu wakufunda phi ukuthobeka? (b) Sisiphi isimemo esenziwa nguYesu kwabo banokuba ngabafundi bakhe?
7 “Hlalani ninesi simo sengqondo wayenaso noKristu Yesu, owathi, nangona wayekubume bukaThixo, akacinga ngokurhwaphiliza, ukuze azenze alingane noThixo. Hayi khona, kodwa waziqongqotha waza wathabatha ubume bekhoboka, wafana nabantu. Ngaphezu koko, xa wayekwimo yomntu, wazithoba kwada kwasa ekufeni, ewe, ukufa kwisibonda sentuthumbo.”—Filipi 2:5-8.
8 Abanye basenokuzibuza oku, ‘UYesu wakufunda phi ukuthobeka?’ Wakufunda kulwalamano olukhulu awayenalo noYise wasezulwini kangangezigidi ngezigidi zeminyaka, xa ‘wayengumsebénzi onobuchule’ ekudalweni kwezinto zonke. (IMizekeliso 8:30) Emva kwemvukelo yase-Eden, eli Zibulo likaThixo lakubona ukuzithoba kukaYise kwindlela awabaphatha ngayo abantu abanesono. Exelisa oko, xa wayelapha emhlabeni wazithoba njengoYise waza wenza esi simemo: “Thabathani idyokhwe yam nize nifunde kum, kuba ndinomoya wobulali, ndithobekile ngentliziyo, kwaye niya kuyifumanela ukuhlaziyeka imiphefumlo yenu.”—Mateyu 11:29; Yohane 14:9.
9. (a) Yintoni le yayitsalela uYesu kangaka ebantwaneni? (b) Esebenzisa umntwana, sisiphi isifundo esafundiswa nguYesu?
9 Ekubeni uYesu wayethobeke ngokunyanisekileyo, nabantwana abancinane babengamoyiki, kunoko betsaleleka kuye. Waba nomsa waza wanikela ingqalelo kubo. (Marko 10:13-16) Yintoni le yayitsalela uYesu kangaka ebantwaneni? Babeneempawu ezintle ababedla ngokusilela kuzo abanye kubafundi bakhe abakhulileyo. Yaziwa nanguthathatha into yokuba abantwana bajonga abantu abadala njengabongamileyo kunabo. Oku unokukubona kuthotho lwemibuzo yabo. Xa bethelekiswa nabantu abaninzi abadala, abantwana ngabona bakulungeleyo ukufunda ibe abatyekelanga kwikratshi njengabantu abadala. Ngesinye isihlandlo, uYesu wathabatha umntwana oselula waza wathi kubafundi bakhe: “Ngaphandle kokuba niyajika nibe njengabantwana abaselula, anisayi kuze ningene ebukumkanini bamazulu.” Wahlabela mgama wathi: “Nabani na othe wazithoba njengalo mntwana uselula nguye ongoyena mkhulu ebukumkanini bamazulu.” (Mateyu 18:3, 4) UYesu wachaza umgaqo othi: “Wonk’ ubani oziphakamisayo uya kuthotywa nalowo uzithobayo uya kuphakanyiswa.”—Luka 14:11; 18:14; Mateyu 23:12.
10. Yiyiphi imibuzo esiza kuyixubusha?
10 Le nyaniso iphakamisa imibuzo ebalulekileyo. Kutheni kusiba nzima kangaka maxa wambi ukuba amaKristu athobeke, kodwa ngandlel’ ithile ukuzuza kwawo ubomi obungunaphakade kuxhomekeke ekubeni ahlakulele ukuthobeka ngokunyanisekileyo? Kutheni kunzima kangaka nje ukwahlukana nekratshi ukuze sithobeke xa sivavanywa? Yintoni eya kusinceda sihlakulele ukuthobeka ngokunyanisekileyo?—Yakobi 4:6, 10.
Isizathu Esenza Kube Nzima Ukuthobeka
11. Kutheni singamangaliswa nje yinto yokuba kunzima ukulwela ukuthobeka?
11 Ukuba ukufumanisa kunzima ukulwela ukuthobeka, yazi ukuba akuwedwa. Emva phaya kwiminyaka ye-1920, xa lalixubusha ngesiluleko seBhayibhile sokuba sithobeke, eli phephancwadi lathi: “Njengoko siyibona indlela iNkosi ebalaselisa ngayo ukuthobeka, oko kumele kukhuthaze bonke abafundi bokwenyaniso ukuze baluhlakulele yonk’ imihla olu phawu.” Emva koko eli phephancwadi lavuma lathi: “Phezu kwazo zonke ezi zibongozo zeZibhalo, kubonakala ngathi ukungafezeki kwenza kube nzima kwabo baguqukela eNkosini ukuhlakulela olu uphawu ngaphezu kwazo zonke ezinye iimpawu.” Oko kuveza esinye isizathu esenza kube nzima ukuthobeka kumaKristu okwenyaniso—utyekelo lwethu lwesono lwenza silangazelele ukufumana uzuko olungasifanelanga. Oku kunjalo kuba sizalwa sisibini esinesono, uAdam noEva, abaye banikezela kwiminqweno yokuzingca.—Roma 5:12.
12, 13. (a) Ihlabathi lenza njani kube nzima ukuba amaKristu athobeke? (b) Ngubani owenza kube nzima ngakumbi ukuba sihlakulele ukuthobeka?
12 Esinye isizathu esinokwenza kube nzima ukuthobeka kukuba siphila kwihlabathi elikhuthaza ukongama kunabanye abantu. Phakathi kwezinto ezisukelwa leli hlabathi ngumnqweno wokwanelisa “inkanuko yenyama [enesono] nenkanuko yamehlo nokuqhayisa ngezinto zobu bomi.” (1 Yohane 2:16) Kunokuba balawulwe yiloo minqweno yehlabathi, abafundi bakaYesu bamele bagcine iliso labo lingenakumbi banikele ingqalelo ekwenzeni intando kaThixo.—Mateyu 6:22-24, 31-33; 1 Yohane 2:17.
13 Isizathu sesithathu esenza kube nzima ukuthobeka kukuba umsunguli wekratshi, uSathana uMtyholi, nguye olawula eli hlabathi. (2 Korinte 4:4; 1 Timoti 3:6) USathana ukhuthaza imikhwa yakhe engendawo ebantwini. Ngokomzekelo, wathembisa uYesu ngazo “zonke izikumkani zehlabathi nozuko lwazo” ukuba nje wayenokumnqula. Ekubeni ehlala ethobekile, uYesu wasikhaba eso sithembiso sikaSathana. (Mateyu 4:8, 10) Ngokufanayo, uSathana uzama ukwenza amaKristu azifunele uzuko. Kunokuvumela oko, amaKristu athobekileyo azabalazela ukuxelisa uYesu, azukise uThixo.—Marko 10:17, 18.
Ukuzabalazela Ukuthobeka Ngokunyanisekileyo
14. Yintoni “intobelo yenkwalambisa”?
14 Kwileta awayibhalela abaseKolose, umpostile uPawulos walumkisa ngenkohliso yokuzenza othobekileyo kwabanye. Wathi ‘yintobeko yenkwalambisa.’ Abantu abazenza ngathi bathobekile asingobantu bokomoya kwaphela. Kunoko, bayazibhenca ukuba ‘bakhukhumele’ likratshi. (Kolose 2:18, 23) UYesu wasichazela imizekelo yabantu abanjalo. Wabagxeka abaFarisi ngemithandazo yabo yokuqhayisa nangendlela ababezila ngayo ukutya besitsho ngobuso obulusizi ukuze babonwe ngabantu. Ngokwahlukileyo koko, ukuze imithandazo yethu yobuqu yamkeleke kuThixo, imele yenziwe ngokuthobeka.—Mateyu 6:5, 6, 16.
15. (a) Yintoni esinokuyenza ukuze sihlale sithobekile? (b) Yiyiphi eminye imizekelo yabantu abathobekileyo?
15 Ukuze amaKristu ahlale ethobeke ngokwenene amele akhangele kweyona mizekelo yabantu abathobekileyo, uYehova uThixo noYesu Kristu. Oku kuquka ukusoloko efunda iBhayibhile noncwadi olusekelwe kuyo olulungiselelwa “likhoboka elithembekileyo neliyingqondi.” (Mateyu 24:45) Olo fundisiso lubaluleke gqitha kubaveleli abangamaKristu, ‘ukuze ingaphakami intliziyo yabo phezu kwabazalwana babo.’ (Duteronomi 17:19, 20; 1 Petros 5:1-3) Cinga ngothotho lwemizekelo yabo basikelelwayo ngokuthobeka kwabo, njengoRute, uHana, uElizabhete, nabanye. (Rute 1:16, 17; 1 Samuweli 1:11, 20; Luka 1:41-43) Ikho neminye imizekelo emihle yamadoda aziwayo awahlala ethobekile ekhonza uYehova, njengoDavide, uYosiya, uYohane uMbhaptizi nompostile uPawulos. (2 Kronike 34:1, 2, 19, 26-28; INdumiso 131:1; Yohane 1:26, 27; 3:26-30; IZenzo 21:20-26; 1 Korinte 15:9) Kuthekani ngabaninzi abathobekileyo kwibandla lamaKristu namhlanje? Ukucamngca ngale mizekelo, kuya kunceda amaKristu okwenyaniso abe ‘nokuthobeka kwengqondo omnye ngakomnye.’—1 Petros 5:5.
16. Ubulungiseleli bamaKristu businceda njani sihlale sithobekile?
16 Ukuya rhoqo kubulungiseleli bamaKristu kunokusinceda sithobeke. Ukuthobeka kwengqondo kunokusinceda xa sithetha nabantu esingabaziyo kwindlu ngendlu nakwezinye iindawo. Oku kunjalo ngokukhethekileyo xa umninimzi engasabeli kakuhle kwisigidimi soBukumkani okanye esithuka ekuqaleni. Abantu basoloko benemibuzo ngeenkolelo zethu, ngoko ukuthobeka kunokunceda amaKristu ahlale eyiphendula “ngomoya wobulali nentlonelo enzulu.” (1 Petros 3:15) Abakhonzi bakaThixo abathobekileyo baye bafudukela kwimimandla emitsha baza banceda abantu abaneemvelaphi neendlela ezahlukahlukeneyo zokuphila. Ngokuthobeka basenokuba baye bajamelana nomsebenzi onzima wokufunda ulwimi olutsha ukuze bancede abo bashumayela kubo iindaba ezilungileyo. Kuqhwatyelw’ izandla ngokwenene oko!—Mateyu 28:19, 20.
17. Ziziphi iimbopheleleko zamaKristu ezifuna athobeke?
17 Ngenxa yokuthobeka abaninzi baye bakwazi ukuphumeza imisebenzi yabo yobuKristu, bebeka izilangazelelo zabanye kuqala kunezabo. Ngokomzekelo, indoda engumKristu kufuneka ithobeke ukuze ibekele bucala ixesha lokulungiselela nokuqhubela abantwana bayo isifundo seBhayibhile ngempumelelo. Ukuthobeka kunceda nabantwana babahlonele baze babathobele abazali babo ngoxa bengafezekanga. (Efese 6:1-4) Abafazi abanamadoda angakholwayo basoloko bejamelana neemeko ezifuna bathobeke njengoko bezama ukuzuza amaqabane abo ukuba amkele inyaniso ‘ngehambo yabo enyulu ndawonye nentlonelo enzulu.’ (1 Petros 3:1, 2) Ukuthobeka nokuzincama ngenxa yothando kuba luncedo naxa sinyamekela iintswelo zabazali abagulayo nabaluphalayo.—1 Timoti 5:4.
Ukuthobeka Kucombulula Iingxaki
18. Ukuthobeka kunokusinceda njani sicombulule iingxaki?
18 Bonke abakhonzi bakaThixo abangabantu abafezekanga. (Yakobi 3:2) Maxa wambi, amaKristu asenokungaboni ngasonye okanye angaqondani. Omnye usenokuba nesizathu esivakalayo sokukhalazela omnye. Iimeko ezinjalo zidla ngokuconjululwa ngokusebenzisa esi siluleko: “Qhubekani ninyamezelana yaye nixolelana ngesisa ukuba nabani na unesizathu sokukhalazela omnye. Kanye njengoko uYehova wanixolela ngesisa, yenzani njalo nani.” (Kolose 3:13) Ewe, ukwenza oku akuyondlwan’ iyanetha, kodwa ukuthobeka kuya kusinceda.
19. Yintoni esimele siyikhumbule xa sisiya kuthetha nomntu osonileyo?
19 Maxa wambi umKristu unokuvakalelwa kukuba isikhalazo anaso sinzulu gqitha ukuba angasiphosa kwelokulibala. Nalapho, ukuthobeka kuya kumnceda aye kulowo umonileyo ngenjongo yokufuna baxolelane. (Mateyu 18:15) Maxa wambi isizathu esenza iingxaki zikhule phakathi kwamaKristu idla ngokuba omnye kuwo okanye omabini anekratshi gqitha ukuba avume ukuba onile. Okanye lowo uya komnye usenokuba uzenza ilungisa, aze amhlab’ amadlala. Ngokwahlukileyo koko, ukuthobeka kokwenene kuya kuhlala kuluncedo ekucombululeni iingxaki ezininzi.
20, 21. Yiyiphi eyona nto inokusinceda ukuze sithobeke?
20 Oyena ndoqo ukuze sithobeke kukuthandazela uncedo nomoya kaThixo. Kodwa simele sikhumbule ukuba, “UThixo . . . ubanika ububele obungasifanelanga [kuquka nomoya wakhe oyingcwele] abathobekileyo.” (Yakobi 4:6) Ngoko ukuba aniboni ngasonye nomzalwana wakho, thandaza ucele uYehova akuncede uthobeke ukuze uvume nayiphi na impazamo oyenzileyo enoba ingakanani na. Ukuba ubukhathazekile aze lowo ukonileyo acele uxolo ngokunyaniseka, umele uthobeke umxolele. Ukuba kunzima ukwenjenjalo, cela uYehova akuncede asuse naliphi na ikratshi elisentliziyweni yakho.
21 Ukuqonda iingenelo zokuthobeka kumele kusincede siluhlakulele size silulondoloze olu phawu luxabisekileyo. Ukuze senjenjalo, sinemizekelo ebalaseleyo uYehova uThixo noYesu Kristu. Ungaze usilibale isiqinisekiso sikaThixo esithi: “Umphumo wentobeko nokoyika uYehova bubutyebi, uzuko nobomi.”—IMizekeliso 22:4.
Iingongoma Onokucamngca Ngazo
• Ngoobani abamisela umzekelo obalaseleyo wokuthobeka?
• Kutheni kunzima kangaka nje ukuthobeka?
• Yintoni enokusinceda sithobeke?
• Kutheni kubaluleke kangaka nje ukuhlala sithobekile?
[Umfanekiso okwiphepha 26]
UYesu wayethobeke ngokwenene
[Umfanekiso okwiphepha 28]
Ihlabathi likhuthaza abantu ukuba bongame kwabanye
[Inkcazelo]
WHO photo by L. Almasi/K. Hemzǒ
[Umfanekiso okwiphepha 29]
Ukuthobeka kusinceda siye kuthetha nabantu esingabaziyo kubulungiseleli bethu
[Imifanekiso ekwiphepha 30]
Iyantlukwano idla ngokuconjululwa xa ngokuthobeka umbandela ugutyungelwa ngothando
[Imifanekiso ekwiphepha 31]
Zininzi iindlela amaKristu abonisa ngazo ukuthobeka